Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile
Buvela phi ubungendawo?
Ngokuqhelekileyo abantu bafuna ukuba noxolo, ukunyaniseka nokuba nobubele. Kutheni ke sisoloko sibona ubundlobongela, ukungabikho kobulungisa, nenkohlakalo? Iindaba ezihlasimlis’ umzimba yinto eqhelekileyo. Ngaba kukho umntu owenza abantu benze izinto ezimbi?—Funda eyoku-1 kuYohane 5:19.
Ngaba uThixo wabadala abantu baneengcinga ezimbi? Akunjalo, uYehova uThixo wabadala abantu ngokomfanekiso wakhe, ukuze bamxelise ekuboniseni uthando. (Genesis 1:27; Yobhi 34:10) Kodwa kwangaxeshanye wabanika inkululeko yokuzikhethela. Xa abazali bethu bokuqala bakhetha ukwenza okubi, bayeka ukuxelisa uThixo, baza banesono. Nathi sosulelwa sisono sabo.—Funda iDuteronomi 32:4, 5.
Ngaba siya kuhlala sibona ubungendawo?
UThixo ufuna sizilwe iingcinga ezimbi. (IMizekeliso 27:11) Ngoko usifundisa indlela yokuphepha ukwenza izinto ezingafanelekanga neyokufumana ulonwabo lokwenene. Okwangoku, asinakukwazi ukuxelisa uthando lukaThixo ngokupheleleyo.—Funda iNdumiso 32:8.
Nakuba ubungendawo buxhaphakile ngoku, uThixo ubuvumele ixesha elilinganiselweyo ukuze sibone iintlungu obuza nazo. (2 Petros 3:7-9) Kodwa, kungekudala umhlaba uza kuzaliswa ngabantu abonwabileyo nabathobela uThixo.—Funda iNdumiso 37:9-11.