Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INyaniso

INyaniso

Ungayifumana phi?

Ingakunceda njani wena nentsapho yakho?

Ngemfudumalo sithi yiza uzokuzivela iimpendulo zale mibuzo kwindibano yeentsuku ezintathu yamaNgqina kaYehova.

UMXHOLO:

‘ILizwi LikaThixo Liyinyaniso!’

usekelwe kumazwi kaYesu akuYohane 17:17.

AMAGQABA-NTSHINTSHI:

Intetho enomxholo omnandi othi “Yintoni Inyaniso?” iza kucacisa ukuba kutheni sifanele sithembele kwiLizwi likaThixo iBhayibhile.

Iidrama ezimbini ziza kusinceda siwaqonde kakuhle amabali aseBhayibhileni noko sinokukufunda kuwo.

NGOOBANI ABANOKUZA:

Wonke umntu wamkelekile. Ungena simahla ibe akukho nkongozelo iza kufunwa.

IXESHA NENDAWO:

Khangela indibano ekufutshane nawe, uze ubukele ividiyo ezibonisa ngeendibano zethu kwiwebhsayithi ethi www.pr418.com/xh. (Funda phantsi komxholo othi INKCAZELO ENGAKUMBI NGATHI/IINDIBANO ZESITHILI)

Yiya kwi-www.pr418.com/xh ukuze ubone ucwangciso. (Funda phantsi komxholo othi IIMPAPASHO/IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO)