Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Bhengezani Oku Phakathi Kweentlanga”

“Bhengezani Oku Phakathi Kweentlanga”

Isahluko Seshumi Elinesithathu

“Bhengezani Oku Phakathi Kweentlanga”

 1. Kutheni ukuthetha kukaYehova nomprofeti wakhe kufaniswa nokugquma kwengonyama?

 NGABA wakha wayiva ingonyama igquma? Kuthiwa umgqumo wayo ungaphezu kwengxolo eyenziwa ngumatshini wokumba ematyeni. Ungathini xa unokuva ukugquma kwengonyama kufuphi nawe ngobusuku obuzolileyo? Ngokuqinisekileyo ubuya kwenza okuthile ngoko nangoko. Echaza ngolunye uhlobo lokugquma okunjengokwengonyama, omnye wabaprofeti abali-12 ogama linguAmosi wathi: “Ingonyama igqumile! Ngubani na ongayi koyika? INkosi enguMongami uYehova ithethile! Ngubani na ongayi kuprofeta?” (Amosi 3:3-8) Ukuba ubunokuva uYehova ethetha, ngaba ubungayi kusabela ngendlela awasabela ngayo uAmosi? Wasabela ngoko nangoko waza waprofeta ngokugwetywa kwezizwe ezilishumi zakwaSirayeli.

 2. (a) Unokumxelisa njani uAmosi? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa kwesi sahluko?

2 Usenokuthi, ‘Kodwa mna andingomprofeti!’ Usenokuvakalelwa kukuba akufaneleki kuba ungakhange uqeqeshwe njengomprofeti. Kodwa, khumbula uAmosi. Xa kwafika kuye umbingeleli uAmatsiya owayenqula ithole lenkomo, uAmosi wathi: “Ndandingengomprofeti, ndingenguye nonyana womprofeti; kodwa ndandingumalusi nomtheni wamakhiwane emithi yesikamore.” (Amosi 7:14) Nangona wayengumntu ophantsi, uAmosi wayekulungele ukukhonza njengomprofeti kaYehova. Kuthekani ngawe? Ngaba uyayiqonda into yokuba unikwe isabelo esifanayo ngandlel’ ithile neso sabaprofeti abali-12? Ufanele uvakalise isigidimi sikaThixo kubantu bale mihla yaye ufundise, wenze nabafundi. Usigqala njani eso sabelo sibalulekileyo? Sisiphi isigidimi omele usivakalise phakathi kweentlanga? Usiphumeza ngokucokiseke kangakanani eso sabelo? Yintoni ebonisa ukuba uyaphumelela kulo msebenzi? Makhe sihlolisise iimpendulo zale mibuzo.

‘AMAZWI EMILEBE YETHU ANJENGAMATHOLE EENKUNZI ZEENKOMO’

 3. Unokuwenza njani umsebenzi ofanayo nalowo wenziwa ngabaprofeti esifunda ngabo?

3 Ngaba ngokwenene ubandakanyeke emsebenzini ofana nowabaprofeti? Usenokuba akuyivanga ingonyama igquma ngengqiqo yokuba akuphefumlelwanga ngokungqalileyo nguYehova. Kodwa uvile eLizwini lakhe iBhayibhile, ngesigidimi esingxamisekileyo esiphathelele imini kaYehova ezayo. Njengoko sichazile kwiSahluko 1 sale ncwadi, igama elithi “umprofeti” nelithi “isiprofeto” aneentsingiselo ezahlukahlukeneyo. Nangona ungengomprofeti njengoAmosi nabanye abaprofeti bamandulo, usenako ukuchaza ngekamva. Njani? Usenokuvakalisa iziprofeto ozifunde kwiZibhalo Ezingcwele, kuquka ezo zabaprofeti abali-12. Oko umele ukwenze kanye ngoku.

 4. Sizaliseka njani namhlanje isiprofeto esikuYoweli 2:28-32?

4 Makhe sikujonge ngenye indlela oku. UYehova uThixo waxelela umprofeti uYoweli ukuba kwixesha elizayo abantu babeya kuprofeta. “Kuya kuthi emva koko ndithululele umoya wam phezu kwalo lonke uhlobo lwenyama, yaye ngokuqinisekileyo baya kuprofeta oonyana benu neentombi zenu. Wona ke amadoda enu amadala, aya kuphupha amaphupha. Bona ke abafana benu, baya kubona imibono.” (Yoweli 2:28-32) NgePentekoste yowama-33 C.E., umpostile uPetros wacaphula loo mazwi xa wayebhekisela ekuthululweni komoya oyingcwele kwabo babehlanganisene kwigumbi eliphezulu eYerusalem, naxa wayebhekisela ekushumayeleni kwabo “izinto zobungangamela zikaThixo.” (IZenzo 1:12-14; 2:1-4, 11, 14-21) Ngoku khawucinge ngexesha lethu. Isiprofeto sikaYoweli siye sazaliseka ngeyona ndlela ibalaseleyo ukususela ekuqaleni kwenkulungwane yama-20. AmaKristu athanjiswe ngomoya—amadoda namabhinqa, akhulileyo naselula—aye aqalisa ‘ukuprofeta,’ oko kukuthi, ukuvakalisa “izinto zobungangamela zikaThixo,” eziquka iindaba ezilungileyo zoBukumkani, obumiselweyo ngoku emazulwini.

 5. (a) Liliphi ilungelo sonke esinalo? (b) Lithetha ukuthini ibinzana elithi ukunikela “amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe [yakho]”?

5 Nangona singazalwanga ngomoya oyingcwele njengoonyana bakaThixo, “isihlwele esikhulu” ‘sezinye izimvu’ sithi kubalandeli abathanjisiweyo bakaYesu Kristu: “Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.” (ISityhilelo 7:9; Yohane 10:16; Zekariya 8:23) Enoba unethemba lokuphila ngonaphakade emazulwini okanye emhlabeni, unelungelo lokunikela ‘ngamathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yakho.’ (Hoseya 14:2) Lithetha ukuthini eli binzana likwisiprofeto sikaHoseya? Umphengululi weBhayibhile uC. F. Keil uthi: “Amathole eenkomo aziinkunzi . . . ayezezona zilwanyana zifanelekileyo kwakunokwenziwa ngazo imibingelelo yokubulela.” Umpostile uPawulos wabhekisela kuHoseya 14:2 wathi: “Ngaye masisoloko sinikela kuThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo semilebe evakalisa ekuhleni igama lakhe.” (Hebhere 13:15) Ngoko ibinzana elithi “amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu,” libhekisela kumazwi ethu okudumisa uYehova.

 6. Kutheni sifanele sihlolisise iminikelo yethu yendumiso?

6 Unikela kuYehova imibingelelo yendumiso xa uthandaza ngokusuk’ entliziyweni, uvakalise uxabiso lwakho ngaye xa uphendula kwiintlanganiso zamaKristu, uze uthethe ngaye kwabanye ngenzondelelo xa ushumayela esidlangalaleni. Ngoko ngamnye wethu umele azibuze, ‘Mna ngokobuqu ndinikela ngomkhamo ongakanani kwezi nkalo?’ Ngokusekelwe koko ukufundileyo, ngokungathandabuzekiyo ulithiyile ikhondo lababingeleli bexesha likaMalaki ababenikela ngezilwanyana ezinesiphako esibingelelweni sikaThixo. Esebenzisa uMalaki, uYehova kwafuneka ababonise ukuba iminikelo yabo yayingamkelekanga, kuba bona babengayiboni into yokuba babedelela itafile kaYehova. (Malaki 1:8) Ngoko ke, thina simele sihlolisise iminikelo yethu ukuze siqinisekise ukuba ikumgangatho ophakamileyo yaye ayinasiphako.

ISIGIDIMI ESIMELE SIVAKALISWE

 7. Kufuna inkalipho ukuvakalisa yiphi intsingiselo yesigidimi sethu?

7 Kufuna inkalipho ukunikela ‘ngeenkunzi zeenkomo ezingamazwi emilebe yethu,’ akunjalo na? Oku kubangelwa kukuba isigidimi esisidlulisela ebantwini sineentsingiselo ezimbini, yaye ngokuqinisekileyo enye yezo ntsingiselo ayithandwa. Umprofeti uYoweli wabaxelela oku abantu bakaThixo: “Bhengezani oku phakathi kweentlanga, ‘Ngcwalisani imfazwe! Vuselelani amadoda anamandla! Makasondele! Makanyuke, onke amadoda emfazwe!’” (Yoweli 3:9) Kulucelomngeni ngokwenene oku kwiintlanga namhlanje! Esi sisibhengezo semfazwe kaYehova yobulungisa nxamnye nabantu abangamhloneliyo uThixo. Nangona uYehova eyalela abantu bakhe ukuba ‘bawakhande amakrele abo abe ngamakhuba,’ zona iintlanga eziziintshaba zakhe uziyalela ukuba ‘zikhande amakhuba azo abe ngamakrele nezikere zazo zokuthena imithi zibe ngamakrele.’ (Mika 4:3; Yoweli 3:10) Ewe, iintshaba zikaThixo zimele zizilungiselele ukuqubisana noMdali wendalo iphela emfazweni. Siso eso isigidimi esisivakalisayo, yaye ngokuqinisekileyo asizukuthandwa ngabaninzi.

 8. Kutheni ‘abaseleyo bakwaYakobi’ befaniswa nengonyama?

8 Kwisigidimi somprofeti uMika, abo banikela ‘ngamathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yabo,’ bafaniswa nengonyama. Wabhala wathi: “Nabaseleyo bakwaYakobi bamele phakathi kweentlanga . . . babe njengengonyama phakathi kwezilo zehlathi, njengengonyama entsha enesingci phakathi kwemihlambi yezimvu, ethi, xa okunene idlula, ngokuqinisekileyo inyathele yaye iqwenge; kungabikho mhlanguli.” (Mika 5:8) Kutheni ifanelekile nje le nkcazelo? Namhlanje, abantu bakaThixo, abalathiswa yintsalela ethanjisiweyo, bamele babonise inkalipho efana neyengonyama xa bevakalisa isigidimi sesilumkiso kwiintlanga. a

 9. (a) Umele uyibonise nini inkalipho efana neyengonyama? (b) Yintoni enokukunceda ube nenkalipho xa abantu bekuchasa okanye bengenamdla?

9 Ngaba ukhaliphe njengengonyama ekuvakaliseni isigidimi sesilumkiso? Kusenokufuneka ubonise inkalipho elolo hlobo, kungekuphela nje xa uphambi kwabasemagunyeni, kodwa kwanaxa uthetha nabo ufunda nabo esikolweni okanye abantu osebenza nabo, okanye izalamane zakho ezingakholwayo. (Mika 7:5-7; Mateyu 10:17-21) Yintoni enokukunceda ube nenkalipho xa abantu bekuchasa okanye bengenamdla? Phawula into eyamncedayo uMika wakwazi ukuphumeza umsebenzi wakhe onzima wokulumkisa abantu ngokutshatyalaliswa kweSamariya neYerusalem. Uthi: “Ndizele ngamandla, ngomoya kaYehova, nowokusesikweni nowamandla, ukuze ndimxelele uYakobi imvukelo yakhe noSirayeli isono sakhe.” (Mika 1:1, 6; 3:8) Nawe unako ‘ukuzaliswa ngamandla’ ngokuthi ufumane umoya kaThixo onik’ amandla. (Zekariya 4:6) Ukuba ukholosa ngoThixo ngomthandazo, uya kukwazi ukuvakalisa isigidimi esisenokuzenza zithi nzwi iindlebe zabanye.—2 Kumkani 21:10-15.

10. Sinokumxelisa njani uZefaniya ekuvakaliseni kwethu isigidimi esiphathelele “imini kaYehova”?

10 Nangona kufuneka ube nenkalipho, ufanele usidlulisele ngobulumko isigidimi esilumkisayo ebantwini. Simele ‘sithantamise [okanye ‘sibe nobuchule’] kubo bonke’ kwanaxa sivakalisa isigidimi esiphathelele “imini kaYehova” ezayo. (2 Timoti 2:24; umbhalo osemazantsi; Yoweli 2:1, 11; Zefaniya 1:14) Kwakhona, sinokufunda okuthile kubaprofeti abali-12. Bavakalisa ngenkalipho isigidimi somgwebo kaYehova, kodwa babenolwazelelelo kwabo baphulaphulayo. Ngokomzekelo, umprofeti uZefaniya wathetha ngenkalipho nxamnye neenkosana (okanye izidwangube) zexesha lakhe ezazingoontamo-lukhuni, kodwa akazange amquke uKumkani uYosiya othembekileyo. (Zefaniya 1:8) Ngoko xa sivakalisa isigidimi sesilumkiso, singabanceda kusini na abantu ngokuthi sibagqale njengabasenokuba zizimvu, singabagwebi?—Mateyu 25:32-34.

11. (a) Yiyiphi intsingiselo yesibini yesigidimi sethu? (b) Unokubaxelisa njani abaprofeti abali-12 xa uvakalisa imini kaYehova?

11 Yiyiphi intsingiselo yesibini yesigidimi sethu? Ikhankanywe kuMika isahluko 5. “Nabaseleyo kwaYakobi bamele babe phakathi kwezizwana ezininzi njengombethe ovela kuYehova, njengomvumbi phezu kotyani, obungathembele mntwini okanye bulindele koonyana bomntu wasemhlabeni.” (Mika 4:1; 5:7) Ngenxa yeendaba ezilungileyo abazivakalisayo ‘kwizizwana ezininzi’ namhlanje, ‘abaseleyo’ kuYakobi okanye uSirayeli wokomoya kunye namaqabane abo, ‘banjengombethe ohlaziyayo ovela kuYehova nanjengomvumbi phezu kotyani.’ Sinokufunda lukhulu kwiincwadi ezili-12 zokugqibela zeZibhalo zesiHebhere ngokuphathelele intsingiselo yesibini yesigidimi sethu, ekubeni abo baprofeti bengazange baphelele nje ngokuvakalisa intshabalalo, kodwa bavakalisa nokuza kwexesha lohlaziyo. Xa usentsimini, ngaba ugxininisa le ntsingiselo ikhuthazayo yesigidimi sethu esiphathelele imini kaYehova?

USIVAKALISA NJANI ESI SIGIDIMI?

12, 13. (a) Kubaluleke ngantoni ukufaniswa kwabantu bakaThixo nezinambuzane ezininzi? (b) Uvakalelwa njani ngoko ukufunde kuYoweli 2:7, 8?

12 Ngoko, usivakalisa njani esi sigidimi sineentsingiselo ezimbini? Umprofeti uYoweli wawufanisa umsebenzi wabantu bakaThixo kunye nothotho lwezibetho zezinambuzane, kuquka iinkumbi. (Yoweli 1:4) Kodwa kutheni sifanisa abantu bakaYehova nezinambuzane ezininzi? Kungenxa yokuba kuYoweli 2:11 uThixo ufanisa ezi zinambuzane ‘nomkhosi wakhe wamajoni.’ (Nakwincwadi yeSityhilelo abantu bakaThixo bafaniswa neenkumbi. Bona iSityhilelo 9:3, 4.) UYoweli ufanisa ezi zinambuzane nomlilo otshabalalisayo, kangangokuba ilizwe elalikade “linjengomyezo wase-Eden” zalibhuqa laba “yintlango ephanzileyo.” (Yoweli 2:2, 3) Unokubonisa njani ukuba uyakuqonda ukubaluleka kwesiprofeto sikaYoweli?

13 Khawucinge nje ngendlela ezicokisa ngayo ezi zinambuzane zincinane. UYoweli ukuchaza ngale ndlela ukucokisa kwazo: “Sibaleka njengamadoda anamandla. Sinyuka eludongeni njengamadoda emfazwe. Ngamnye uhamba ngendlela yakhe, yaye akajiki emendweni wakhe. Asityhalani. Sihamba njengendoda eyomeleleyo ekhondweni layo; nokuba abathile bangawa phakathi kwemijukujelwa, abanye abaphambuki ekhondweni.” (Yoweli 2:7, 8) Ayikho inkcaso efana ‘nodonga’ enokuzithintela, nenokuthintela isibetho sazo. ‘Nokuba ezinye zingawa phakathi kwemijukujelwa,’ njengoko kuye kwenzeka kumaKristu anyanisekileyo awabulawa ziintshaba, ezinye ziyaqhubeka nomsebenzi, zide ziwugqibe umsebenzi eziwunikwe nguYehova. Ngaba uzimisele ukuqhubeka nomsebenzi wokuvakalisa imini kaYehova ude ugqitywe? Nokuba amanye amaKristu athembekileyo asenokufa, wena qhubeka nalo msebenzi.

14. Unokuba nalo njani igalelo ekushumayeleni ngokucokisekileyo?

14 Into engamandla kukucokisa. Wena ngokobuqu ungaba nalo njani igalelo ekushumayeleni ngokucokisekileyo ngendlela ekuchazwe ngayo kwisiprofeto sikaYoweli? Ungakwenza oko ngokuthi ube nenxaxheba ekushumayeleni kwindlu ngendlu uze ubuyele ukuze ufundise abo baye babonisa umdla. Usenokubuyela nakwabo ufike bengekho emakhayeni abo. Ngaloo ndlela uya kuba ubonisa ukuba uyakuqonda oko kuchazwa sesi siprofeto. Yaye xa unikela ubungqina ebantwini esitratweni, usenokudibana nabantu ekunzima ukubafumana emakhayeni abo. Nantsi enye indlela onokushumayela ngayo ngokucokisekileyo: Usenokushumayela kubantu abavela kwelinye ilizwe abafudukele kwindawo ohlala kuyo. b Ngaba uwaphaphele onke amathuba anjalo, ukuze ushumayele ngokucokisekileyo?

YINTONI EBONISA UKUBA UYAPHUMELELA?

15. Yintoni ephawulekayo ngendlela abasabela ngayo abantu kwisigidimi sabaprofeti abali-12?

15 Basabela njani abantu kwisigidimi esiphathelele imini eyoyikekayo kaYehova? Akufanele umangaliswe xa abanye bekuchasa okanye bengenamdla. Babenyamezele imeko efanayo nabaprofeti abaninzi bakaThixo ababevakalisa isigidimi esinamandla. (Yeremiya 1:17-19; 7:27; 29:19) Nakuba kunjalo, abaprofeti abaliqela babona imiphumo emihle! Ubuncinane abahlanu kubo—uYona, uMika, uZefaniya, uHagayi noZekariya—bakwazi ukushukumisela abantu abathile ukuba baguquke kwizono zabo baze batshintshe ikhondo labo.

16. Imizamo kaMika yaba nayiphi imiphumo?

16 Kubonakala ukuba ukuprofeta kukaZefaniya kwashukumisela uKumkani uYosiya ekubeni akhuthaze ukuhlaziywa konqulo olunyulu. UMika yena wavakalisa ngenkalipho ukugwetywa kweenkokeli zakwaYuda, yaye uKumkani uHezekiya wenza ngokuvisisana namazwi kaMika. (Mika 3:1-3) Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba amadoda amakhulu exesha likaYeremiya athetha kakuhle ngoHezekiya esithi ‘wamoyika uYehova waza wambongoza uYehova.’ (Yeremiya 26:18, 19; 2 Kumkani 18:1-4) Ngexesha lokulawula kukaHezekiya, abantu bakwaYuda nabanye ababekubukhosi basentla babeyibhiyozela iPasika noMthendeleko Wamaqebengwana Angenagwele, bade bagqithise ngeveki kunexesha elimiselweyo lokwenziwa kwalo mthendeleko. Waba yintoni umphumo wokubuyela kwabo kunqulo lwenyaniso? “Kwabakho imihlali kakhulu eYerusalem.” (2 Kronike 30:23-26) UMika waqala ngexesha likaKumkani uAhazi ukuvakalisa isigidimi somgwebo kaThixo nxamnye nolo hlanga luwexukileyo. Lo mprofeti wayibona imiphumo encumisayo yemizamo yakhe xa unyana ka-Ahazi uHezekiya wasabela kakuhle.

17. Yintoni eyaphunyezwa nguHagayi noZekariya?

17 Kwakhona khawucinge ngomprofeti uHagayi noZekariya. Babeprofeta kumaYuda abuyiselweyo awayengenamdla yaye ezingca. (Hagayi 1:1, 2; Zekariya 1:1-3) Ngexesha lokuprofeta kwabo, kwakusele kudlule iminyaka eli-16 ukususela oko isiseko setempile sabekwayo. Abantu babexakekile, “elowo ngenxa yendlu yakhe” ngoxa yona indlu kaYehova ‘yayichithakele.’ UHagayi wawabongoza amaYuda wathi: ‘“Yomelelani nonke bantu beli lizwe,” utsho uYehova, “nize nisebenze.”’ Kwenzeka ntoni emva koko? UYehova “wawuvuselela umoya” weRhuluneli uZerubhabheli, nomoya woMbingeleli Omkhulu uYoshuwa, kwanomoya “wabo bonke abaseleyo ebantwini.” Ngenxa yoko, bakwazi ukuwugqiba umsebenzi wokwakha itempile.—Hagayi 1:9, 12, 14; 2:4.

18, 19. (a) Basabela njani abantu abaninzi kwamanye amazwe kwisigidimi esiphathelele imini kaYehova? (b) Uvakalelwa njani kukwazi ukuba kukho imfuneko yokuvakalisa isilumkiso kubo bonke abantu?

18 Inkoliso yaba baprofeti bali-12 yayiprofeta kuhlanga olwalukade luzinikele kuYehova. Thina sisenokuba sishumayela kubantu abangamaziyo uThixo wenyaniso, kodwa sekunjalo sinokufunda okuthile kwimiphumo yesigidimi saba baprofeti. Nanamhlanje abantu abaninzi basabela kakuhle kwisigidimi esingxamisekileyo esiphathelele imini kaYehova. Sibona imiphumo enjengaleyo yayichazwe nguZekariya, esithi: “Iintlanga ezininzi ngokuqinisekileyo ziya kuzihlanganisa noYehova ngaloo mini, yaye okunene ziya kuba ngabantu bam; nam ndiza kuhlala phakathi kwakho.” (Zekariya 2:11) Kuyazaliseka oko namhlanje, kuba abantu ‘beentlanga ezininzi’ bayasamkela isigidimi sabantu bakaThixo. (ISityhilelo 7:9) UZekariya wachaza kwangaphambili wathi: “Okunene izizwana ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza zifuna uYehova wemikhosi eYerusalem zize zibongoze uYehova.” Zichazwa ‘njengamadoda alishumi aphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga’ aze abambe isondo likaSirayeli wokomoya, esithi: “Siza kuhamba nani, kuba sivile ukuba uThixo unani.”—Zekariya 8:20-23.

19 Phawula ibinzana elithi “kuzo zonke iilwimi zeentlanga.” IBhayibhile kunye neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni ziguqulelwa ngeelwimi ezininzi, yaye amaNgqina kaYehova aqeqesha abalungiseleli bokufundisa abantu bazo “zonke iilwimi zeentlanga.” (Mateyu 28:19, 20; IZenzo 1:8) Kusenokwenzeka ukuba uye wafunda olunye ulwimi ukuze uncede abantu abakwindawo ohlala kuyo abathetha olo lwimi. Baninzi abaye bafunda olunye ulwimi okanye ezimbini baza bafudukela kumazwe ezamkelwa kakuhle kuwo iindaba ezilungileyo. Ngaba nawe ungakwazi ukufudukela kwintsimi enentsabelo entle uze uvakalise iindaba ezilungileyo ‘kubantu beentlanga’? Kuhlolisise ngomthandazo oko. Ukuba unentsapho, kuxubusheni rhoqo oko njengentsapho, yaye nikwenze kube lusukelo lwabantwana benu.

20. Sisiphi isimo sengqondo uYehova afuna sinikele ingqalelo kuso ngokuphathelele abantu baseNineve?

20 Omnye umprofeti owafumana intsabelo entle, kubantu obungenakuyilindela kubo, yayinguYona. Abantu baseNineve, nkqu nokumkani wakhona, basamkela isigidimi sikaYona, baza bakholwa kuYehova. Ngenxa yoko uThixo wabuza wathi: “Andifanele na ndibe nosizi ngeNineve isixeko esikhulu, ekukho kuyo abantu abangaphezu kwekhulu elinamashumi amabini amawaka abangawaziyo konke konke umahluko phakathi kwesandla sabo sasekunene nesasekhohlo?” (Yona 4:11) Khawucinge ngaloo mazwi, uze ucingisise ngoko kukushukumisayo nawe ukuba uvakalise ukuza kwemini eyoyikekayo kaYehova. Ngaba akuvakalelwa kukuba uyamtyala uYehova ngokukusindisa kwakhe ngedini lentlawulelo? Ngaba akuvakalelwa kukuba umele wenze okuthile njengomkhonzi ozahluleleyo kaYehova? (1 Korinte 9:16, 17) Zizizathu ezihle ezi zokuvakalisa imini kaYehova. Ngaphezu koko, akuziva ‘unosizi’ na ngabantu ovakalisa kubo imini kaYehova? Hayi indlela emele ikuvuyise ngayo into yokuba ngenceba uThixo ekusebenzisa ukuba uchazele abantu ngaloo mini yakhe!

21. Yintoni onokuyifunda kwindlela uAmosi awajamelana ngayo nesisongelo sika-Amatsiya?

21 Akukho nto ingako siyaziyo ngendlela abantu abasabela ngayo ekuprofeteni kukaYoweli, uObhadiya, uNahum, uHabhakuki noMalaki. Kodwa sinokuthile esikwaziyo ngendlela abasabela ngayo kwisigidimi sika-Amosi. UAmatsiya wamchasa kanobom uAmosi, esithi wenza iyelenqe nxamnye nokumkani, waza wazama ukumthintela uAmosi ukuba angashumayeli eBheteli. (Amosi 7:10-13) UAmosi wajamelana ngenkalipho naloo nkcaso. Nanamhlanje, iinkokeli zonqulo zisenokuzama ukuphembelela iinkokeli zezobupolitika ukuba zitshutshise abantu bakaYehova okanye ziwuvale umsebenzi wabo oluncedo wokushumayela. Ngaba uza kuxelisa uAmosi ngokuthi uzivakalise ngenkalipho iindaba ezilungileyo nakuba uchaswa?

22. Sisiphi isizathu sokuba uthi ukushumayela kwakho kuyimpumelelo?

22 Nangona abantu basabela ngeendlela ezahlukeneyo kwisigidimi sabaprofeti abali-12, bonke abo baprofeti baziphumeza izabelo zabo. Into ebalulekileyo, asikokuba abantu bayasabela kusini na kwisigidimi sethu esineentsingiselo ezimbini, kodwa kukuba sinikela kuYehova “amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yethu,” okanye “umbingelelo wendumiso.” (Hoseya 14:2; Hebhere 13:15) Emva koko sinokushiyela imiphumo kuThixo. Uya kubatsala abo bazizimvu ngokwenene. (Yohane 6:44) Ngaphezu koko, unokuphumelela njengomvakalisi wesigidimi sikaThixo ingakhathaliseki indlela abasabela ngayo abantu. Unokuqiniseka ukuba ‘iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo, lowo uvakalisa uxolo,’ zintle emehlweni abo bazamkela ngoxabiso ezo ndaba zilungileyo. Kodwa okona kubalulekileyo kukuba, zintle emehlweni kaYehova. (Nahum 1:15; Isaya 52:7) Njengoko imini enkulu kaYehova isondele kakhulu ngoku, zimisele ukuqhubeka usenza oko kwaxelwa kwangaphambili nguYoweli esithi: “Bhengezani oku phakathi kweentlanga, ‘Ngcwalisani imfazwe! Vuselelani amadoda anamandla!’” Oko kuthetha imfazwe kaThixo nxamnye neentlanga.—Yoweli 3:9.

[Imibhalo esemazantsi]

a Esi siprofeto sisenokuba sazaliseka okokuqala ngexesha leeMaccabees xa amaYuda awayelawulwa ziiMaccabees agxotha iintshaba zawo kwaYuda aza ayinikela ngokutsha itempile. Oku kwayivulela indlela intsalela yamaYuda yokuba ikwazi ukwamkela uMesiya ekufikeni kwakhe.—Daniyeli 9:25; Luka 3:15-22.

b Incwadana ethi Iindaba Ezilungileyo Zabantu Bazo Zonke Iintlanga, epapashwe ngamaNgqina kaYehova, iye yasetyenziswa ngokuphumelelayo ekuncedeni abantu abangalwaziyo ulwimi lwasekuhlaleni.

NGABA UYIQONDILE INTSINGISELO YOKU?

• Unokuwanikela njani ‘amathole eenkomo aziinkunzi, amazwi emilebe yakho’ namhlanje?—2 Kumkani 20:3; Malaki 1:11.

• Sisiphi isigidimi esineentsingiselo ezimbini osivakalisayo?—Isaya 61:2; Mika 5:7, 8.

• Kutheni kufuneka ukhaliphe njengengonyama xa uvakalisa imini kaYehova?—Yeremiya 1:19; Yoweli 3:9-12.

UZA KUSABELA NJANI?

• Yintoni onokuyifunda ekufanisweni kwabantu bakaThixo kunye nezinambuzane ezininzi?—Yoweli 1:4; 2:3; IZenzo 20:24.

• Unokubonisa njani ukuba uyayiqonda into yokuba kufuneka ucokise entsimini?—Amosi 7:14, 15; Mika 1:1-4; IZenzo 10:42.

• Yintoni ekuqinisekisayo ukuba ukuvakalisa kwakho imini kaYehova kuyimpumelelo emehlweni kaThixo?—Malaki 3:10.

[Imibuzo YeSifundo]

[Umfanekiso okwiphepha 165]

Ubuya kusabela njani xa ubunokuva ingonyama igquma?

[Umfanekiso okwiphepha 166, 167]

Ukususela ekuqaleni kwenkulungwane yama-20 ukuza kuthi ga ngoku, abantu bakaThixo ‘bebeprofeta’

[Umfanekiso okwiphepha 169]

Ngaba uyivakalisa ngenkalipho imini kaYehova?

[Umfanekiso okwiphepha 172, 173]

Unokuphumelela kubulungiseleli bakho ingakhathaliseki indlela abasabela ngayo abantu