Isigidimi SikaYehova Mandulo Nanamhlanje
Isahluko Sokuqala
Isigidimi SikaYehova Mandulo Nanamhlanje
1, 2. Yintoni abaye bayenza abanye ukuze bafumane ubutyebi obungaphantsi komhlaba, kodwa yintoni enokukunceda wena ukuba ubunandiphe ubomi?
KANGANGEMINYAKA abantu abaninzi bebebulangazelela gqitha ubutyebi obungaphantsi komhlaba. Ngaba ukhe wafunda ngabantu abemba umhlaba nabakhenkethayo bezingela obu butyebi? Nangona wena ungekho kwiphulo elinjalo, ungathini xa unokuzibhaqa ufumana ubutyebi obuthile? Akuthandabuzeki ukuba ungeva kuthe ngco kuwe ngaphakathi!
2 Asingabo bonke abantu abathe phithi kukuzuza ubutyebi obumbiwa ngaphantsi komhlaba, kodwa abaninzi bacinga ukuba baya kufumana ulonwabo ngokuba nemali, impilo entle, nomtshato ophumelelayo. Noko ke, ukuze baphumelele, kufuneka umgudu. Yiyo loo nto abaninzi bewavuyela amacebiso amahle okubanceda baphumelele yaye babunandiphe ubomi.
3, 4. Unokuwafumana phi amacebiso aluncedo ngokuphathelele indlela yokuphila?
3 Ikho incwadi enamacebiso amahle, nencede abaninzi ukuba bonwabe. Loo ncwadi yiBhayibhile. UCharles Dickens waseNgilani wabhala wathi ngeBhayibhile: “Yeyona ncwadi ibalaseleyo ehlabathini . . . kuba ifundisa eyona ndlela isemagqabini banokuphila ngayo abantu.”
4 Bonke abo bayigqala iBhayibhile njengephefumlelwe nguThixo, ngokuqinisekileyo baya kuvumelana naloo mazwi. Mhlawumbi nawe uyavumelana namazwi akweyesi-2 kuTimoti 3:16, athi: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” Ngamany’ amazwi, iBhayibhile inokubanceda kakhulu abantu ukuba bakwazi ukujamelana nobunzima beli hlabathi lanamhlanje. Abo baphila ngokuvisisana nemigaqo yeBhayibhile baya konwaba yaye baphumelele ebomini.
5-7. Ziziphi iinxalenye zeBhayibhile onokufumana kuzo amacebiso aluncedo?
5 Kodwa ziziphi iinxalenye zeBhayibhile ezithi qatha engqondweni yakho, onokufumana kuzo amacebiso? Abanye basenokucinga ngeNtshumayelo yaseNtabeni, apho uYesu wanikela amacebiso ngendlela yokuphila kwemihla ngemihla. Kanti abanye basenokukhumbula iincwadi zikampostile uPawulos. Yaye amanye amacebiso aluncedo afumaneka kwiiNdumiso nakwiMizekeliso—ncwadi ezo ezinamazwi obulumko. Eneneni, nayiphi na incwadi yeBhayibhile inokukunceda, kuxhomekeka kwingxaki ojamelene nayo, kwaneencwadi zeBhayibhile ezithetha ngembali ubukhulu becala, njengezo zisusela kwincwadi kaYoshuwa ukusa kwekaEstere. Ingxelo yazo yembali inezilumkiso ezinokunceda wonk’ ubani ofuna ukukhonza uThixo onwabile. (1 Korinte 10:11) Zinamacebiso anokukunceda uphumelele ebomini. Khumbula la mazwi ayinyaniso: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.”—Roma 15:4; Yoshuwa 1:8; 1 Kronike 28:8, 9.
6 Noko ke, kukho enye inxalenye yeBhayibhile enobutyebi, kodwa engaziwayo ngabaninzi. Le yinxalenye yeencwadi ezili-12 ekudla ngokuthiwa zezabaProfeti Abancinane. Ezi ncwadi zifumaneka emva kweencwadi zeBhayibhile ezinkulu uHezekile noDaniyeli kodwa ngaphambi kwencwadi yeVangeli kaMateyu. (Ezi ncwadi zili-12 zilandelelana ngolu hlobo kwiiBhayibhile ezininzi: uHoseya, uYoweli, uAmosi, uObhadiya, uYona, uMika, uNahum, uHabhakuki, uZefaniya, uHagayi, uZekariya noMalaki.) Njengoko sibonile, iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, yaye iluncedo ekufundiseni abantu nasekubaboniseni indlela yokuphila. Ngaba oko kuquka nezi ncwadi?
7 Ngokuqinisekileyo! Enyanisweni, ezi ncwadi zibizwa ngabaninzi ngokuthi zezabaProfeti Abancinane, zityebile ngamacebiso anokusinceda kubomi bemihla ngemihla. Ukuze usiqonde isizathu sokuba abanye abantu bezijongela phantsi ezi ncwadi, khawukhe ucinge ngendlela ezibizwa ngayo ngokuthi: Abaprofeti Abancinane. Akungebi mhlawumbi yiloo ndlela zibizwa ngayo eyenza abanye abantu bazijongele phantsi? Akungebi ikuchaphazele nawe?
NGABA ”ABAPROFETI ABANCINANE” ABABALULEKANGA?
8. (a) Yiyiphi indlela ebalulekileyo uThixo alunikele ngayo ulwalathiso? (b) Iincwadi ezili-12 esixubusha ngazo zibizwa njani, kodwa libhekisela entwenini elo binzana?
8 Umpostile uPawulos uyitshayelela ngokuthi incwadi yakhe yamaHebhere: “UThixo, owathetha kwakudala kangangezihlandlo ezininzi nangeendlela ezininzi kookhokho bethu ngabaprofeti, uye ekupheleni kwale mihla wathetha nathi ngoNyana.” (Hebhere 1:1, 2) Ekubeni uThixo wayesebenzisa abaprofeti ekuvakaliseni isigidimi sakhe, asifanele sigqale namnye wabo ‘njengomncinane.’ Kodwa ukubizwa kwabo ngokuthi ‘ngabaProfeti Abancinane’ kubangele abanye bazigqala njengezingabalulekanga iincwadi zabo. Basijongela phantsi isigidimi sazo kuneso sikwezinye iincwadi zeBhayibhile. Noko ke, inyaniso kukuba, ibinzana elithi “Abaprofeti Abancinane” a libhekisela nje ekuthini ezi ncwadi zili-12 zimfutshane kunezinye.
9. Kutheni ubude bencwadi yeBhayibhile bungenanto yakwenza nokuxabiseka kwayo?
9 Ukuba mfutshane kwencwadi yeBhayibhile akuthethi ukuba ayibalulekanga okanye ayixabisekanga. Incwadi kaRute imfutshane kakhulu kunencwadi engaphambi nesemva kwayo, kodwa ichukumisa gqitha inkcazelo ekuyo! Nakuba imfutshane, loo ncwadi ibalaselisa indlela olumele lusichaphazele ngayo unqulo lokwenyaniso, igxininisa indlela uThixo awaxabise ngayo amabhinqa, yaye isinika iinkcukacha ezibalulekileyo ngomnombo kaYesu. (Rute 4:17-22) Omnye umzekelo ngowencwadi kaYude, engasekupheleni kweBhayibhile. Imfutshane kangangokuba kwezinye iiBhayibhile ayizalisi nephepha eli. Kodwa izaliswe yinkcazelo exabisekileyo, kuba isichazela ngokohlwaya kukaThixo iingelosi ezingendawo; isilumkisa ngamadoda onakalisa ibandla, yaye isikhuthaza ukuba silulwele ngamandla ukholo! Ngoko unokuqiniseka ukuba nazo iincwadi ekuthiwa zezabaProfeti Abancinane zixabiseke ngendlela efanayo.
KUTHENI KUSITHIWA ZIINCWADI ZABAPROFETI?
10, 11. (a) Yintoni abasenokucinga ngayo abanye xa bebona igama elithi “abaprofeti”? (b) Yintoni eyayisenziwa ngabaprofeti abaninzi abakhankanywe eBhayibhileni?
10 Enye inkalo esimele siyihlolisise sisizathu sokuba kuthiwe ziincwadi “zabaprofeti” okanye “zesiprofeto.” La magama asenokukukhumbuza ngokuchazwa kwekamva kwangaphambili. Abantu abaninzi bamgqala umprofeti kuphela njengomntu ochaza izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Oku kuchaphazela indlela abanye abazigqala ngayo ezi ncwadi zili-12.
11 Enyanisweni, xa uzifunda ezi ncwadi zili-12, uya kukhawuleza ubone ukuba kukho iziganeko eziliqela ezichazwe kwangaphambili, ezininzi kuzo zibhekisela kwimini enkulu ezayo kaYehova. Oko kuvisisana nentsingiselo eyintloko yegama elithi “umprofeti.” Abaprofeti babenolwalamano olukhethekileyo noThixo yaye wayebasebenzisa kakhulu ukuchaza oko kwakuza kwenzeka. Ukususela kuEnoki, abaprofeti abaninzi abakhankanywe eBhayibhileni baye balichaza kwangaphambili ikamva.—1 Samuweli 3:1, 11-14; 1 Kumkani 17:1; Yeremiya 23:18; IZenzo 3:18; Yude 14, 15.
12. Yiyiphi enye indima ephunyezwa ngumprofeti ngaphandle kokuchaza nje iziganeko zekamva?
12 Kodwa ke simele sikhumbule ukuba, abaprofeti bakaYehova babengapheleli nje ekuchazeni iziganeko zekamva. UThixo wabasebenzisa kakhulu abaprofeti ekuchazeleni abanye ngokuthanda kwakhe. Ngokomzekelo, asimgqali uAbraham, uIsake, noYakobi njengabantu abachaza ikamva kusengaphambili, kodwa iNdumiso 105:9-15 ithi babengabaprofeti. Yinyaniso into yokuba, maxa wambi uThixo wayebasebenzisa ekuchazeni ikamva, njengaxa uYakobi wasikelela oonyana bakhe. Kodwa esinye isizathu sokuba kuthiwe ngabaprofeti kukuba baxelela iintsapho zabo oko kwakuthethwe nguYehova ngendlela ezaziza kuba negalelo ngayo ekuphunyezweni kwenjongo yakhe. (Genesis 20:7; 49:1-28) Enye intsingiselo yegama elithi “umprofeti” siyibona kwingxelo yeBhayibhile ethi uAron waba ngumprofeti kaMoses. UAron waba ngumprofeti ngengqiqo yokuba wayesisithethi, okanye “umlomo” kaMoses.—Eksodus 4:16; 7:1, 2; Luka 1:17, 76.
13, 14. (a) Chaza imizekelo ebonisa ukuba abaprofeti babengapheleli nje ekuxeleni iziganeko zekamva. (b) Inokukunceda njani into yokwazi ukuba abaprofeti babengaxeli nje ikamva?
13 Kwakhona cinga ngomprofeti uSamuweli noNatan. (2 Samuweli 12:25; IZenzo 3:24; 13:20) UYehova wabasebenzisa ekuprofeteni ngeziganeko zekamva, kodwa wabasebenzisa njengabaprofeti nangezinye iindlela. Ngokomzekelo, uSamuweli waprofeta ngokuthi abongoze amaSirayeli ukuba ashiye unqulo lwezithixo aze abuyele kunqulo olunyulu. Kwakhona wachaza ngokugweba kukaThixo uKumkani uSawule, nto leyo esisifundo nakuthi sokuba uYehova uxabise intobeko ngaphezu kweminikelo yezinto eziphathekayo. Ngoko ukuprofeta kukaSamuweli kwakuquka ukuvakalisa imbono kaThixo ngendlela afuna siphile ngayo. (1 Samuweli 7:3, 4; 15:22) Umprofeti uNatan waxela kwangaphambili ukuba uSolomon wayeza kwakha itempile yaye ubukhosi bakhe babuza komelela. (2 Samuweli 7:2, 11-16) Kwakhona uNatan wayeprofeta xa wabhenca isono esenziwa nguDavide kuBhatshebha naku-Uriya. Ngubani onokuyilibala indlela uNatan awakubhenca ngayo ukukrexeza kukaDavide—esenza umzekeliso ngendoda esisityebi eyathabatha ekuphela kwemvu eyayinayo indoda ethile elihlwempu? Kwakhona uNatan waba negalelo ekumiselweni konqulo lokwenyaniso etempileni kaThixo.—2 Samuweli 12:1-7; 2 Kronike 29:25.
14 Ingongoma ebalulekileyo yeyokuba, ezi ncwadi zesiprofeto azipheleli nje ekuxeleni ikamva kusengaphambili. Ziqulethe inkcazelo kaThixo ngemibandela emininzi eyahlukeneyo, kwanangendlela uThixo awayefuna baphile ngayo abantu bakhe mandulo nanamhlanje. Ngoko sinokuqiniseka ukuba yonke into esiyifunda eBhayibhileni, kuquka ezi ncwadi zili-12, iya kusinceda gqitha ukuba sibone eyona ndlela ifanelekileyo yokuphila. Ezi ncwadi ziphefumlelweyo zisibonisa indlela yokuphila “ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto yangoku.”—Tito 2:12.
INDLELA ESINOKUNGENELWA NGAYO
15, 16. (a) Yiyiphi intsingiselo yokomfuziselo enokufumaneka kwiincwadi “zabaProfeti Abancinane”? (b) Yintoni ezisichazela ngayo ezi ncwadi?
15 Zininzi iindlela esinokungenelwa ngazo ngokufunda iLizwi likaThixo eliphefumlelweyo. Ezinye iincwadi zeBhayibhile zisichazela ngeziganeko zembali, ezinye zingumbongo, yaye nganye kuzo ixabiseke ngendlela eyahlukileyo. Kanti ezinye zinentsingiselo yokomfuziselo, njengezi ncwadi zili-12. Ngokomzekelo, uYesu wayecaphula incwadi kaYona xa wathi: “Isizukulwana esingendawo nesikrexezayo sihlala sifuna umqondiso, kodwa akukho mqondiso siya kuwunikwa ngaphandle komqondiso kaYona umprofeti. Kuba kanye njengokuba uYona wayesesiswini sentlanzi enkulu iimini ezintathu nobusuku obuthathu, kwangokunjalo noNyana womntu uya kuba sembilinini womhlaba iimini ezintathu nobusuku obuthathu. Abantu baseNineve baya kusuka beme ngomgwebo nesi sizukulwana yaye baya kusigwebela isohlwayo; ngenxa yokuba baguquka koko uYona wayekushumayela, kodwa, khangelani! okuthile okungaphezu koYona kulapha.”—Mateyu 12:39-41.
16 Ngokucacileyo, uYesu wayengayigqali le ncwadi kuphela njengequlethe imbali kaYona yaseNineve, noko kwenzekayo xa uYona wavakalisa izilumkiso zikaThixo. Wayeqonda ukuba umprofeti uYona wayefuzisela ukufa nokuvuswa kwakhe ngosuku lwesithathu. Kodwa bona abemi baseNineve basabela ngendlela eyahlukileyo kuleyo asabela ngayo amaYuda amaninzi xa uYesu wayeshumayela kuwo. (Mateyu 16:4) Ngoko sinokubona ukuba ezi ncwadi zili-12 zisichazela ngendlela uThixo asebenzisana ngayo nabantu bakhe kwixesha lethu. Kubangel’ umdla yaye kuluncedo ukuzifunda. b
17. Yintoni egxininiswa yile ncwadi ngokuphathelele iincwadi zabaprofeti abali-12?
17 Noko ke, injongo yale ncwadi uyiphetheyo, asikokuxubusha intsingiselo yokomfuziselo yencwadi kaYona okanye yezinye iincwadi ezili-11, ingekuko nokuxubusha indinyana nendinyana. Kunoko, ubukhulu becala igxininisa indlela esinokuyisebenzisa ngayo kubomi bethu bemihla ngemihla inkcazelo ekwezi ncwadi. Khawukhe uzibuze: ‘Kwezi ncwadi zili-12, ziziphi izinto andicebisa okanye andiluleka ngazo uYehova? Zinokundinceda njani ezi ncwadi ukuba “ndiphile ngengqondo ephilileyo nangobulungisa nangozinikelo lobuthixo phakathi kwale nkqubo yezinto”? Zindixelela ntoni ngokuphila kwamaKristu, ukuziphatha kwawo, ubomi bethu bentsapho, nesimo sengqondo endimele ndibe naso kule mihla yamanqam, ekubeni “imini kaYehova isiza, yaye ikufuphi”?’ (Tito 2:12; Yoweli 2:1; 2 Timoti 3:1) Kwezi ncwadi uza kufumana iimpendulo zale mibuzo, mhlawumbi kwaneendinyana ezithile oya kuzithanda ngokukhethekileyo, iindinyana obungaqhelanga kuzisebenzisa xa unikela ulwalathiso lweBhayibhile kwabanye. Ngaloo ndlela, luya kukhula ulwazi lwakho lweBhayibhile.—Luka 24:45.
18. Yintoni ebaluleke ngayo le ncwadi, yaye oko kunokukunceda njani?
18 Izahluko zale ncwadi zahlulahlulwe zaba ngamacandelo amane. Zama ukuhlolisisa oko kuqulethwe licandelo ngalinye ngaphambi kokuba uqalise ukulifunda. Kwizahluko ezili-13 ezilandelayo, ngasinye kuzo sineebhokisi ezimbini eziya kukunceda ukhumbule oko ukufundileyo. Imibuzo ekwezo bhokisi iya kukunceda ukuba ucingisise ngoko ukufundileyo nangendlela onokukusebenzisa ngayo. Ibhokisi yokuqala ifumaneka embindini wesahluko. Xa ufika kuloo bhokisi, hlolisisa imibuzo ekuyo. Oko kuya kukunceda ubethelele engqondweni yakho oko usandul’ ukukufunda. (Mateyu 13:8, 9, 23; 15:10; Luka 2:19; 8:15) Ibhokisi yesibini iya kukunceda ucamngce ngoko ukufundileyo kwinxalenye yokugqibela yeso sahluko uze ukubethelele engqondweni yakho. Ngoko zinike ithuba lokufunda ezi bhokisi. Ziya kukunceda ubone indlela onokukusebenzisa ngayo oko ukufundayo.
19. Yintoni ofanele uqale uyazi ngezi ncwadi zili-12?
19 Ukuze uvuselele umdla wakho, khawukhe uzibuze ukuba kungakanani na okwaziyo ngezi ncwadi zili-12. Ngaba uyabazi abantu uThixo awabasebenzisayo ukudlulisela inkcazelo ekuzo, nokuba babengabantu abanjani? Babephila ngaliphi ixesha, yaye zazinjani iimeko ababephila kuzo? (Isicangca esikwiphepha 20 nelama-21 siya kukunceda kakhulu; sihlole ngokufuthi njengoko ufunda izahluko ezilandelayo.) Sisiphi isigidimi ezazisidlulisela ngelo xesha, yaye ukwazi oko kuya kukunceda njani uqonde intsingiselo yaso namhlanje? Isahluko esilandelayo siya kukunceda ufumane iimpendulo zale mibuzo ibalulekileyo.
[Imibhalo esemazantsi]
a IEncyclopaedia Judaica ithi “kubonakala ukuba eli binzana lithatyathwe kwiVulgate yesiLatini apho libhalwe ngokuthi (Prophetae Minores). Igama elithi ‘abancinane’ kwibinzana elithi ‘Abaprofeti Abancinane’ alibhekiseli ekuthini aba baprofeti bali-12 ababalulekanga xa bethelekiswa noIsaya, uYeremiya noHezekile, kunoko libhekisela nje ekuthini iincwadi zabo zimfutshane.”—Umqulu 12, iphepha 49.
b Ngokomzekelo, funda ngendlela awaphathwa ngayo uHagayi noZekariya kwincwadi ethi Paradise Restored to Mankind—By Theocracy! epapashwe ngamaNgqina kaYehova, kodwa ayisashicilelwa ngoku.
INDLELA ONOKUNGENELWA NGAYO
• Yiyiphi imbono ephosakeleyo ofanele uyiphephe ngokuphathelele ibinzana elithi “abaProfeti Abancinane”?—Roma 15:4.
• Kutheni kuya kukunceda nje ukuhlolisisa ezi ncwadi zili-12 zesiprofeto?—2 Timoti 3:16.
• Yintoni ofanele ukhangele phambili kuyo njengoko ufundisisa ezi ncwadi?—1 Tesalonika 2:13.
[Imibuzo YeSifundo]