Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 INQAKU ELINGUMXHOLO | KUTHENI IZINTO EZIBUHLUNGU ZISEHLELA ABANTU ABALUNGILEYO?

Izinto Ezibuhlungu Zehlela Abantu Abalungileyo—Ngoba?

Izinto Ezibuhlungu Zehlela Abantu Abalungileyo—Ngoba?

Ngenxa yokuba uYehova uThixo * enguMdali wazo zonke izinto yaye enguSomandla, abantu abaninzi basenokuthi ungunobangela wazo zonke izinto ezenzekayo ehlabathini nkqu nezona zibuhlungu. Noko ke, khawuve into ethethwa yiBhayibhile ngoThixo oyinyaniso:

  •  “UYehova ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe.”—INdumiso 145:17.

  • “Zonke iindlela zakhe [uThixo] zisesikweni. NguThixo wentembeko, tu ubugqwetha; Lilungisa yaye uthe tye yena.”—Duteronomi 32:4.

  • “UYehova unomsa omkhulu nenceba.”—Yakobi 5:11.

UThixo akazibangelanga izinto ezimbi ukuba zenzeke. Ngaba ke ngoko nguye okhuthaza abantu ukuba benze izinto ezimbi? Nakanye. IBhayibhile ithi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’” Ngoba? Kaloku “uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” (Yakobi 1:13) UThixo akayenzi into yokuvavanya nabani na ngokumkhuthazela ebubini. UThixo akazibangeli izinto ezimbi okanye akhuthaze abantu ukuba bazenze. Yintoni okanye ngubani esinokuthi ubangela izinto ezibuhlungu?

UKUBA KWINDAWO NGEXESHA ELIBI

Xa ichaza isizathu sokuba abantu bebandezeleka, iBhayibhile ithi: “Bonke behlelwa lixesha nasisihlo esingenakubonwa kwangaphambili.” (INtshumayeli 9:11) Xa kusenzeka into ebingalindelekanga, ubukhulu becala kuxhomekeka kwindawo akuyo loo mntu ngexesha lesihlo. Phantse kwiminyaka eyi-2 000 eyadlulayo, uYesu Kristu wathetha ngentlekele ebandakanya abantu abayi-18 ababulawa kukudilikelwa sisakhiwo esikhulu. (Luka 13:1-5) Abazange babe ngamaxhoba ngenxa yendlela abebephila ngayo, kodwa kwenzeka ukuba babe phantsi kwesakhiwo ngoxa sidilika. NgoJanuwari 2010, kwabakho inyikima eyatshabalalisa iHaiti, urhulumente walapho uthi bangaphezu kwe-300 000 abantu abaswelekayo. Enoba babengoobani abo bantu kodwa bafa. Nezigulo zinako ukuhlasela nabani na nanini na.

Kutheni uThixo engabakhuseli abantu abalungileyo kwiintlekele?

Abanye banokubuza bathi: ‘Ngaba uThixo ebengoyiswa kukunqanda ezi ntlekele ekubeni zenzeke? Ngaba ebengenakubakhusela abantu abalungileyo kuzo?’ Ukuze uThixo akwazi ukubakhusela, bekuya kufuneka azi ngezinto ezimbi zingekenzeki. Nangona uThixo enako ukubona izinto eziza kwenzeka, umbuzo ngulo: Ngaba usoloko ewasebenzisa amandla akhe ukuze abone izinto zingekenzeki?—Isaya 42:9.

IZibhalo zithi: “UThixo wethu usemazulwini; yonk’ into ayoliswa kukuyenza uyenzile.” (INdumiso 115:3) UYehova wenza loo nto kufuneka eyenzile, akenzi yonke into akwazi ukuyenza.  Kukwanjalo ke nangezinto akhetha ukuzibona kwangaphambili. Ngokomzekelo, xa kwakwande ubungendawo eSodom naseGomora, uThixo waxelela usolusapho uAbraham oku: “Ndizimisele kunene ukuhla ukuze ndibone enoba benza ngokupheleleyo kusini na ngokwesikhalo esifikileyo kum kuze kuthi, ukuba akunjalo, ndikwazi oko.” (Genesis 18:20, 21) Kangangethutyana, uYehova wakhetha ukungabuboni ubungendawo obabukho kwezo zixeko. Ngokufanayo ke, uyakwazi ukukhetha ukungazazi zonke izinto kwangaphambili. (Genesis 22:12) Le nto ayithethi kuthi ungendawo okanye akafezekanga. Ekubeni “iindlela zakhe zisesikweni,” uThixo ukhetha ukwazi kwangaphambili izinto ezinento yokwenza nenjongo yakhe, akabanyanzeli abantu ukuba balandele ikhondo elithile. * (Duteronomi 32:4) Singagqiba kwelithini ke? Singathi: UThixo uyazikhetha izinto amakazazi kusengaphambili.

Kutheni uThixo engabakhuseli abantu abalungileyo kulwaphulo-mthetho?

NGABA ABANTU BANGOONOBANGELA?

Abantu baye bafak’ isandla kubungendawo. Qaphela iBhayibhile xa ichaza izinto ezikhokelela kwizenzo eziyingozi. “Ngamnye ulingwa ngokutsalwa nokuwexulwa ngumnqweno wakhe. Wandule ke umnqweno, xa uthe wakhawula, uzale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.” (Yakobi 1:14, 15) Xa abantu belandela iminqweno yabo ephosakeleyo, imiphumo idla ngokuba mibi. (Roma 7:21-23) Njengoko imbali ibonisa, abantu benze izinto ezimbi ezothusayo nezibangele ubungendawo. Ngaphezu koko, abantu abangendawo baphembelela abanye ukuba babe norhwaphilizo, baze baqhubeke nobungendawo. —IMizekeliso 1:10-16.

Abantu benze izinto ezothusayo nezibangele ubungendawo

Ngaba uThixo ufanele angenelele aze athintele abantu ekwenzeni okubi? Cinga nje ngendlela umntu adalwe ngayo. IZibhalo zithi uThixo wenza umntu ngokufana naye. Ngenxa yoko, abantu bayakwazi ukuxelisa iimpawu zikaThixo. (Genesis 1:26) Abantu banikwe ilungelo lokuzikhethela yaye bayakwazi ukukhetha ukumthanda uThixo baze benze oko kulungileyo emehlweni akhe. (Duteronomi 30:19, 20) Ukuba uThixo ebenokunyanzela abantu balandele ikhondo elithile, ngaba ebeya kuba ubanika ilungelo lokuzikhethela? Ukuba kunjalo, abantu bebeya kuxhomekeka kuThixo njengoomatshini abenza kanye loo nto bebedalelwe ukuyenza! Loo nto ibiya kuthetha ukuba sele sisazi ukuba ubomi bethu buza kuphelela phi. Kusivuyisa ngokwenene ukuba noThixo osiwonga ngelungelo lokuzikhethela ikhondo esifuna ukuhamba ngalo! Noko ke, oku akuthethi kuthi siya kuhlala sithwaxwa yimiphumo yeempazamo zabantu.

 NGABA IZINTO ESIZENZE KWIXA ELIDLULEYO ZINGUNOBANGELA WOKUBANDEZELEKA?

Ukuba ubunokubuza umntu wemvelaphi yobuHindu okanye umBhuda lo mbuzo ukwiqweqwe lwale magazini, ebeya kuthi: “Izinto ezibuhlungu zenzeka kubantu abalungileyo ngenxa yezinto abazenze kwixa elidluleyo. Bavuna isiqhamo sezenzo zabo zangaphambili.” *

Ngokuphathelele imfundiso yezinto ezenziwe kwixesha elidluleyo, kubalulekile ukufunda oko kufundiswa yiBhayibhile ngokufa. Kumyezo waseEden apho umntu asuka khona, uMdali wayalela indoda yokuqala uAdam wathi: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungadla wanele. Kodwa wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungadli kuwo, kuba mhla uthe wadla kuwo uya kufa ngokuqinisekileyo.” (Genesis 2:16, 17) Ukuba uAdam wayengonanga kuThixo, ngewaphila ngonaphakade. Ukufa kwaba sisohlwayo sokungawuthobeli umthetho kaThixo. Kamva, xa kwazalwa abantwana “ukufa kwasasazeka kubo bonke abantu.” (Roma 5:12) Yiyo loo nto kunokuthiwa “umvuzo isono esiwuhlawulayo kukufa.” (Roma 6:23) IBhayibhile icacisa ithi: “ Lowo uye wafa ugwetyelwe kwisono sakhe.” (Roma 6:7) Ngamanye amazwi, abantu abaqhubeki behlawulela izono zabo emva kokufa.

Izigidi zabantu namhlanje zithi unobangela wengxaki yokubandezeleka kwabantu ususela kwizinto abazenze kwixesha elidluleyo. Abantu abakukholelwayo oku badla ngokuzamkela iingxaki zabo nezabanye abantu, ibe akubahluphi kakhulu oko. Kodwa inyani kukuba, le nto ayiniki themba lokuba ziya kuze ziphele izinto ezibuhlungu. Kukholelwa ukuba isiqabu sinokuvela kuphela xa umntu ekhululeke kwinkolelo yokuzalwa ngokutsha. Kodwa ke, ezi nkolelo zahluke ngokupheleleyo kwimfundiso yeBhayibhile. *

OYENA NOBANGELA!

Ngaba ubusazi ukuba oyena nobangela wokubandezeleka ‘ngumlawuli wehlabathi’ uSathana uMtyholi?—Yohane 14:30

Noko ke, oyena nobangela wokubandezeleka ayingobantu. USathana uMtyholi owayesakuba yingelosi kaThixo, ‘akazange eme enyanisweni’ yaye weza nesono ehlabathini. (Yohane 8:44) Wabangela imvukelo kumyezo wase-Eden. (Genesis 3:1-5) UYesu Kristu wambiza ngokuthi ‘ngongendawo’ ‘nomlawuli wehlabathi.’ (Mateyu 6:13; Yohane 14:30) Abantu abaninzi bamamela uSathana ngokuthi bangazithobeli iindlela zikaYehova. (1 Yohane 2:15, 16) “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo,” itsho iBhayibhile kweyo-1 Yohane 5:19. Zikho nezinye izidalwa zomoya eziye zathelela uSathana. IBhayibhile ibonisa ukuba uSathana needemon zakhe ‘balahlekisa umhlaba omiweyo uphela’ yaye benza ‘uyeha emhlabeni.’ (ISityhilelo 12:9, 12) Ngenxa yoko, oyena mntu ubangela ubungendawo nguSathan’ uMtyholi.

Kucacile ke ukuba uThixo asinakumbeka tyala ngezinto ezimbi ezehlela abantu, yaye akabenzi batsale nzima. Endaweni yoko, uthembise ukuba uza kubuphelisa ububi, njengoko inqaku elilandelayo liza kubonisa.

^ isiqe. 3 UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.

^ isiqe. 11 Ukuze uve ngesizathu sokuba uThixo evumele ubungendawo buqhubeke, funda isahluko 11 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 16 Ukuze wazi ngemvelaphi (yeKarma) yemfundiso yokuba izinto ezibuhlungu zingumphumo wezinto ozenze kwixesha elidluleyo, funda incwadana ethi Kwenzeka Ntoni Kuthi Xa Sisifa? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 18 Ukuze ufumane ulwazi olungakumbi ngoko kufundiswa yiBhayibhile ngemeko yabafi nangethemba ngabo, funda isahluko 6 nesika, 7 sencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile?