Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova—UThixo Ochaza Ikamva Aze Alizalisekise

UYehova—UThixo Ochaza Ikamva Aze Alizalisekise

Isahluko Sesine

UYehova—UThixo Ochaza Ikamva Aze Alizalisekise

 1, 2. (a) Yintoni enokwenza abanye bavakalelwe kukuba akakho umntu okwaziyo ukulawula iimeko esiphila kuzo? (b) Abaprofeti abali-12 babuchaza njani ubuntu bukaYehova?

 ABANTU abaninzi bavakalelwa kukuba abakwazi kubulawula ubomi babo. Yaye xa bephulaphula iindaba, bagqiba kwelokuba lulonke nje uluntu luphelelwe lithemba. Imizamo yokuphucula iimeko zehlabathi ibonakala isilela. Kubalulekile ukwazi ukuba abanye babaprofeti abali-12 esixubusha ngabo babejamelene neemeko ezifanayo, yaye babhala isigidimi esinik’ ithemba nesithuthuzelayo.—Mika 3:1-3; Habhakuki 1:1-4.

2 Uza kuphawula ukuba ingongoma ebalulekileyo egxininiswayo kwezi ncwadi zesiprofeto yeyokuba, uYehova onguMongami wendalo iphela, unamandla okulawula iimeko zoluntu yaye unomdla wokuziphucula. Enyanisweni, ngamnye wethu unokuthi, “Unomdla wokuphucula iimeko zam zobuqu.” Abaprofeti abali-12 banikela inkcazelo ebangel’ umdla ‘ngoYehova wemikhosi.’ UThixo onamandla ‘okuchukumisa ilizwe linyibilike,’ uthembisa abantu bakhe esithi: “Ochukumisa nina uchukumisa ukhozo lweliso lam.” (Zekariya 2:8; Amosi 4:13; 9:5) Akukhuthazi na ukufunda ngendlela uThixo abonisa ngayo uthando nenceba nokufunda ngokuxolela kwakhe? (Hoseya 6:1-3; Yoweli 2:12-14) Enyanisweni, iincwadi zaba baprofeti azizichazi zonke iinkalo zobuntu bukaThixo; zigutyungelwe kuzo zonke iincwadi ezingama-66 zeBhayibhile. Kodwa ke, aba baprofeti babukhanyisa ngokuthe gca ubuntu obunomtsalane bukaThixo nendlela aqhubana ngayo nabantu.

 3. Yintoni abasichazela yona abaprofeti abali-12 ngoYehova uThixo?

3 Iincwadi zabaprofeti abali-12 zinokusinceda simthembe ngakumbi uYehova njengaLowo ukwaziyo ukuzichaza kwangaphambili iziganeko zekamva aze azizalisekise. Ziyasiqinisekisa ukuba ekugqibeleni uza kuzisa iparadesi yasemhlabeni ngaphantsi kolawulo lobuthixo. (Mika 4:1-4) Abanye babo baprofeti bachaza indlela uYehova akulungiselele ngayo ukuza kukaMesiya kunye nentlawulelo yokukhulula uluntu esonweni nasekufeni. (Malaki 3:1; 4:5) Kutheni kubalulekile nje ukwazi oku?

UMONGAMI ONOTHANDO ULAWULA NGOKUPHELELEYO

 4, 5. (a) Yiyiphi inyaniso ebalulekileyo ngoThixo egxininiswa ngabaprofeti abali-12? (b) Akuchaphazela njani amandla kaYehova?

4 Khumbula ucelomngeni oluchazwe kwisahluko esingaphambi kwesi, lokuba uThixo akanalo igunya lokulawula. Ukuvukelwa kwegunya likaYehova—nokuthandatyuzwa kweenjongo zakhe—kwabangela ukuba ezinye izidalwa zasezulwini zingamthobeli uThixo zaza zabangela umonakalo omkhulu emhlabeni. Ngoko kucacile ukuba kumele kuthotyelwe ulongamo lukaYehova ukuze kubekho ucwangco kwindalo iphela noxolo ebantwini. Kungenxa yoko le nto uYehova ezimisele ukuthethelela ulongamo lwakhe. Makhe sihlolisise indlela iincwadi ezili-12 zesiprofeto ezinokusinceda ngayo sikuqonde ngakumbi oku.

5 Aba baprofeti bakaYehova bakugxininisa ukuphakama kolongamo lwakhe. Ngokomzekelo, ukuze abalaselise igama nolongamo lukaSomandla, uAmosi umbiza ngokuthi “iNkosi uSomandla” kangangezihlandlo ezingama-21. Oku kubonisa ukuba uThixo oyinyaniso mkhulu ngendlela engathethekiyo yaye ayikho into angenakuyifikelela. (Amosi 9:2-5; hlola ibhokisi ethi  “UYehova USomandla.”) NguYehova kuphela onguMongami kwindalo iphela, yaye ungaphezu kwazo zonke izithixo ezingaphiliyo. (Mika 1:7; Habhakuki 2:18-20; Zefaniya 2:11) Ekubeni inguYehova uMenzi wazo zonke izinto, unegunya lokuba ngumongami wazo zonke. (Amosi 4:13; 5:8, 9; 9:6) Kutheni kubalulekile nje oko kuwe?

 6. Babandakanyeke njani bonke abantu ekuzalisekeni kwenjongo kaThixo?

6 Ukuba wakha waba lixhoba localucalulo, okungekho sikweni, okanye intiyo yobuhlanga, uya kukuvuyela ukwazi ukuba uMongami ukhathalele bonke abantu. UYehova wayenolwalamano olukhethekileyo kunye nolunye uhlanga lwamandulo, kodwa wavakalisa ukuzimisela kwakhe ukunceda abantu bazo zonke iintlanga neelwimi. ‘UyiNkosi eyinyaniso yomhlaba uphela.’ (Mika 4:13) UThixo wathembisa ukuba igama lakhe “liya kuba likhulu phakathi kweentlanga.” (Malaki 1:11) Njengoko uBawo wethu wasezulwini esazisa bonke abantu ngaye, ‘abantu abaphuma kuzo zonke iilwimi zeentlanga’ basamkela ngolangazelelo isimemo sokuba babe ngabanquli bakhe.—Zekariya 8:23.

 7. Kutheni ibalulekile nje intsingiselo yegama likaYehova?

7 Ukwazi ngakumbi ngoThixo nangoko aza kukwenza kuthetha ukwazi ngakumbi ngegama lakhe. (INdumiso 9:10) Ngomhla kaMika, igama likaYehova laligculelwa kuba abantu abaninzi ababezibiza ngegama Lakhe babengamthobeli kwaphela. Lo mprofeti waphefumlelwa ukuba agxininise ‘ukongama kwegama likaYehova’ yaye agxininise nokuba “umntu onobulumko nobuqili uya kuloyika igama [likaThixo].” (Mika 5:4; 6:9) Kutheni kwakufuneka agxininise eso sigidimi? Kungenxa yokuba ithemba lokuphila ngonaphakade lixhomekeke kwintsingiselo yelo gama, ethi: “Ubangela Kubekho.” Kutheni ungafundi uYoweli 2:26 uze ucingisise ngendlela oya konwaba ngayo xa unokubizwa ngelo gama uze uxelele abanye ngokuphela koThixo onokuba yiyo nantoni na ekufuneka abe yiyo ukuze kungenelwe zonke izidalwa zakhe? UThixo unamandla angathethekiyo okwenza nantoni na afuna ukuyenza. Uza kukuphawula oko njengoko ufunda ngokuzaliseka kweziprofeto ezininzi ezichazwe ngabaprofeti abali-12.

 8. Ziziphi iindlela oye wangenelwa ngazo ngokufunda ngegama likaYehova?

8 Izigidi zabantu ziye zangenelwa kakhulu ngokufunda kwazo ukuba uYehova unokubangela ukuba kwenzeke nantoni na ayifunayo. UYoweli wakubonisa oko kumazwi akhe adumileyo naye acatshulwa ngababhali abangamaKristu, athi: ‘Wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’ (Yoweli 2:32; IZenzo 2:21; Roma 10:13) Ngaba nathi njengoMika, sitsho ngokuqinisekileyo ukuthi “siya kuhamba egameni likaYehova uThixo wethu ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe ngonaphakade”? (Mika 4:5) Kwanga singaqhubeka ‘sisabela egameni likaYehova’ xa sitshutshiswa naxa sibandezelekile.—Zefaniya 3:9, 12; Nahum 1:7.

 9. UThixo unokuzilawula ngomlinganiselo ongakanani iziphatha-mandla zeli hlabathi?

9 Njengoko ufunda ezi ncwadi zesiprofeto, uza kuyiqonda ngakumbi into yokuba uYehova unamandla okulawula kwaneziphatha-mandla zeli hlabathi. Uyakwazi ukuzibangela zenze ngokuvisisana nokuthanda kwakhe. (IMizekeliso 21:1) Umzekelo omhle woku, ngulowo kaDariyo Omkhulu wasePersi. Abantu ababeluchasile unqulo lwenyaniso bambongoza ukuba abancedise ekuyekiseni ukwakhiwa kwetempile kaYehova eYerusalem. Kodwa wenza into eyahluke ngokupheleleyo kuleyo babeyifuna! Malunga nowama-520 B.C.E., uDariyo wawuhlaziya umyalelo kaKoreshi waza wawaxhasa amaYuda ekwakheni kwawo itempile. Xa ekuhambeni kwethuba waphinda waphazamiseka lo msebenzi wokwakha, uThixo wathi kwiRhuluneli yamaYuda enguZerubhabheli: “‘Akungamkhosi wamajoni, kungengamandla, kodwa kungomoya wam,’ utsho uYehova wemikhosi. Ungubani na wena, ntabandini inkulu? Phambi koZerubhabheli uya kuba ngumhlaba othe tyaba.” (Zekariya 4:6, 7) Awukho umqobo onokuthintela uYehova ukuba angayitshabalalisi le nkqubo ingendawo yezinto aze azise iparadesi eya kunanditshwa ngabanquli bakhe.—Isaya 65:21-23.

10. Makhulu kangakanani amandla kaThixo okulawula, yaye kutheni kubalulekile nje oko kuthi?

10 Kwakhona khumbula ukuba uYehova uyakwazi ukulawula amandla endalo, yaye unokuwasebenzisa ukutshabalalisa iintshaba zakhe xa ethanda ukwenza njalo. (Nahum 1:3-6) UZekariya wayichaza indlela uYehova anokuwasebenzisa ngayo amandla endalo ekukhuseleni abantu bakhe, esithi: “UYehova uya kubonakala phezu kwabo, notolo lwakhe ngokuqinisekileyo luya kuphuma kanye njengombane. INkosi enguMongami uYehova iya kuvuthela isigodlo, kwaye ngokuqinisekileyo iya kuphuma ngezaqhwithi zomoya wasemzantsi.” (Zekariya 9:14) Ngoko ngaba yinto enzima na kuThixo ukubonisa amandla akhe kwiintlanga ezingamhloneliyo namhlanje? Ngokuqinisekileyo akunjalo!—Amosi 1:3-5; 2:1-3.

USOLOKO EZIZALISEKISA IZITHEMBISO ZAKHE

11, 12. (a) Kutheni iNineve yayigqalwa njengesixeko esingenakoyiswa? (b) Yintoni eyenzekayo kwiNineve, ababeyichazile abaprofeti bakaThixo?

11 Khawuzithelekelele uphila ngenkulungwane yesithoba ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo kwindawo eyaziwa ngoku njengoMbindi Mpuma. Sisiphi isixeko esikhulu ekunokwenzeka ukuba ubuya kuva ngaso? Ngokuqinisekileyo yiNineve. Yayisisixeko esidumileyo saseAsiriya esasingakwimpuma yoMlambo iTigris, kumgama weekhilomitha ezingama-900 ngakumntla-mpuma weYerusalem. Usenokuba uvile ngobukhulu bayo beekhilomitha ezili-100 macala onke! Abantu abakhe batyelela iNineve bathi yayizaliswe bubuyokoyoko obufana nobaseBhabhiloni, esingabalula kubo amabhotwe asebukhosini, iitempile, oobhazabhaza bezitrato, imiyezo kawonke wonke, nethala leencwadi elikhulu. Kanti kuthiwa yayibiyelwe ngeendonga eziqine nkqi ekungenakugqobhoza nto kuzo.

12 “Ayinakuze yoyiswe!” Kumele ukuba abantu abaninzi babesitsho xa bethetha ngeNineve. Kodwa abanye abaprofeti bohlanga oluncinane lwakwaYuda bagxininisa ukuba uYehova wayesigwebele intshabalalo eso ‘sixeko sophalazo-gazi.’ Noko ke, ngenxa yokwamkela kwabantu isigidimi sikaYona, eso sixeko sasinda okwethutyana kumgwebo kaThixo. Kodwa abemi baseNineve baphinda babuyela kwiindlela zabo zangaphambili zobungendawo. UNahum waprofeta wathi: “Nineve . . . , ikrele liya kukunqumla . . . Akukho kukhululeka kwisihelegu sakho.” (Nahum 3:1, 7, 15, 19; Yona 3:5-10) Kwangalo elo xesha, uThixo waphinda wasebenzisa uZefaniya ukuba naye aprofete ukuba iNineve yayiza kuba yinkangala ephanzileyo. (Zefaniya 2:13) Ngaba eso sixeko sasibonakala singenakubhukuqwa sasiza kutshatyalaliswa, njengoko uYehova wayetshilo? Kunjalo kanye, kuba malunga nowama-632 B.C.E., amaBhabhiloni, amaSkitiya namaMedi ayingqinga iNineve. Ngequbuliso kwagaleleka izikhukula zonakalisa iindonga zayo, baza abahlaseli bagqobhoza ngaphaya kwazo. (Nahum 2:6-8) Ngephanyazo, eso sixeko someleleyo sajika saba ngamabhodlo. Nanamhlanje iNineve iseyinkangala. a Eso ‘sixeko sigcobileyo’ asizange sikwazi ukuthintela ilizwi likaThixo ukuba lingazaliseki!—Zefaniya 2:15.

13. Bubuphi ubungqina bokuzaliseka kweziprofeto obuchaziweyo kwiincwadi zabaprofeti abali-12?

13 Oko kwenzeka kwiNineve kungumzekelo nje omnye wokuzaliseka kweziprofeto. Khawujonge nje emaphini ummandla woMbindi Mpuma. Ngaba likho ilizwe lakwa-Amoni, iAsiriya, iBhabhiloni, elakwaEdom nelakwaMowabhi? Ngokuqinisekileyo awakho loo mazwe! Nangona ayengamazwe adumileyo, abaprofeti abali-12 bachaza ukuba ayeza kubhangiswa. (Amosi 2:1-3; Obhadiya 1, 8; Nahum 3:18; Zefaniya 2:8-11; Zekariya 2:7-9) Eneneni, ekuhambeni kwexesha loo mazwe abhangiswa. UYehova wathi loo mazwe ayeza kubhangiswa, ibe kwenzeka kanye ngaloo ndlela! Yaye abaprofeti bakhe bachaza nokuba intsalela yamaYuda yayiza kukhululwa ekuthinjweni eBhabhiloni—nako oko kwenzeka!

14. Yintoni esenza sibe nentembelo ngakumbi kwizithembiso zikaYehova?

14 Ngaba akubi nentembelo ngakumbi kuYehova njengoko ufunda ngamandla akhe okuzalisekisa iziprofeto? Qiniseka ukuba uYehova uya kuzizalisekisa izithembiso zakhe, kuba unguThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) Ngaphezu koko, ngeLizwi lakhe uThixo uyasazisa oko simele sikwazi. Ngoko zabalazela ukuphila ngokuvisisana nokuthanda kukaYehova, uqinisekile ukuba uya kuzizalisekisa iziprofeto zakhe. Iziprofeto ezikwiincwadi ezili-12 aziyomizekelo nje kuphela yoko kwenzeka kwixesha elidluleyo. Ezininzi zezo ziprofeto ziyazaliseka namhlanje, kanti ezinye ziza kuzaliseka kungekudala. Ngoko ingxelo ekwezi ncwadi zili-12 iya kukunceda uqiniseke ngakumbi ukuba iziprofeto ezibhekisela kwixesha lethu nakwixesha elizayo ziza kuzaliseka. Nikela ingqalelo enzulu kuzo.

UBAWO ONENKATHALO

15. Ukuba ujamelene nengxaki yobuqu, anokukunceda njani amava kaMika?

15 Ukuthembeka kukaThixo akupheleli nje ekuzalisekiseni kwakhe oko athembisa ukukwenza kwiintlanga nakwihlabathi liphela. Izithembiso zikaYehova zisenokukuchaphazela nawe ngokobuqu. Ngayiphi indlela? Mhlawumbi unengxaki ethile ekukhathazayo. Usenokuba akufuni nje umntu oyiqondayo ingxaki yakho—kodwa ufuna umntu onokumthemba ukuba uza kukunceda. Ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uMika umel’ ukuba wayeziva elilolo njengoko wayephila phakathi kwamaYuda anekratshi. Usenokuba wayevakalelwa kukuba akukho mntu wayenokumthemba, kuquka nentsapho le yakowabo. Naphi na apho wayekhangela khona, wayebona abantu abanxanelwe igazi, abakhohlisayo nabangendawo. Kodwa ke, uMika womelezwa zizithembiso zikaThixo zokuba uya kubanyamekela abakhonzi Bakhe abathembekileyo kungakhathaliseki oko bakwenzayo abanye. Nawe kumele kukomeleze oko, ingakumbi ukuba uphila nabantu abangamhloneliyo uThixo, uze uzive ulilolo ngenxa yokukhonza kwakho uYehova.—Mika 7:2-9.

16. Kutheni unokuqiniseka nje ukuba uThixo uyabubona ubungendawo nengcinezelo ekhoyo, yaye uza kuwahlangula amalungisa?

16 Njengoko kunjalo namhlanje, abantu abazizityebi nabasemagunyeni babenyolukile yaye bexhaphaza abanye. Abantu benziwa amakhoboka ngokungekho mthethweni ngenxa yokurhafiswa kwabo ngokugqithiseleyo nokohluthwa kwemihlaba yabo. Amahlwempu ayexhatshazwa, ade aphathwe nangenkohlakalo. (Amosi 2:6; 5:11, 12; Mika 2:1, 2; 3:9-12; Habhakuki 1:4) Esebenzisa abathunywa bakhe, uThixo wenza kwacaca ukuba akabunyamezeli ubungendawo, ngoko uza kubohlwaya abenzi bokubi abangaguqukiyo. (Habhakuki 2:3, 6-16) Uchaza kwangaphambili ukuba uza ‘kulungelelanisa imicimbi ngokuphathelele iintlanga ezinamandla,’ ibe abakhonzi bakhe akholisiweyo ngabo “baya kuhlala, ngamnye phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, yaye akuyi kubakho bani ubangcangcazelisayo.” (Mika 4:3, 4) Ngokuqinisekileyo oko kuya kuzisa isiqabu! UThixo uye wathembisa izinto ezininzi waza wazizalisekisa izithembiso zakhe. Ngoko akumelanga uqiniseke na ukuba naso esi uza kusizalisekisa?

17, 18. (a) UThixo ubaphatha njani ngothando abantu bakhe? (b) Sifanele silugqale njani uqeqesho lukaYehova?

17 UYehova akazalisekisi izithembiso zakhe ngenjongo yokubonisa amandla akhe, ngokungathi ufuna ukunconywa ngabantu. Kodwa uqhutywa luthando, kuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Cinga ngemeko kaHoseya, owayephila ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Kanye njengokuba umfazi kaHoseya, uGomere, wayengathembekanga kuye, namaSirayeli ayengathembekanga kuYehova. Ukunqula kwawo izithixo kwakufana nokukrexeza; ayehlanganisa unqulo lukaBhahali kunye nonqulo olunyulu lukaYehova. Kwakhona ‘ahenyuza’ ngokomfuziselo kunye neAsiriya neYiputa. Wayeza kusabela njani uYehova? UHoseya wayemele ambongoze umfazi wakhe ongathembekanga ukuze ambuyisele kuye. UYehova naye wababongoza ngothando abantu bakhe. ‘Ndabatsala ngeentsontelo zomntu wasemhlabeni, ngeentambo zothando, yaye ngothantamiso ndazisa ukutya kuye ngamnye.’ (Hoseya 2:5; 11:4) Ukuba babenokuguquka ngokunyanisekileyo, babenokuxolelwa nguThixo, baze babe nolwalamano oluhle kunye naye kwakhona. (Hoseya 1:3, 4; 2:16, 23; 6:1-3; 14:4) Ngaba akukukhuthazi na ukuphawula uthando olungako analo uYehova? Zibuze oku, ‘Ukuba uYehova wabonisa uthando olungako ngaphambili, ngaba andinakuqiniseka na ngothando lwakhe oluthantamisayo nolunyanisekileyo, olungasayi kuze luphele?’—Hoseya 11:8.

18 Iincwadi ezili-12 zesiprofeto zinokukunceda ubone nokuba uthando lukaThixo lusenokuquka isohlwayo. UYehova wabaqinisekisa abantu bakhe abanxaxhayo ukuba ‘wayengayi kubabhubhisa ngokupheleleyo.’ (Amosi 9:8) UThixo wayebohlwaya xa kwakufanelekile ukwenjenjalo, kodwa kumele ukuba kwakubakhuthaza ukwazi ukuba isohlwayo sakhe sasiza kuba sesokwexeshana! UMalaki 1:6 umfanisa uYehova nobawo onothando. Uyazi ukuba ubawo usenokubohlwaya abantwana bakhe abathandayo ukuze abaqeqeshe. (Nahum 1:3; Hebhere 12:6) Nakuba kunjalo, uthando lukaBawo wethu wasezulwini lumenza azeke kade umsindo, yaye uMalaki 3:10, 16 uqinisekisa ukuba uza kubavuza ngesisa abakhonzi bakhe.

19. Yiyiphi imibuzo yokuzihlola esifanele sizibuze yona?

19 UMalaki uyitshayelela incwadi yakhe ngamazwi aqinisekisayo athi: “‘Ndinithandile,’ utsho uYehova.” (Malaki 1:2) Njengoko ucinga ngaloo mazwi kaThixo awayewabhekisa kuSirayeli, zibuze: ‘Ngaba kukho nantoni na endiyenzayo esenokubangela ukuba ndingalufumani uthando lukaThixo? Yiyiphi inkalo yothando lukaThixo endifuna ukwazi ngakumbi ngayo?’ Ukuba uluqonda ngokunzulu uthando lukaThixo, unokuqiniseka ngakumbi ukuba luhlala luhleli.

UKUXOLELA KUVULA INDLELA YOSINDISO

20. Ukuxolela kukaThixo kuyivula njani indlela yosindiso?

20 Ekufundeni kwakho ezi ncwadi zesiprofeto, uza kuphawula ukuba maxa wambi uYehova wayexela kwangaphambili iintlekele ezizayo. Ngoba? Ngokufuthi injongo yakhe yayikukukhuthaza abantu bakhe ukuba baguquke. Ngoko wavumela ezinye iintlanga ukuba zitshabalalise iSamariya ngowama-740 B.C.E. neYerusalem ngowama-607 B.C.E. Oko uThixo wayekuxele kwangaphambili kwazaliseka, kodwa kamva wavumela abo baguqukayo ukuba babuyiselwe ezweni labo. Ewe, ezi ncwadi zigxininisa into yokuba uThixo uyabaxolela aze abahlaziye abo baguqukayo ezonweni zabo baze babuyele kuye. (Habhakuki 3:13; Zefaniya 2:2, 3) UMika wadanduluka wathi: “Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela isiphoso nodlulayo ekunxaxheni kwentsalela yelifa lakhe? Ngokuqinisekileyo akayi kubambelela kumsindo wakhe ngonaphakade, kuba uyoliswa bububele bothando.” (Mika 7:18; Yoweli 2:13; Zekariya 1:4) Ukuzaliseka kwesiprofeto kuyakuqinisekisa oko.

21. (a) Bathini abaprofeti abali-12 ngoMesiya? (b) Ziziphi iziprofeto eziphathelele uMesiya ozifumanise zibangel’ umdla?

21 UYehova waxela kwangaphambili ngelungiselelo lakhe lokuxolela ngonaphakade, ngokuthi athumele uMesiya owayeza kuncama ubomi bakhe bube “yintlawulelo yabo bonke” abantu abanesono. (1 Timoti 2:6) UAmosi wathetha ngohlaziyo olwaluza kuziswa nguMesiya, unyana kaDavide. (Amosi 9:11, 12; IZenzo 15:15-19) UMika wada wachaza nendawo awayeza kuzalelwa kuyo uYesu, lowo wayeza kubazisela ubomi bonke abo babonisa ukholo kwidini Lakhe. (Mika 5:2) Yaye uZekariya wathetha ‘ngeHlumelo’ elinguYesu, owayeza ‘kuhlala phantsi aze alawule etroneni yakhe.’ (Zekariya 3:8; 6:12, 13; Luka 1:32, 33) Ngokuqinisekileyo kuya kulomeleza ukholo lwakho ukuhlolisisa ezingakumbi zezo ziprofeto.—Hlola ibhokisi ethi  “Iziprofeto Eziphathelele UMesiya.”

22. Oko bakuchazayo abaprofeti abali-12 ngoYehova kuyomeleza njani intembelo yakho kuye?

22 Njengoko ufunda isigidimi sabaprofeti abali-12, uya kuba nentembelo ngakumbi ekoyiseni kukaThixo ekugqibeleni. UYehova uya kusilwela, aze abangele kubekho okusesikweni kokwenene. UThixo usoloko ekuphumeza oko akuthethileyo. Akazilibali izithembiso zakhe, kuba ubakhathalele abakhonzi bakhe, yaye uyabahlangula kubo bonke abo babacinezelayo. (Mika 7:8-10; Zefaniya 2:6, 7) UYehova akatshintshanga. (Malaki 3:6) Kukhuthaza ngokwenene ukwazi ukuba akukho mqobo unokoyisa uThixo okanye uthintele injongo yakhe ukuba ingazaliseki! Xa esithi imini yakhe yomgwebo iza kufika, ngokuqinisekileyo iza kufika. Ngoko hlala uyilungele imini kaYehova! “UYehova umele abe ngukumkani phezu komhlaba wonke. Ngaloo mini uYehova uya kuba mnye, negama lakhe libe linye.” (Zekariya 14:9) Ekuthethile nje oko, ngokuqinisekileyo kuza kwenzeka.

[Umbhalo osemazantsi]

a NgoNovemba 2002, ngaphambi kwemfazwe yase-Iraq, uNjingalwazi uDan Cruickshank watyelela loo mmandla. Wanikela le ngxelo kwijelo losasazo likamabonwakude eliyi-BBC: “Kufuphi nesixeko iMosul kukho amabhodlo esixeko saseNineve nesaseNimrud, . . . awathi embiwa kanobom zizazinzulu zaseBritani ukususela ngeminyaka yee-1840. . . . Ekwembiweni kwezi zixeko zaseAsiriya kuye kwavunjululwa ubungqina bakudala bobukho bezi zixeko nobokuziphatha kwabantu bazo okungaphucukanga, njengoko kuchazwe eBhayibhileni.”

LOMELEZWA NJANI UKHOLO LWAKHO

• kukuba ngusomandla kukaYehova?—Yoweli 1:15.

• kukungabi namkhethe kukaThixo?—Zekariya 8:23.

• kukwazi intsingiselo ephangaleleyo yegama likaThixo?—Mika 5:4.

UNOKULOMELEZA NJANI ULWALAMANO LWAKHO NOTHIXO

• ngokuhlolisisa amandla akhe okuzalisekisa izithembiso zakhe?—Yoweli 2:11.

• ngokuhlolisisa ukuthantamisa kwakhe kothando?—Hoseya 11:4; 14:4; Zefaniya 3:17.

• ngokucamngca ngenceba yakhe nokuxolela kwakhe?—Hoseya 2:23; Mika 7:18.

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 45]

 UYEHOVA USOMANDLA

Igama elithi Thixo ngesiHebhere lithi Shad·daiʹ, okanye “uSomandla.” Eli gama livela kanye kwiincwadi zabaprofeti abali-12, kuYoweli 1:15. Kukho ingcamango yokuba ntlandlolo lalithetha “ukuba namandla” okanye “ukwenza into ngamandla.” Ibinzana elifanayo elithi, ‘uYehova wemikhosi,’ livela izihlandlo ezili-107 kwiincwadi ezili-12. Libhekisela ekubeni namandla okuphumeza loo nto ubani aceba ukuyenza. Libhekisela nasekoyiseni imiqobo okanye inkcaso. Ukuba ngusomandla kukaYehova kubandakanya amandla akhe angenamlinganiselo okuphumeza iinjongo zakhe, ukuze azalisekise oko akuxele kwangaphambili.

[Isicangca/Umfanekiso okwiphepha 55]

 IZIPROFETO EZIPHATHELELE UMESIYA

Isiprofeto Sifumaneka ku- Ukuzaliseka kwaso

Wazalelwa eBhetelehem Mika 5:2 Luka 2:4-11;

Yohane 7:42

Wabizwa ukuba aphume eYiputa Hoseya 11:1 Mateyu 2:14, 15

Wangena eYerusaleme khwele Zekariya 9:9 Mateyu 21:1-9;

iesile Yohane 12:12-15

Wangcatshwa ngeengqekembe Zekariya 11:12 Mateyu 26:15;

ezingama-30 zesilivere 27:3-10

Umalusi wabethwa, umhlambi Zekariya 13:7 Mateyu 26:31, 56

wachithachitheka

Wahlatywa esesibondeni Zekariya 12:10 Mateyu 27:49;

Yohane 19:34, 37

Engcwabeni iinxalenye Yona 1:17; 2:10 Mateyu 12:39, 40;

zeentsuku ezintathu, waza 16:21;

wavuswa 1 Korinte 15:3-8

[Umfanekiso okwiphepha 48]

INineve yayibonakala ingenakoyiswa, kodwa sazaliseka njani isiprofeto sikaYehova?