Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELINGUMXHOLO | UNOKUYAZI IBHAYIBHILE

Incwadi Emele Yaziwe

Incwadi Emele Yaziwe

IBhayibhile yeyona ncwadi indala. Indala kangakanani? Yaqala ukubhalwa kuMbindi Mpuma kwiminyaka emalunga neyi-3 500 eyadlulayo. Elo yayilixesha lolawulo lwakudala lwaseTshayina olusembalini.—Funda ibhokisi ethi “ Izinto Ezibangela Umdla NgeBhayibhile.”

IBhayibhile ineempendulo ezanelisayo zemibuzo ebalulekileyo yobomi

Ukuba incwadi ixelela abantu into eza kubanceda, kumele kube lula ukuyiqonda yaye ibaluleke kubo. Injalo kanye ke iBhayibhile. Ineempendulo ezanelisayo zemibuzo ebalulekileyo yobomi.

Ngokomzekelo, ngaba wakha wazibuza, ‘Kutheni silapha?’ Lo mbuzo uye wadida abantu kangangeminyaka emininzi, ibe usenjalo nanamhlanje. Naxa kunjalo, impendulo yawo iyafumaneka kwizahluko zokuqala ezibini zencwadi yeBhayibhile, iGenesis. Kwezi zahluko kuthethwa ngezinto ezenzeka “ekuqaleni”—kwiminyaka eyibhiliyoni eyadlulayo—xa kwadalwa izinto ezibonakalayo ezinjengegalaksi, iinkwenkwezi nomhlaba. (Genesis 1:1) Emva koko ichaza indlela ezadalwa ngokulandelelana ngayo izinto ezahlukahlukeneyo eziphilayo nendlela ababakho ngayo abantu emhlabeni—kwanenjongo yokubakho kwazo zonke ezi zinto.

IBHALELWE UKUBA IQONDWE

IBhayibhile inamacebiso anokusinceda sikwazi ukucombulula iingxaki esidibana nazo mihla le. Kulula ukuwaqonda loo macebiso. Aqondeka lula ngezi zizathu zibini.

Okokuqala, ithetha ngendlela ecacileyo, engqalileyo nebangel’ umdla. Kunokuba isebenzise amagama anzima nangaziwayo, isebenzisa amagama aqondakalayo. Izinto ekunzima ukuziqonda zibhalwe ngamagama esiwaqhelileyo nesiwasebenzisayo.

Ngokomzekelo, uYesu wasebenzisa imizekeliso elula emininzi ethetha ngezinto ezaziwayo ngabantu ukuze abafikelele iintliziyo. Eminye yayo ifumaneka kwiNtshumayelo yaseNtabeni, ebhalwe kwisahluko 5 ukusa ku-7 sikaMateyu. Omnye umbhali oyibiza ngokuba “yintetho eluncedo” waphawula ukuba injongo yayo “ayikokuzalisa iingqondo zethu ngamacebiso, kodwa kukusikhokela kuyo yonke into esiyenzayo ebomini.” Unokufunda ezo zahluko mhlawumbi ngemizuzu eyi-15 ukuya kweyi-20. Uya kumangaliswa yindlela alula kodwa anamandla ngayo amagama asetyenziswa nguYesu.

Enye into ebangela ukuba kube lula ukuyiqonda iBhayibhile yinto ethetha ngayo. Asiyoncwadi yeentsomi. Kunoko, kunjengokuba iThe World Book Encyclopedia isitsho, kakhulu ithetha “ngabantu abadumileyo nabaqhelekileyo, indlela ababetsala nzima ngayo, amathemba ababenawo, izinto ababengazenzi kakuhle nempumelelo yabo.” Kulula ngathi ukuthetha ngaba bantu bokwenene nendlela ababephila ngayo, iziganeko ezazisenzeka ngelo xesha, kanti sifumana nezifundo ezibalulekileyo kubo.—Roma 15:4.

WONKE UMNTU ANGAYIFUMANA

Ukuze uyazi incwadi, imele ibhalwe ngolwimi olwaziyo. Namhlanje iBhayibhile unokuyifumana ngolwimi olwaziyo, enoba uhlala phi okanye ungowaluphi uhlanga. Khawuve ukuba kuye kwafuneka kwenziwe ntoni ukuze ifumaneke kubantu bonke.

Iye Yaguqulelwa. IBhayibhile yabhalwa ngesiHebhere, isiAramiki nesiGrike. Ngenxa yoko babembalwa abantu abakwaziyo ukuyifunda. Ukuze ifumaneke nangezinye iilwimi, abaguquleli abanyanisekileyo baye bazinikela ekuyiguquleleni. Ngenxa yoko, ngoku iBhayibhile iguqulelwe yonke okanye inxalenye yayo ngeelwimi ezimalunga ne-2 700. Oku kuthetha ukuba phantse wonke umntu unokuzifundela inxalenye yeBhayibhile ngolwimi lwakhe.

Iye Yapapashwa. Ekuqaleni imibhalo yeBhayibhile yayibhalwa kwizinto ezonakalayo, njengofele nompapiri. Ukuze loo mibhalo ifumaneke ebantwini, kwakufuneka ikhutshelwe ngesandla. Ekubeni yayibiza imali eninzi, babembalwa abantu ababekwazi ukuyithenga. Emva kokuba kwenziwe umatshini wokuprinta kaGutenberg kwiminyaka engaphezu kweyi-550 eyadlulayo, baninzi abantu ababa neBhayibhile. Ngokutsho kolunye uphando, zingaphezu kweebhiliyoni ezintlanu iiBhayibhile ezasasazwayo.

Xa sicinga ngoku, ayikho enye incwadi esetyenziswa ezinkonzweni enokuthelekiswa neBhayibhile. Kucacile ukuba yincwadi ekufuneka yaziwe. Sekunjalo, kunokuba nzima ukuyazi. Uncedo luyafumaneka. Unokulufumana phi? Lunokukunceda njani? Khawufunde eli nqaku lilandelayo.