Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UYehova Ufuna Abantu Bazuze Ubomi—Ngaba Nawe Ufuna Njalo?

UYehova Ufuna Abantu Bazuze Ubomi—Ngaba Nawe Ufuna Njalo?

Isahluko Seshumi Elinanye

UYehova Ufuna Abantu Bazuze Ubomi—Ngaba Nawe Ufuna Njalo?

 1, 2. (a) Yintoni esinokuyifunda kwindlela awasabela ngayo uYona kwisigqibo sikaYehova ngokuphathelele iNineve? (b) Kutheni sifanele sihlolisise inceba kaThixo nembono yakhe ngobomi?

 UYEHOVA wayenemihlali. Umprofeti yena wayequmbile. Ngenceba uThixo wasindisa ubomi bamawakawaka abantu. UYona wayefuna batshabalale! UYehova wakhetha ukubaxolela, wabayeka baphila abo babeziintshaba zabantu bakhe.

2 Njengoko sibona kwimeko kaYona, maxa wambi kuba nzima ngabantu ukuqonda umkhamo wenceba kaThixo, nobunzulu bomnqweno wakhe wokuba abantu bazuze ubomi. ‘Asizange simkholise kwaphela’ uYona isigqibo sikaYehova sokusindisa abemi baseNineve, “yaye wavutha ngumsindo.” Ngaba kunokwenzeka ukuba uYona wayexhalabele iimvakalelo zakhe ngaphezu kokubonakaliswa kwenceba nokusindiswa kobomi? Usenokuba wayecinga ukuba ukusindiswa kwabemi baseNineve kwakuza kumenza abe yintlekisa. (Yona 4:1, 10, 11) Kuthekani ngathi namhlanje, njengoko imini kaYehova yomgwebo isondela ngokukhawuleza? Usenokuzibuza: ‘Ndinokuwuqonda njani ngokunzulu ngakumbi umkhamo wokuxolela kukaThixo, yaye ndinokubanceda njani aboni abaguqukayo ukuba bangenelwe ngokupheleleyo kwinceba yakhe? Lilonke, ndinokuwubonisa njani umnqweno ofana nokaThixo wokuba abantu bazuze ubomi?’

UKUBONISA INCEBA NOKUSESIKWENI UKUZE KUSINDISWE UBOMI

 3. Ukuba sesikweni kukaThixo kuhambisana njani nokuba nenceba kwakhe?

3 Abanye abantu bavakalelwa ukuba iincwadi ezili-12 zesiprofeto phantse zithetha kuphela ngengqumbo kaThixo nokohlwaya kwakhe abantu, ukuphumeza kwakhe okusesikweni. Basenokuthi: ‘Kuthekani ngenceba kaYehova? Ngaba ukukhathalele ukusindisa ubomi?’ Enyanisweni, ukuphumeza kukaThixo okusesikweni kuhambisana nenceba yakhe, nto leyo ephumela ekubeni kusindiswe ubomi. Ukubonisa ngokugqibeleleyo ukuba sesikweni nokuba nenceba kwakhe. (INdumiso 103:6; 112:4; 116:5) Ngokulungisa kwakhe umonakalo obangelwa ngabangendawo, uThixo ubonisa inceba kwabo bathanda okulungileyo. Oko kububungqina bokuba sesikweni kwakhe ngokugqibeleleyo. Kwelinye icala, ngenceba uYehova uyakunyamezela ukusilela kwabantu abangafezekanga. Singakushwankathela ngokuthi oku: uyagweba xa kukho imfuneko, abonise inceba nanini na kunokwenzeka. Kukho iingxelo ezininzi kwizigidimi zabaprofeti ezikungqinayo oku, ezibonisa ukuba uThixo ufuna abantu bazuze ubomi. Makhe sihlolisise ezinye zezo ngxelo, size kwangaxeshanye sibone ukuba yintoni thina esiyifundayo kuzo namhlanje.

 4. Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba uThixo ufuna abantu bazuze ubomi?

4 Umprofeti uYoweli wavakalisa isigidimi somgwebo, kodwa kwangaxeshanye waqinisekisa ukuba uThixo “unobabalo nenceba, uzeka kade umsindo kwaye unobubele bothando obuninzi.” (Yoweli 2:13) Malunga neminyaka elikhulu kamva, ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uMika wabalaselisa ukuxolela kukaYehova. Emva kokubuza ukuba “Ngubani na onguThixo onjengawe?” uMika wamchaza ngale ndlela uYehova: “Ngokuqinisekileyo akayi kubambelela kumsindo wakhe ngonaphakade, kuba uyoliswa bububele bothando. Uya kusenzela inceba kwakhona.” (Mika 7:18, 19) Njengoko sibonile kwingxelo kaYona ephathelele abemi baseNineve, uThixo ukulungele ukusirhoxisa isohlwayo xa abantu bezisola baze babonise ngezenzo ukuba baguqukile.

 5. Yintoni ekuchukumisa kakhulu ngokuphathelele inceba kaThixo nokunqwenela kwakhe ukusindisa ubomi? (Bona ibhokisi ethi “Bazenza Bafumaneka.”)

5 Asiphili kwixesha labaprofeti abali-12. Kodwa asichukunyiswa na yinceba kaYehova nokunqwenela kwakhe ukusindisa ubomi? Ukuba uvakalelwa ngaloo ndlela, oko kuya kuluqinisa ulwalamano lwakho noThixo kuze kukwenze ube nomnqweno ongakumbi wokunceda abanye bazuze ubomi. Nangona inkoliso yabantu namhlanje ilandela ikhondo elibi, siqinisekiswa ukuba uThixo “akanqweneli ukuba kutshabalale nabani na kodwa unqwenela ukuba bonke bafikelele enguqukweni.” (2 Petros 3:9) Loo mnqweno kaYehova siwubona kakuhle xa sihlolisisa amazwi awathethwa nguHoseya xa wayesamkela umfazi wakhe okrexezayo. Kuloo mazwi siphawula ukuba uYehova ‘wathetha entliziyweni’ yabantu bakhe. UThixo wayenganyanzelekanga ukuba abaxolele, kodwa wabaxolela “ngokuzithandela.” (Hoseya 1:2; 2:13, 14; 3:1-5; 14:4) Ngaba uyasazi isizathu sokuba isimo sengqondo nezenzo zikaThixo zazibalulekile kule meko? Kungenxa yokuba kwakubandakanyeke ubomi. Obunye ubungqina bokuba nenceba kukaThixo nokunqwenela kwakhe ukuba abantu bazuze ubomi bubonakala kwilungiselelo lakhe lebandla lamaKristu, elenza into nawe obandakanyekileyo kuyo.

UKUNCEDA ABANTU BAZUZE UBOMI

 6. Yiyiphi indlela ephambili abonisa ngayo uThixo ukuba unqwenela ukuba abantu bazuze ubomi?

6 Kutheni usiba nesabelo kumsebenzi wokushumayela? Isizathu esiyintloko sikukuba uncede abanye bamazi uThixo oyinyaniso. Nantsi into ebalulekileyo omele uyazi ngoYehova: Unikela izilumkiso ezicacileyo ngaphambi kokuba azise isohlwayo. Oku kubonisa ukuba unenceba ebantwini, unqwenela ukuba bazuze ubomi, bangafi. Abaprofeti abali-12 bazisa abenzi-bubi ukuba uThixo wayebanika ithuba lokuguqula iindlela zabo ukuze basinde kwingqumbo yakhe yobulungisa. Nathi sibandakanyeke kumsebenzi ofanayo namhlanje. NjengomKristu unelungelo lokulumkisa ngokuza kwemini yempindezelo kaThixo. Ngoxa usenza oko, yiphephe nayiphi na imvakalelo yokucaphuka, neyokufuna ukubona abantu abangasabeliyo “betshabalala.” Khumbula ukuba isizathu esiphambili sokushumayela kwakho kukuba uncede abantu bahambe endleleni esa ebomini.—Yoweli 3:9-12; Zefaniya 2:3; Mateyu 7:13, 14.

 7. (a) Kutheni kubalulekile nje ukuba nesabelo emsebenzini wokushumayela? (b) Ukuba sidibana nabantu abangenamdla, kunokusinceda njani ukucinga ngesimo sengqondo sikaYehova?

7 Sihlandlo ngasinye uvakalisa inyaniso yeBhayibhile emakhayeni abantu, esikolweni, emsebenzini, okanye kwenye indawo, uvulela umntu lowo ithuba lokufumana inceba nokuxolelwa nguThixo. (Hoseya 11:3, 4) Iyinyaniso into yokuba, abanye basenokungabi namdla okanye bachase. Kodwa ngokunyamezela kwakho, uya kuba uxelisa uThixo wethu onenceba, owathi kubantu bakhe abanxaxhayo: “Khanincede, nibuye ezindleleni zenu ezimbi nakwizenzo zenu ezibi.” (Zekariya 1:4) Ngubani owaziyo ukuba bangaphi abantu abasenokusabela njengoko ubaxelela ngenceba kaThixo uze ubabonise indlela esa ebomini? Kwakhona, khumbula ukuba ushumayela ngenxa yokuba uYehova ufuna abantu bazuze ubomi, yaye nawe ufuna njalo.

 8. Kutheni kukhuthaza nje ukukhumbula indlela abanye abaye basabela ngayo kwinceba kaThixo?

8 Usenokukufumanisa kukhuthaza ukukhumbula oku: Basoloko bekho abantu abasabelayo kwisigidimi sikaThixo. Ngoko uHoseya uthetha ngabo babeqonda ukuba “iindlela zikaYehova zithe tye.” Lo mprofeti wongezelela wathi: “Amalungisa aya kuhamba ngazo.” (Hoseya 14:9) Ukutyhubela iinkulungwane, abaninzi baye bachukunyiswa sisimemo sikaThixo esithi: “Buyelani kum ngeentliziyo zenu zonke.” (Yoweli 2:12) Loo mazwi ayebhekiswa kubantu ababemazi uYehova, kodwa ayekwabonisa umnqweno kaThixo kwabo basandul’ ukufunda ngaye. UThixo uyazi ukuba abantu bayakwazi ukuzisola ngekhondo labo eliphosakeleyo, baze baguquke, benze okulungileyo. Ngaloo ndlela baba nethemba lokusinda.—1 Timoti 4:16.

 9. Yintoni esiyifundayo kwindlela abasabela ngayo abemi baseNineve?

9 Kukho enye inkalo ebalulekileyo ekuxoleleni kukaYehova abemi baseNineve. Sifunda ukuba abo bantu basithabatha nzulu isilumkiso sokuza komgwebo, baza “bakholwa kuThixo.” (Yona 3:5) Babemele babonise ukholo ukuze basinde, banganeli nje ngokoyika umgwebo. Ekubeni uYehova enomnqweno onzulu wokubona abantu beguquka baze babonise ukholo, ufuna siqhubeke sishumayela, sincede abantu ukuba benze ukhetho. Uyintoni umphumo woko? Sifunda oku ngokuphathelele abemi baseNineve: “UThixo oyinyaniso wayibona imisebenzi yabo, ukuba babebuyile endleleni yabo embi; yaye uThixo oyinyaniso wazisola ngentlekele awayethe uza kubazisela yona; waza akayizisa.” (Yona 3:10) UYehova akanakukhohliswa ngamazwi okanye izenzo zenkwalambisa. Abemi baseNineve bamele ukuba bazisola ngokunyanisekileyo baza oko bakubonisa ngemisebenzi. UThixo wabona ukuba babeguquke ngokwenene, baza babonisa ukholo olunyanisekileyo.

10. Ziziphi ezinye izihlandlo uYehova awasindisa abantu ngazo?

10 Umnqweno kaYehova wokusindisa ubomi awuzange uphelele nje kubantu baseNineve. Ekutshatyalalisweni kweYerusalem ngowama-607 B.C.E.—emva kokuprofeta kukaObhadiya, uNahum noHabhakuki—uYehova wamsindisa uYeremiya othobelayo kunye neqela labanye ababethembekile. (Yeremiya 39:16-18) Yaye abaprofeti bakaThixo baxela kwangaphambili ukuba iqela elincinane labo baguqukayo laliya kukhululwa eBhabhiloni lize libuyisele unqulo olunyulu. (Mika 7:8-10; Zefaniya 3:10-20) Ezo ziprofeto ziye zazaliseka kwakhona ngendlela ekhethekileyo kwixesha lethu. Emva kweMfazwe Yehlabathi I, amanye amaKristu athanjisiweyo ayeyekelele kancinane kunqulo lwenyaniso, kodwa avuselelwa onke aba nenzondelelo, nto leyo eyamkholisayo uYehova, waza wawavuza ngobomi. Nanamhlanje, abantu abaphuma ‘kwiintlanga ezininzi bazihlanganisa noYehova.’ (Zekariya 2:11) Banethemba lokusinda ekuphelisweni kwale nkqubo yezinto. Ngoko akushumayeli esidlangalaleni kuphela ngenxa yokuthobela umyalelo owanikwa amaKristu. Yaye akushumayeli ukuze nje kuzaliseke isiprofeto. (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Esona sizathu siphambili sokushumayela kwakho esidlangalaleni kukunceda abantu bafunde ngoYehova, bakholwe kuye, baze bazuze ubomi.

BAYA KUZUZA UBOMI ABO BABUYELA KUYEHOVA

11, 12. Inceba kaThixo inokuba yingenelo njani kwabo babekhe baba ngabanquli bakhe?

11 UYehova unomdla kwabo basebatsha yaye ufuna bazuze ubomi, kodwa akabalibalanga abo bebemkhonza. Nathi sifanele sibe nomdla kubo size sibancede baqhubeke endleleni esa ebomini. Kodwa sinokuwubonisa njani ngokoqobo umdla onjalo?

12 Usenokuba nomntu omaziyo owafundayo ngoYehova, wabonisa ukholo kuye, waba yinxalenye yonqulo oluyinyaniso, kodwa waphinda wayeka ukumkhonza. Isigidimi sikaYehova esavakaliswa ngabaprofeti abali-12 sibonisa ukuba wayekulungele ukubonisa inceba kwabo babekade bephakathi kwabantu bakhe kodwa balushiya unqulo oluyinyaniso. Usenjalo nanamhlanje kwabo baye bakhukuliseka bemka kuye, okanye bawela ekwenzeni okubi. (Hebhere 2:1; 3:12) Nangona kusenokwenzeka ukuba abonwabanga ngoxa bemshiyile uYehova, basenokukufumanisa kunzima ukubuya. UThixo uyababongoza, esebenzisa umprofeti wakhe owathi: “Utsho uYehova wemikhosi ukuthi: ‘Buyelani kum,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘nam ndiya kubuyela kuni.’” (Zekariya 1:3) Hayi indlela akhuthaza ngayo amazwi kaHoseya! Uthi: “Buya, Sirayeli, uze kuYehova uThixo wakho, kuba ukhubekile ngesiphoso sakho. Thabathani amazwi nibuyele kuYehova. Yithini kuye nonke, ‘Sixolele isiphoso sethu; uze wamkele okulungileyo.’” Ewe, kwanabo baye benza izono ezinzulu kodwa baguquke ngokunyanisekileyo baze babuyele kuThixo, uyabaxolela aze abahlaziye ngokupheleleyo. (Hoseya 6:1; 14:1, 2; INdumiso 103:8-10) Wakwenza oko ngexesha labaprofeti, yaye usakwenza nanamhlanje.

13. Ziziphi izizathu esinazo zokubonisa inceba kwabo baxolelweyo nguThixo?

13 Kodwa ke, oko kuthetha ntoni kumaKristu aye ahlala kwindlela esa ebomini? Sinokubonisa njani ukuba sibagqala abanye ngendlela uYehova abagqala ngayo? UYehova ufuna sibonise inceba, kwabasebatsha nakwabo baye bayeka ukumkhonza. Esebenzisa uHoseya, uThixo uyakuchaza oko alindele ukuba sikwenze, esithi: “Ndiyoliswa bububele bothando, kungekhona imibingelelo.” UYesu Kristu wawacaphula loo mazwi wathi: “Hambani, ngoko, nize nifunde okuthethwa koku, ‘Ndifuna inceba, kungekhona umbingelelo.’” (Hoseya 6:6; Mateyu 9:13) Ukubonisa inceba kubaluleke gqitha ukuba sifuna ukulondoloza ulwalamano lwethu noThixo. Phawula indlela umpostile uPawulos akunxulumanisa ngayo ukuxolela kunye nokuxelisa uThixo: “Yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane, nixolelane ngesisa kanye njengokuba noThixo wanixolelayo ngesisa ngaye uKristu. Ngoko ke, yibani ngabaxelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda, nize nihambe eluthandweni.” (Efese 4:32–5:2) Umxelisa ngomkhamo ongakanani uThixo kule nkalo?

14, 15. Ziziphi iimeko ezinokuvavanya isimo sethu sengqondo ngokuphathelele ukuxolela kukaYehova?

14 Kuthekani ukuba umzalwana owenze isono esinzulu akaguquki aze agxothwe ebandleni? Oko kwenzeka ngenkulungwane yokuqala, yaye amaKristu angaguqukiyo ayesuswa kubudlelane. Ukuba oko kwenzeka ngexesha abapostile bakaYesu babesekho, ayimangalisi into yokuba kusenzeka nanamhlanje. Kwiimeko ezinjalo, abo banyanisekileyo ebandleni bayalwamkela ulwalathiso lweBhayibhile lokuba banganxulumani nomntu osusiweyo kubudlelane. Ukunyaniseka kwabo kuYehova kusenokumnceda umenzi-bubi abone ubunzulu bekhondo lakhe eliphosakeleyo, aze aguquke. Sifunda eBhayibhileni ukuba indoda yaseKorinte eyayigxothiwe ebandleni, yaguquka ekuhambeni kwexesha yaza yabuyiselwa. (1 Korinte 5:11-13; 2 Korinte 2:5-8) Xa oko kusenzeka namhlanje, uvakalelwa njani, yaye unokuwubonisa njani umnqweno wakho wokuba abanye bazuze ubomi?

15 Umenzi-bubi oguqukileyo usenokuba neentloni yaye adimazeke, ngaloo ndlela efuna ukuqinisekiswa ukuba uThixo kunye nabazalwana bakhe bayamthanda yaye bafuna azuze ubomi. Phawula indlela uThixo awabaqinisekisa ngayo ngothantamiso abantu bakhe bamandulo ababekulungele ukuguquka: “Ndiza kukugana ube ngowam ngokuthembeka; yaye ngokuqinisekileyo uya kumazi uYehova.” (Hoseya 2:20) Ekubeni uThixo evakalelwa ngaloo ndlela, nathi simele sibonise ukuba sivakalelwa ngokufanayo noThixo ‘owenza inceba.’—Zekariya 10:6.

16. Sifanele sisabele njani xa umntu ebuyiselwa ebandleni?

16 UThixo ufuna abantu bazuze ubomi, ngoko uyavuya xa umoni eguquka okanye xa umkhonzi wakhe obepholile evuseleleka kwakhona. a (Luka 5:32) Ngokuphathelele indoda yaseKorinte ekhankanywe ngaphambilana, uPawulos wabongoza ibandla ukuba liyixolele lize liyikhuthaze, liyiqinisekise ukuba liyayithanda: “Oku kumkhalimela kwabaninzi kumlingene loo mntu, ngoko ke, nifanele nimxolele ngobubele nize nimthuthuzele, ukuze angadliwa kukuba buhlungu kwakhe ngokugqithiseleyo. Ngoko ke ndiyanibongoza ukuba niluqinisekise uthando lwenu ngaye.” (2 Korinte 2:6-8) Khumbula ukuba uYehova wathi ngokuphathelele aboni abaguqukileyo: “Ndiya kukuphilisa ukungathembeki kwabo. Ndiya kubathanda ngokuzithandela.” (Hoseya 14:4) Ngaba siza kuxelisa uYehova, sikuvuyele ukuba negalelo ekuphilisweni kwabantu abanjalo, nto leyo enokukhokelela kubomi obungunaphakade?

17, 18. Sinokubanceda njani ngothando abo babuyele kuYehova okanye amalungu entsapho yomntu osusiweyo kubudlelane?

17 UYehova wenza kucace ukuba ubaphatha ngesidima abo babuyela kuye, abamkele ngokupheleleyo, njengokuba noHoseya wamamkela ngokukhululekileyo umfazi wakhe owayengathembekanga. UYehova uyayichaza indlela awabaphatha ngayo abakhonzi bakhe abanjalo, esithi: ‘Kubo ndiye ndaba njengabo baphakamisa idyokhwe emihlathini, yaye ngothantamiso ndazisa ukutya kuye ngamnye.’ (Hoseya 11:4) Kukhuthaza gqitha ukuphawula indlela uYehova abamkela ngothando ngayo abo babuyela kuye! Sinokumxelisa ngokuthi singabi ngqwabalala okanye sibonise ukungabi nabubele kumntu ozisolayo noguquka ngokunyanisekileyo. Xa ebuyiselwe ebandleni, kunokuba simqumbele okanye sibe nenqala ngenxa yeziphoso zakhe zangaphambili, sifanele simthuthuzele.—1 Tesalonika 5:14.

18 Ngaba zikho ezinye iindlela esinokumxelisa ngazo uYehova ngokuphathelele abo basuswayo kubudlelane ebandleni? Ngaba sinokubanceda abo banyanisekileyo kwintsapho yabo, mhlawumbi iqabane lakhe elithembekileyo nabantwana? Basenokuba nobunzima ekuyeni kwiintlanganiso nasentsimini. Ngaba sinokunikela uncedo abalufunayo? Enye indlela esinokubonisa ngayo inceba kukusebenzisa ‘amazwi alungileyo, amazwi athuthuzelayo,’ ngokuthi siqalise incoko ekhuthazayo kunye naloo malungu athembekileyo. (Zekariya 1:13) Kukho amathuba amaninzi okwenza oko ngaphambi nasemva kweentlanganiso, xa nikunye entsimini, nangamanye amaxesha. Bangabasebenzi kunye nathi yaye bangamalungu athandekayo ebandla lethu, ngoko asifanele sibenze bazive bengahoywanga okanye belahliwe. Kwezinye iimeko, iba ngabantwana kuphela abenza imizamo yokukhonza uYehova emva kokuba umzali esusiwe kubudlelane. Ngokwenene siyafuna ukuba bazuze ubomi. Sinokukubonisa njani oko?

‘INKWENKWE ENGENAYISE YENZELWA INCEBA’

19. UZefaniya wamnceda njani ngokomoya lowo sinokumfanisa ‘nenkwenkwe engenayise’?

19 Imbali kaZefaniya, owayekhonza phakathi kwinkulungwane yesixhenxe ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, isimisela umzekelo omhle wendlela esinokubanceda ngayo abanye. Kusenokwenzeka ukuba wayengowentsapho yasebukhosini kwaYuda, mhlawumbi umza kaKumkani uYosiya. UYosiya wanyanzeleka ukuba aqalise ukulawula eneminyaka esibhozo ubudala, emva kokubulawa kukayise. Wayejamelene noxanduva olukhulu: Olo hlanga lwaluzinikele ekunquleni izithixo nakwezinye izenzo ezenyanyekayo. (Zefaniya 3:1-7) UYosiya oselula nongenayise wayefuna ukhokelo olufanelekileyo namacebiso athembekileyo aphathelele indlela awayenokululawula ngayo olo hlanga luwexukileyo. UYehova wamnika ulwalathiso lobulumko esebenzisa uYeremiya noZefaniya, njengoko kukhankanyiwe kwiSahluko 3 nesesi-5 sale ncwadi. Siphawula ukuba, nangona uYehova wazikhalimelayo “iinkosana” zakwaYuda, akazange amgxeke yena ukumkani. (Zefaniya 1:8; 3:3) Oku kusenokubonisa ukuba uKumkani uYosiya oselula wayesele ebonisile ukuba wayetyekele kunqulo olunyulu. Ngokuqinisekileyo izibongozo zomprofeti uZefaniya zamnceda uYosiya ukuba azimisele ngakumbi ukuluncothula neengcambu unqulo olungahlambulukanga kwaYuda.

20. Ukunyanyekelwa ngokomoya kunokubanceda njani abo ‘bangenayise’ ebandleni?

20 Umdla owaboniswa nguZefaniya kuYosiya usibonisa umdla uYehova anawo kubantu abaselula abasweleyo nabazizisulu, njengabantwana abanabazali abasusiweyo kubudlelane. UHoseya wathi: ‘UThixo uyenzela inceba inkwenkwe engenayise.’ (Hoseya 14:3) Ngaba akho amanye amakhwenkwe namantombazana ‘angenayise’ owaziyo afuna ukunyanyekelwa ngokomoya nangokwenyama? Isenokuba ngabantwana abaziinkedama zokomoya, abanomzali omnye, okanye abakhonza uYehova ngaphandle kokuxhaswa yintsapho yakowabo. Ngokufuthi, ukuqhubeka kwabantwana abanjalo ebandleni nokukhula kwabo ngokomoya kuxhomekeka ekuthini ukho okanye akakho kusini na umntu obanyamekelayo ngokomoya. ‘Amakhwenkwe angenayise’ amaninzi aye enza inkqubela entle ngokomoya ngenxa yokunyanyekelwa ngothando ngamaKristu aqolileyo ebandleni.—INdumiso 82:3.

21. AmaKristu aqolileyo anokubanceda njani abaselula?

21 Kwanomama ongenaqabane uyancedakala xa amaKristu aqolileyo ebonisa umdla ebantwaneni bakhe. (Yakobi 1:27) Ngoxa beyihlonela imbopheleleko yakhe entsatsheni, abaveleli kunye nabanye ebandleni banokuwaxhasa ngokomoya amalungu entsapho yakhe alufunayo uncedo olunjalo. Mhlawumbi wena neqabane lakho okanye intsapho yakho ninokuchitha ixesha kunye nenkwenkwe okanye intombazana engenayise. Ngaba unokubonisa ulwazelelelo kwabaselula abangamalolo? Basenokufuna umntu onovelwano nabanokuphalazela kuye imbilini yabo, nto leyo onokuyenza ngokuthi uphulaphule ngenyameko ngoxa ushumayela nabo entsimini. Ngokuqinisekileyo uxakekile, ngoko ukunikela kwakho ngokuthe rhoqo uncedo olunjalo koselula kangangethuba elide, kuya ‘kuvavanya enoba uthando lwakho lolokwenene kusini na.’ (2 Korinte 8:8) Imigudu yakho iya kubonisa umnqweno onawo wokuba abanye bazuze ubomi.

22. Uvakalelwa njani ngokunqwenela kukaYehova ukuba abanye bazuze ubomi?

22 Kukhuthaza ngokwenene ukuphawula indlela uThixo anomdla ngayo ebantwini, nendlela alangazelela ngayo ukuba bazuze ubomi obungunaphakade! Ukhetha ukubonisa uthando kubantu abangamalungisa abamthandayo aze abanike ubomi, kunokubonisa ukungakholiswa kwakhe ngabo bangaguqukiyo nabangabufanelekelanga ubomi obungunaphakade. Njengoko siyilindele ngolangazelelo imini kaYehova, masimxelise ngokuthi sincede abanye bahambe endleleni esa ebomini.

[Umbhalo osemazantsi]

a Kukho imizekeliso emithathu echukumisayo ebonisa inkxalabo enzulu uThixo anayo ngabantu bakhe abaye baphambuka—umzekeliso wemvu elahlekileyo, wengqekembe elahlekileyo, nowonyana wolahleko.—Luka 15:2-32.

YINTONI OYE WAYIPHAWULA?

• Kutheni kuyingenelo nje ukuhlolisisa isimo sakho sengqondo ngokuphathelele ukubonisa inceba novelwano?—Yona 4:1, 10, 11.

• Ukuba nenceba kukaYehova kuhambisana njani nokuba sesikweni kwakhe?—Hoseya 2:19; Mika 7:9.

• Ziziphi iinkalo zokuxolela kukaYehova ezibalaseliswayo kwimeko ephathelele abemi baseNineve?—Yona 3:5, 9, 10; 4:2.

UNOKUNGENELWA NJANI?

• Abo baye bona ngokunzulu banokungenelwa njani kwinceba kaThixo?—Hoseya 3:3; 4:2; 14:4.

• Ziziphi iindlela ezingqalileyo onokubonisa ngazo ububele bothando ebandleni?—Hoseya 11:4; Zekariya 1:13.

• Kutheni kubalulekile nje ukubonisa uvelwano xa sinceda abanye?—Zefaniya 3:16, 17.

[Imibuzo YeSifundo]

[Ibhokisi ekwiphepha 141]

BAZENZA BAFUMANEKA

Abaprofeti abali-12 bangumzekelo okhethekileyo wabantu ababonisa inkathalo ngobomi babanye abantu. Bazivakalisa ngokunyanisekileyo izigidimi zabo ukuze kungenelwe abantu bakaThixo kunye nabanye, nangona oko kwakufuna ukuzincama yaye kubabeka engozini. Kwintlangano kaThixo yasemhlabeni eyandayo, kusoloko kukho imfuneko yamadoda aqolileyo akulungeleyo ukukhonza njengabadala nezicaka zolungiselelo emabandleni emhlabeni wonke. Kukwakho nemfuneko engxamisekileyo yabalungiseleli abangakumbi bexesha elizeleyo. Ngaba unokuxelisa umzekelo wabaprofeti ngokuthi uzinikele ngokuzithandela, usebenzise ubuchule namandla akho ekwenzeni umsebenzi kaThixo ngaphakathi nangaphandle kwebandla? Leyo yenye yeendlela ezibalaseleyo onokumxelisa ngazo uYehova ukuze kuncedwe abanye bazuze ubomi.

[Umfanekiso okwiphepha 143]

Kwanabakhonzi bakaThixo maxa wambi basenokungabuqondi ubunzulu benceba yakhe

[Umfanekiso okwiphepha 146]

Unokuwanceda njani amaKristu apholileyo ukuba abuyele kuYehova?

[Umfanekiso okwiphepha 151]

Ngaba unokubanyamekela ngokomoya abaselula ‘abangenayise’?