Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Abaprofeti Abanesigidimi Esinokusichaphazela Nathi

Abaprofeti Abanesigidimi Esinokusichaphazela Nathi

Isahluko Sesibini

Abaprofeti Abanesigidimi Esinokusichaphazela Nathi

 1. Kutheni ufanele ube nomdla kubaprofeti abali-12 ababhala iincwadi zokugqibela zeZibhalo zesiHebhere?

 UNGATHANDA na ukubazi abaprofeti abali-12 bakaThixo? Aba baprofeti bali-12 babephila ngaphambi kokuza kukaYesu emhlabeni, ngoko akunakubabona ngokoqobo. Kodwa usenako ukubazi, ufunde nendlela abahlala ngayo beyikhumbula “imini enkulu kaYehova.” Yaye oko uza kukufunda kubaluleke gqitha kumKristu ngamnye ozimisele ukuhlala eyikhumbula imini enkulu kaYehova.—Zefaniya 1:14; 2 Petros 3:12.

 2, 3.Imeko ababephila kuyo abaprofeti abali-12 ifana njani neyexesha lethu?

2 Kukho amadoda amaninzi abizwa ngokuba ngabaprofeti eZibhalweni—iincwadi ezininzi zeBhayibhile zibizwa ngamagama abaprofeti. Aba baprofeti bali-12 siza kuxubusha ngabo basimisela umzekelo wokubonisa ukholo nenkalipho, njengoko babenjalo nabanye. Abanye babo bavuyiswa gqitha kukubona isigidimi sabo sitshintsha iintliziyo neengqondo zabantu, baza babuyela kuThixo. Kanti abanye badaniswa gqitha kukubona abawexuki bevukela imilinganiselo kaYehova baze benze okuchasene nokuthanda kwakhe. Bambi baba baprofeti bali-12 babekhathazwa kukungakhathali kwabantu bexesha labo ababezibiza ngokuba ngabanquli bakaYehova.

3 Aba baprofeti bali-12 babephila kwixesha elifana nelethu, elalizaliswe zizidubedube zobupolitika, ubundlobongela, nokudodobala konqulo. Ekubeni babengabantu ‘abaneemvakalelo njengathi,’ bamele ukuba babesiba nayo imiqobo kunye noloyiko. (Yakobi 5:17) Kodwa basimisele umzekelo omhle, yaye sifanele sisikhumbule isigidimi sabo, njengoko sibhalwe ‘kwizibhalo zesiprofeto’ ngenjongo yokuba singenelwe, ekubeni siphila ‘esiphelweni sale nkqubo yezinto.’—Roma 15:4; 16:26; 1 Korinte 10:11.

IXESHA ABABEPHILA NGALO ABAPROFETI ABALI-12

 4. Yintoni oye wayiphawula ngokuphathelele ixesha ababephila ngalo abaprofeti abali-12, yaye ngabaphi abokuqala uYehova awabasebenzisayo ukuze alumkise yaye akhuthaze abantu bakhe?

4 Usenokucinga ukuba indlela ezilandelelana ngayo eBhayibhileni yakho iincwadi zaba baprofeti ukusuka kuHoseya ukuya kuMalaki, ibonisa ixesha ababephila ngokulandelelana ngalo aba baprofeti. Kodwa ke akunjalo. Ngokomzekelo, umprofeti uYona, uYoweli, uAmosi, uHoseya, noMika, bonke babephila ngenkulungwane yesithoba neyesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. a Ngelo xesha, ookumkani abaninzi ababelawula kummandla osemazantsi wakwaYuda nakummandla osemantla wakwaSirayeli babengathembekanga. Yaye nabantu ababengaphantsi kwabo balandela elo khondo, nto leyo eyabazisela ingqumbo kaThixo. Kungelo xesha kanye awathi ama-Asiriya namaBhabhiloni azabalazela ukulawula ihlabathi liphela. AmaSirayeli ayengazi ukuba uYehova wayeza kusebenzisa loo magunya mabini ehlabathi ekuwatshabalaliseni! Kodwa ke, njengokuba usazi, uThixo wawalumkisa ngokuphindaphindiweyo amaSirayeli namaYuda esebenzisa abaprofeti abathembekileyo.

 5. Liliphi iqela labaprofeti abavakalisa imigwebo kaYehova xa lalisondele ixesha lokutshatyalaliswa kwelizwe lakwaYuda kunye neYerusalem?

5 Njengoko lalisondela ixesha lokuba uYehova atshabalalise ilizwe lakwaYuda kunye neYerusalem, wavelisa elinye iqela labaprofeti abanenkalipho. Ngoobani ababekwelo qela? Yayingumprofeti uZefaniya, uNahum, uHabhakuki no-Obhadiya. Bonke babephila ngenkulungwane yesixhenxe ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Esona siganeko sikhulu selo xesha yaba kukutshatyalaliswa kweYerusalem ngamaBhabhiloni ngowama-607 B.C.E. nokuthinjwa kwamaYuda. Nangaso esi sihlandlo, kwenzeka kanye njengokuba uThixo walumkisayo esebenzisa aba baprofeti. Babalumkisa abantu ukuba bahlukane nezenzo eziphosakeleyo, njengokunxila nogonyamelo, kodwa abantu abazange batshintshe.—Habhakuki 1:2, 5-7; 2:15-17; Zefaniya 1:12, 13.

 6. UYehova wayikhuthaza njani intsalela eyabuyayo ekuthinjweni?

6 Emva kokuba abantu bakaThixo bebuyile ekuthinjweni, babefanele bafumane ukhokelo kunye nokhuthazo olufanelekileyo ukuze bahlale benikele ingqalelo kunqulo lwenyaniso. Loo ndima yaphunyezwa lelinye iqela labaprofeti—uHagayi, uZekariya noMalaki. Babephila ngenkulungwane yesithandathu neyesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Njengoko ufunda ngaba baprofeti bali-12 abaluxhasa ngenkalipho ulongamo lukaYehova, uya kufumana izifundo ezibalulekileyo onokuzisebenzisa kubulungiseleli bakho ebudeni bala maxesha engcinezelo. Ngoku makhe sihlolisise ngamnye waba baprofeti ngokolandelelwano lwamaxesha ababephila kuwo.

UMGUDU WOKUHLANGULA IINTLANGA EZINENKANI

 7, 8. Amava kaYona anokusikhuthaza njani ukuba sihlangabezane nokuphelelwa lithemba?

7 Ngaba wakha waphelelwa lithemba, mhlawumbi ude uvakalelwe kukuba ukholo lwakho luba buthathaka? Ukuba kunjalo, uya kungenelwa gqitha kumava kaYona. UYona wayephila ngenkulungwane yesithoba ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Mhlawumbi uyazi ukuba uThixo wathumela uYona eNineve, eyayilikomkhulu loBukhosi base-Asiriya. UYona wayethunywe ukuba avakalise umgwebo kubantu abangendawo baseNineve. Kodwa, kunokuba aye apho wayethunywe khona—kumgama weekhilomitha ezingama-900 ngakumntla-mpuma weYerusalem—uYona wakhwela inqanawa ekunokwenzeka ukuba yayisiya eSpeyin. Wayesiya kumgama weekhilomitha ezingama-3 500 kude nalapho wayethunywe khona! Ubungathini kule meko? Ngaba ucinga ukuba uYona wayesenziwa kukoyika, okanye kukuphelelwa lukholo, okanye wayexhalabele ukuba abemi baseNineve babesenokuguquka baze kamva bahlasele amaSirayeli? IBhayibhile ayichazi. Kodwa oku kwenza sibone ukubaluleka kokulumkela ukuba iingcamango zethu zingaphambuki.

8 Uyayazi indlela awasabela ngayo uYona xa uThixo wamohlwayayo. Ngoxa wayeginywe ‘yintlanzi enkulu,’ wavuma wathi: “LolukaYehova usindiso.” (Yona 1:17; 2:1, 2, 9) Emva kokuba ehlangulwe ngokungummangaliso, uYona waqhubeka nomsebenzi awayethunywe ukuba awenze, kodwa wadimazeka kakhulu xa uYehova engazange abatshabalalise abemi baseNineve ngenxa yokuba basithobelayo isigidimi sakhe baza baguquka. UYehova waphinda wasilungisa ngothando isimo sengqondo sokuzingca salo mprofeti. Nangona abanye abantu besenokunikel’ ingqalelo ekusileleni kukaYona, yena uThixo wayemgqala njengomkhonzi othobekileyo nothembekileyo.—Luka 11:29.

 9. Yiyiphi indlela onokungenelwa ngayo kwisiprofeto sikaYoweli?

9 Ngaba wakha wadimazeka kuba abantu bekugxeka ngokubazisela isigidimi esothusayo seBhayibhile? Abantu babesigqala ngendlela efanayo isigidimi somprofeti uYoweli, ogama lakhe lithetha ukuthi “UYehova NguThixo.” Kubonakala ukuba wazibhala iziprofeto zakhe kwaYuda malunga nowama-820 B.C.E., ngexesha lokulawula kukaKumkani u-Uziya. Yaye kubonakala ukuba uYoweli wayephila ngexesha likaYona. UYoweli wathetha ngesibetho seenkumbi ezaziya kutshabalalisa ilizwe. Ngelo xesha, imini eyoyikekayo kaThixo yayikufuphi kakhulu. Noko ke, uza kufumanisa ukuba isigidimi sikaYoweli sasingapheleli nje ngokuchaza intshabalalo ezayo. Wachaza nokuba abantu abathembekileyo ‘babeza kusinda.’ (Yoweli 2:32) Ngoko abantu abaguqukayo babekuvuyela ukusikelelwa nokuxolelwa kwabo nguYehova. Kumele kusikhuthaze ukwazi ukuba nesethu isigidimi sinemiphumo efanayo kwabo baguqukayo! UYoweli wathi umoya oyingcwele kaThixo wawuza kuthululelwa “phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama.” Ngaba uyayibona indlela obandakanyeke ngayo kweso siprofeto? Yaye uYoweli wagxininisa ekuphela kwendlela eqinisekileyo yokusinda, esithi: “Kuya kuthi wonk’ ubani obiza egameni likaYehova asindiswe.”—Yoweli 2:28, 32.

10. UYehova wamsebenzisa njani umalusi ophantsi wezimvu?

10 Usenokuba uyavelana noAmosi ukuba nawe uye maxa wambi wothuswe sisigidimi esinzima esisivakalisayo, ingakumbi xa abanye abantu bengasamkeli. UAmosi wayengenguye unyana womprofeti; wayengumalusi nje wezimvu, esenza neminye imisebenzi yesingxungxo. Wayeprofeta ngexesha likaKumkani u-Uziya wakwaYuda, ngasekupheleni kwenkulungwane yesithoba ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Nangona wayengumntu ophantsi, uAmosi wayethwele isigidimi esinzima esasisiya kumaYuda, kumaSirayeli, nakwiintlanga ezaziwajikelezile, ngaloo ndlela esenza ngokuvisisana negama lakhe elithetha “Ukuthwala Umthwalo Onzima.” Akukukhuthazi na ukwazi ukuba uYehova unako ukwenza umntu okumgangatho ophantsi enze umsebenzi obaluleke ngolo hlobo?

11. UHoseya wayekulungele ngomkhamo ongakanani ukwenza ukuthanda kukaThixo?

11 Ngaba wakha wazibuza ukuba, ‘Yintoni endikulungeleyo ukuyincama ukuze ndenze ukuthanda kukaYehova?’ Khawucinge ngoHoseya, owayephila ngexesha likaIsaya noMika, nowakhonza njengomprofeti malunga neminyaka engama-60. UYehova wayalela uHoseya ukuba atshate uGomere, “umfazi wobuhenyu.” (Hoseya 1:2) Kubantwana abathathu abazalwa nguGomere emva koko, kubonakala ukuba mnye kuphela owayengokaHoseya. Yintoni eyabangela ukuba uYehova amyalele ukuba atshate nomfazi owayengathembekanga ngolo hlobo? Kungenxa yokuba uYehova wayefundisa isifundo sokunyaniseka nokuxolela. Ubukhosi basentla babumngcatshile uThixo kanye njengokuba esenza umfazi okrexezayo kwindoda yakhe. Kodwa uYehova wayeza kubonisa uthando kubantu bakhe aze azame ukubanceda baguquke, nto leyo elukhuthazo nakuthi.

12. Unokungenelwa njani ngokuhlolisisa umzekelo kaMika kunye nemiphumo okwaba nayo ukuprofeta kwakhe?

12 Akuvumi na ukuba amaxesha anzima esiphila kuwo namhlanje enza kube lucelomngeni ukuba nenkalipho nokuthembela kuYehova? Ukuba uyazibonakalisa ezi mpawu, uya kuba ufana noMika. UMika wayephila ngexesha likaHoseya noIsaya, yaye wavakalisa ukugwetywa kwamaYuda namaSirayeli ngexesha lokulawula kooKumkani bakwaYuda uYotam, uAhazi, noHezekiya, ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Ubukhosi basentla bakwaSirayeli babuzaliswe kukuziphatha okubi nonqulo-zithixo, baza batshatyalaliswa xa ama-Asiriya ahlasela iSamariya ngowama-740 B.C.E. Nawo amaYuda ayengamthobeli ngokupheleleyo uYehova yaye ayengathembekanga kuye. Nakubeni uMika wayevakalisa ukuza komgwebo, wakhuthazwa kukubona isigidimi sikaThixo siyiphucula okomzuzwana imeko yamaYuda yokomoya, nto leyo eyawasindisayo kwintlekele. Kukhuthaza ngokwenene nanamhlanje ukubona abanye besamkela isigidimi sethu sosindiso!

UKUVAKALISWA KWENTLEKELE EZAYO

13, 14. (a) Umzekelo kaZefaniya unokukunceda njani kunqulo lwakho? (b) Yiyiphi imiphumo emihle esaba nayo isigidimi sikaZefaniya?

13 Njengoko igunya lehlabathi laseYiputa nelaseAsiriya ayephelelwa ngamandla, iBhabhiloni yayisiya iduma ngakumbi. Ukuba namandla kwayo kwakuya kuluzisela intlekele uhlanga lwakwaYuda. Abaprofeti bakaThixo babalumkisa baza babayala abanquli bakaYehova. Makhe sihlolisise abanye babo baprofeti, yaye uze ukhumbule ukuba amaKristu namhlanje avakalisa isilumkiso esifanayo.

14 Ukuba kuye kwafuneka ulahle izithethe zentsapho ukuze wenze ukuthanda kukaYehova, usenokuba uyavelana noZefaniya. Kusenokwenzeka ukuba wayengumzukulwana kaKumkani uHezekiya yaye ekwasisalamane sikaKumkani uYosiya—ngaloo ndlela elilungu lentsapho yasebukhosini yakwaYuda. Kodwa ngokuthobeka uZefaniya wavakalisa isigidimi sokutshatyalaliswa kobukhosi obonakeleyo bakwaYuda. Igama lakhe lithetha ukuthi “UYehova Ufihlile.” Wagxininisa ukuba kuphela ngabo babeya kwenzelwa inceba nguThixo ababeya “kufihlwa ngemini yomsindo kaYehova.” (Zefaniya 2:3) Okuvuyisayo kukuba, isigidimi sikaZefaniya senkalipho saba nemiphumo emihle. UKumkani uYosiya oselula wabavuselela abantu ngokomoya, wazishenxisa izithixo, walungisa itempile, waza wabuyisela unqulo olunyulu. (2 Kumkani, isahluko 22-23) UZefaniya kunye nabanye abaprofeti belo xesha (uNahum noYeremiya) bamele ukuba baba negalelo ekuncedeni okanye ekucebiseni ukumkani. Ngelishwa, inkoliso yamaYuda ayizange iguquke ngokupheleleyo. Emva kokufa kukaYosiya edabini, aphinda anqula izithixo. Kungabanga thuba lide emva koko, athinjwa ngamaBhabhiloni.

15. (a) Kutheni iNineve yayisifanele isigidimi esiqatha esavakaliswa nguNahum? (b) Yintoni onokuyifunda koko kwenzekayo kwiNineve?

15 Usenokuvakalelwa kukuba akubalulekanga kangako, ekubeni ungengomntu udumileyo. AmaKristu anelungelo elikhethekileyo lokuba “ngabasebenzi abangamadlelane” kaThixo, ukanti inkoliso yawo ayidumanga. (1 Korinte 3:9) Kuyafana ke nangomprofeti uNahum, kuba akukho nto siyaziyo ngaye, ngaphandle nje kokuba wayehlala kwidolophana yase-Elekoshe, ekunokwenzeka ukuba yayikwaYuda. Kodwa isigidimi sakhe sasibalulekile. Sasibaluleke ngantoni? UNahum waprofeta ngokutshatyalaliswa kwekomkhulu loBukhosi baseAsiriya, iNineve. Abemi bayo baguquka emva kwesigidimi sikaYona, kodwa ekuhambeni kwexesha baphindela kwizenzo zabo zangaphambili. Imizobo eyenziwe ematyeni aye avunjululwa kummandla eyayikade ikuwo iNineve, ibonisa ukuba ‘yayisisixeko sophalazo-gazi,’ kanye njengokuba uNahum wayetshilo. (Nahum 3:1) Loo mizobo ibonisa indlela awayephathwa ngenkohlakalo ngayo amabanjwa emfazwe. UNahum wakuchaza ngokucace gca ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kweNineve. Isigidimi sakhe sazaliseka, kanye njengokuba siza kuzaliseka nesigidimi sethu namhlanje.

16, 17. Ukuba isiphelo asifiki ngexesha ebesisilindele ngalo, yintoni esinokuyifunda kwimeko kaHabhakuki?

16 Kangangeenkulungwane, bambi abafundi beBhayibhile babelindele ukuba imini kaYehova ifike ngokukhawuleza. Abanye babedinyazwa kukufika kade komgwebo kaThixo. Wena uvakalelwa njani? UHabhakuki wavakalisa inkxalabo yakhe esengqiqweni, esithi: “Kuya kude kube nini na Yehova, ndikhalela uncedo, ungeva? . . . Kutheni kukho ukuphanga nogonyamelo phambi kwam?”—Habhakuki 1:2, 3.

17 Ngexesha lokuprofeta kukaHabhakuki, izinto zazingahambi kakuhle kwaYuda, xesha elo elalisemva kolawulo lukaKumkani uYosiya olungileyo kodwa ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E. Okungekho sikweni nogonyamelo kwakwandile. UHabhakuki wawalumkisa amaYuda ukuba ukuzimanya kwawo neYiputa kwakungayi kuwasindisa kumaBhabhiloni akhohlakeleyo. Kodwa ke wenza kwacaca ukuba “lowo ulilungisa, ngokuthembeka kwakhe uya kuqhubeka ephila.” (Habhakuki 2:4) Loo mazwi abaluleke gqitha kuthi, ekubeni nompostile uPawulos wawacaphula kwiincwadi ezintathu zeZibhalo zamaKristu zesiGrike. (Roma 1:17; Galati 3:11; Hebhere 10:38) Ngaphezu koko, esebenzisa uHabhakuki, uYehova usiqinisekisa ngamazwi athi: “Umbono usengowexesha elimisiweyo . . . Awuyi kufika emva kwexesha.”—Habhakuki 2:3.

18. Kwakutheni ukuze uYehova ayalele uObhadiya ukuba aprofete ngokutshatyalaliswa kwe-Edom?

18 Umprofeti uObhadiya waziwa ngokubhala eyona ncwadi imfutshane kwiZibhalo zesiHebhere—incwadi eneendinyana ezingama-21 kuphela. Ekuphela kwento esiyaziyo ngaye kukuba waprofeta ngokutshatyalaliswa kwe-Edom. AmaEdom ayeyinzala yomntakwaboYakobi, ngoko ayezalana namaSirayeli. (Duteronomi 23:7) Kodwa ngangendlela amaEdom abaphatha ngenkohlakalo ngayo abantu bakaThixo, ubungekhe utsho ukuba bayazalana. Ngowama-607 B.C.E., xesha elo uObhadiya awayibhala ngalo incwadi yakhe, asukela amaYuda aza awanikela kwiintshaba zawo ezingamaBhabhiloni. UYehova waxela kwangaphambili ukuba ilizwe lakwaEdom laliza kutshatyalaliswa ngokupheleleyo, yaye eso siprofeto sazaliseka. Njengokuba kunjalo ngoNahum, kuncinane esikwaziyo nangaye uObhadiya, kodwa kukhuthaza gqitha ukuqonda ukuba uThixo uyakwazi ukusebenzisa abantu ababonakala bengabalulekanga, abenze babe ngabathunywa Bakhe!—1 Korinte 1:26-29.

ISIGIDIMI ESIKHUTHAZAYO NESILUMKISAYO

19. UHagayi waba negalelo njani ekuvuseleleni abantu bakaThixo?

19 UHagayi waba ngowokuqala kubaprofeti abathathu ababekho emva kokuba intsalela ibuyile ekuthinjweni eBhabhiloni ngowama-537 B.C.E. UHagayi umele ukuba wayekwiqela lokuqala elabuyayo. Exhaswa yiRhuluneli uZerubhabheli nanguMbingeleli Omkhulu uYoshuwa kwanomprofeti uZekariya, uHagayi wazama ukukhuthaza amaYuda ukuba angadinyazwa ziintshaba zawo okanye kukuthanda izinto eziphathekayo. Ayemele enze oko ayebuyele ukuza kukwenza: ukwakha kwakhona itempile kaYehova. Izigidimi ezine ezingqalileyo zikaHagayi, awazivakalisa ngowama-520 B.C.E., zazigxininisa igama likaYehova nolongamo lwakhe. Ibinzana elithi “uYehova wemikhosi” livela izihlandlo ezili-14 kwincwadi yakhe. Izigidimi ezinamandla zikaHagayi zabavuselela abantu ukuba baphinde baqhubeke nokwakha itempile. Ngaba nawe akukhuthazwa na kukwazi ukuba uYehova unguMongami onamandla angasikelwanga mda yaye unegunya phezu komkhosi omkhulu wezidalwa zomoya?—Isaya 1:24; Yeremiya 32:17, 18.

20. Luluphi ucelomngeni awayejamelene nalo uZekariya?

20 Maxa wambi usenokudinyazwa kukungabi nanzondelelo kwabanye abakhonzi bakaThixo. Ngoko usenokuba uyayiqonda imeko awayekuyo umprofeti uZekariya. NjengoHagayi owayephila ngexesha lakhe, naye wayejamelene nocelomngeni lokukhuthaza abanquli bexesha lakhe ukuba baqhubeke nomsebenzi wokwakha itempile de igqitywe. Wasebenza nzima uZekariya ebakhuthaza ukuba bangaphel’ amandla. Nangona abantu babenikel’ ingqalelo kwizilangazelelo zabo zobuqu, wazama ngamandla ukomeleza ukholo lwabo nokubakhuthaza ukuba balubonakalise ngezenzo. Yaye waphumelela. UZekariya wabhala iziprofeto ezininzi ngoKristu. Nathi sinokomelezwa sisigidimi sokuba “uYehova wemikhosi” akayi kubalibala abantu abazabalazela ukuhlala bekholekile emehlweni akhe.—Zekariya 1:3.

UKULINDELA UMESIYA

21. (a) Kutheni sasibalulekile nje isigidimi sikaMalaki? (b) Sisiphi isithembiso esidluliselwa yincwadi kaMalaki ekuqukumbeleni kwayo iZibhalo zesiHebhere?

21 Umprofeti wokugqibela kwabo bali-12, uMalaki, wenza ngokuvisisana negama lakhe, elithetha ukuthi “Umthunywa Wam.” Kuncinane esikwaziyo ngalo mprofeti, owayephila phakathi kwinkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Kodwa isiprofeto sakhe sibonisa ngokucacileyo ukuba wabaluleka ngenkalipho abantu bakaThixo ababeqhelisela isono nababehanahanisa. Iimeko azichazayo uMalaki zifana gqitha nezo zichazwa nguNehemiya, ekunokwenzeka ukuba wayephila ngexesha likaMalaki. Kutheni le nto sasibalulekile nje isigidimi sikaMalaki ngelo xesha? Kungenxa yokuba inzondelelo eyayikhuthazwe ngumprofeti uZekariya noHagayi kumashumi eminyaka ngaphambilana yayiphelile. Imeko yokomoya yamaYuda yayimbi ngokwenene. UMalaki wathetha ngenkalipho ngokugwetywa kwababingeleli abanekratshi nabahanahanisayo, yaye wakugxeka ukungazinikeli kwabantu ngeentliziyo ezipheleleyo ekunquleni nasekwenzeni imibingelelo. Ukanti, kanye njengokuba iLizwi likaThixo lisithembisa ngekamva eliqaqambileyo elizayo, uMalaki naye wathembisa ngokuza komanduleli kaMesiya, onguYohane uMbhaptizi, kwanangokuza kukaKristu uqobo. Incwadi kaMalaki iziqukumbela ngesithembiso esikhuthazayo iZibhalo zesiHebhere isithi, ‘ilanga lobulungisa ngokuqinisekileyo liya kubakhanyisela’ abo baloyikayo igama likaThixo.—Malaki 4:2, 5, 6.

22. Yintoni oye wayiphawula ngobuntu nangesigidimi sabaprofeti abali-12?

22 Kucacile ukuba amadoda awabhala iincwadi ezili-12 zokugqibela zeZibhalo zesiHebhere ayenokholo olomeleleyo. (Hebhere 11:32; 12:1) Sinokufunda lukhulu kumzekelo wawo nakwisigidimi sawo njengoko sikhangele phambili ngolangazelelo ‘kwimini kaYehova.’ (2 Petros 3:10) Ngoku khawukhe uqwalasele indlela iziprofeto zawo ezinokulichaphazela ngayo ikamva lakho!

[Umbhalo osemazantsi]

a Thelekisa oku kunye nesicangca  esikwiphepha 20 nelama-21. Ngokomzekelo, kuso uya kubona ukuba uMika noHoseya babekhonza ngexesha uIsaya wayengumprofeti kaThixo eYerusalem.

YIYIPHI INDLELA ONOKUNGENELWA NGAYO?

• Yintoni oyiphawulileyo kwindlela abaprofeti abali-12 abalandelelana ngayo eBhayibhileni?

• Unokungenelwa njani kumava abaprofeti abanjengoYona noAmosi?—Hebhere 11:32, 33, 39, 40.

• Yintoni uHoseya awayekulungele ukuyenza ukuze enze ukuthanda kukaYehova?—Mateyu 16:24.

IINGONGOMA ONOKUZISEBENZISA

• Njengoko sibonile kwimeko kaZefaniya, yiyiphi impembelelo abanokuba nayo abakhonzi bakaThixo kwabanye abantu?

• Kutheni isigidimi sikaHabhakuki sibaluleke ngokukhethekileyo namhlanje?—2 Petros 3:12.

• Ngabaphi abaprofeti abaphantsi aye wabababala uYehova?—INdumiso 113:1, 6, 7; Isaya 57:15.

[Imibuzo YeSifundo]

 [Isicangca esikwiphepha 20, 21]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Abaprofeti Abaprofeti Abanye Ookumkani Ookumkani

Abali-12 Belo Xesha Belo Xesha bakwaYuda b bakwaSirayeli c

UAmatsiya

850 B.C.E.

UYerobhoham II

1. UYONA

U-Uziya

(uAzariya)

825

2. UYOWELI

3. UAMOSI

4. UHOSEYA

UZekariya

800

UMenahem

UIsaya

UPeka

5. UMIKA

UYotham

UAhazi

UHosheya

750

UHezekiya

Ukutshatyalaliswa KweSamariya, 740

725

UManase

700

675

6. UZEFANIYA

UYosiya

7. UNAHUM

650

UYeremiya

Ukutshatyalaliswa KweNineve, 632

8. UHABHAKUKI

UYehoyakim

UDaniyeli

9. UOBHADIYA

UHezekile

UZedekiya

Ukutshatyalaliswa KweYerusalem, 607

600

575

550

UDaniyeli

Ukutshatyalaliswa KweBhabhiloni, 539

Ukubuya Kwabathinjwa, 537

525

10. UHAGAYI

11. UZEKARIYA

Ukwakhiwa Kwetempile Kwakhona, 515

500

UEzra

UNehemiya

Ukwakhiwa Kweendonga Kwakhona, 455

450

12. UMALAKI

425

400

[Imibhalo esemazantsi]

b Ookumkani abalawula ngaphezu kweminyaka emibini

c Ookumkani abalawula ngaphezu kweminyaka emibini

[Imaphu ekwiphepha 19]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)

IDamasko

UBukhosi Basentla BakwaSirayeli (KwaEfrayim, Okanye ESamariya)

KWAEFRAYIM

ISidon

ITsarefathi

ITire

KwaDan

IBHASHAN

Ulwandle LwaseGalili

Intaba YeKarmele

Intaba YaseTabhore

IMegido

IYizereli

IHadadrimon

ISAMARIYA

KwaShekem

IGILIYADI

IMizpa

IGiligali

IRabha

IBheteli

IShitim

Umlambo IYordan

UBukhosi Basezantsi BakwaYuda (KwaYuda NakwaBhenjamin)

KWAYUDA

IAshdode

IAshkelon

IGaza

IEkron

IGati

IMoresheti

ILakishe

IAdulam

IAkezibhi

IMaresha(ha)

IShafire

IBhetelehem

ITekowa

IYERUSALEM (IZIYON)

IGibheya

IRama

IGiligali

IRimon

IBher-shebha

KWA-AMONI

KWAMOWABHI

Ulwandle LweTyuwa

ISodom?

KWAEDOM

IBhotsera

[Imaphu ekwiphepha 22]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

IGRISI

IKRETE

IASIRIYA

INineve

IBHABHILONI

IBhabhiloni

ISIRIYA

IHamati

IDamasko

KWA-AMONI

KWAMOWABHI

KWAEDOM

Intaba YeHorebhe

IYIPUTA

IMemfis

ISidon

ITire

IRabha

IYERUSALEM

[Umfanekiso okwiphepha 17]

UYONA

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UYOWELI

[Umfanekiso okwiphepha 18]

UAMOSI

[Umfanekiso okwiphepha 21]

UHOSEYA

[Umfanekiso okwiphepha 22]

UMIKA

[Umfanekiso okwiphepha 23]

UZEFANIYA

[Umfanekiso okwiphepha 24]

UNAHUM

[Umfanekiso okwiphepha 25]

UHABHAKUKI

[Umfanekiso okwiphepha 25]

UOBHADIYA

[Umfanekiso okwiphepha 26]

UHAGAYI

[Umfanekiso okwiphepha 27]

UZEKARIYA

[Umfanekiso okwiphepha 27]

UMALAKI