Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukuzenza Umntu Ongenguye! Ngaba Kuya Kuze Kuphele?

Ukuzenza Umntu Ongenguye! Ngaba Kuya Kuze Kuphele?

UPANAYIOTA wakhulela kwisiqithi esikwiMeditera. Xa wayeselula, wayenomdla kakhulu kwiipolitiki. Ekuhambeni kwexesha waba ngunobhala wombutho wezopolitiko kwilali awayehlala kuyo. Wayede angene kwindlu ngendlu eqokelela imali ngenjongo yokunyusa imali yombutho wakhe. Noko ke, ekuhambeni kwexesha waphoxeka. Abantu balo mbutho babeqesha izalamane zabo, benamabhongo futhi neengxabano zingapheli, nakubeni babebizana ngokuthi qabane.

UDaniel wakhuliswa yintsapho eyayingamakholwa eIreland. Okubuhlungu kukuba usayikhumbula kakuhle indlela ababekhohlisa okanye beqhatha ngayo abefundisi, beziindlamanzi, bengcakaza futhi besiba imali yenkongozelo. Ngalo lonke elo xesha bemshumayeza ngokuthi xa esona uza kuya esihogweni.

Phantse bonke ubomi bakhe, umsebenzi kaJeffery yayikukuthengisela iinkampani zeenqanawa zaseUnited Kingdom naseUnited States ezijikeleza ihlabathi. Ukhumbula indlela abathengi nabantu bezinye iinkampani zeenqanawa ababewaqhatha ngayo amagosa karhulumente xa bethethathethana ngezoshishino. Babethetha nantoni na engeyonyani ukuze baphumelele.

Okulusizi kukuba, inkohliso ayikhange iphelele kwezi meko. Ikho phantse kuyo yonke indawo abasebenza kuyo abantu—kwezopolitiko, ezinkonzweni nakwezentengiso. Ibinzana lesiNgesi elithetha “ukuzenza umntu ongenguye,” livela kwigama lesiGrike elibonisa ukuba isithethi okanye umntu okumdlalo weqonga ugqume ubuso ukuze angabonwa ukuba ngubani. Ekuhambeni kwexesha eli binzana liye lathetha nawuphi na umntu okhohlisayo ukuze kuphumelele iinjongo zakhe.

Ukuzenza umntu ongenguye kunokubacaphukisa okanye kubenze babe nenzondo abo ubaqhathayo. Bekruqukile, basenokuthi, “Ukuzenza Umntu Ongenguye! Ngaba kuya kuze kuphele?” Okuvuyisayo kukuba iLizwi likaThixo lisinika isizathu sokukholelwa ukuba kuya kuze kuphele.

INDLELA UTHIXO NONYANA WAKHE ABAKUJONGA NGAYO UKUZENZA UMNTU ONGENGUYE

Ngokutsho kweBhayibhile, ukuzenza umntu ongenguye akuqalanga ebantwini, kwaqala ngesidalwa esingabonakaliyo somoya. Ekuqaleni kwembali yabantu, uSathana uMtyholi wazenza inyoka, esenza ngathi unceda uEva kanti ufuna ukumkhohlisa. (Genesis 3:1-5) Ukususela ngoko, abantu abaninzi baye bazenza abantu abangengabo ukuze bakhohlise abanye nokuze bafeze iinjongo zabo.

Xa uhlanga lwakudala lwamaSirayeli lwawela kumgibe wokunqula izithixo nowokwenza ngathi anqula uThixo, izihlandlo ezininzi uThixo wawalumkisa ngemiphumo yoko. Esebenzisa umprofeti uIsaya, uYehova uThixo wathi: “Esi sizwana sisondele kum ngomlomo waso, sandizukisa nje ngemilebe yaso, kodwa intliziyo yaso ikude lee kum.” (Isaya 29:13) Xa olu hlanga lungazange luzijike iindlela zalo, uThixo wavumela abalawuli bezinye izizwe ukuba batshabalalise indawo olwalunqula kuyo—iYerusalem netempile yayo—okokuqala yatshatyalaliswa ngamaBhabhiloni ngo-607 B.C.E., emva koko yangumkhosi wamaRoma ngo-70 C.E. Kucacile ukuba uThixo akafuni nokumbona umntu ozenza into angeyiyo.

Kwelinye icala, uThixo noNyana wakhe, uYesu, babathanda kakhulu abantu abanyanisekileyo. Ngokomzekelo, ngexesha uYesu wayelapha emhlabeni, kweza kuye indoda egama linguNathaniyeli. Akuyibona wathi: “Yabona, umSirayeli ngokuqinisekileyo, ekungekho nkohliso kuye.” (Yohane 1:47) UNathaniyeli, okwabizwa ngokuba nguBhartolomeyu, waba ngomnye wabapostile bakaYesu abayi-12.—Luka 6:13-16.

UYesu wachitha ixesha elininzi ekunye nabalandeli bakhe, ibe wabafundisa indlela uThixo acinga ngayo. Kwakufuneka bangazenzi abantu abangengabo nanini na. Xa wayebalumkisa, wazigxeka ngokupheleleyo izinto ezazisenziwa ziinkokeli zonqulo ezaziphila ngelo xesha. Nazi ezinye izinto ezazizenza.

Zazizenza ‘amalungisa’ ukuze zibonwe ngabantu. UYesu waxelela abantu ababemphulaphule oku: “Lumkani ukuba ubulungisa benu ningabenzi phambi kwabantu ukuze nibonwe ngabo . . . njengoko besenza abahanahanisi.” Wabaxelela nokuba izipho zenceba bazenze ‘emfihlekweni’ okanye bengabonwa ngabantu. Babefanele bathandaze emfihlekweni, bangathandazi kuba befuna ukubonwa ngabanye. Xa besenjenjalo, babeza kuba bamnqula ngokunyanisekileyo uYise yaye wayeza kuyithanda loo nto.—Mateyu 6:1-6.

Zazikhawuleza ukugxeka. UYesu wathi: “Mhanahanisindini! Khupha kuqala umqadi kwelakho iliso, yaye uya kwandula ke ubone ngokucacileyo indlela yokukhupha udiza elisweni lomzalwana wakho.” (Mateyu 7:5) Xa umntu ebek’ esweni iimpazamo zabanye abantu, ekubeni yena esenza ezinkulu, uzenza umntu angenguye. Eyona nyaniso yile, “bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.”—Roma 3:23.

Zazingenanjongo zintle. Ngaxa lithile abafundi babaFarisi neqela labalandeli bakaHerode beza kubuza uYesu ngerhafu. Bemkhohlisa bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba unenyaniso kwaye ufundisa indlela kaThixo ngenyaniso.” Emva koko bafuna ukumbambisa ngokumbuza oku: “Kusemthethweni na ukuhlawula irhafu yentloko kuKesare okanye akunjalo?” UYesu wathi: “Kutheni nindivavanya nje, bahanahanisindini?” Wathi bazenza abantu abangengabo kuba babengambuzi kuba befuna impendulo, kodwa babezama “ukumthiyela [ukumbambisa] ngentetho yakhe.”—Mateyu 22:15-22.

AmaKristu okwenyaniso asebenzela ukuba ‘nothando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.’—1 TIMOTI 1:5

Xa kwakumiselwa ibandla lamaKristu ngePentekoste ka-33 C.E., abantu abaninzi bathembeka futhi banyaniseka. AmaKristu okwenyaniso asebenza nzima ekhupha yonke imikhwa awayenayo yokuzenza abantu abangengabo. Ngokomzekelo, uPetros, omnye wabapostile abayi-12, wakhuthaza amanye amaKristu ukuba asebenzele ‘ukuthobela inyaniso okuphumela kumsa wobuzalwana ongenaluhanahaniso.’ (1 Petros 1:22) Umpostile uPawulos wakhuthaza abantu asebenza nabo ukuba basebenzele ukuba ‘nothando oluphuma kwintliziyo ehlambulukileyo noluphuma kwisazela esilungileyo noluphuma kukholo olungenaluhanahaniso.’—1 Timoti 1:5.

AMANDLA ELIZWI LIKATHIXO

Iimfundiso zikaYesu nabapostile eziseBhayibhileni zisenamandla nanamhlanje, njengokuba zazinjalo ngelo xesha. Ethetha ngaloo nto, umpostile uPawulos wathi: “Kuba ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.” (Hebhere 4:12) Ukwazi iimfundiso zeBhayibhile nokuzama ukuphila ngokuvisisana nazo kuye kwanceda abantu abaninzi bayeka ukuzenza abantu abangengabo, basebenzela ukunyaniseka nokuthembeka. Khawuve oko kuthethwa ngabantu abathathu ekuthethwe ngabo ekuqaleni.

“Into endandiyibona apho yindlela abantu ababethandana ngokunyanisekileyo ngayo nababehoyene ngayo.”—UPANAYIOTA

Ubomi bukaPanayiota batshintsha mhla wamenywa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova. Zange abone mntu uzenza into angeyiyo ukuze nje athandwe ngabanye. Uthi: “Into endandiyibona apho yindlela abantu ababethandana ngokunyanisekileyo ngayo nababehoyene ngayo, nto leyo endandingazange ndayibona kuyo yonke le minyaka ndikwiipolitiki.”

Waqalisa ukufunda iBhayibhile de wabhaptizwa kwiminyaka eyi-30 eyadlulayo. Ngoku uthi: “Andizange ndiyifumane intsingiselo yokwenene yobomi ngoxa ndandihamba indlu ngendlu ndiqokelela imali ngenjongo yokunyusa imali yombutho wezopolitiko, kodwa ndayifumana xa ndaqalisa ukushumayela ngoBukumkani bukaThixo, obukuphela kwendlela eliya kubakho ngayo ihlabathi elinobulungisa.”

“Ndandingenakuyeka amanye amaKristu acinge ukuba ndingumntu endingenguye.”—UDANIEL

UDaniel wenza inkqubela kwibandla lamaKristu de wanikwa iimbopheleleko ezithile. Kwiminyaka embalwa emva koko, wenza impazamo kwindlela awagweba ngayo, ibe ngenxa yoko isazela sakhe samtya. Uthi: “Ndakhumbula abantu endandicawa nabo ababezenza abantu abangengabo, ngoko ndagqiba ekubeni ndiyeke ezo mbopheleleko ndandinazo ebandleni. Ndandingenakuyeka amanye amaKristu acinge ukuba ndingumntu endingenguye.”

Okuvuyisayo kukuba, emva kokuba uDaniel elungise iimpazamo zakhe, waqonda ukuba angaphinda awamkele amalungelo ebandla ngesazela esicocekileyo. Waphinda wazamkela ngokukhululekileyo iimbopheleleko azinikwa ebandleni. Banyaniseke ngolu hlobo ke abantu abakhonza uThixo ngaphandle kwenkohliso. Bafunda ‘ukukhupha umqadi’ emehlweni abo ngaphambi kokuba ‘bakhuphe udiza’ kwiliso lomzalwana wabo.

“Andinakuphinda ndibe ngumthengisi onamaqhinga. . . . Isazela sam besisoloko siphenjelelwa ziivesi zeBhayibhile.”—UJEFFERY

UJeffery, owachitha iminyaka esebenza, uthi: “Njengoko ndandisiya ndiyazi iBhayibhile, ndaqonda ukuba andinakuphinda ndibe ngumthengisi onamaqhinga nokulungeleyo ukuthetha nantoni na ukuze afumane into ayifunayo. Isazela sam besisoloko siphenjelelwa ziivesi zeBhayibhile ezifana neMizekeliso 11:1 ethi, ‘izikali eziqhathayo ziyinto ecekisekayo kuYehova.’” Yena, ngokungafaniyo nabo babuza uYesu ngerhafu, wafunda ukungafihli nto xa esebenza namanye amaKristu okanye nabantu abangakholwayo.

Izigidi zamaNgqina kaYehova asehlabathini lonke zizama ngamandla onke ukusebenzisa izinto ezizifunda eBhayibhileni. Zisoloko zizama ‘ukwambatha ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso.’ (Efese 4:24) Siyakukhuthaza ukuba uwazi amaNgqina kaYehova ukuba angoobani, yintoni ayikholelwayo nokuba angakunceda njani ufunde ngehlabathi elitsha elithenjiswe nguThixo. Kwelo hlabathi “kumi ubulungisa” yaye akusoze uphinde uve ngabantu abazenza izinto abangezizo.—2 Petros 3:13.