Ukubaluleka Kwemini KaYehova
Isahluko Sesithathu
Ukubaluleka Kwemini KaYehova
1, 2. (a) Sisiphi isiganeko esibalulekileyo abathetha ngaso bonke abaprofeti abali-12? (b) Abanye babaprofeti abali-12 bathini ngemini kaYehova?
“IMINI enkulu kaYehova ikufuphi. Ikufuphi, yaye ikhawuleza kakhulu.” (Zefaniya 1:14) Abaprofeti bakaYehova balumkisa kaninzi ngokuza kwemini yakhe. Babedla ngokubalaselisa indlela ukuza kwayo okufanele kubuchaphazele ngayo ubomi babantu bemihla ngemihla, kwakunye nendlela abaziphatha ngayo. Kwakhona babesoloko bebalaselisa ukubaluleka kokuthabath’ inyathelo ngokungxamisekileyo. Ukuba wawunokuzivela ngezakho iindlebe ezi zilumkiso, wawuya kusabela njani?
2 Njengoko ufunda ngabaprofeti abali-12, uya kufumanisa ukuba bonke bathetha ngemini kaYehova, abanye bathetha ngayo ngokungqalileyo, abanye ngokungangqalanga. a Kodwa ngaphambi kokuba sihlolisise kwizahluko ezilandelayo inkcazelo ebalulekileyo edluliselwa ngaba baprofeti, makhe siqale ngokuhlolisisa isigidimi sabo esiyintloko esithi: imini kaYehova. Abathandathu kwaba baprofeti balisebenzisa ngokungqalileyo elo binzana. UYoweli walisebenzisa echaza ukufika “kwemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko.” (Yoweli 1:15; 2:1, 2, 30-32) UAmosi waxelela amaSirayeli ukuba azilungiselele ukuhlangana noYehova ngemini yakhe yobumnyama. (Amosi 4:12; 5:18) Kamva, uZefaniya wathetha amazwi acatshulwe kwisiqendu 1. Yaye ngaphambi nje kokutshatyalaliswa kweYerusalem, uObhadiya walumkisa wathi: “Imini kaYehova nxamnye nazo zonke iintlanga ikufuphi.”—Obhadiya 15.
3. Bathini abanye abaprofeti ngemini kaYehova?
3 Kwakhona uza kuphawula ukuba abaprofeti ababini abathunyelwa kumaYuda emva kokukhululwa kwawo ekuthinjweni, nabo basebenzisa ibinzana elifanayo. UZekariya walisebenzisa xa wayebhekisela ekutshatyalalisweni kwazo zonke iintlanga ezazifuna ukuhlasela iYerusalem. Wayichaza loo ntshabalalo ngokuthi ‘yimini eyaziwa ngokuba yekaYehova.’ (Zekariya 12:9; 14:7, 12-15) Yena uMalaki walumkisa abantu bakaThixo ngokuza “kwemini kaYehova enkulu neyoyikekayo.”—Malaki 4:1-5.
4. Abanye babaprofeti abali-12 bathini ngemini kaYehova?
4 Asingabo bonke abaprofeti abali-12 abalisebenzisa ngokungqalileyo ibinzana elithi “imini kaYehova,” kodwa abanye bathetha ngokungangqalanga ngaloo mini. UHoseya wathi uYehova wayeya kumphendulisa uSirayeli noYuda. (Hoseya 8:13, 14; 9:9; 12:2) Ezi zigidimi zazidla ngokubhekisa koko uYehova wayeza kukwenza ngelo xesha. Ngokomzekelo, uYona wavakalisa umgwebo kaThixo kwiNineve, yena uMika wachaza oko kwakuza kwenzeka xa uThixo esohlwaya izizwe ezivukelayo. (Yona 3:4; Mika 1:2-5) UNahum wathi uYehova wayeza kuziphindezela kwiintshaba Zakhe. (Nahum 1:2, 3) UHabhakuki wathandazela ukuba kubekho okusesikweni, ethetha ngokuza ‘kwemini yokubandezeleka.’ (Habhakuki 1:1-4, 7; 3:16) Ngokucacileyo ezinye izigidimi ezikwezi ncwadi zazibhekisela kwiziganeko ezaziya kuchaphazela amaKristu okwenyaniso. Ngokomzekelo, uHagayi, owaprofeta emva kokuba amaYuda ekhululiwe ekuthinjweni, wathetha ngokunyikimiswa kweentlanga. (Hagayi 2:6, 7) Umpostile uPawulos wacaphula amazwi akuHagayi 2:6 xa wayebongoza amaKristu ukuba afunyanwe ekholekile emehlweni kaThixo xa etshabalalisa izulu elingendawo lokomfuziselo.—Hebhere 12:25-29; ISityhilelo 21:1.
IYINTONI IMINI KAYEHOVA?
5, 6. Abaprofeti bayichaza njani imini kaYehova?
5 Usenokuba uyazibuza ukuba iya kuba njani imini kaYehova. Usenokuzibuza uthi, ‘Ngaba imini kaYehova iyayichaphazela indlela endiphila ngayo kwakunye nekamva lam?’ Njengoko abaprofeti bebonisile, le mini ibhekisela ekugwebeni kukaYehova iintshaba zakhe, ngoko yimini yemfazwe. Ngaloo mini yoyikekayo kusenokubonakala iziganeko ezothusayo esibhakabhakeni. “Ilanga nenyanga ngokuqinisekileyo ziya kuba mnyama, nazo kanye iinkwenkwezi okunene ziya kukufinyeza ukuqaqamba kwazo.” (Yoweli 2:2, 11, 30, 31; 3:15; Amosi 5:18; 8:9) Yintoni eza kwenzeka kumhlaba esiphila kuwo? UMika wathi: “Iintaba zimele zinyibilike phantsi [kukaYehova], neentili ziya kwahluka phakathi, njengomthwebeba emlilweni, njengamanzi ephalazwe kwindawo engumnqantsa.” (Mika 1:4) Le nkcazelo isenokuba yeyokomfuziselo, kodwa ibonisa indlela imfazwe kaThixo eya kutshabalalisa ngayo emhlabeni. Noko ke, ayizukutshabalalisa bonke abantu. Aba baprofeti babonisa ukuba abo ‘bafuna okulungileyo’ baya kusinda baze bafumane iintsikelelo ezininzi.—Amosi 5:14; Yoweli 3:17, 18; Mika 4:3, 4.
6 Abanye baba baprofeti bali-12 bayichaza ngokweenkcukacha imini kaYehova. UHabhakuki wachaza ngokucacileyo indlela uYehova aza kuzikroboza ngayo “iintaba ezingunaphakade” aze atshabalalise “neenduli ezihleli ngokungenammiselo.” Wayebhekisela kwimibutho yabantu ebonakala ingenakugungqiswa. (Habhakuki 3:6-12) Ewe, imini kaYehova “yimini yokuvutha komsindo, imini yokubandezeleka neyokungcungcutheka, imini yesaqhwithi neyesiphanziso, imini yobumnyama neyesithokothoko, imini yamafu nesithokothoko.”—Zefaniya 1:14-17.
7. Sisiphi isibetho esichazwe kwangaphambili, yaye sisenokuzaliseka njani?
7 Sikhulu ngokwenene isibetho esiya kufikela abo balwa noThixo! ‘Inyama yomntu iya kubola, ngoxa esemi ngeenyawo; amehlo akhe aya kubolela emakrolomeni awo, nolwimi lwakhe lubolele emlonyeni wakhe.’ (Zekariya 14:12) Enoba oku kuza kwenzeka ngokoqobo okanye akunjalo, ngokuqinisekileyo kuchaza intlekele yokwenene. Nokuba oku akwenzeki ngokoqobo, kodwa iilwimi zeentshaba zikaThixo ziza kubola ngengqiqo yokuba azisayi kuphinda zithethe ngendelelo. Namehlo azo aya kubola ngengqiqo yokuba akayi kuzibonisa indlela yokutshabalalisa abantu bakaThixo.
ISIZATHU SOKUBA UTHIXO OLUTHANDO AZISE INTLEKELE
8, 9. (a) Ukuze uqonde isizathu sokuba uYehova abazisele intlekele abangendawo, yintoni ofanele uyihlolisise? (b) Ukunyaniseka kwakho kubomi bemihla ngemihla kuhlobene njani nokuzisa kukaYehova intlekele?
8 Usenokuba ukhe weva abantu bebuza ukuba: ‘Angathini uThixo oluthando ukuzizisela intlekele elolo hlobo iintshaba zakhe? Ngaba kuyimfuneko ukuba uThixo adale umonakalo ongako emhlabeni? Akazange na uYesu asibongoze ukuba sithande kwaneentshaba zethu ukuze sizingqine singoonyana bakaBawo osemazulwini?’ (Mateyu 5:44, 45) Usenokubaphendula ngokubakhumbuza ngendlela ezaqala ngayo iinkathazo zoluntu. UThixo wabadala abantu bokuqala ngokomfanekiso wakhe—babefezekile. Kodwa baluzisela isono nokufa uluntu. Baxhasa uSathana uMtyholi owaphakamisa imbambano yokuba yena angabalawula bhetele abantu. (Genesis 1:26; 3:1-19) Kangangeenkulungwane, uSathana uye wazama ukungqina ukuba abantu abamkhonzi ngokuzithandela uYehova. Njengoko usazi, uSathana khange aphumelele. UYesu Kristu kunye nabanye abakhonzi abaninzi bakaYehova baye bahlala bethembekile kuye, bebonisa ukuba bamkhonza ngokuzithandela. (Hebhere 12:1-3) Bakho abanye abaninzi nawe obazi ngamagama abaye bakhonza uThixo ngokunyanisekileyo, akunjalo?
9 Kanti ke nawe ubandakanyekile kule mbambano, eya kuphela xa uYehova ephelisa ubungendawo. Ngokomzekelo, njengoko ufunda ezi ncwadi zili-12, uza kuphawula ukuba abanye abaprofeti basilumkisa ngabantu ababephila ubomi obutofotofo baza abakunanza ukunqula uYehova. Aba baprofeti babongoza abantu bakaThixo ukuba ‘babeke iintliziyo zabo ezindleleni zabo’ baze batshintshe ubomi babo. (Hagayi 1:2-5; 2:15, 18; Amosi 3:14, 15; 5:4-6) Ewe, aba baprofeti babebonisa abantu indlela ababefanele baphile ngayo. Abo basabelayo babebonisa ukuba uYehova unguMongami wabo, ngaloo ndlela bemngqina uSathana elixoki. UYehova uya kuzingqina enyanisekile kwabo banjalo xa etshabalalisa iintshaba zakhe.—2 Samuweli 22:26.
10. Kutheni oko kwaphawulwa nguMika kusesinye isizathu sokuba uYehova azise intlekele?
10 Kukho nesinye isizathu sokuba uThixo azise intlekele. Cinga ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo xa uMika waprofeta ekwaYuda. Wathetha ngathi ubhekisa kuye, ngoxa wayebhekisa kuhlanga lwakwaYuda, elufanisa namasimi eediliya namakhiwane, aye avunwa akwasala nto. Kwakunjalo kwaYuda, kungekho mntu useleyo uthe tye. AmaSirayeli ayexhaphazana, ephalaza igazi. Iinkokeli nabagwebi bawo babefuna ukunyotywa. (Mika 7:1-4) Ukuba wawuphila kuloo meko, wawuya kuvakalelwa njani? Mhlawumbi wawuya kuba novelwano ngabo babecinezelwa. Ubekela phi ke yena uYehova ukuba novelwano ngakumbi ngabo bacinezelwayo! Namhlanje uYehova uyaluhlolisisa uluntu. Ucinga ukuba yintoni ayibonayo? Abantu bacinezela abanye ngolunya baze babahlasele ngogonyamelo. Bambalwa gqitha abantu abanyanisekileyo kweli hlabathi. Kodwa masingalahl’ ithemba. Ngokuqhutywa luthando, uYehova uza kubahlangula abo bangamaxhoba.—Hezekile 9:4-7.
11. (a) Iya kuthetha ntoni imini kaYehova kwabo bamoyikayo? (b) Isilumkiso sikaYona sabachaphazela njani abantu baseNineve?
11 Ngokucacileyo, imini kaYehova iya kuthetha ukutshatyalaliswa kweentshaba zakhe nokuhlangulwa kwabo bamoyikayo nabamkhonzayo. b UMika waxela kwangaphambili ukuba iintlanga zaziya kuthontelana ukuya entabeni yendlu kaYehova, nto leyo eya kudala uxolo nomanyano ehlabathini lonke. (Mika 4:1-4) Ngelo xesha, ngaba ukubhengeza kwabaprofeti ukuza kwemini kaYehova kwabenza abantu batshintsha indlela ababephila ngayo? Abanye bayitshintsha. Khumbula ukuba xa uYona wathetha ngokugwetywa kweNineve, abemi beso sixeko abanogonyamelo nabangendawo ‘bakholwa kuThixo baza babuya endleleni yabo embi.’ Ngenxa yoko, uYehova akazange abatshabalalise. (Yona 3:5, 10) Ukuvakaliswa kokuza kwemini kaYehova yomgwebo kwayichaphazela indlela ababephila ngayo abantu baseNineve!
IKUCHAPHAZELA NJANI LOO MINI?
12, 13. (a) Bazibhekisa koobani iziprofeto zabo abaprofeti abali-12? (b) Sazi njani ukuba oko kwaprofetwa ngabaprofeti abali-12 kwakuza kuzaliseka kwakhona kwixesha elizayo?
12 Omnye usenokuthi, ‘Kodwa abo baprofeti babephila kumakhulukhulu eminyaka eyadlulayo. Ukuthetha kwabo ngemini kaYehova kusichaphazela njani thina?’ Yinyaniso into yokuba, abo baprofeti babephila kwiminyaka emininzi eyadlulayo, kwanangaphambi kokuzalwa kukaYesu, sekunjalo simele sihlolisise indlela oko bakuthethayo ngokuza kwemini kaYehova okusichaphazela ngayo kule nkulungwane yama-21. Sinokungenelwa njani koko bakuthethayo ngemini enkulu kaYehova? Enye indlela esinokungenelwa ngayo kwisigidimi sabo kukuqonda ukuba abo baprofeti babebhekisa kuSirayeli, uYuda, iintlanga ezibajikelezileyo, namagunya athile ehlabathi awayekho ngelo xesha, bewalumkisa ngemini kaYehova ezayo. c Yaye into ebalulekileyo kukuba ezo ziprofeto zazaliseka! Ama-Asiriya ayihlasela iSamariya aza amtshabalalisa uYuda ngowama-607 B.C.E., neentlanga ezimjikelezileyo zatshatyalaliswa kamsinya emva koko. Ekugqibeleni, igunya lehlabathi laseAsiriya nelaseBhabhiloni labhangiswa, kanye njengokuba kwakuprofetiwe.
13 Ngoku khawucinge ngosuku lwePentekoste yowama-33 C.E., olwafika kwiminyaka emininzi emva kokuba ezininzi zezo ziprofeto zizalisekile okokuqala. Ngolo suku, umpostile uPetros wacaphula isiprofeto sikaYoweli xa wayebhekisela ekuthululweni komoya oyingcwele kaThixo. Emva koko wacaphula amazwi kaYoweli wathi: “Ilanga liya kujikwa libe bubumnyama nenyanga ibe ligazi ngaphambi kokuba imini enkulu neyimbalasane kaYehova ifike.” (IZenzo 2:20) Oku kwakubonisa ukuba zaziseza kuzaliseka kwakhona iziprofeto eziphathelele imini kaYehova. Eso siprofeto sikaYoweli sazaliseka okwesibini ngowama-70 C.E. xa umkhosi wamaRoma watshabalalisa iYerusalem, yaye ngokuqinisekileyo elo yaba lixesha lobumnyama negazi.
14, 15. (a) Kutheni simele sibe nomdla namhlanje kwiziprofeto ezithetha ngemini kaYehova? (b) Silindele ukuba ifike nini imini kaYehova?
14 Noko ke, isiprofeto sikaYoweli nezinye iziprofeto ezithetha ngemini kaYehova ziza kuphinda zizaliseke okokugqibela ngexesha lethu kule nkulungwane yama-21. Sikwazi njani oko? UPetros wabongoza amaKristu ukuba ahlale ‘ebukhumbula ubukho bemini kaYehova.’ Lo mpostile waqhubeka esithi: “Thina ke silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, ngokwesithembiso sakhe, apho kumi ubulungisa.” (2 Petros 3:12, 13) Akuzange kumiselwe mazulu matsha (urhulumente omtsha wobuthixo) nomhlaba omtsha (ibutho labantu abangamalungisa abalawulwa nguloo rhulumente) emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E. Ngoko la mazwi esiprofeto awayebhekisela kwimini kaYehova amele ukuba ayeza kuzaliseka ngelinye ixesha. Ewe, sinomdla wokwazi ngezi ziprofeto, ekubeni siphila ‘kumaxesha amanqam’!—2 Timoti 3:1.
15 Ukuchazwa kwemini kaYehova kwezi ncwadi zeBhayibhile zili-12 kusikhumbuza amazwi kaYesu Kristu athi: “Kuya kubakho imbandezelo enkulu ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.” Wathi “ngoko nangoko emva” kokuqalisa kwembandezelo enkulu, “ilanga liya kwenziwa mnyama, nenyanga ayiyi kunika ukukhanya kwayo, yaye kuya kuwa iinkwenkwezi ezulwini, namandla amazulu aya kugungqiswa.” (Mateyu 24:21, 29) Oku kusinceda sibone ixesha eya kufika ngalo imini kaYehova. Sele ikufuphi kakhulu ngoku. IZibhalo zibonisa ukuba ngembandezelo enkulu kuya kutshatyalaliswa “iBhabhiloni Enkulu,” ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. Iya kwandula ke imbandezelo enkulu ifikelele incopho yayo ngokuthi uYehova atshabalalise zonke iintshaba zakhe emhlabeni.—ISityhilelo 17:5, 12-18; 19:11-21.
16. Ziza kuzaliseka njani ngendlela ebalaseleyo iziprofeto ezithetha ngemini kaYehova?
16 AmaNgqina kaYehova ayayiqonda indlela eziza kuzaliseka ngayo iziprofeto eziphathelele imini kaYehova. Ngokufuthi nangeendlela ezahlukahlukeneyo, iYerusalem neSamariya ewexukileyo, kwakunye nabemi bakwaEdom, ama-Asiriya akhohlakeleyo, namaBhabhiloni ayefanekisela unqulo lobuxoki. Lonke olo nqulo luza kutshatyalaliswa ekuqaleni kwembandezelo enkulu. Ebudeni ‘bemini kaYehova enkulu nebangela uloyiko’ kuya kutshatyalaliswa inkqubo yezobupolitika neyezorhwebo olusebenzisana nayo.—Yoweli 2:31.
HLALANI NILUNGILE
17, 18. (a) Kwakutheni ukuze uAmosi athi yeha kwabo ‘babenqwenela imini kaYehova’? (b) Kwakuza kwenzeka ntoni kwabo babengayilungelanga imini kaYehova?
17 Ekubeni isilumkiso somgwebo sibhekiswa ngokuyintloko kunqulo lobuxoki, amanye amaKristu asenokuvakalelwa kukuba ukuzaliseka kwezi ziprofeto akuyi kuwachaphazela. Kodwa oko uAmosi wakuxelela amaSirayeli kuyasebenza kuthi sonke: “Yeha abo banqwenela imini kaYehova!” Amanye amaSirayeli omhla ka-Amosi ayecinga ukuba imini kaYehova yayiza kuwazisela iintsikelelo kuphela, iwazisele inkululeko. Kangangokuba ayeyinqwenela loo mini! Kodwa kubantu abazingcayo, imini kaYehova yayiza kuba “bubumnyama, kungabikho kukhanya,” watsho njalo uAmosi. UYehova wayeza kukhuphela umsindo wakhe kuloo maSirayeli!—Amosi 5:18.
18 Wandula ke uAmosi wachaza ngokweenkcukacha oko kwakuza kwenzeka kwabo babenqwenela imini kaYehova. Uthi wayeza kuthi umntu ebaleka ingonyama suke ahlangane nebhere. Abaleke loo bhere aye kuthi tshwa endlwini. Xa evala ucango izibilini ziphezulu, aze ayame odongeni, nako elunywa yinyoka. Siya kuba njalo ke isiphelo sabo bangayilungelanga imini kaYehova.—Amosi 5:19.
19. Sinokuyilungela njani imini kaYehova?
19 Ngaba uyayibona indlela enokukunceda ngayo le ngxelo? Khumbula ukuba uAmosi wayethetha nabantu ababezahlulele kuThixo. Kodwa kwakufuneka belungise izenzo zabo nesimo sabo sengqondo. Ngaba akubobulumko na ukuhlolisisa indlela ophila ngayo ukuze ubone enoba uyilungele kusini na loo mini ibalulekileyo okanye kusafuneka wenze utshintsho oluthile? Yintoni eya kubonisa ukuba uyilungele ngokwenene loo mini? Ngokucacileyo, asikokwakha indawo yokuzikhusela, ingekuko nokugcina ukutya kuvimba okanye ukufumana amanzi acocekileyo kwanentywenka yemali, njengoko bedla ngokwenza abanye abantu xa belindele intlekele ezayo. UZefaniya uthi: “Isilivere yabo negolide yabo ayiyi kukwazi ukubahlangula ngemini yokuvutha komsindo kaYehova.” Ngoko ukuyilungela loo mini akuxhomekekanga ekuziqwebeleni izinto eziphathekayo. (Zefaniya 1:18; IMizekeliso 11:4; Hezekile 7:19) Kunoko, simele siphaphe ngokomoya size sibonise ukuba siyilungele loo mini ngendlela esiphila ngayo imihla ngemihla. Sifanele sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo —kwanezenzo ezifanelekileyo. UMika wathi: “Mna ke, ndiza kuhlala ndikhangele kuYehova. Ndiza kubonisa isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso lwam.”—Mika 7:7.
20. Ukuba sinesimo sengqondo sokulinda, yintoni esingayi kuzikhathaza ngayo?
20 Ukuba unesi simo sengqondo sokulinda, oko kuya kungqina ukuba uyilungele yaye uhleli uyikhangele imini kaYehova. Akuyi kuzikhathaza ngomhla eya kufika ngawo loo mini okanye ukhathazeke kuba uye walinda ithuba elide. Zonke iziprofeto eziphathelele loo mini ziya kuzaliseka ngexesha likaYehova elifanelekileyo. UYehova wathi kuHabhakuki: “Umbono usengowexesha elimisiweyo, yaye uqhubeka ukhawulezela ekupheleni, ibe awuyi kuxoka. Kwanokuba unokulibala [ngokwembono yabantu], hlala uwulindile; kuba uya kuba yinyaniso nakanjani na. Awuyi kufika emva kwexesha [ngokwembono kaYehova].”—Habhakuki 2:3.
21. Ziziphi iindlela eya kusinceda ngazo le ncwadi?
21 Kule ncwadi uza kufunda indlela onokubonisa ngayo isimo sengqondo sokulindela kuThixo wosindiso. Ziziphi iingenelo onokulindela ukuzifumana? Kaloku, njengoko siza kugxininisa kwinxalenye yeBhayibhile osenokuba akuqhelananga nayo, leyo yabaProfeti Abancinane abali-12, kukho izinto ezintsha nezibangel’ umdla oza kuzifunda. Ngokomzekelo, kwiCandelo 2 uza kuhlolisisa indlela ‘yokufuna uYehova’ uze uqhubeke uphila. (Amosi 5:4, 6) Ezi ncwadi zili-12 zisenokukunceda umazi ngakumbi uYehova zize zikushukumisele ekubeni ufune ukumkhonza ngakumbi. Ngokuqinisekileyo ezi ziprofeto ziya kukunceda ubuqonde ngakumbi ubuntu bakhe. ICandelo 3 liza kukunceda uyiqonde ngokucacileyo indlela uYehova alindele ukuba uwaphathe ngayo amalungu entsapho yakho kunye nabanye abantu. Oko kunokukunceda ukuba uyilungele imini yakhe enkulu. Okokugqibela, iCandelo 4 liza kukuchazela ngecebiso laba baprofeti ngokuphathelele isimo sengqondo ofanele ube naso njengoko imini kaYehova isondela, lize likuchazele nendlela icebiso labo elinokubuchaphazela ngayo ubulungiseleli bakho bobuKristu. Ngokuqinisekileyo uya kukunandipha ukufunda ngezithembiso zexesha elizayo abathetha ngazo aba baprofeti.
22. Ungathanda ukuba amacebiso akwiincwadi zabaprofeti abali-12 abe nayiphi impembelelo kuwe?
22 Usawakhumbula na amazwi angxamisekileyo kaZefaniya acatshulwe ekuqaleni kwesi sahluko? (Zefaniya 1:14) Loo mazwi abuchaphazela ubomi bukaKumkani uYosiya oselula. Xa wayeneminyaka nje eli-16 ubudala, uYosiya waqalisa ukufuna uYehova. Xa wagqiba iminyaka engama-20 wabhangisa unqulo lwezithixo, njengoko uZefaniya wayekhuthaze abantu bakwaYuda nabaseYerusalem ukuba benjenjalo. (2 Kronike 34:1-8; Zefaniya 1:3-6) Ngaba izilumkiso eziphathelele imini kaYehova ziye zabuchaphazela ubomi bakho bemihla ngemihla ngendlela ezabuchaphazela ngayo obukaYosiya? Makhe sibone indlela aba baprofeti bali-12 abanokusinceda ngayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a UIsaya noHezekile ababephila ebudeni bexesha labaprofeti abali-12, nabo balumkisa ngokuza kwemini kaYehova.—Isaya 13:6, 9; Hezekile 7:19; 13:5; bona iSahluko 2 sale ncwadi, isiqendu 4-6.
b Ukuze ufumane ubungqina obungakumbi boku, nceda ufunde uHoseya 6:1; uYoweli 2:32; uObhadiya 17; uNahum 1:15; uHabhakuki 3:18, 19; uZefaniya 2:2, 3; uHagayi 2:7; uZekariya 12:8, 9; noMalaki 4:2.
c Abanye baba baprofeti bali-12 abaprofetanga nje ngokutshatyalaliswa kohlanga olunye, kodwa baprofete ngokutshatyalaliswa kweentlanga eziliqela.
YINTONI OYIFUNDILEYO?
• Yiyiphi ingongoma ebalulekileyo abathetha ngayo bonke abaprofeti abali-12?—Yoweli 1:15; Zefaniya 1:7, 14.
• Iza kuba njani imini kaYehova?—Yoweli 2:30, 31; Zekariya 14:12.
• Siyintoni isizathu sokuba uThixo oluthando abazisele intlekele abangendawo?—Mika 7:2-4; Hebhere 12:1-3.
INDLELA ONOKUNGENELWA NGAYO
• Inokukuchaphazela njani imini kaYehova?—IZenzo 2:19, 20; 2 Petros 3:13.
• Unokulindela ukuba ifike nini imini kaYehova?—Mateyu 24:21, 29.
• Unokuyilungela njani imini kaYehova?—Amosi 5:4, 6; Habhakuki 2:3.
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 30]
“Imini enkulu kaYehova ikufuphi,” yaye iza njengesaqhwithi esoyikekayo
[Umfanekiso okwiphepha 34]
Kutheni imele isikhuthaze nje indlela abasabela ngayo abemi baseNineve kwisigidimi sikaYona?
[Umfanekiso okwiphepha 39]
NgePentekoste yowama-33 C.E. uPetros wacaphula isiprofeto sikaYoweli. Siyazaliseka nangomhla wethu
[Umfanekiso okwiphepha 40]
NjengoMika nawe lindela kuThixo wosindiso