Ukuphatha Abanye Ngendlela UThixo Afuna Ngayo
Isahluko Sesithoba
Ukuphatha Abanye Ngendlela UThixo Afuna Ngayo
1-3. (a) Yintoni anokucinga ngayo amaKristu amaninzi ngokuphathelele iTire yamandulo? (b) Chaza indlela uKumkani uHiram awamphatha ngayo uSirayeli. (c) Yintoni esinokuyifunda kwiTire?
YINTONI ethi qatha engqondweni yakho xa usiva kukhankanywa iTire yamandulo? AmaKristu amaninzi ebeya kucinga ngokuzaliseka kwesiprofeto xa uAlesandire Omkhulu waqokelela imfumba yamabhodlo eTire yamandulo waza ngawo wenza indlela ephakamileyo engena elwandle isiya kwisiqithi esiyiTire eyayakhiwe ngokutsha, waza wasitshabalalisa. (Hezekile 26:4, 12; Zekariya 9:3, 4) Kodwa, ngaba ukukhankanywa kweTire bekunokukwenza ucinge ngendlela yokuphatha abazalwana bethu bokomoya okanye abanye abantu?
2 Kwakutheni ukuze iTire itshatyalaliswe? “Ngenxa yokuvukela kathathu kweTire, . . . ngenxa yokunikela kwayo iqela elipheleleyo labathinjwa kuEdom, nangenxa yokuba bengazange bawukhumbule umnqophiso wabazalwana. Ndiza kuthumela umlilo kudonga lwaseTire.” (Amosi 1:9, 10) Ngaphambilana, uKumkani uHiram waseTire wamenzela ububele uDavide waza wanikela ngeempahla zokwakha itempile kaSolomon. USolomon wenza umnqophiso kunye noHiram waza wamnika izixeko zaseGalili. UHiram wambiza uSolomon ngokuthi “mzalwana wam.” (1 Kumkani 5:1-18; 9:10-13, 26-28; 2 Samuweli 5:11) Xa iTire ‘ingazange iwukhumbule umnqophiso wabazalwana’ yaza yathengisa abanye babantu bakaThixo ebukhobokeni, uYehova wakuphawula oko.
3 Yintoni esinokuyifunda kwisibakala sokuba uThixo wawagweba amaKanan aseTire ngenxa yokubaphatha kwawo ngenkohlakalo abantu bakhe? Sinokufunda koku indlela esifanele sibaphathe ngayo abazalwana bethu bokomoya. Kwizahluko ezingaphambili zale ncwadi, siye saphawula icebiso labaprofeti abali-12 lokuba sibaphathe ngokusesikweni abanye kwezoshishino nangokuthi sibe nehambo enyulu. Noko ke, ezi ncwadi zili-12 zinenkcazelo engakumbi yendlela uThixo afuna sibaphathe ngayo abanye.
MUSA UKUYIVUYELA INTLUNGU YOMNYE
4. Abemi bakwaEdom ‘babengabazalwana’ bakaSirayeli ngayiphi ingqiqo, kodwa babaphatha njani ‘abazalwana’ babo?
4 Unokufunda okuthile kwisizathu sokuba uThixo aligwebe ilizwe lakwaEdom, elalikufutshane nelakwaSirayeli, athi: “Ubungafanelanga ubukele ngemini yomzalwana wakho, ngemini yelishwa lakhe; yaye ubungafanelanga ube nemihlali ngoonyana bakaYuda ngemini yokutshabalala kwabo.” (Obhadiya 12) Abemi baseTire ‘babengabazalwana’ ngenxa yezoshishino, kodwa bona abemi bakwaEdom ‘babengabazalwana’ bokwenene bakaSirayeli, kuba babeyinzala kaEsawu, iwele likaYakobi. KwanoYehova wababiza abemi bakwaEdom ngokuba ‘ngabazalwana’ bakaSirayeli. (Duteronomi 2:1-4) Ngoko babebonisa inkohlakalo enkulu abemi bakwaEdom ngokuvuya kwabo xa amaYuda ahlaselwa ngamaBhabhiloni.—Hezekile 25:12-14.
5. Ziziphi iimeko esisenokubonisa kuzo isimo sengqondo esifanayo nesabemi bakwaEdom?
5 Ngokucacileyo, uThixo akazange akholiswe yindlela abemi bakwaEdom ababaphatha ngayo abazalwana babo abangamaYuda. Ngoko usenokuzibuza ukuba, ‘Uvakalelwa njani uThixo yindlela endibaphatha ngayo abazalwana bam?’ Inkalo esimele siyiphaphele kakhulu yindlela esibaphatha ngayo abazalwana bethu xa kukho ukungavisisani okuthile. Ngokomzekelo, masithi umKristu ukukhubekisile okanye unengxaki kunye nesalamane sakho. Ukuba ‘unesizathu sokukhalaza,’ ngaba uza kuba nenqala, ungayiphosi kwelokulibala loo meko okanye ungazami nokuzama ukuyicombulula? (Kolose 3:13; Yoshuwa 22:9-30; Mateyu 5:23, 24) Oko kunokuchaphazela indlela omphatha ngayo umzalwana wakho; usenokungabi nabubele kuye, umphephe okanye uthethe kakubi ngaye. Ukongezelela koko, makwenzeke ukuba lo mzalwana one ekuhambeni kwexesha, mhlawumbi kude kufuneke ukuba alulekwe okanye ohlwaywe ngabadala bebandla. (Galati 6:1) Ngaba uya kubonisa isimo sengqondo esifanayo nesabemi bakwaEdom uze uyivuyele intlungu yomzalwana wakho? Yintoni uThixo ebeya kufuna ukuba uyenze?
6. Ngokwahlukileyo kwimeko echazwe kuZekariya 7:10, uMika 7:18 ucebisa ukuba senze ntoni?
6 UZekariya wakhankanya ukuba uYehova unqwenela ukuba ‘singacebi nto imbi elowo nxamnye nomnye ezintliziyweni zethu.’ (Zekariya 7:9, 10; 8:17) Eli cebiso libalulekile xa sivakalelwa kukuba umzalwana uye wasikhubekisa okanye wenza okubi kwilungu lentsapho yethu. Kwimeko enjalo, kulula ‘ukuceba into embi ezintliziyweni zethu’ kuze oko kubonakale kwizenzo zethu. Kwelinye icala, uThixo ufuna sixelise umzekelo wakhe omhle. Khumbula ukuba uMika wabhala wathi uYehova ‘uxolela isiphoso aze adlule ekunxaxheni.’ a (Mika 7:18) Sinokukuxelisa njani thina oko?
7. Kutheni sisenokukhetha ukusiphosa kwelokulibala isiphoso?
7 Sisenokukhutyekiswa koko kuye kwenziwa kuthi okanye kwisalamane sethu, kodwa eneneni, kunzulu kangakanani? IBhayibhile inikela amanyathelo amele athatyathwe ukuze kuconjululwe ukungavisisani xa umzalwana wakho ekonile. Sekunjalo, kokona kubhetele ukuba unganikeli ngqalelo kweso siphoso okanye isikhubekiso, ‘udlule ekunxaxheni.’ Zibuze: ‘Ngaba esi ayisiso na esinye sezihlandlo ezingama-77 endimele ndimxolele ngazo? Kutheni ndingasuki nje ndisiphose kwelokulibala?’ (Mateyu 18:15-17, 21, 22) Kwanokuba isikhubekiso sibonakala sisikhulu ngoku, ngaba siya kubonakala ngaloo ndlela emva kweminyaka eliwaka? Phawula ukhuthazo olukwiNtshumayeli 5:20 ethetha ngomntu onandipha ukutya nesiselo: “Ngokufuthi akayi kuyikhumbula imihla yobomi bakhe, ngenxa yokuba uThixo oyinyaniso umzalisa ngemihlali yentliziyo yakhe.” Njengoko lo mntu enandipha ubomi obumnandi, uyazilibala iingxaki zobomi bemihla ngemihla. Ngaba nathi sinokubonisa isimo sengqondo esifanayo? Ukuba sinikel’ ingqalelo kuvuyo esilunandiphayo njengamaKristu, sisenokukulibala ukungavisisani okungephi, esingasayi kukukhumbula nokukukhumbula kwihlabathi elitsha. Oko kwahluke ngokupheleleyo ekuvuyisweni yintlungu yabanye okanye ekukhumbuleni iziphoso zabo.
THETHA INYANISO KWABANYE
8. Luluphi ucelomngeni esijamelene nalo ngokuphathelele ukuthetha inyaniso?
8 Iincwadi ezili-12 zesiprofeto zikwabalaselisa nokuba uThixo ufuna sithethe inyaniso. Kakade ke, siyazibhokoxa ekuthetheni ‘inyaniso yeendaba ezilungileyo’ kwabanye. (Kolose 1:5; 2 Korinte 4:2; 1 Timoti 2:4, 7) Kodwa kusenokuba lucelomngeni ukuthetha inyaniso ngalo lonke ixesha kwintsapho yethu nakubazalwana bethu, kwincoko ebandakanya iinkalo ezahlukahlukeneyo zobomi. Kutheni kusenokuba lucelomngeni nje oko?
9. Ziziphi iimeko ezisenokusenza sifune ukuyigqwetha inyaniso, kodwa yintoni esifanele sizibuze yona?
9 Ngubani kuthi ongazange athethe okanye enze into ephosakeleyo kuze kufuneke kamva aphendule ngayo? Ngokuqinisekileyo waye waziva uneentloni okanye unetyala. Iimvakalelo ezilolo hlobo zinokumenza umntu asikhanyele isiphoso sakhe okanye anikele “inkcazelo” egqwethekileyo ukuze athethelele isiphoso sakhe. Kwezinye iimeko sisenokukhetha ukukhankanya iinkcukacha ezithile kuphela, sizinonge ukuze zivakale kamnandi. Ngoko, oko sikuthethayo kusenokuba yinyaniso ngandlel’ ithile kodwa kunikele ingcamango ephosakeleyo. Nangona oko kungekokuxoka ngokuphandle, njengokuba besenza abantu ehlabathini namhlanje, ngaba ngokwenene ‘kukuthetha inyaniso nommelwane wakho,’ okanye umzalwana wakho? (Efese 4:15, 25; 1 Timoti 4:1, 2) Ucinga ukuba uvakalelwa njani uThixo xa ebona umKristu egqwetha izibakala ngabom ngendlela yokuba zikhokelele abazalwana kwisigqibo esiphosakeleyo, bakholelwe into engeyonyaniso, okanye engachananga?
10. Abaprofeti bayichaza njani imeko eyayikho kuSirayeli nakuYuda wamandulo?
10 Abaprofeti babeqonda ukuba maxa wambi amadoda namabhinqa azahlulele kuYehova ayakutyeshela oko akufunayo kuwo. UHoseya wavakalisa indlela uThixo awayevakalelwa ngayo ngabantu abathile bexesha lakhe, esithi: “Kukuphangwa kubo, kuba banxaxhile kum! Yaye ndiya kuqhubeka ndibakhulula ngentlawulelo, kodwa bona bathethe ubuxoki nxamnye nam.” Ngaphandle kokuxoka ngokuphandle ngoYehova, abanye baye ‘baqalekisa baza baqhelisela inkohliso,’ mhlawumbi ngokuthi bagqwethe izibakala ukuze bakhohlise abanye. (Hoseya 4:1, 2; 7:1-3, 13; 10:4; 12:1) UHoseya wawabhala la mazwi eseSamariya, ubukhosi basentla. Ngaba izinto zazibhetele kwaYuda? UMika uyasichazela esithi: “Izityebi zaso zizele lugonyamelo, nabemi baso bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lunenkohliso emlonyeni wabo.” (Mika 6:12) Kuhle ukuba siyazi indlela abo baprofeti ababagxeka ngayo abo ‘babeqhelisela inkohliso’ nabo ‘babenolwimi olunenkohliso emlonyeni wabo.’ Ngaloo ndlela kwanamaKristu, nangona ngokuqinisekileyo engasayi kuxoka ngabom, asenokuzibuza ukuba: ‘Ngaba maxa wambi ndisenokukhohlisa okanye ndibe nolwimi olunenkohliso emlonyeni wam? Yintoni uThixo afuna ndiyenze kule nkalo?’
11. Ngokutsho kwabaprofeti, yintoni uThixo ayifunayo kuthi xa sithetha nabanye?
11 Kwelinye icala, uThixo wabasebenzisa abaprofeti ukuba bachaze okulungileyo akufunayo kuthi. UZekariya 8:16 uthi: “Nazi izinto enifanele nizenze: Thethani inyaniso omnye nomnye. Gwebani emasangweni enu ngenyaniso nomgwebo woxolo.” Ngexesha likaZekariya amasango ayeziindawo zasesidlangalaleni amadoda amakhulu ayexoxela kuzo amatyala. (Rute 4:1; Nehemiya 8:1) Noko ke, uZekariya akazange athi le kuphela kwemeko ekwakufanele kuthethwe inyaniso kuyo. Simele sinyaniseke xa sithetha esidlangalaleni, kodwa sikwabongozwa nangokuthi: “Thethani inyaniso omnye nomnye.” Oko kuquka xa sisemakhayeni ethu, naxa sithetha namaqabane ethu omtshato okanye izalamane ezisondeleyo. Kukwabhekisela nakwincoko yethu yemihla ngemihla kunye nabazalwana noodadewethu bokomoya, enoba sithetha nabo ubuso ngobuso, okanye ngemfonomfono, nangezinye iindlela. Banesizathu sokulindela ukuba sithethe inyaniso. Abazali abangamaKristu bafanele bagxininise kubantwana babo ukubaluleka kokuphepha ukuxoka. Ngaloo ndlela abantwana bakhula besazi ukuba uThixo ulindele ukuba baluphephe ulwimi olunenkohliso baze bathethe inyaniso.—Zefaniya 3:13.
12. Ziziphi izifundo ezibalulekileyo esinokuzifunda kwiincwadi zabaprofeti?
12 Umntu oselula nokhulileyo onamathela enyanisweni uyavumelana nesibongozo sikaZekariya esithi: “Thandani inyaniso noxolo.” (Zekariya 8:19) Yaye phawula indlela uMalaki akuchaza ngayo oko uYehova wakubonayo kuNyana Wakhe: “Wona kanye umthetho wenyaniso waba semlonyeni wakhe, yaye akuzange kufumaneke ntswela-bulungisa emilebeni yakhe. Wahamba nam ngoxolo nangokuthe tye.” (Malaki 2:6) Ngaba uYehova umele alindele okunganeno kuthi? Khumbula ukuba sineLizwi lakhe elipheleleyo, kuquka iincwadi zabaprofeti abali-12 ezinezifundo ezihle esinokuzifumana kuzo.
LUPHEPHE UGONYAMELO
13. UMika 6:12 usichazela ngayiphi enye imeko eyayikho?
13 KuMika 6:12 sifunde ukuba abantu bakaThixo bamandulo babebaphatha kakubi abanye ngokuthi ‘bathethe ubuxoki, yaye nolwimi lwabo lwalunenkohliso emlonyeni wabo.’ Kodwa ke, loo ndinyana ichaze nobunye ububi obunzulu. Ikhankanye ukuba ‘izityebi zazizele lugonyamelo.’ Kwenzeka njani oko, yaye yintoni esinokuyifunda kuko?
14, 15. Yayinjani imbali yogonyamelo yeentlanga ezazijikeleze abantu bakaThixo?
14 Makhe sihlolisise into ezazidume ngayo ezinye zeentlanga ezazijikeleze abantu bakaThixo. Kumntla-mpuma kwakukho iAsiriya, eyayinekomkhulu eliyiNineve, leyo uNahum wabhala wathi ngayo: “Yeha kwisixeko sophalazo-gazi. Sizele yinkohliso nokuphanga. Ixhoba alimki!” (Nahum 3:1) Ama-Asiriya ayedume ngokuwaphatha ngenkohlakalo amabanjwa emfazwe—amanye amabanjwa ayetshiswa okanye axotyulwe ulusu ephila, yaye amanye ayetyhaphazwa okanye kunqanyulwe iimpumlo, iindlebe neminwe yawo. Incwadi iGods, Graves, and Scholars ithi: “INineve yayisaziwa ngokubulala ngogonyamelo, ukuphanga, ingcinezelo, nokuxhaphaza ababuthathaka ngenkohlakalo; isebenzisa imfazwe nazo zonke iintlobo zogonyamelo.” Umbhali uYona wazibonela ngamehlo olo gonyamelo (yaye kunokwenzeka ukuba naye waba lixhoba lalo). Emva kokuba eve isigidimi sikaYona, ukumkani waseNineve wathi ngabantu bakhe: “Mabazigqume ngamarhonya, umntu nesilwanyana sasekhaya; yaye mabamemeze kuThixo ngamandla baze babuye, ngamnye kwindlela yakhe embi nakugonyamelo olwalusezandleni zakhe.”—Yona 3:6-8. b
15 Inkohlakalo emanyumnyezi ngolo hlobo yayingaphelelanga nje eAsiriya. Ilizwe lakwaEdom, elikumzantsi-mpuma welakwaYuda, nalo lagwetywa. Ngoba? “Yona ke iEdom, iya kuba yintlango yenkangala ephanzileyo, ngenxa yogonyamelo koonyana bakaYuda, abaphalazela igazi elimsulwa kwilizwe labo.” (Yoweli 3:19) Ngaba abemi bakwaEdom basithabatha nzulu eso silumkiso baza baluyeka ugonyamelo lwabo? Kwiinkulungwane ezimbini kamva, uObhadiya wabhala wathi: “Amadoda akho anamandla amele ankwantye, Owu Teman [isixeko sakwaEdom], . . . Ngenxa yokugonyamela umntakwenu uYakobi, . . . kuya kufuneka unqunyulwe ukusa kwixesha elingenammiselo.” (Obhadiya 9, 10) Kodwa kuthekani ngabantu bakaThixo?
16. UAmosi noHabhakuki basichazela ngayiphi ingxaki yexesha labo?
16 UAmosi wachaza imeko yaseSamariya, elikomkhulu lobukhosi basentla, wathi: “‘[Bonani] izidubedube ezininzi phakathi kwayo nokuqhatha okungaphakathi kwayo. Abakwazanga ukwenza oko kuthe tye,’ utsho uYehova, ‘abo baziqwebela ugonyamelo nokuphanga kwiinqaba zabo zokuhlala.’” (Amosi 3:9, 10) Usenokucinga ukuba izinto zazahlukile kwaYuda, ekubeni yayilapho itempile kaYehova. Kodwa uHabhakuki, owayehlala kwaYuda, wabuza wathi kuThixo: “Kuya kude kube nini na ndicela ukuba undincede kugonyamelo, ungandisindisi? Kutheni undenza ndibone okwenzakalisayo, uze uqhubeke ujonga inkathazo? Kutheni kukho ukuphanga nogonyamelo phambi kwam?”—Habhakuki 1:2, 3; 2:12.
17. Yintoni esenokuba yaphembelela abantu bakaThixo ukuba babe nogonyamelo?
17 Ngaba kunokwenzeka ukuba abantu bakaThixo baphenjelelwa sisimo sengqondo sogonyamelo sabemi base-Asiriya, abakwaEdom, nabezinye iintlanga? Kusenokwenzeka ukuba kunjalo, yaye uSolomon walumkisa ngako oko esithi: “Musa ukuyimonela indoda enogonyamelo, unganyuli nayiphi na kwiindlela zayo.” (IMizekeliso 3:31; 24:1) Kamva, uYeremiya wathetha ngokungqalileyo wathi: “Utsho uYehova ukuthi: ‘Musani ukufunda indlela yeentlanga konke konke.’”—Yeremiya 10:2; Duteronomi 18:9.
18, 19. (a) Ukuba uHabhakuki ebephila kwixesha lethu, ebenokuvakalelwa njani ngogonyamelo lwanamhlanje? (b) Wena uvakalelwa njani ngogonyamelo lwexesha lethu?
18 Ukuba uHabhakuki ebephila kwixesha lethu, ngaba ebengayi kulonyanya ugonyamelo lwanamhlanje? Abantu abaninzi babukela ugonyamelo ukususela ebutsheni babo. Imifanekiso eshukumayo eyenzelwe abantwana ibalaselisa ugonyamelo—ibonisa abantu abadubulanayo, batshabalalisane. Emva kwethuba, ulutsha oluninzi lutshintshela kwimidlalo yevidiyo apho mdlali ngamnye ephumelela ngokuthi adubule, aqhushumbise, okanye atshabalalise omnye. Abanye basenokuthi, “Yimidlalo nje leyo.” Sekunjalo, imidlalo yogonyamelo edlalwa kwikhompyutha yasekhaya okanye koomatshini bevidiyo abahlawulelwayo ikhuthaza abadlali ukuba babe nogonyamelo, ngaloo ndlela itshintsha isimo sabo sengqondo nezenzo zabo. Hayi indlela esichane ngayo isiluleko esiphefumlelweyo esithi: “Umntu onogonyamelo uyalilukuhla idlelane lakhe, aze ngokuqinisekileyo alihambise ngendlela engalunganga”!—IMizekeliso 16:29.
19 Nangona uHabhakuki wayenyanzelekile ukuba abone okwenzakalisayo, ‘nogonyamelo phambi’ kwakhe, kwamenza buhlungu oko. Ngoko usenokuzibuza, ‘Ngaba ebeya kukuvuyela ukuhlala ecaleni kwam aze abukele iinkqubo zikamabonwakude endizibukela rhoqo?’ Kwakhona zibuze, ‘Ngaba ebeya kuhlala phantsi aze abukele imidlalo yogonyamelo, enabadlali abanxiba impahla yokuzikhusela njengaleyo yayinxitywa ngabadlali bamandulo ababesilwa ngamakrele?’ Eminye imidlalo ibalaselisa ukulwa kwindawo ebiyelweyo, okanye ukulwa kwababukeli. Kwezinye iindawo, abantu abaninzi bathanda ukubukela imifanekiso eshukumayo neyevidiyo ebalaselisa imfazwe okanye ubuchule bokulwa. Basenokukuthethelela oku ngokuthi yimbali nje, kodwa ngaba oko kulwenza lwamkeleke ugonyamelo?—IMizekeliso 4:17.
20. Luluphi uhlobo logonyamelo uMalaki awachaza imbono kaYehova ngalo?
20 UMalaki ukhankanya enye inkalo yogonyamelo xa ethetha ngendlela uYehova awayebugqala ngayo ubuqhophololo obabusenziwa ngamaYuda athile kubafazi bawo. “‘Uluthiyile uqhawulo-mtshato,’ utsho uYehova uThixo kaSirayeli; ‘nalowo ugubungele isambatho sakhe ngogonyamelo.’” (Malaki 2:16) Ibinzana lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “nalowo ugubungele isambatho sakhe ngogonyamelo” liye laqondwa ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Abanye abaphengululi bathi libhekisela ekuchithelweni ligazi kwizambatho zabo xa behlaselana ngogonyamelo. Kodwa icacile yona into yokuba uMalaki wayekugweba ngokupheleleyo ukuphathwa kakubi kweqabane lomtshato. Lilonke, uMalaki wayebhekisela kugonyamelo entsatsheni, ebonisa ukuba uThixo akakholiswa koko.
21. Ziziphi ezinye iimeko amaKristu amele aluphephe kuzo ugonyamelo?
21 Ugonyamelo, enoba lolwasemzimbeni okanye lolwamazwi, ekhayeni lomKristu, luphosakele njengogonyamelo lwasesidlangalaleni; nalo uThixo uyalubona. (INtshumayeli 5:8) Nangona uMalaki wayebhekisela kugonyamelo nxamnye nomfazi, akukho ndawo eBhayibhileni ebonisa ukuba ugonyamelo luyathetheleleka xa lusenziwa yindoda ebantwaneni okanye kubazali abakhulileyo. Yaye aluthetheleleki naxa lusenziwa ngumfazi kwindoda yakhe, ebantwaneni bakhe, okanye ebazalini bakhe. Liyinyaniso elokuba, ekubeni amalungu entsapho engafezekanga, kusenokubakho ukungquzulana nokucaphukisana. Sekunjalo, iBhayibhile isicebisa ngelithi: “Qumbani, kodwa ningoni; malingatshoni ilanga nicaphukile.”—Efese 4:26; 6:4; INdumiso 4:4; Kolose 3:19.
22. Sazi njani ukuba singanako ukukuphepha ukuba nogonyamelo, kwanokuba abantu abaninzi abasingqongileyo banogonyamelo?
22 Abanye basenokuluthethelela ugonyamelo lwabo bathi, ‘Ndenziwa kukuba ndikhulele kwintsapho enogonyamelo,’ okanye ‘Abantu ekuhlaleni bayaluthanda ugonyamelo.’ Noko ke, xa uMika wayegxeka ‘izityebi ezazizele lugonyamelo,’ akazange athi azinakuzinceda ngenxa yokuba zazikhulele phakathi kogonyamelo. (Mika 6:12) Ngexesha likaNowa umhlaba “wawuzaliswe lugonyamelo,” yaye oonyana bakhe bakhulela phakathi kwalo. Ngaba oko kwabenza nabo baba nobundlobongela? Ngokuqinisekileyo akunjalo! ‘UNowa wakholeka emehlweni kaYehova,’ yaye oonyana bakhe balandela umzekelo wakhe baza basinda kuMkhulula.—Genesis 6:8, 11-13; INdumiso 11:5.
23, 24. (a) Yintoni esincedayo ukuba siphephe ukwaziwa njengabantu abanogonyamelo? (b) UYehova ubagqala njani abo babaphatha ngendlela afuna ngayo abanye?
23 Emhlabeni wonke, amaNgqina kaYehova aziwa njengabantu abanoxolo, kungekhona abanogonyamelo. Ayayihlonela aze ayithobele imithetho kaKesare enxamnye nogonyamelo. (Roma 13:1-4) Aye ‘akhanda amakrele awo aba ngamakhuba’ yaye azama ngamandla ukuhlala eseluxolweni. (Isaya 2:4) Azabalazela ukwambatha “ubuntu obutsha,” obuncedayo ekuphepheni ukuba nogonyamelo. (Efese 4:22-26) Yaye axelisa umzekelo omhle wabadala abangamaKristu, ‘abangabethi’ mntu ngomlomo nangokoqobo.—1 Timoti 3:3; Tito 1:7.
24 Ewe, sinako ukubaphatha abanye ngendlela uThixo afuna ngayo—yaye simele sibaphathe ngaloo ndlela. UHoseya uthi: “Ngubani na onobulumko, ukuze aziqonde ezi zinto? Ngubani na ingqondi, enokuzazi? Kuba iindlela zikaYehova zithe tye, yaye amalungisa aya kuhamba ngazo.”—Hoseya 14:9.
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa ethetha ngebinzana elithi ‘odlulayo ekunxaxheni,’ omnye umphengululi uthi imvelaphi yesi safobe sesiHebhere “inokuthanani nomkhenkethi odlula entweni enganikelanga ngqalelo kuyo. Oku [akuthethi kuthi uThixo akaziphawuli izono zethu] kodwa ukhetha ukunganikeli ngqalelo kwezinye; aze asixolele endaweni yokusohlwaya.”
b Malunga neekhilomitha ezingama-35 kumzantsi-mpuma weNineve kwakukho isixeko iCalah (iNimrud), esaphinda sakhiwa nguAshurnasirpal. KwiMyuziyam yaseBritani kukho icandelo lodonga lwaseCalah, esifunda oku ngayo: “UAshurnasirpal wayichaza njengokuba injalo inkohlakalo nogonyamelo awayelawula ngalo. Amabanjwa ayebotshelelwa okanye abethelelwe kwizibonda ezisezindongeni zezixeko ezihlaselwayo . . . ; abafana namabhinqa aselula ayexotyulwa ulusu ephila.”—IArchaeology of the Bible.
YINTONI AYIFUNAYO UYEHOVA?
• Umzekelo kaYehova unokusinceda ukuba simphathe njani umzalwana oye wasikhubekisa?—Hoseya 14:2; Mika 7:18; Malaki 2:10, 11.
• Ukuthelekisa uHoseya 4:1 kunye noZekariya 8:16 kubonisa ukuba uYehova ulindele ukuba sibaphathe njani abanye?
• Yiyiphi inkalo othanda ukuphucula kuyo kwindlela obaphatha ngayo abanye?
NGOKWAHLUKILEYO EHLABATHINI
• Bubuphi ubungqina oye wabuphawula bokuba abaninzi ehlabathini ‘basela ugonyamelo’?—IMizekeliso 4:17; Zefaniya 1:9; Malaki 2:17.
• Unokumsebenzisa njani uMika 4:3 ebandleni nasentsatsheni?
• Esi sahluko sikuncede njani wabona ukuba sinokufunda okuthile kwiinxalenye zeBhayibhile ezingafundwa ngokufuthi?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 113]
Ukuba ukhutyekiswa ngumntu othile, yintoni ofanele uyiphephe?
[Umfanekiso okwiphepha 121]
Imifanekiso eshukumayo eyenzelwa abantwana nemidlalo yevidiyo ikhohlisa ulutsha lucinge ukuba ugonyamelo lwamkelekile