Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Iimpendulo Zemibuzo YeBhayibhile

Ngaba sinokuyazi inyaniso ngoThixo?

Kutheni uThixo efuna siyazi inyaniso? Funda uYohane 17:3

UThixo ubaxelele abantu. Esebenzisa umoya wakhe oyingcwele, okanye amandla akhe asebenzayo,ukuze wafaka iingcinga zakhe ezingqondweni zababhali beBhayibhile. (2 Petros 1:20, 21) Sinokuyazi inyaniso ngoThixo xa sifunda iBhayibhile.—Funda uYohane 17:17; 2 Timoti 3:16.

EBhayibhileni, uThixo usixelele izinto ezininzi ngaye. Uzichazile izizathu zokudala kwakhe abantu, oko aza kubenzela kona nendlela afuna baphile ngayo. (IZenzo 17:24-27) UYehova uThixo ufuna sazi inyaniso ngaye.—Funda eyoku-1 kuTimoti 2:3, 4.

Kutheni uThixo ebamkela abantu abathanda inyaniso?

UYehova nguThixo wenyaniso, ibe wathumela uNyana wakhe, uYesu, ukuba afundise abantu inyaniso. Ngoko, abantu abathanda inyaniso bayamthanda uYesu. (Yohane 18:37) UThixo ufuna ukunqulwa ngabantu abanjalo.—Funda uYohane 4:23, 24.

USathana uMtyholi uye wenza iindlela zokuba abantu bangamazi uThixo ngokuzalisa iimfundiso ezingeyonyaniso ngoThixo. (2 Korinte 4:3, 4) Abantu abangayithandiyo into elungileyo bayazithanda ezo mfundiso. (Roma 1:25) Kodwa izigidi zabantu abanyanisekileyo zifumana inyaniso ngoThixo ngokufunda iBhayibhile.—Funda IZenzo 17:11.