Kholisa UThixo Ngehambo Nangezenzo Zakho
Icandelo 3
Kholisa UThixo Ngehambo Nangezenzo Zakho
Ungawuphendula njani umbuzo othi: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova?” (Mika 6:8) Iincwadi zabaprofeti abali-12 ziyakuchaza oku. Njengoko uza kubona kwiSahluko 8 ukusa kwese-10 sale ncwadi, oko bakubhalayo aba baprofeti kunokukunceda ukuba usoloko uthetha inyaniso yaye uphephe ugonyamelo. Kwakhona banikela amacebiso amahle ngokuphathelele ubomi bentsapho, amacebiso asenokuba luncedo nakuwe.