‘Yintoni UYehova Ayifunayo Kuwe?’
Isahluko Sesibhozo
‘Yintoni UYehova Ayifunayo Kuwe?’
1, 2. Kutheni kukhuthaza nje ukuphawula indlela uYehova awabaphatha ngayo abantu bakhe bamandulo ababonakele ngokomoya?
KHAWUBE nomfanekiso-ngqondweni wesi siganeko: Intombazana ethile yothuswa kukungonjwa kocango. Iyatyhwatyhwa kukoyika icinga ukuba lo isenokuba ngusomashishini okhohlakeleyo ofuna imali abamtyala yona. Uxhaphaze abantu abaninzi ngokubiza amaxabiso axhomileyo nenzala engekho mthethweni. Ukuze angabanjwa, unyoba abaphathi bedolophu ukuze bangazihoyi izikhalazo zabo bangamaxhoba. Le ntombazana ibonakala ingenamthetheleli; uyise ubashiyile waya kuhlala nebhinqa eliselula. Yona nonina basenokuthengiswa njengamakhoboka.
2 Yile meko kanye echazwa ngabaprofeti abali-12. (Amosi 5:12; 8:4-6; Mika 6:10-12; Zefaniya 3:3; Malaki 2:13-16; 3:5) Ukuba wawuphila ngelo xesha, wawuya kusabela njani? Nangona le meko idimaza, unokomelezwa yindlela uYehova awabaphatha ngayo abantu bakhe ebudeni belo xesha labaprofeti. Kwiincwadi zabo ezili-12, unokubona ukuba uThixo wayegxininisa ukuba abantu babonise iimpawu ezintle kunye nesimo sengqondo esihle. Ukhuthazo lwakhe lusenokuyiphucula indlela oziphatha ngayo, lukushukumisele ekubeni wenze okuhle, yaye umdumise. Ngenxa yokuba imini kaYehova isondela ngokukhawuleza, ukunikela kwakho ingqalelo kukhuthazo olukwezo ncwadi kunokukwenza ukuqonde ngakumbi oko uThixo akufunayo kuwe. Qala ngokuhlolisisa iziganeko zexesha likaMika, ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.
YINTONI UYEHOVA AYIFUNAYO KUWE?
3, 4. (a) Sisiphi isibongozo esinomtsalane esifumaneka encwadini kaMika? (b) Ukuchaphazela njani umbuzo okuMika 6:8?
3 Xa ufunda incwadi kaMika, usenokucinga ukuba izaliswe luthotho lwemigwebo eyayiza kuziswa nxamnye namaSirayeli avukelayo. Enyanisweni, uYehova wayekubona ukonakala kwabantu bakhe, kuquka abo wabachaza ‘njengabathiyi bokulungileyo nabathandi bobubi.’ (Mika 3:2; 6:12) Kodwa phakathi kolo thotho lwemigwebo, kukho esinye sezona zibongozo zikhuthaza ngokwenene ezifumaneka eBhayibhileni. UMika unikel’ ingqalelo kuMthombo wemilinganiselo yobulungisa aze abuze lo mbuzo uchukumisayo: “Yintoni ayibizayo kuwe uYehova ngaphandle kokuqhelisela okusesikweni nokuthanda ububele nokuthozama ekuhambeni noThixo wakho?”—Mika 6:8.
4 Ngaba usiphawulile isibongozo soMdali wethu kule ndinyana? Ngothando usikhumbuza ukuba sibe nesimo sengqondo esihle, kunokuba sinikel’ ingqalelo kubungendawo obandayo. UYehova uyazi ukuba njengabantu abanyanisekileyo sifuna ukuhlakulela iimpawu zobuthixo, yaye uyayixabisa imigudu esiyenzayo. Ubuya kuphendula uthini ukuba ubunokubuzwa ngokungqalileyo ukuba: ‘Yintoni uYehova ayifunayo kuwe?’ Ngaba unokukhankanya utshintsho oye walwenza—okanye ekusafuneka ulwenzile—ebomini bakho ukuze uphile ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yokuziphatha? Ulwalamano lwakho noThixo kunye nendlela ophila ngayo iya kuphucuka ngakumbi njengoko uzabalazela ukufikelela loo milinganiselo. Njengoko iparadesi yomhlaba wonke ikufuphi kakhulu, yamkela isibongozo esithi: “Zihlwayelele imbewu ngobulungisa; vuna ngokuvumelana nobubele bothando. Zikhubeleleni umhlaba olimekayo, xa kukho ixesha lokumfuna uYehova de afike aze anikele uyalelo lobulungisa kuni.” (Hoseya 10:12) Ngoku makhe sihlolisise iingongoma eziphambili zecebiso elikuMika 6:8.
‘YIBA NGOTHOZAMILEYO’
5. Kutheni kubalulekile ‘ukuthozama’ ekuhambeni kwethu noThixo?
5 Ibangel’ umdla into yokuba uMika athi uYehova ufuna ‘sithozame ekuhambeni’ kwethu Naye. Ukuthozama kuyingenelo kuthi kuba “bunabathozamileyo ubulumko.” (IMizekeliso 11:2) Ukuthozama kuquka ukuyamkela into yokuba sinobuthathaka obubangelwa sisono sika-Adam. Ukuyamkela kwethu into yokuba sizalelwe esonweni kuya kusinceda njengoko sizabalazela ukuphepha nasiphi na isono sangabom.—Roma 7:24, 25.
6. Sinokungenelwa njani ukuba ngokuthozama siyayiqonda imiphumo yesono?
6 Kutheni ukuthozama nokuthobeka kwengqondo, kubaluleke gqitha nje ekuphepheni isono sangabom? Kaloku umntu othozamileyo uyawaqonda amandla esono. (INdumiso 51:3) UHoseya usinceda siqonde ukuba isono sisenokuba nomtsalane, kodwa sisoloko sinemiphumo emibi. Ngokomzekelo, uYehova wathembisa ukuba wayeza ‘kubaphendulisa’ abantu bakhe bamandulo abangathobeliyo. Ngaba la mazwi adlulisela ingcamango yokuba abo babesona ngabom babenako ukuyiphepha yonke imiphumo yezono zabo? Mhlawumbi bona babecinga njalo, ekubeni isono sikhohlisa yaye sikhobokisa. Ngaphezu koko, isono siyabahlukanisa aboni kunye noThixo, side maxa wambi ‘singabavumeli babuyele kuThixo wabo.’ Isono sangabom siyayonakalisa imilinganiselo yokuziphatha, size simenze umoni ‘aqhelisele okwenzakalisayo.’ Kwakhona, isono sibenza bube lilize ubomi balowo usiqheliselayo. Kambe ke, usenokubonakala ephumelela okwexeshana, kodwa umoni ongaguqukiyo akanakulindela ukuba uThixo akholiswe nguye.—Hoseya 1:4; 4:11-13; 5:4; 6:8.
7. Abantu abathozamileyo basabela njani kulwalathiso lukaYehova?
7 Kwakhona abantu abathozamileyo bayavuma ukuba bafuna ulwalathiso lukaThixo ukuze baphephe imiphumo emibi yesono. UMika waprofeta ngexesha lethu, laxa izihlwele zabantu ziya kulangazelela ngamandla ‘ukuyalelwa ngeendlela zikaYehova’ zize ‘zihambe emendweni wakhe.’ Ezo zihlwele zilulamileyo zifuna “umthetho” kunye “nelizwi likaYehova.” Mhlawumbi nawe ungomnye wabo bakuvuyelayo ukuba phakathi kwabo balangazelela ‘ukuhamba egameni likaYehova’ ngokuthi uphile ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe. Ukongezelela koko, njengoMika, usenokuba nomdla wokuqonda iindlela ezingakumbi zokuhlala ‘uhlambulukile ngokokuziphatha.’ (Mika 4:1-5; 6:11) Ukukufuna kwakho ngokuthozamileyo ukwenza oko uYehova akufunayo kuwe kuya kukunceda kakhulu.
HLAKULELA IMILINGANISELO EPHAKAMILEYO YOKUZIPHATHA
8. Yintoni oye wayiphawula ngokuziphatha okukhoyo ehlabathini namhlanje?
8 Ekubeni enomdla kwimpilo-ntle yethu yokomoya neyokwenyama, uYehova usibongoza ukuba sihlale sicocekile ngokokuziphatha nangona siphila kwihlabathi elonakeleyo. (Malaki 2:15) Ukuziphath’ okubi ngokwesini kusasazeke kuyo yonk’ indawo. Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba ukubukela imifanekiso eshukumayo yamanyala, nokufunda iincwadi ezithetha ngokuziphatha okubi ngokwesini, kwanokuphulaphula iingoma ezithetha ngesini kuyinto eqhelekileyo. Ngapha koko, kukho abantu abangawahloneliyo amabhinqa, bewagqala njengezinto nje zokubanelisa ngokwesini. Okanye ulutsha esikolweni lusenokuthanda ukuhlekisa ngeziqhulo ezingcolileyo eziphathelele isini. Unokuyixhathisa njani impembelelo embi ngolo hlobo?
9. Abaninzi basilela njani ukuthobela imilinganiselo kaYehova ebudeni bexesha labaprofeti abali-12?
9 Abaprofeti abali-12 esixubusha ngabo bayasilumkisa. Ngexesha labo zazingekho iiholo zemiboniso eshukumayo neevidiyo, kodwa kwakukho izinto ezazifuzisela ilungu lesini lobudoda, namahenyukazi, nokuziphatha okubi. (1 Kumkani 14:24; Isaya 57:3, 4; Habhakuki 2:15) Unokubona ubungqina boko koko kwabhalwa ngabaprofeti besithi: “Nawo amadoda, athi gu bucala namahenyukazi, aze abingelele kunye noonongogo basetempileni.” “Umntu noyise baye kwintombi enye, ngenjongo yokuhlambela igama lam elingcwele.” Abanye babelala ‘noonongogo baze babahlawule umvuzo’ xa beye kumatheko okubhiyozela inzala. a Ukukrexeza kwakuxhaphakile, abantu beshiya amaqabane abo omtshato ‘baye kwizithandwa zabo.’—Hoseya 2:13; 4:2, 13, 14; Amosi 2:7; Mika 1:7.
10. (a) Yintoni ephembelela ukuziphatha okubi? (b) Abantu bakaThixo bamandulo bahenyuza njani ngokomoya?
10 Umele ukuba uyayiqonda into yokuba ukuziphatha okubi ngokwesini kuphenjelelwa sisimo sengqondo umntu anaso. (Marko 7:20-22) UYehova wathi ngabantu bakhe ababeziphethe kakubi, “umoya wobuhenyu [okanye, inkanuko yesini] ubabangele baphambuka” yaye “abenzanga nto yimbi ngaphandle kwehambo evakalala.” (Hoseya 4:12; 6:9) b UZekariya wathi ‘babenomoya wokungcola.’ (Zekariya 13:2) Ukuziphatha kwabo kwakubonisa mhlophe ukuba babengayikhathalelanga kwaphela imilinganiselo kaYehova yaye babelidelile igunya lakhe. Ngoko ukuze umntu oziphethe ngaloo ndlela akwazi ukuguquka, umele asitshintshe ngokupheleleyo isimo sakhe sengqondo. Njengoko amaKristu ebuqonda ubunzulu bale meko, amele abe nombulelo ngoncedo alufumanayo ukuze aphephe ukuziphatha okubi kunye nemiphumo yako eyingozi.
HLAKULELA UKUZIPHATHA NGENDLELA ENYULU
11. Yiyiphi eminye yemiphumo yokuziphatha okubi ngokwesini?
11 Usenokuba uphawulile ukuba ukuziphatha okubi kudla ngokwahlukanisa iintsapho, kwenza abantwana bangafumani ingqeqesho efanelekileyo yabazali, kubangela izifo ezonyanyekayo, kude kuphumele nasekubulaleni ngokuqhomfa. Abo bangayikhathalelanga imilinganiselo yoMdali yokuziphatha ngokwesini, badla ngokwenzakala emzimbeni nangokweemvakalelo. UMika wabhala wathi: “Ngenxa yokuba [umntu] uye waba ngongahlambulukanga, waphulwe; yaye ukwaphulwa oko kubuhlungu.” (Mika 2:10) Ekubeni abantu abahlonel’ uThixo bekwazi oku, bayakwazi ukuxhathisa. Bayakuphepha ukungcolisa iintliziyo neengqondo zabo ngokucinga ngezinto ezingamanyala.—Mateyu 12:34; 15:18.
12. Kusinceda njani ukwamkela imbono kaYehova ngesini?
12 AmaKristu awakuphephi ukuziphatha okubi ngenxa nje yokuba esoyika izifo okanye ukufumana abantwana engatshatanga. Ayakuqonda ukubaluleka kokuthanda umthetho kaThixo nokwamkela imbono yakhe ngokuphathelele ukuziphatha ngokwesini. UYehova ubadale abantu baneemvakalelo zesini ngenjongo yokuba babonise uthando omnye komnye emtshatweni. Yayiyinjongo kaThixo leyo kwantlandlolo. Xa isini sisetyenziswa ngendlela efanelekileyo—emtshatweni—siba yingenelo, kuba simanyanisa indoda nomfazi yaye maxa wambi kuvele nenzala. Kodwa xa abantu besiba neentlobano zesini bengatshatanga, kubakho imiphumo eyintlekele, njengoko bebonisile abaprofeti abali-12. Ukuziphatha okubi kwabangela ukuba uThixo angakholiswa ngabantu bexesha labo. Kwaba nemiphumo emibi kakhulu, yaye kuya kuba nemiphumo efanayo nakubantu abaziphatha ngendlela efanayo namhlanje.
13. ‘Sinokubulahla njani ubuhenyu’ size siphephe izilingo?
13 UHoseya wabongoza abantu bexesha lakhe ukuba bashenxise, okanye ‘balahle ubuhenyu babo,’ benze okusemandleni ukuze balondoloze ukuziphatha kwabo okuhle. (Hoseya 2:2) Nathi namhlanje, kububulumko ukuba sishenxe kuyo nantoni na enokonakalisa ukuziphatha kwethu. Ngokomzekelo, usenokufumana isilingo esikolweni okanye elumelwaneni. Usenokungakwazi ukutshintsha isikolo okanye indawo ohlala kuyo, kodwa zisenokubakho ezinye iindlela onokushenxa ngazo kweso silingo, ngaloo ndlela ‘ulahla ubuhenyu.’ Bazise abanye ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova. Ngokucacileyo nangentlonelo, bachazele ngendlela oziphatha ngayo nangeenkolelo zakho. Qiniseka ukuba abanye bayazi ukuba uzimisele ukunamathela kwimilinganiselo ephakamileyo kaYehova. (Amosi 5:15) Enye indlela ‘yokulahla ubuhenyu’ kukuphepha ukubukela imifanekiso ebonisa amanyala nolunye uhlobo lokuzonwabisa oluthandabuzekayo. Oko kusenokuthetha ukuba kufuneka ulahle ezinye zeencwadi obunazo okanye ufune abahlobo abatsha—abamthandayo uYehova nabaya kukukhuthaza ukuba wenze oko akufunayo. (Mika 7:5) Ewe, ngoncedo lukaYehova, unako ukukuphepha ukungcoliswa kukuziphatha okubi kweli hlabathi!
‘THANDA UBUBELE’
14, 15. (a) Kuthetha ntoni ‘ukuthanda ububele’? (b) Ukuthanda ububele kusinceda njani ukuba singabi ngabasolekayo?
14 UMika wagxininisa ukuba uYehova ufuna ‘sithande ububele.’ Ukuba nobubele kubandakanya ukwenza izinto ezintle kunezinto ezenzakalisayo. Ububele buhambisana nokulunga kwanokuziphatha okuhle. Busenza sinyaniseke kwabanye yaye singakhethi buso. KwiSahluko 6 sale ncwadi siye sahlolisisa iinkalo ezibalulekileyo ebomini, njengezoshishino nezinye ezibandakanya imali, ekubalulekileyo ukuba senze okusesikweni yaye sinyaniseke kuzo. Kodwa akuphela kwezi nkalo ebomini esifanele senze okusesikweni, sinyaniseke, size sibe nobubele kuzo.
15 Abantu ababuthandayo ububele nabafuna ukwenza okuhle kwabanye bazama ngamandla ukuba kungabikho nto basoleka ngayo. UYehova wathi kumaSirayeli awayenganikeli ngezinto zawo eziphathekayo kunqulo olunyulu: “Niyandiphanga.” (Malaki 3:8) Ngaba unokucinga ngeendlela ‘esinokumphanga’ ngazo uThixo namhlanje? Kuthekani ukuba umKristu uphatha imali yebandla okanye nayiphi na imali yokuhambisela phambili izilangazelelo zoBukumkani? Yekabani loo mali? YekaYehova, ekubeni inikelwe ngenjongo yokuhambisela phambili unqulo lwakhe. (2 Korinte 9:7) Ngaba umntu unako “ukuboleka” kuloo mali ngaphandle kwemvume ukuze ayisebenzisele imicimbi yobuqu engxamisekileyo? Ngokuqinisekileyo akanako ukwenjenjalo. Oko bekuya kufana nokubela uThixo! Yaye ebengayi kuba ubonisa ububele okanye ukulunga kwabo baye banikela ngaloo mali ukuze ixhase umsebenzi kaThixo.—IMizekeliso 6:30, 31; Zekariya 5:3.
16, 17. (a) Abanye ababephila ngexesha lika-Amosi noMika basibonisa njani isimo sengqondo sokubawa? (b) Iyintoni imbono kaThixo ngokubawa?
16 Kwakhona ububele nokulunga kushukumisela amaKristu ekubeni aphephe ukubawa. Ngexesha lika-Amosi, ukubawa kwakuxhaphakile. Abantu abanyolukileyo ‘babethengisa amalungisa’—ababenqula nawo—‘ngenxa nje yesilivere’! (Amosi 2:6) Kwakunjalo nangexesha likaMika, kuba amaYuda azizityebi ayehlutha imihlaba yabo bangenamandla. (Mika 2:2; 3:10) Ngokuhlutha kwabo imihlaba yabantu bakowabo, abo bantu banyolukileyo babephula uMthetho kaYehova: kuquka iMiyalelo Elishumi kwanomyalelo wokuba umhlaba olilifa awumele uthengiswe.—Eksodus 20:13, 15, 17; Levitikus 25:23-28.
17 Namhlanje akuxhaphakanga ukuthengiswa kwabantu njengamakhoboka ngendlela ekwakuxhaphake ngayo ngexesha labaprofeti. Kodwa kuthekani ngokuqhatha abanye ngokwemali, okanye ukubaxhaphaza? Ngokuqinisekileyo umKristu othanda ububele akayi kubaxhaphaza abo akhonza kunye nabo. Ngokomzekelo, uyaqonda ukuba akufanelekanga yaye akubonisi bubele ukushishina ngabazalwana. Bekuya kuba kukubawa ukuceba ukwenza ingeniso ekhawulezileyo ngokuxhaphaza amanye amaKristu. (Efese 5:3; Kolose 3:5; Yakobi 4:1-5) Ukubawa kubhekisela ekuthandeni imali, ekunqweneleni igunya okanye inzuzo, kwanasekunyolukeleni ukutya, utywala, isini, nezinye izinto. UMika wathi abantu ababawayo ‘abaneli.’ Kunjalo nanamhlanje.—Mika 6:14.
18, 19. (a) Bathini abanye babaprofeti abali-12 ngokubakhathalela kukaYehova ‘abaphambukeli’? (b) Ukubonisa ububele kwabanye kunokuluphucula njani ulwalamano kwindawo ohlala kuyo?
18 UYehova wayalela abantu bakhe ukuba ‘bangamqhathi umphambukeli.’ Yaye, esebenzisa uMalaki, uThixo wathi: ‘Ndiza kusondela kuni ukuze ndigwebe abo bamgxothayo umphambukeli.’ (Zekariya 7:10; Malaki 3:5) Ngaba imeko yendawo ohlala kuyo itshintshile ngenxa yokwanda kwabantu basemzini, okanye abantu bolunye uhlanga? Mhlawumbi bafuduke kuba befuna unqabiseko, umsebenzi okanye ubomi obubhetele. Ubagqala njani abantu abathetha olunye ulwimi nabaphila ubomi obahlukileyo kobakho? Ngaba uye waphawula ukuba unomkhethe, ngokuqinisekileyo ongahambisaniyo nobubele?
19 Khawucinge nje ngendlela abaya kuvuya ngayo abanye xa ubaphatha ngobubele abantu bamanye amazwe nabolunye uhlanga. Kwakhona ububele buya kuphelisa nayiphi na imvakalelo yokuba abo bantu basemzini abanalungelo lokusebenzisa iHolo yoBukumkani okanye enye impahla yebandla. Xa umpostile uPawulos waphawula ukuba amanye amaKristu angamaYuda enkulungwane yokuqala ayenomkhethe kwabo bangengomaYuda, wawakhumbuza ukuba akukho namnye kuwo owayelufanelekele usindiso; bububele bukaThixo obungasifanelanga kuphela obusivulele ithuba lokusindiswa. (Roma 3:9-12, 23, 24) Ububele buya kusenza siyivuyele into yokuba uthando lukaThixo lufikelela kubantu abaninzi ababekade bengenalo ithuba lokuva iindaba ezilungileyo. (1 Timoti 2:4) Abantu basemzini abafudukela kwilizwe lethu basenokuba ngabantu abasweleyo, ngoko sifanele sibonise inkathalo nobubele kubo, sibamkele yaye sibaphathe ’njengeenzalelwane’ zelizwe lethu.—Levitikus 19:34.
HAMBA NOTHIXO OYINYANISO
20. Amanye amaSirayeli ayelufuna kubani ulwalathiso?
20 Kwakhona uMika wagxininisa ukuhamba noThixo, sikholose ngaye njengoThixo oyinyaniso, yaye sifune ulwalathiso lwakhe. (IMizekeliso 3:5, 6; Hoseya 7:10) Emva kokuba amaYuda ebuyile ekuthinjweni, amanye ayephethukela kubakhafuli, abaxeli-thamsanqa, noothixo bobuxoki, mhlawumbi ngenjongo yokufuna uncedo ngexesha lembalela. Ngaloo ndlela ayebhenela kuncedo loomoya abangendawo, nangona uYehova wayewayalele ngokungqongqo ukuba angakwenzi oko. (Duteronomi 18:9-14; Mika 3:6, 11; 5:12; Hagayi 1:10, 11; Zekariya 10:1, 2) Loo maYuda ayezibandakanya nezidalwa zomoya ezichaseneyo noThixo oyinyaniso!
21, 22. (a) Ziziphi iindidi zokusebenzelana nemimoya eziqhelekileyo kwindawo ohlala kuyo? (b) Kutheni abakhonzi bokwenyaniso bakaYehova bengabheneli kumandla omlingo?
21 Namhlanje abanye abantu bacinga ukuba oomoya abangendawo abakhankanywe eZibhalweni bayingcamango nje kuphela engendawo. Kodwa iBhayibhile ibonisa ukuba iidemon zikho ngokoqobo, yaye zizo eziphembelela ukuvumisa ngeenkwenkwezi, ukuthakatha, nezinye iindidi zemilingo. (IZenzo 16:16-18; 2 Petros 2:4; Yude 6) Ukusebenzelana nemimoya kunobungozi kakhulu. Abantu kumazwe amaninzi babhenela emagqirheni ekuthiwa anamandla angummangaliso, nakumagqwirha. Abanye bafuna ulwalathiso ngokujonga ikamva labo ezinkwenkwezini okanye ngokusebenzisa ezinye iintlobo zokuvumisa. Kwanokuzama ukuqhagamshelana nemimoya yabafileyo kuxhaphake kakhulu. Kuthiwa ezinye iinkokeli ziya kubantu abavumisa ngeenkwenkwezi nakoosiyazi ukuze bazincede ekwenzeni izigqibo. Konke oko kuchasene necebiso likaMika lokuba sihambe noThixo oyinyaniso, silandele ulwalathiso lwakhe.
22 Ngokuqinisekileyo—njengomkhonzi wokwenyaniso kaYehova—umele uluphephe uqheliselo olunjalo. Unokuqiniseka ukuba uThixo akaze nanini na asebenzise umlingo ekutyhileni ukuthanda kwakhe okanye ekuboniseni igunya lakhe. Kunoko, uAmosi 3:7 usiqinisekisa athi uYehova ‘uyawutyhila umcimbi wakhe oyimfihlo kubakhonzi bakhe abangabaprofeti.’ Ngaphezu koko, ukubhenela kumandla omlingo kukwenza ixhoba lokuphenjelelwa yinkokeli yeedemon, uSathana, olixoki nomkhohlisi wabantu. Yena needemon zakhe bazimisele ukwenzakalisa nokubulala abantu ngenkohlakalo. (Yobhi 1:7-19; 2:7; Marko 5:5) Ngoko siyaqondakala isizathu sokuba uMika akugatye ukuvumisa nokukhafula xa wayesibongoza ukuba sihambe noThixo oyinyaniso.
23. Ngubani kuphela onokusinika oko sikucelayo?
23 Ulwalathiso lokomoya lufumaneka kuphela kuYehova nakunqulo lwakhe olunyulu. (Yohane 4:24) ‘Celani kuYehova,’ wabhala watsho umprofeti uZekariya. (Zekariya 10:1) Kwanokuba uyahlaselwa okanye ulingwe yimimoya engendawo, khumbula ukuba ‘wonke ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa.’ (Yoweli 2:32) Kubalulekile ukuba sikukhumbule oko, njengoko ikufuphi imini yakhe enkulu.
24. Yintoni oyifundileyo kuMika 6:8?
24 Ngokuqinisekileyo, amazwi kaMika 6:8 aqulethe lukhulu. Ukuze sixhathise impembelelo yokuziphatha okubi, simele sibe nesimo sengqondo esifanelekileyo kunye neempawu zobuthixo. UHoseya wanikela ukhuthazo kuthi thina baphila “ekupheleni kwemihla.” Wathi, ngexesha lethu abantu aboyika uThixo baya kufuna ukulunga kukaYehova. (Hoseya 3:5) UAmosi wagxininisa ukuba uThixo uyasimema ukuba senze kanye oko, esithi: “Funani okulungileyo, . . . ukuze nibe nokuqhubeka niphila.” Kwakhona sibongozwa ngelithi: ‘Thandani okulungileyo.’ (Amosi 5:14, 15) Ukuba senjenjalo, siya kuhlaziywa kukwenza oko uYehova akufunayo kuthi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Umguquleli weBhayibhile uJoseph Rotherham uthi ngeentlanga zaseKanan, ezo amaSirayeli ayexelisa ihambo yazo: “Unqulo lwazo lwalukhuthaza inkanuko yesini nobundlobongela. Amabhinqa ayehlonela izithixo zawo ngokuthi aziphathe kakubi. Iindawo zawo ezingcwele zazizaliswe ngamahenyukazi. Kwakukho izinto ezilizothe ezazibekwe esidlangalaleni ezazifanekisela amalungu esini. Kwakukho amahenyu namahenyukazi angcwele (!).”
b Abantu bakaThixo babekwanetyala lokuhenyuza ngokomoya. Baba nolwalamano olungafanelekanga kunye neentlanga zobuhedeni baza badibanisa unqulo lwenyaniso kunye nonqulo lukaBhahali.
YINTONI ONOKUYIFUNDA
• kwisibongozo sikaYehova sokuba uphile ngokuvisisana nemilinganiselo yakhe?—Zekariya 6:15; Malaki 3:16, 18.
• ngokucamngca ngesono nangemiphumo yaso emibi?—Malaki 4:1; Roma 6:12-14; 1 Korinte 6:18.
• ekuziphatheni okubi kwabantu bakaThixo bamandulo?—Hoseya 8:7; 10:12; 14:9.
UNOKUNGENELWA NJANI
• ngokwamkela imbono kaYehova ngokuziphatha ngokwesini?—Hoseya 3:3; 4:11.
• ngokusebenzisa izibongozo zabaprofeti abali-12 ngokuphathelele ukubawa nokuzingca?—Mika 7:5-7; Filipi 2:4.
• ngokuphepha ukusebenzelana nemimoya nokubhenela kumandla omlingo?—Mika 5:12; Nahum 3:4; Malaki 3:5.
[Imibuzo YeSifundo]
[Ibhokisi ekwiphepha 100]
UKUTHOZAMA NOKUTHETHA NGOKUPHANDLE OKUNGUMZEKELO
UYona wabonisa ukuthozama yaye wathetha ngokuphandle, nto leyo engenziwayo ngabanye ababhali abangengobaBhayibhile. Wakuchaza ngokuphandle ukungathobeli kwakhe nokungakholosi kwakhe ngoYehova. Akazange azame ukusifihla isimo sakhe sengqondo esingafanelekanga ngokuphathelele uthumo lwakhe okanye ngokuphathelele ukusindisa kukaThixo abemi baseNineve. Usimisele umzekelo omhle wokuthozama!
[Umfanekiso okwiphepha 98]
UYehova uyabubona ubungendawo nezenzo ezingekho sikweni
[Umfanekiso okwiphepha 104]
Ukuzichaza ngokuphandle iinkolelo zakho zobuKristu kuya kukukhusela
[Umfanekiso okwiphepha 106]
Ngothando amaKristu amaninzi ayazinyamekela iintswelo zokomoya zabantu abavela kwamanye amazwe
[Imifanekiso ekwiphepha 109]
Abakhonzi bakaThixo bamele bakuphephe ukubandakanyeka kwimilingo