Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | INDLELA YOKUMELANA NAMAXHALA

Zininzi Izinto Ezixhalabisayo!

Zininzi Izinto Ezixhalabisayo!

“Ndaya evenkileni ndisithi ndiyothenga ukutya, ndafika kukho nje amaqebengwana, abe ebiza intloko yetreyini! Kusuku olulandelayo, kwakuphele tu ukutya ezivenkileni.”—UPaul, waseZimbabwe.

“Umyeni wam wandihlalisa phantsi, wathi uyasishiya. Ndandiza kukunyamezela njani oku kungcatshwa? Ndandiza kubathini abantwana bam?”—UJanet, waseMerika.

“Xa kukhala ialamu, ndiye ndilale phantsi kwindawo ekhuselekileyo njengoko imijukujelwa iqhushumba. Kuye kudlule iiyure izandla zam zisangcangcazela.”—UAlona, waseIsrael.

Siphila ‘kumaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo’ nabangela ixhala. (2 Timoti 3:1) Abantu abaninzi baxhalatyiswa ziingxaki zemali, ukuqhekeka kweentsapho, iimfazwe, izifo ezibulalayo neentlekele zemvelo okanye ezenziwe ngabantu. Kuthi kunjalo kube kukho nezinto ezixhalabisa mntu ngamnye: ‘Ngaba eli qhuma lisemzimbeni wam liza kuba ngumhlaza?’ ‘Liya kube linjani ihlabathi xa kuphila abazukulwana bam?’

Ngamanye amaxesha akukho nto imbi ekubeni nexhala. Ngokomzekelo, siye sibe novalo xa siza kubhala iimviwo, siza kuma phambi kwabantu okanye sisiya kufuna umsebenzi wempangelo. Ukanti kuhle ukoyika ingozi, kuba kunokusisindisa. Kodwa ke, kuyingozi ukuxhalaba ngokugqithiseleyo. Uhlolisiso oluye lwenziwa kubantu abadala abangaphezu kwe-68 000, lubonise ukuba kwanexhala nje elingenamsebenzi linokubangela ubani afe ngaphambi kwexesha. Ngenxa yeso sizathu uYesu wabuza wathi: “Ngubani na kuni onokuthi ngokuba nexhala ongeze ikubhite enye kubude bobomi bakhe?” Kaloku ixhala alongezi nomzuzwana lo kubomi bomntu. Yiloo nto uYesu wacebisa wathi: ‘Musani ukuxhalaba.’ (Mateyu 6:25, 27) Kodwa ingenzeka njani loo nto?

Ukuze sikwazi ukwenza oko, kufuneka sisebenzise amacebiso obulumko, sibe nokholo kuThixo, size sisebenzele ukuba nekamva elihle. Enoba asikho kwiimeko ezimaxongo ngoku, zisenokusifikela kwixesha elizayo. Ngoku makhe sibone ukuba oku kuye kwamnceda njani uPaul, uJanet, noAlona ukuba bayeke ukuxhalaba.