Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESINE

Lumkela Intliziyo Ekhohlisayo

Lumkela Intliziyo Ekhohlisayo

1, 2. Kutheni kunzima ukubona eyona nto isezintliziyweni zethu?

 MASITHI kusesekuseni usalele, suke uve intlungu esifubeni uze ungakwazi ukuphefumla. Into enokuthi qatha engqondweni yile, ‘Ngaba ndihlaselwa yintliziyo?’ Ukuyibetha ngoyaba le ngxaki akuyi kukunceda. Ufanele ungalibazisi ukuthabath’ inyathelo. Kusenokufuneka ubize inqwelo yezigulana ukuze unyangwe. Ugqirha unokuhlolisisa indlela ebetha ngayo intliziyo yakho. Ukuba ifunyenwe ngokukhawuleza ingxaki waza wanyangwa, oko kunokubusindisa ubomi bakho.

2 Kuthekani ngentliziyo yethu yokomfuziselo? Kusenokuba nzima ukuyazi imeko ekuyo. Ngoba? EBhayibhileni sifunda oku: “Intliziyo inenkohliso kunayo nantoni na yaye iyatyhudisa. Ngubani na onokuyazi?” (Yer. 17:9) Ngoko intliziyo yethu inokusikhohlisa, isenze sikholelwe ukuba asinayo ingxaki yokomoya, ngoxa abanye bebona ukuba ukho undonakele baze bakhathazeke. Yintoni enokusikhohlisa singaboni ukuba sinengxaki? Utyekelo esinalo lwesono lunokusibangela senze izinto esingathandi ukuzenza, kuba uSathana nale nkqubo yezinto banokubangela ukuba singayiboni eyona nto isezintliziyweni zethu. Ukuze sikwazi ukuhlolisisa iintliziyo zethu, simele sifunde kuYeremiya nakubantu bakwaYuda ababephila ngexesha lakhe.

 3. Ziziphi izinto eziye zangoothixo kubantu abaninzi?

3 Inkoliso yamaYuda yabonisa ukuba iintliziyo zawo zikwimeko embi yokomoya. Amshiya uThixo wokwenyaniso aza anqula izithixo zamaKanan, engatyiwa nasisazela. UYehova wawacel’ umngeni wathi: “Baphi na oothixo bakho ozenzele bona? Mabasukume ukuba banako ukukusindisa ngexesha lentlekele yakho. Kuba oothixo bakho bangangenani lezixeko zakho.” (Yer. 2:28) Ngokuqinisekileyo, thina asiziboni sinqula izithixo. Noko ke, xa sichaza igama elithi “thixo,” esinye isichazi-magama sithi: “Ngoyena mntu okanye eyona nto uyixabise kakhulu.” Eyona nto iphambili kubantu abaninzi ehlabathini ngumsebenzi wabo, impilo, intsapho nkqu nezilwanyana abazifuyileyo. Abanye baxabise ezemidlalo, abantu abadumileyo, ubugcisa, ukukhenketha okanye izithethe zabo. Abaninzi basukelana nezo zinto de baxolele ukuphulukana nolwalamano lwabo noMdali. Ngaba le meko inokuwachaphazela amaKristu okwenyaniso, njengoko kwaba njalo ngabantu bakwaYuda ngexesha likaYeremiya?

IINTLIZIYO ZINOKUSIKHOHLISA

 4. Babenyaniseke kangakanani abantu ababesithi: “Liphi na ilizwi likaYehova? Malincede lize”?

4 Umele ukuba uya kuba nomdla kwingxelo kaYeremiya echaza intliziyo njengetyhudisayo. Waphawula ukuba abantu babesithi: “Liphi na ilizwi likaYehova? Malincede lize.” (Yer. 17:15) Kodwa ngaba babesitsho ngokuphuma ezintliziyweni? Esi sahluko sikaYeremiya siqala ngolu hlobo: “Isono sikaYuda sibhalwe phantsi ngosiba lwentsimbi. Sikrolwe elucwecweni lwentliziyo yabo ngetsolo ledayimani.” Eyona ngxaki yaloo maYuda kukuba ‘ayekholose ngomntu wasemhlabeni, eyenze inyama ingalo yawo, yaza intliziyo yawo yemka kuYehova.’ Ayahlukile kwiqaqobana, elalithembele kuThixo, likhangele kulwalathiso neentsikelelo zakhe.—Yer. 17:1, 5, 7.

 5. Abantu belizwe lakuloYeremiya basabela njani kulwalathiso lukaYehova?

5 Iintliziyo zabaninzi zabonakala kwindlela abasabela ngayo koko kwathethwa nguThixo. (Funda uYeremiya 17:21, 22.) Ngokomzekelo, ngeSabatha babemele baphumle kwimisebenzi yamihla le baze benze izinto zokomoya. Abantu ababehlala kwilizwe lakuloYeremiya babengafanele babandakanyeke kwezoshishino okanye benze nantoni na ngeSabatha. Kodwa indlela abenza ngayo yayibonisa oko kwakusezintliziyweni. Abazange ‘baphulaphule okanye bathobe indlebe yabo, bayenza lukhuni intamo yabo ukuze bangeva nokuze bangamkeli ngqeqesho.’ Nangona babewazi umthetho kaThixo, bona babefuna ukwenza okwahlukileyo—kwakukho izinto ababefuna ukuzenza ngeSabatha.—Yer. 17:23; Isa. 58:13.

6, 7. (a) Namhlanje, yiyiphi indlela umKristu anokuqiqa phosakeleyo ngayo, phezu kwaso nje isiluleko esivela kudidi lomkhonzi othembekileyo? (b) Inokuchaphazeleka njani indlela esiya ngayo kwiintlanganiso?

6 Namhlanje, asikho phantsi komthetho weSabatha. Sekunjalo, siyalunyukiswa kwindlela abo bantu abasabela ngayo eyayibonisa oko kusezintliziyweni zabo. (Kol. 2:16) Ukuze senze ukuthanda kukaThixo, simele sizincame izinto zobuqu neziqhelekileyo. Siyayiqonda indlela ekuya kuba bubudenge ngayo ukuzikhethela indlela esinokumkholisa ngayo uThixo. Kusenokwenzeka ukuba sazi abantu abaninzi ababesenza ukuthanda kukaThixo, kwaza oko kwabahlaziya. Ngoko ke yiyiphi indlela esinokukhohliswa ngayo?

7 UmKristu usenokuthi ngempazamo acinge ukuba akanakuze akhohliswe yintliziyo yakhe njengoko kwenzekayo ngemihla kaYeremiya. Ngokomzekelo, indoda isenokuqiqa ngelithi, ‘Ndimele ndibambelele kumsebenzi wam ukuze ndixhase intsapho,’ yaye oko kuyaqondakala. Kuthekani ukuba oko kuyenza icinge oku, ‘Kufuneka ndifunde ukuze ndifumane umsebenzi ohlawula kakuhle’? Naloo nto isenokuvakala isengqiqweni, ize iyikhokelele kwesi sigqibo, ‘Amaxesha atshintshile, yaye ukuze uphile namhlanje kufuneka ufumane imfundo yasekholeji okanye yaseyunivesithi uze ungaphulukani nomsebenzi.’ Kulula ukuba ubani aqalise ukulijongela phantsi icebiso lobulumko esilinikwa ludidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo ngemfundo enokumbangela ukuba aphoswe ziintlanganiso. Kule nkalo, abaninzi baye baphenjelelwa yindlela eliqiqa ngayo nelizibona ngayo izinto eli hlabathi. (Efe. 2:2, 3) IBhayibhile iyasilumkisa: “Musani ukumilisa okwale nkqubo yezinto.”—Roma 12:2. a

Ngaba intliziyo yakho ikhe ikukhohlisele ukuba ungayi ezintlanganisweni?

 8. (a) Yintoni umKristu anokuvakalelwa kukuba umele aqhayise ngayo? (b) Kutheni kufuneka okungakumbi kunokwazi nje izibakala ngoThixo nangeendlela zakhe?

8 Liyinyaniso elokuba, amanye amaKristu enkulungwane yokuqala ayezizityebi yaye mhlawumbi ayengoosaziwayo. Kunjalo nangamaKristu esiphila nawo. Afanele avakalelwe njani ngezinto azifezileyo, yaye thina simele siwajonge njani? UYehova wawuphendula lo mbuzo esebenzisa uYeremiya. (Funda uYeremiya 9:23, 24.) Kunokuba umntu aqhayise ngezinto azifezileyo, kuya kuba bubulumko ukuqonda ukuba eyona nto ibalulekileyo kukwazi uMongami weNdalo Iphela. (1 Kor. 1:31) Kodwa ke, kuthetha ukuthini ukumqonda nokumazi uYehova? Abantu bexesha likaYeremiya babelazi igama likaThixo. Kwakhona babeyazi into awayenzayo ukuze asindise ookhokho babo kuLwandle Olubomvu, xa bengena kwiLizwe Lesithembiso, ngexesha laBagwebi naxa kwakulawula ookumkani abathembekileyo. Sekunjalo, babengamazi ngokupheleleyo uYehova okanye babengakholelwa ngokwenene kuye. Bathi: “Ndihleli ndimsulwa. Ngokuqinisekileyo umsindo [kaThixo] ubuyile kum.”—Yer. 2:35.

Kutheni kubalulekile nje ukwazi ukuba intliziyo yethu inenkohliso? Sinokuyihlolisisa njani intliziyo yethu size sazi indlela amele ukuba usijonga ngayo uMhloli Omkhulu weentliziyo?

INDLELA UYEHOVA ASIXONXA NGAYO

Ngaba uvumela uYehova ukuba akuxonxe?

 9. Kutheni sinokuqiniseka nje ukuba intliziyo inokutshintsha, yaye kunokwenzeka njani oku?

9 AmaYuda awayedlulisela kuwo isigidimi sikaThixo uYeremiya kwakufuneka atshintshe iintliziyo zawo. Ayenokukwazi ukuzitshintsha kuba uThixo wathi ngabo babeza kubuya ekuthinjweni: “Ndiza kubanika nentliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova; yaye baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo, kuba baya kubuyela kum.” (Yer. 24:7) Nanamhlanje abantu banokukwazi ukutshintsha. Ngaphezu koko, inkoliso yethu inokuyiphucula imeko yayo yokomoya. Nazi izinto ezintathu ezibalulekileyo: ukufundisisa iLizwi likaThixo, ukuqonda indlela uThixo asebenza ngayo ebomini bethu nokwenza oko sikufunda ngaye. Ngokwahlukileyo kubantu bexesha likaYeremiya, sifanele sivumele uMhloli Omkhulu weentliziyo ahlole iintliziyo zethu. Kwakhona simele sihlolisise iintliziyo zethu ngokusebenzisa iBhayibhile nangokuphawula indlela uYehova asinceda ngayo. (INdu. 17:3) Kububulumko ngokwenene ukwenza njalo!

10, 11. (a) Sasiyintoni isizathu sokuba uYeremiya aye kubukela umbumbi? (b) Yintoni ebonisa indlela uYehova abaxonxa ngayo abantu?

10 USathana ufuna ukuxonxa bonke abantu ngendlela efanayo, kodwa yena uThixo uxonxa umntu ngamnye ngendlela emfaneleyo. Oku sikubona kumzekelo kaYeremiya. Ngenye imini, uThixo wamxelela ukuba aye kwindlu yombumbi. Umbumbi wayesebenza phezu kwamavili akhe, kodwa xa isitya awayesenza sonakalayo, wenza esinye isitya esahlukileyo kwangolo dongwe lumanzi. (Funda uYeremiya 18:1-4.) Sasiyintoni isizathu sokuba kuthiwe uYeremiya makabukele oku, yaye sinokufunda ntoni apha?

11 UYehova wayefuna ukubonisa uYeremiya noSirayeli ukuba unegunya lokwenza abantu neentlanga zibe yiloo nto ayifunayo. UThixo ulusebenzisa njani udongwe? Ngokungafaniyo nababumbi abangabantu, uYehova akazenzi iimpazamo; ibe akatshabalalisi umsebenzi wezandla zakhe ngaphandle kwesizathu. Indlela abasabela ngayo abantu xa bexonxwa nguYehova yiyo egqibayo ngento aza kuyenza ngabo.—Funda uYeremiya 18:6-10.

12. (a) UYehoyakim wasabela njani kwimigudu kaYehova yokumxonxa? (b) Sisiphi isifundo esisifumana kwingxelo kaYehoyakim?

12 Ngoko ke, uYehova ubaxonxa njani abantu ngabanye? Namhlanje usebenzisa iBhayibhile. Njengoko umntu efunda yaye esenza oko kuthethwa liLizwi likaThixo, ubonisa uhlobo lomntu anguye yaye uThixo unokumxonxa. Ngoku makhe siqwalasele umzekelo kaKumkani uYehoyakim ukuze sibone indlela abantu bexesha likaYeremiya ababenokuxonxwa ngayo kubomi babo bemihla ngemihla. UMthetho wawusithi umntu ‘wayengafanele amqhathe umqeshwa osenkathazweni,’ kodwa lo kumkani wenza kanye loo nto, eqhatha amanye amaSirayeli ukuba amakhele “indlu ebanzi” ngoxa ewahlawula imali encinane. (Dut. 24:14; Yer. 22:13, 14, 17) Esebenzisa abaprofeti, uThixo wazama ukumxonxa ngelizwi Lakhe uYehoyakim. Sekunjalo, lo kumkani walandela intliziyo yakhe enenkohliso. Wathi, “Andiyi kuthobela,” waza waqhubeka nekhondo lakhe awakhula nalo. Ngoko uThixo wathi: “Uya kungcwatywa [uYehoyakim] ngokungcwatywa kwenkunzi ye-esile, ngokurhuqwa nokulahlwa.” (Yer. 22:19, 21) Bekuya kuba bubudenge ngathi ukuthi: ‘Ndinje ke, andinakukwazi ukuzitshintsha’! Namhlanje, uThixo akathumeli baprofeti abafana noYeremiya, kodwa uyalunikela ukhokelo. Udidi lwekhoboka elithembekileyo neliyingqondi luyasinceda siyiqonde size siyisebenzise imigaqo yeBhayibhile. Lusinceda kwizinto ezichaphazela ubomi bethu bemihla ngemihla, njengendlela esinxiba nesizilungisa ngayo okanye umculo nomngqungqo owenziwa emtshatweni okanye kwamanye amatheko. Ngaba siya kuvuma ukuxonxwa liLizwi likaThixo?

13, 14. (a) Kwakutheni ukuze abantu baseYerusalem bavume ukukhulula amakhoboka abo angamaHebhere? (b) Yintoni eyatyhila eyona nto zaziyiyo iintliziyo zabanini makhoboka?

13 Khawuqwalasele nanku omnye umzekelo. IBhabhiloni yamisela uZedekiya etroneni yakwaYuda njengokumkani olibamba. UZedekiya akazange alithobele icebiso likaThixo awayelinikwe nguYeremiya, wavukela. (Yer. 27:8, 12) Ngoko iBhabhiloni yayingqinga iYerusalem. Ukumkani neenkosana zakhe bacinga ukuba bamele bathobele uMthetho kaThixo ukuze bamkholise. Esazi ukuba amakhoboka angamaHebhere ayefanele akhululwe kunyaka wesixhenxe, uZedekiya wenza umnqophiso wokuba akhululwe. (Eks. 21:2; Yer. 34:14) Ekubeni iYerusalem yayijikelezwe ziintshaba, kwabonakala kububulumko ukuba abantu bakhulule amakhoboka abo ngokukhawuleza.—Funda uYeremiya 34:8-10.

14 Kamva, umkhosi waseYiputa weza kuyihlangula iYerusalem, nto leyo eyanyanzela ukuba iBhabhiloni irhoxe. (Yer. 37:5) Babeza kwenza ntoni abo babekhulule amakhoboka abo? Baphinda babenza amakhoboka abo babebakhulule. (Yer. 34:11) Kuyabonakala ukuba xa amaYuda esengozini, ayesenza ngathi ayawuthobela umthetho kaThixo, ecinga ukuba aza kuxolelwa ngehambo yawo yangaphambili. Kodwa xa athi akubona ukuba idlulile ingozi, abuyele kwiindlela zawo. Nakuba ayesenza ngathi ayawuthobela uMthetho, izinto awazenzayo emva koko zabonisa ukuba iintliziyo zawo zazingafuni kuluthobela ulwalathiso lweLizwi likaThixo nokuxonxwa lilo.

Unokufunda ntoni koko kwabhalwa nguYeremiya ngombumbi? UYehova usixonxa njani namhlanje?

VUMELA UYEHOVA AKUXONXE

15. Ufuna ukuba uYehova akuxonxe ukusa kuwuphi umlinganiselo? Zekelisa.

15 Ngenxa yokuba sincedwa libandla likaYehova elisehlabathini lonke, sinokuyiqonda imigaqo yeBhayibhile ngokuphathelele umbandela othile. Ngokomzekelo, sinokuyazi into esimele siyenze xa sicatshukiswa ngumzalwana othile. (Efe. 4:32) Sinokuvuma ukuba isiluleko seBhayibhile sichanile yaye sibubulumko. Noko ke, siya kuzingqina siludongwe olunjani? Ngaba siza kumvumela uYehova asixonxe? Ukuba intliziyo yethu ibhetyebhetye, siya kutshintsha; uMbumbi Omkhulu uya kusixonxa sibe zizitya ezikufanelekelayo ukusetyenziswa nguye. (Funda amaRoma 9:20, 21; 2 Timoti 2:20, 21.) Kunokuba sibe neentliziyo ezifana nekaYehoyakim okanye nezabantu ababenamakhoboka bomhla kaZedekiya, sifanele sivumele uYehova asixonxele injongo ebekekileyo.

16. Yiyiphi inyaniso ebalulekileyo eyayisaziwa nguYeremiya?

16 Nkqu noYeremiya waxonxwa nguThixo. Sasinjani isimo sengqondo salo mprofeti? Sinokusibona koko wakuthethayo: “Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.” Wandula ke wenza esi sicelo: “Ndilungise, Yehova.” (Yer. 10:23, 24) Nina baselula, ngaba ninokumxelisa uYeremiya? Mhlawumbi ninezigqibo ezininzi ekufuneka nizenze. Olunye ulutsha lufuna ‘ukwalathisa amanyathelo alo.’ Ngaba niya kucela ulwalathiso lukaThixo xa nisenza izigqibo? Ngokufanayo noYeremiya, ngaba ngokuthobeka niza kuyamkela into yokuba abantu abanako ukwalathisa amanyathelo abo? Nantsi into emayihlale inkenteza ezingqondweni zenu: Ukuba nifuna ulwalathiso lukaThixo, uya kunixonxa.

17-19. (a) Kwakutheni ukuze uYeremiya ahambe umgama omde oya kumEfrate? (b) Kwavavanywa njani ukuthobela kukaYeremiya? (c) Yintoni eyafezwa zizenzo zikaYeremiya eziquka ibhanti?

17 Isabelo sikaYeremiya sasiquka ukuthobela ulwalathiso lukaThixo. Ukuba wawunguYeremiya, ngaba wawuza kulwamkela olo lwalathiso? Ngesinye isihlandlo uYehova waxelela uYeremiya ukuba afune ibhanti lelinen aze alinxibe. Emva koko, wamyalela ukuba aye kumEfrate. Ukuba ujonga imaphu, uya kubona ukuba oko kwakuthetha ukuba uza kuhamba umgama oziikhilomitha ezingama-500. Akufika apho, kwakufuneka afihle elo bhanti kwimfanta yengxondorha aze abuyele eYerusalem. Kamva uThixo waphinda wathi makaye kulithabatha elo bhanti. (Funda uYeremiya 13:1-9.) Uwonke umgama awawuhambayo uYeremiya umalunga neekhilomitha ezili-1 900. Abahlalutyi beBhayibhile abakholelwa ukuba wahamba umgama omde kangako, owawuza kuthabatha iinyanga. b (Ezra 7:9) Sekunjalo, yiloo nto uThixo awayithethayo waza uYeremiya wayenza.

18 Khawube nomfanekiso-ngqondweni walo mprofeti etyhutyha iintaba zakwaYuda esiya kutsho kwintlango yomEfrate—kuxhomekeka kwindlela awayehamba kuyo. Wahamba wonke loo mgama ukuze nje afihle ibhanti lelinen. Ukungabikho kwakhe ixesha elide kumele ukuba kwabangela abamelwane bafune ukwazi apho aye khona. Wabuya ephaca engenalo nelo bhanti. Emva koko uThixo wamxelela ukuba aphinde ahambe loo mgama mde aye kulilanda, nakuba lalisele ligugile yaye ‘lingafanelekelanga nantoni na.’ Khawuthelekelele indlela ekwakunokuba lula ngayo ukucinga ngale ndlela: ‘Ngoku sekwanele. Ndisakwenzela ntoni ngoku oku?’ Sekunjalo, ekubeni wayexonxwe nguThixo, akazange acinge ngolo hlobo. Kunokuba akhalaze, wenza ngokomyalelo kaThixo.

Kutheni sifanele sithobele imiyalelo kaYehova kwanokuba asiyiqondi ngokupheleleyo?

19 UThixo wamxelela isizathu sako konke oku xa ebuya kuhambo lwesibini. Oku kwamlungiselela ukuba akwazi ukudlulisela esi sigidimi sinamandla: “Aba bantu banobubi nabalayo ukuthobela amazwi am, abahamba ngobulukhuni bentliziyo yabo nabaqhubeka belandela abanye oothixo ukuze babakhonze nokuze baqubude kubo, baya kuba kanye njengeli bhanti elingafanelekelanga nto.” (Yer. 13:10) Imangalisa ngokwenene indlela uYehova abafundisa ngayo abantu bakhe. Ukuthobela kukaYeremiya uYehova ngokusuka entliziyweni kuloo nto yayibonakala ingenamsebenzi kwaba nendima enkulu kwimigudu yakhe yokufikelela iintliziyo zabantu.—Yer. 13:11.

20. Kutheni ukuthobela kwakho kunokubothusa abantu, kodwa yintoni onokuqiniseka ngayo?

20 Namhlanje amaKristu akacelwa ukuba ahambe umgama oziikhilomitha ukuze uThixo awafundise okuthile. Kodwa ngaba ihambo yakho njengomKristu inokubangela ukuba abamelwane okanye izinxulumani zakho zimangaliswe okanye zikugxeke? Isenokuba yindlela onxiba nozilungisa ngayo, imfundo nomsebenzi owukhethayo, okanye indlela ozijonga ngayo iziselo ezinxilisayo. Ngaba uya kuzimisela ukuthobela ulwalathiso lukaThixo njengoYeremiya? Ukhetho olwenzayo ngenxa yokuba uvumela intliziyo yakho ixonxwe nguThixo lunokubangela ukuba unikele ubungqina obucokisekileyo. Noko ke, nguwe oya kungenelwa ngokuthobela ulwalathiso lukaYehova oluseLizwini lakhe nokwamkela ulwalathiso alunikela ngodidi lomkhonzi othembekileyo. Kunokuba ukhokelwe yintliziyo ekhohlisayo, unokufana noYeremiya. Ngoko ke, zimisele ukuxonxwa nguThixo; mvumele akwenze isitya esibekekileyo anokusisebenzisa ngonaphakade.

Kutheni kubalulekile nje ukulwa nengcinezelo kaSathana, eyeentliziyo zethu ezingafezekanga neyehlabathi?

a Xa ichaza intsingiselo yegama elithi “ukumilisa,” inguqulelo iNET Bible (yowama-2005), ithi kumbhalo wayo osemazantsi: “Kubangel’ umdla ukuphawula ukuba igama elithi ‘ukumilisa’ linentsingiselo yokuqhutyelwa ekwenzeni into ungaqondanga. Kwangaxeshanye, . . . likwabhekisela nakumntu okuqondayo oko kwenzekayo kodwa akuvumele.”

b Abanye bacinga ukuba indawo awaya kuyo uYeremiya yayinganeno komEfrate. Ngoba? Omnye umphengululi uthi: “Isizathu sokuba bakholelwe oko kukuba babona kungenakwenzeka ukuba lo mprofeti ahambe umgama omde kangaka ukusuka eYerusalem ukusa kumEfrate.”