Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
Ubonakala njani umzali olungileyo?
Abantwana bakhula kakuhle kwikhaya elinabazali abathandanayo nabahlonelanayo. (Kolose 3:14, 19) Abazali abalungileyo bayabathanda abantwana babo ibe bayabancoma njengokuba noYehova uThixo emncoma uNyana wakhe.—Funda uMateyu 3:17.
UBawo wethu osezulwini uyabamamela abakhonzi bakhe, ibe uyikhathalele indlela abavakalelwa ngayo. Abazali banokumxelisa ngokubamamela abantwana babo. (Yakobi 1:19) Bamele bazi indlela abavakalelwa ngayo, enoba bayakhalaza.—Funda iNumeri 11:11, 15.
Unokubakhulisa njani abantwana abaqeqesheke kakuhle?
Njengomzali, unegunya lokubeka imithetho. (Efese 6:1) Funda kwindlela enza ngayo uYehova. Ubonisa indlela abathanda ngayo abantwana bakhe ngokubachazela kakuhle imithetho nemiphumo yokungayithobeli. (Genesis 3:3) Kodwa endaweni yokubanyanzela ukuba bathobele, ubafundisa iingenelo zokwenza izinto ezilungileyo.—Funda uIsaya 48:18, 19.
Zimisele ukunceda abantwana bakho bathande uThixo. Xa kunjalo, bayakwenza ngobulumko naxa ungekho. Kanye njengokuba uThixo engumzekelo kuthi, nawe bafundise ukuthanda uThixo ngendlela ophila ngayo.—Funda iDuteronomi 6:5-7; Efese 4:32; 5:1.