Yiba Negalelo Kubomi Bentsapho Obumkholisayo UThixo
Isahluko Seshumi
Yiba Negalelo Kubomi Bentsapho Obumkholisayo UThixo
1. Kutheni ngokuqhelekileyo amaNgqina kaYehova enandipha ubomi bentsapho obonwabisayo?
AMANGQINA KAYEHOVA aziwa ngokuba neentsapho ezonwabileyo. UNjingalwazi uBryan Wilson okwiOxford University wabhala wathi: “AmaNgqina anamacebiso aluncedo kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobomi . . . emtshatweni, kwindlela yokuziphatha, ekukhuliseni abantwana, nakweminye imibandela. Amacebiso awo asekelwe kwiZibhalo Ezingcwele yaye aphila ngokuvisisana nawo.” Ngokungathandabuzekiyo, ufunde lukhulu eLizwini likaThixo ngendlela yokunandipha ubomi bentsapho obonwabisayo.
2. (a) Yintoni oye wayiphawula kwiintsapho ezikhoyo ehlabathini namhlanje? (b) Ziziphi iincwadi zeBhayibhile esiza kuzihlolisisa ukuze sifumane ulwalathiso ngokuphathelele ubomi bentsapho?
2 Njengoko imini kaYehova isondela, uSathana uhlasela ngokukhethekileyo iintsapho. Ngenxa yoko, abantu abaninzi abanantembelo kumalungu entsapho yabo, njengokuba kwakunjalo nangexesha likaMika. Wabhala wathi: “Musa ukukholwa liqabane lakho. . . . Nakulowo olala esifubeni sakho kulinde ukuvuleka komlomo wakho. Kuba unyana udelela uyise; intombi ivukela unina; umolokazana nxamnye noninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.” (Mika 7:5, 6) Uphila kwihlabathi elinemilinganiselo ewohlokayo yentsapho, kodwa uye wazama ngamandla ukuba ungachaphazeleki. Ngaloo ndlela, ubomi bentsapho yakho buye baba bobonwabisayo, yaye bumkholisa ngakumbi uThixo. Kunokwenzeka ukuba uye wasebenzisa amacebiso afumaneka kwiDuteronomi 6:5-9; kwabase-Efese 5:22–6:4; nakwabaseKolose 3:18-21. Kodwa ngaba wakha wayicinga into yokuba iincwadi zabaprofeti abali-12 zinokunikela isiluleko esinokuyizisela ulonwabo intsapho yakho? Kwesi sahluko, siza kuhlolisisa imizekelo embalwa yeso siluleko sifumaneka kwezi ncwadi. Kodwa musa ukuphelela nje ekunikeleni ingqalelo kwisiluleko esingqalileyo esiza kuxubusha ngaso apha. Zama ukuhlolisisa eminye imizekelo ekhoyo kwezi ncwadi, onokufunda okuthile kuyo. Ekupheleni kwesi sahluko, kudweliswe izibhalo ezinemizekelo onokuyihlolisisa ukuze ufunde lukhulu kwezi ncwadi zili-12.
“ULUTHIYILE UQHAWULO-MTSHATO”
3, 4. (a) Abantu abaninzi namhlanje bazama njani ukucombulula iingxaki zomtshato? (b) Sisiphi isimo sengqondo esibi ngokuphathelele umtshato esasikho ngexesha likaMalaki?
3 Ngokusengqiqweni, inkalo ebalulekileyo esimele siqale ngayo lulwalamano phakathi kwendoda nomfazi. Ngaphambili inkoliso yabantu yayingalugqali uqhawulo-mtshato njengendlela elula yokucombulula iingxaki zomtshato. Ngokuqhelekileyo ukuqhawula umtshato kwakuyinto enzima kunene; ngenkulungwane ye-19 eNgilani kwakufuneka isigqibo sePalamente ngaphambi kokufumana imvume yokuqhawula umtshato. Oko kwakuzikhusela iintsapho ukuba zingahlukani. Kodwa ke ngoku izinto zahluke ngokupheleleyo. IEncyclopædia Britannica ithi: “Uqhawulo-mtshato luye lwanda ngendlela exhomis’ amehlo kumazwe amaninzi ukususela kwiMfazwe Yehlabathi II . . . Indlela abantu abalugqala ngayo uqhawulo-mtshato itshintshe kakhulu . . . lubonakala luyinto eyamkelekileyo.” Uqhawulo-mtshato luyinto eqhelekileyo ngoku kwanakumazwe anjengeKorea, eyayikade ilugxeka uqhawulo-mtshato ukuza kuthi ga kutshanje kwisithuba seminyaka elishumi edluleyo. Namhlanje abantu emazweni amaninzi bavakalelwa kukuba uqhawulo-mtshato yindlela yokucombulula iingxaki zomtshato.
4 Ngexesha likaMalaki ngenkulungwane yesihlanu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uqhawulo-mtshato lwaluxhaphakile kumaYuda. UMalaki wathi kuwo: “UYehova [unikele] ubungqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo wena uqhubene naye ngobuqhophololo.” Ngenxa yobuqhophololo bamadoda, isibingelelo sikaYehova sasigutyungelwe ziinyembezi zabafazi bawo, ‘belila yaye bencwina.’ Yaye ababingeleli abangendawo babeyivumela loo nkohlakalo!—Malaki 2:13, 14.
5. (a) UYehova ulugqala njani uqhawulo-mtshato? (b) Kutheni kungumbandela onzulu nje ukukhohlisa iqabane lomtshato ngamaqhinga?
5 UYehova wayesigqala njani isimo sengqondo esibi esasikho ngokuphathelele umtshato ngexesha likaMalaki? “‘Uluthiyile uqhawulo-mtshato,’ utsho uYehova uThixo kaSirayeli,” wabhala watsho uMalaki. Kwakhona waqinisekisa ukuba uYehova ‘akatshintshanga.’ (Malaki 2:16; 3:6) Ngaba uyayifumana ingongoma? Ngaphambili uThixo wayeluthiyile uqhawulo-mtshato. (Genesis 2:18, 24) Wayeluthiyile nangexesha likaMalaki. Yaye usaluthiyile nanamhlanje. Abanye abantu banokukhetha ukuphelisa umtshato wabo ngenxa nje yokuba benganelisekanga ngamaqabane abo. Nangona intliziyo yabo isenokubakhohlisa, yena uYehova uyayigocagoca. (Yeremiya 17:9, 10) Uyawazi nawaphi na amaqhinga okuceba uqhawulo-mtshato ngobuqhophololo, nokuba umntu angazama kangakanani na ukuwathethelela. Enyanisweni, “zonke izinto zize yaye zibhencekile emehlweni alowo simele siphendule kuye.”—Hebhere 4:13.
6. (a) Ukukhumbula indlela uYehova alugqala ngayo uqhawulo-mtshato kunokukunceda njani? (b) Yintoni eyona nto wayigxininisayo uYesu ngokuphathelele uqhawulo-mtshato?
6 Kusenokwenzeka ukuba akujamelananga noqhawulo-mtshato emtshatweni wakho, kodwa kuhle ukuba uhlale uyikhumbula indlela uYehova alugqala ngayo uqhawulo-mtshato. Asifezekanga, ngoko ziya kuhlala zikho iingxaki nokungavisisani emtshatweni. Kodwa ngaba ufanele ulugqale uqhawulo-mtshato njengesicombululo? Xa nixabana, ngaba ufanele ukhankanye uqhawulo-mtshato? Abaninzi benjenjalo, kodwa uThixo ufuna ukuba abantu abatshatileyo bazame ngamandla ukwenza umtshato wabo uphumelele. Kambe ke, uYesu Kristu wathi kukho isizathu esinye esifanelekileyo soqhawulo-mtshato—uhenyuzo, oko kukuthi, naziphi na iintlobano zesini kunye nomntu ongatshatanga naye. Kodwa yintoni eyona nto wayigxininisayo uYesu? Wathi kwabo babephulaphule: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye, makungahlukaniswa mntu.” Ngoko uYesu wanamathela kumlinganiselo ongaguqukiyo kaYehova, owakhankanywa nguMalaki kwiminyaka engama-450 ngaphambi kwakhe.—Mateyu 19:3-9.
7. Ngokuvisisana necebiso elikwincwadi kaMalaki, unokuwugcina njani womelele umtshato wakho?
7 Ngoko ke, amaqabane angamaKristu anokuwugcina njani womelele umtshato wawo? UMalaki wanikela eli cebiso: “Nimele nizilinde ngokuphathelele umoya wenu, yaye nimele ningenzi ngobuqhophololo.” (Malaki 2:16) Oko kuthetha ukuba sifanele silawule iimvakalelo zethu. Ukuba ‘siyawulinda umoya wethu’ siya kuphepha nasiphi na isilingo sokunikela ingqalelo engafanelekanga kuye nabani na ongeloqabane lethu lomtshato. (Mateyu 5:28) Ngokomzekelo, kuthekani ukuba uyakunandipha ukunikwa ingqalelo okanye ukunconywa ngumntu wesini esahlukileyo? Oko bekuya kubonisa ukuba akuwulindanga umoya wakho. Ngoko nikela ingqalelo kwicebiso eliyintloko labaprofeti abali-12 elithi ‘wulinde umoya wakho,’ kuba liya kukunceda ube nomtshato owomeleleyo.
8, 9. Kwakutheni ukuze ingxelo kaHoseya noGomere iqukwe eBhayibhileni?
8 Ngokuqinisekileyo unomdla wokuba umtshato wakho uphumelele. Sekunjalo, akunakuziphepha ngokupheleleyo iingxaki zomtshato. Ngoko unokujamelana njani ngokuphumelelayo neengxaki ezivelayo, ingakumbi xa uvakalelwa kukuba ubukhulu becala zibangelwa liqabane lakho? Khumbula oko kuye kwakhankanywa ngaphambilana kule ncwadi, kwiSahluko 2 nesesi-4, ngokuphathelele uHoseya. Umfazi wakhe uGomere waba ‘ngumfazi wobuhenyu’ waza ‘wasukela izithandwa zakhe.’ Ekuhambeni kwexesha zamshiya ehlwempuzekile yaye elikhoboka. UHoseya wakhupha intlawulo ukuze amthabathele kuye kwakhona uGomere, yaye wabongozwa ukuba amthande. Ngoba? Injongo yoku yayikukubonisa ngokucacileyo oko kwakusenzeka phakathi kukaYehova noSirayeli. UYehova ‘wayeyindoda’ yabantu bakhe, bona befana nomfazi wakhe.—Hoseya 1:2-9; 2:5-7; 3:1-5; Yeremiya 3:14; Isaya 62:4, 5.
9 Kangangethuba elide, amaSirayeli amenza buhlungu uYehova ngokuthi alandele abanye oothixo. (Eksodus 32:7-10; Abagwebi 8:33; 10:6; INdumiso 78:40, 41; Isaya 63:10) Ubukhosi basentla bezizwe ezilishumi bamona ngokugqithiseleyo ngokuthi bunqule ithole lenkomo. (1 Kumkani 12:28-30) Ngaphezu koko, amaSirayeli akazange akholose ngeNdoda yawo enguYehova, kunoko akholosa ngezithandwa zawo zobupolitika. Ngesinye isihlandlo, andlandlatheka njengeqwarhashe elitshutshumbiswa yinkanuko yesini, aya kuziphatha kakubi kunye nama-Asiriya. (Hoseya 8:9) Ubuya kuvakalelwa njani ukuba iqabane lakho belinokwenza oko?
10, 11. Unokumxelisa njani uYehova ukuba ujamelene nengxaki yaye kubonakala iliqabane lakho elenze isiphoso?
10 Ngexesha likaHoseya, kwakusele kudlule ngaphezu kwama-700 eminyaka ukususela oko amaSirayeli ayenze umnqophiso kunye noYehova. Kodwa uThixo wayekulungele ukuwaxolela, ukuba nje ayenokubuyela kuye. Kuqikelelwa ukuba uHoseya waqala ukuprofeta ngaphambi kowama-803 B.C.E., nto leyo ethetha ukuba kwadlula eminye iminyaka engama-60 uYehova emnyamezele uSirayeli, yada yagqithisa yaya kutsho kuma-200 enyamezele uYuda! Esebenzisa imeko yentsapho kaHoseya njengomzekelo, uYehova wayebamema abantu bakhe bomnqophiso ukuba baguquke. Wayenezizathu ezivakalayo zokuwuphelisa umtshato wakhe kunye noSirayeli, kodwa waqhubeka ethumela abaprofeti ukuba bancede umfazi wakhe wokomfuziselo abuyele kuye, kwanakuba oko kwakuziindleko kuye.—Hoseya 14:1, 2; Amosi 2:11.
11 Ukuba ujamelana nengxaki yomtshato yaye kubonakala iliqabane lakho elenze isiphoso, ngaba uya kusabela ngendlela awasabela ngayo uYehova? Ngaba uya kwenza imizamo yokubuyisela umtshato wakho kwimeko obukuyo ngaphambili? (Kolose 3:12, 13) Oko kufuna ukuzithoba. Khumbula umzekelo omhle wendlela uYehova awaqhubana ngayo namaSirayeli! (INdumiso 18:35; 113:5-8) UThixo ‘wathetha entliziyweni yamaSirayeli,’ ewacenga. Njengabantu abangafezekanga, ngaba akuyomfuneko ngakumbi na kuthi ukuba sithethe entliziyweni yamaqabane ethu, sizame ukulungisa iingxaki yaye sizibethe ngoyaba iziphoso? Phawula ukuba, imizamo kaYehova yavelisa iziqhamo. Intsalela yolo hlanga yasabela ngoxa yayisekuthinjweni eBhabhiloni, yaza kamva yabuyela kwilizwe layo, yambiza uYehova ngokuthi “Ndoda yam.”—Hoseya 2:14-16. a
12. Ukucingisisa ngendlela uYehova awamphatha ngayo umfazi wakhe wokomfuziselo kunokuba yingenelo njani emtshatweni wakho?
12 Xa kuvela ingxaki enzulu, imizamo yakho enyanisekileyo yokuhlaziya ulwalamano lwakho neqabane lakho isenokuvelisa iziqhamo. UThixo wayekulungele ukuxolela kwanesona sono sinzulu sokuhenyuza ngokomoya kweqabane lakhe lokomfuziselo. Inkoliso yeengxaki zomtshato phakathi kwamaKristu azide zifikelele kwelo nqanaba. Iingxaki ezininzi ziqala ngamazwi arhabaxa okanye ahlabayo. Ngoko ukuba iqabane lakho likuxabela ngamazwi ahlabayo, cinga ngoko kwehlela uHoseya kwanoYehova. (IMizekeliso 12:18) Ngaba oko akunakukunceda na ukuba ulixolele?
13. Yintoni esinokuyifunda kwisibakala sokuba uYehova wayefuna baguquke abantu bakhe abanxaxhayo?
13 Kukho nenye inkalo yale ngxelo yembali. Ngaba uThixo wayekulungele ukuhlaziya ulwalamano lwakhe kunye nabantu bakhe ngoxa babeqhubeka behenyuza? UThixo wathi kuHoseya ngolo hlanga lukrexezayo: “Ufanele alahle ubuhenyu bakhe phambi kwakhe nezenzo zakhe zokukrexeza phakathi kwamabele akhe.” (Hoseya 2:2) Abo bantu babefanele baguquke baze ‘bavelise iziqhamo ezifanele inguquko.’ (Mateyu 3:8) Kule meko, nikel’ ingqalelo kwiziphoso zakho kunezo zeqabane lakho. Ukuba ulonile iqabane lakho, kutheni ungazami ukuhlaziya ulwalamano lwenu ngokuthi ucele uxolo ngokunyanisekileyo uze utshintshe ihambo yakho? Ngaloo ndlela lisenako ukukuxolela.
‘IINTAMBO ZOTHANDO’—ISISEKO SOQEQESHO
14, 15. (a) Ngenxa yoko kuchazwe kuMalaki 4:1, kutheni ufanele uyithabathe nzulu imbopheleleko yokufundisa abantwana bakho? (b) Unokubanceda njani abantwana bakho ukuba bamazi uYehova?
14 Ngokuphathelele ubomi bentsapho, sinokufunda nokunye okungakumbi kwindlela uYehova awaqhubana ngayo namaSirayeli, njengoko kukhankanyiwe kwiincwadi zabaprofeti abali-12. Ezo ncwadi zibonisa indlela onokubanceda ngayo abantwana bakho. Iyinyaniso into yokuba, ukukhulisa abantwana namhlanje akuyonto ilula. Abazali bamele bayithabathe nzulu imbopheleleko yabo. Sifunda oku: “‘Imini leyo izayo ngokuqinisekileyo iya kubaqwenga [abantu],’ utsho uYehova wemikhosi, ‘kangangokuba ayiyi kubashiyela nokuba yingcambu okanye isebe.’” (Malaki 4:1) Ekufikeni kwaloo mini yokuziphendulela, abantwana abancinane (abangamasebe) baya kugwetywa ngokusesikweni ngokuvisisana noko uYehova akuphawulileyo kubazali babo (abaziingcambu), abanembopheleleko yokunyamekela abantwana babo abancinane. (Isaya 37:31) Ikamva labantwana, enoba lihle okanye libi, lixhomekeke kwindlela abaphila ngayo abazali babo. (Hoseya 13:16) Ukuba nina bazali (abaziingcambu) aninalo ulwalamano oluhle noYehova, oko kusenokuthetha intlekele kubantwana benu abancinane (abangamasebe) ngemini yomsindo wakhe. (Zefaniya 1:14-18; Efese 6:4; Filipi 2:12) Kanti ukuba nenza umgudu onyanisekileyo wokuba ngabakholekileyo emehlweni kaThixo, oko kunokuba yingenelo kubantwana benu.—1 Korinte 7:14.
15 Emva kokucaphula isiprofeto sikaYoweli esiphathelele ukubiza egameni likaYehova, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Baya kubiza njani na kulowo bangakholwanga kuye? Baya kukholwa njani na kulowo bangevanga ngaye?” (Roma 10:14-17; Yoweli 2:32) UPawulos wayethetha ngobulungiseleli bethu basesidlangalaleni, kodwa ungasebenzisa umgaqo ofanayo nasekufundiseni abantwana bakho. Banokukholwa njani kuYehova bengakhange beve ngaye? Ngaba uchitha ixesha elaneleyo suku ngalunye ufundisa abantwana bakho ngokulunga kukaYehova, ubanceda ukuba bamthande ngokunzulu yaye baluthande nokhokelo lwakhe? Ngokuqhelekileyo abantwana benza inkqubela entle ngokomoya xa besiva kuthethwa rhoqo ngoYehova entsatsheni.—Duteronomi 6:7-9.
16. Ngokuvisisana noMika 6:3-5, unokumxelisa njani uYehova xa uqeqesha abantwana bakho?
16 Xa abantwana besebancinane, kusenokuba lula ukuya nabo kwiintlanganiso zamaKristu. Kodwa njengoko bekhula, baqalisa ukuzenzela ezabo izigqibo. Yintoni onokuyenza xa ngamathuba athile abantwana bakho bebonisa utyekelo lokuba nemvukelo? Unokufunda kwindlela uYehova awamphatha ngayo uSirayeli noYuda, njengoko ichaziwe kwiincwadi zabaprofeti abali-12. (Zekariya 7:11, 12) Ngokomzekelo, xa ufunda uMika 6:3-5, cingisisa ngemvakalelo ebalaseliswayo apho. AmaSirayeli ayonile; sekunjalo uThixo wawabiza ngokuthi “bantu bam.” Wawabongoza wathi: “Owu bantu bam, khanincede, nikhumbule.” Endaweni yokuba awagxeke kabukhali, wazama ukufikelela iintliziyo zawo. Ngaba unokumxelisa uYehova xa uqeqesha abantwana bakho? Nokuba benze siphi na isiphoso, baphathe njengenxalenye ebalulekileyo yentsapho yakho, ungathethi ngendlela ebathob’ isidima. Kunokuba ubagxeke, babongoze ngendlela ethantamisayo. Babuze imibuzo ukuze uqonde oko bakucingayo. Zama ukufikelela intliziyo yabo ukuze bakwazi ukuthetha ngokuphandle.—IMizekeliso 20:5.
17, 18. (a) Yintoni efanele ikushukumisele ekubeni uqeqeshe abantwana bakho? (b) Unokuzisebenzisa njani ‘iintambo zothando’ ebantwaneni bakho?
17 Siyintoni isizathu sokuba ubaqeqeshe abantwana bakho? Abanye abazali babaqeqesha kuba bengafuni bahlazise intsapho yabo. UYehova wasichaza ngale ndlela isizathu sokuba aqeqeshe abantu bakhe: “Ndamfundisa ukuhamba uEfrayim, ndamphatha ngeengalo zam . . . Ndamtsala ngeentsontelo zomntu wasemhlabeni, ngeentambo zothando.” (Hoseya 11:3, 4) Kule meko, uHoseya ufanisa ulwalamano oluphakathi kukaYehova noSirayeli kunye nolo lukabawo nonyana wakhe. Khawube nomfanekiso-ngqondweni womzali onothando enika umntwana iintambo, aze yena azibambe kwelinye icala, ezama ukunceda loo mveku iqingqayo ukuba ikwazi ukuhamba. Olu sana luxhathisa ngazo ezi ntambo xa lugxadazela, yaye ikwazizo nezilukhokelayo xa lubhadula.—Yeremiya 31:1-3.
18 Ngaba nawe uza kuxelisa uthando uThixo awalubonisayo kumaSirayeli? Amnikel’ umva ngokuphindaphindiweyo, kodwa akazange akhawuleze aziyeke ezo ntambo zothando. Abantwana basenokubhadula maxa wambi okanye bagxadazeliswe zizinto ezingenamsebenzi, kodwa hlala uzibambile iintambo zothando eziphakathi kwakho nabo. Khumbula ukuba uYehova akazange asuke nje azibethe ngoyaba iziphoso zabantu bakhe. Wayisingatha ngokusesikweni imeko yabo, wabaqeqesha ngothando, waza wachitha ixesha ezama ukubanceda. Ukuba uphawula ukuba umntwana wakho uyaphambuka endleleni yenyaniso, musa ukukubetha ngoyaba oko. Zama ukumbuyisa ngeentambo zothando, umncede ebudeni belo xesha lobunzima. Chitha ixesha kunye nabantwana bakho abanengxaki. Kubaluleke gqitha oko!
19. Kutheni ungafanele uphelelwe lithemba ngabantwana bakho?
19 UHoseya wabona kwangaphambili ukuba iqaqobana elithile lamaSirayeli laliza kulwamkela uqeqesho, kuba wathi: “Oonyana bakaSirayeli baya kubuya baze ngokuqinisekileyo bamfune uYehova uThixo wabo, noDavide ukumkani wabo; yaye ngokuqinisekileyo baya kuza begubha kuYehova nasekulungeni kwakhe ekupheleni kwemihla.” (Hoseya 3:5) Ngoko kucacile ukuba uqeqesho lukaThixo lwabanceda abanye babantu bakhe. Nawe yiba nentembelo yokuba kuya kuba njalo nakubantwana bakho. Zama ukubona iimpawu ezintle kubo. Thetha ngobubele nabo kodwa unamathele ngokuqinileyo kwimilinganiselo yeBhayibhile. Kwanokuba umntwana onxaxhayo akasabeli ngoku, ngubani owaziyo ukuba akayi kusabela kwixesha elizayo?
LULUMKELE UNXULUMANO OLUBI!
20. Nguwuphi umbuzo ophathelele izinxulumani ophendulwayo kwiincwadi zabaprofeti abali-12?
20 Yintoni nina baselula eninokuyifunda kwiincwadi zabaprofeti abali-12? Kunokwenzeka ukuba esinye sezibhalo abasixubusha kakhulu nawe abazali bakho yeyoku-1 kwabaseKorinte 15:33 ethetha ngokuphepha unxulumano olubi. Kodwa abanye benu basenokubuza, ‘Ngaba ukuba nabahlobo abangamnquliyo uYehova kubi kangako?’ Unokuyifumana impendulo yaloo mbuzo kwezi ncwadi zili-12.
21-23. (a) Yintoni abanokuyifunda abaselula kwikhondo elathatyathwa ngabemi bakwaEdom? (b) Ngoobani abangabahlobo bakho bokwenene?
21 Nangona iincwadi zabaprofeti abali-12 zazibhekisa ngokuyintloko kubantu bakaThixo, yona incwadi kaObhadiya yayibhekisa kubemi bakwaEdom, abachazwe njengabazalwana bamaSirayeli. b (Duteronomi 2:4) Ngokwahlukileyo kwezinye iincwadi zabaprofeti abali-12, uObhadiya usebenzisa isimelabizo esithi nina xa ebhekisa kubemi bakwaEdom. Ngoku khawukhe ucinge ngabemi bakwaEdom. Kungowama-607 B.C.E. xa kanye iYerusalem yayirhangqiwe. Nangona abemi bakwaEdom babezalana noYakobi, bazihlanganisa kunye namaBhabhiloni! Bagculela bathi: “Yihlubeni! Yihlubeni!” (INdumiso 137:7; Obhadiya 10, 12) Babeceba ukuthabatha ilizwe lakwaYuda. Babesitya namaBhabhiloni, nto leyo kuMbindi Mpuma yayibonisa ukuba babenze isivumelwano sobuhlobo.
22 Phawula oko uObhadiya wakuxela kwangaphambili ngokuphathelele abemi bakwaEdom: “Wona kanye amadoda [aseBhabhiloni] anqophisene nawe onke akukhohlisile. Amadoda aseluxolweni nawe akoyisile. Abo batya ukutya nawe baya kubeka umnatha ngaphantsi kwakho njengalowo ungenako ukuqonda.” (Obhadiya 7) Yintoni eyenzekayo kubemi bakwaEdom, abamlahlayo umntakwabo uYakobi, baza bahlobana namaBhabhiloni? Ekugqibeleni, amaBhabhiloni awayelawulwa nguNabonidus abatshabalalisa abemi bakwaEdom. Ngexesha likaMalaki, uThixo wazenza zaba yinkangala ephanzileyo iintaba zakwaEdom, waza ilifa likaEdom walinika oodyakalashe.—Malaki 1:3.
23 Ngoku khawucinge ngabo bazenza abahlobo bakho kodwa abangamnquliyo uYehova. Ngaba akuyiqaphelanga na into yokuba ‘amakhwenkwe [okanye amantombazana] enza umnqophiso’ wobuhlobo, adla ngokukhohlisana aze ‘abeke umnatha ngaphantsi’ kwabo azenza ngathi angabahlobo babo? Xa ibhenceka inkohliso yawo, adla ngokuthini? Asenokubagqala abo abakhohlisayo njengabantu abangabhadlanga. Yiloo nto kanye eyenziwa ngamaBhabhiloni kubahlobo bawo abangabemi bakwaEdom! Ngaba uvakalelwa kukuba “abahlobo” abanjalo banokukunceda xa unengxaki? (Obhadiya 13-16) Kwelinye icala, cinga ngoYehova uThixo nangabantu bakhe namhlanje. UYehova usoloko ekulungele ukukunceda. Uya kukunceda xa usebunzimeni. Nabantu bakhe ‘bangamaqabane okwenyaniso athanda ngamaxesha onke,’ yaye bangabahlobo onokuthembela kubo ‘ngexesha lembandezelo.’—IMizekeliso 17:17.
OLONA LWALAMANO LUBALULEKILEYO OMELE ULUXABISE
24, 25. Yintoni emele ibe yeyona ibalulekileyo ebomini bethu?
24 Ewe, ulwalamano lwentsapho lubalulekile yaye lufanele luqiniswe. Sinokufunda lukhulu ngalo kwiincwadi zabaprofeti abali-12. Kungakuhle ukuba uzifunde ezo ncwadi uze uhlolisise ezinye iindlela onokungenelwa ngazo, njengokuba sizekelisile kwesi sahluko. Ngaloo ndlela uya kufunda ngeendlela ezingakumbi onokubuphucula ngazo ubomi bentsapho yakho. Sekunjalo, ngaba ukuba nobomi bentsapho obonwabisayo kuyeyona nto ibalulekileyo kubakhonzi bakaThixo namhlanje?
25 Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba uYoweli waprofeta wathi ngokuphathelele imini kaYehova ezayo: “Hlanganisani abantu. Ngcwalisani ibandla. . . . Umyeni makaphume kwigumbi lakhe elingaphakathi, nomtshakazi kwigumbi lakhe lomsitho womtshato.” (Yoweli 2:15, 16) Kwakumele kuhlanganiswe yonke intsapho ukuze inqule uYehova. Kwanabo babesandul’ ukutshata, ngokuqhelekileyo abadla ngokufuna ukuziphumlela, babemele bahlanganiswe! Ayikho into ebaluleke ngaphezu kokuhlanganisana ukuze kunqulwe uThixo. Njengoko imini kaYehova isondela ngokukhawuleza, ukuhlala sikholekile emehlweni akhe kumele kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bethu. Kwicandelo lokugqibela lale ncwadi, siza kuhlolisisa into esifanele sikuvuyele ukuyenza namhlanje.
[Imibhalo esemazantsi]
a Xa iqabane elingumKristu linetyala lokukrexeza, liqabane elimsulwa elifanele lenze isigqibo sokulixolela okanye sokungalixoleli.—Mateyu 19:9.
b Enye incwadi eyayingabhekisi ngokungqalileyo kumaSirayeli yincwadi kaNahum, eyayibhekisa kubemi baseNineve.
IMPINDA
• Yintoni esiyifundayo kuMalaki 2:16 enokomeleza intsapho yakho?
• UYehova wayisingatha njani imeko xa umfazi wakhe wokomfuziselo wayenganyanisekanga kuye?—Hoseya 3:1-5.
• Yintoni anokuyenza umntu ukuze ahlaziye ulwalamano lomtshato emva kokuba iqabane lakhe lone ngokunzulu?—Hoseya 2:2.
UNOKUNGENELWA NJANI?
• Unokungenelwa njani kwezi zibhalo zilandelayo?
• Ngokuvisisana nendlela ekuzekeliswe ngayo kwesi sahluko, unokuzisebenzisa njani ezi zibhalo zilandelayo ukuze uphucule ubomi bentsapho yakho?
[Imibuzo YeSifundo]
[Umfanekiso okwiphepha 127]
Ngaba ubuya kulugqala uqhawulo-mtshato njengesicombululo xa kukho ukungavisisani emtshatweni?
[Umfanekiso okwiphepha 128]
Ukumthabatha kukaHoseya kwakhona uGomere kusifundisa ntoni ngoYehova?
[Umfanekiso okwiphepha 130]
Xelisa uYehova ngokuthi uthabathe inyathelo lokuqala lokucombulula naziphi na iingxaki
[Umfanekiso okwiphepha 133]
Ukuba ungumzali, ngaba uxelisa uYehova ekuboniseni uthando ebantwaneni bakho?
[Umfanekiso okwiphepha 136]
Ngaba abo bathi bangabahlobo bakho ‘babeka umnatha ngaphantsi kwakho’?