ISAHLUKO SOKUQALA
“Ndibeke Amazwi Am Emlonyeni Wakho”
1, 2. Kutheni usiba nentembelo nje kwizinto ozifunda eBhayibhileni?
“KUKHO umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.” (IMize. 18:24) Ngaba wakha wabubona ubunyani bala mazwi? Ungayithemba into ethethwa ngumhlobo wokwenene. Xa ekuchazela ngento elungileyo okanye ekucacisela ngento aza kuyenza, uyamkholelwa. Ukuba ukubonisa into omele uphucule kuyo, kunokuba lula ukuyamkela uze wenze oko akucebisa kona. Sekulithuba ezibonakalisa ukuba ukukhathalele, nkqu naxa ekululeka. Ufuna uphumelele yaye nawe umnqwenelela okufanayo ukuze ubuhlobo benu buhlale buhleli.
2 Izihlandlo ezininzi abantu abasetyenziswe nguThixo ukubhala iincwadi zeBhayibhile baye bangqineka bengabahlobo abanjalo. Uyakwazi ukuzikholelwa izinto abazithethayo. Uyaqiniseka ukuba ezo zinto ziluncedo. Nawo ke amaSirayeli amandulo ayemele avakalelwe ngolo hlobo ‘ngabantu ababethetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.’ (2 Pet. 1:20, 21) UThixo wasebenzisa uYeremiya ukubhala eyona ncwadi inkulu yesiprofeto, kuquka incwadi yeZililo nezinye iincwadi ezimbini zeBhayibhile.
3, 4. Baye bacinge ntoni abanye abantu ngencwadi kaYeremiya neyeZililo, kodwa kutheni kungachananga oko? Zekelisa.
3 Usenokuba uye waphawula ukuba abanye abafunda iBhayibhile abazikhathazi ngeencwadi zikaYeremiya kuba besithi ‘azinanto yakwenza nabo.’ Baye bacinge ukuba incwadi kaYeremiya neyeZililo zilumkisa nje ngezinto ezimbi nezibuhlungu. Kodwa ngaba bachanile xa becinga njalo?
4 Yinyaniso kona ukuba uYeremiya wayengafihli makhuba xa ethetha, yaye abahlobo benjenjalo maxa wambi. KwanoYesu wathetha phandle xa abahlobo bakhe, abapostile, babecinga ngendlela ephosakeleyo; wabaluleka ngokungqalileyo. (Marko 9:33-37) Sekunjalo, uYesu wayethetha izinto ezakhayo, ebonisa indlela abantu abanokumkholisa ngayo uThixo nabanokonwaba ngayo. (Mat. 5:3-10, 43-45) Kuyafana ke nangeencwadi zikaYeremiya, eziyinxalenye yaso “sonke iSibhalo” esiyingenelo “ekulungelelaniseni izinto.” (2 Tim. 3:16) UYeremiya wayicacisa kakuhle indlela uThixo abajonga ngayo abo bathi bayamkhonza ngoxa belindelwe ziziphumo zeendlela zabo ezimbi. Sekunjalo, incwadi kaYeremiya neyeZililo zinesigidimi sethemba yaye zibonisa indlela esinokusikelelwa ngayo ngekamva elihle. UYeremiya waquka iziprofeto ezibonisa indlela uThixo awayeza kuzenza ngayo izinto, yaye namhlanje siyazibona ezo zinto zizaliseka. Ukongezelela koko, kwezi ncwadi zimbini sifumana amazwi asakhayo nalukhuthazo.—Funda uYeremiya 31:13, 33; 33:10, 11; IZililo 3:22, 23.
5. Sinokuzuza njani kwiincwadi zikaYeremiya?
5 Ulonwabo lwethu phakathi kwabantu bakaThixo nethemba esinalo ngekamva linokuthanani nezinto abhale ngazo uYeremiya. Sinomzekelo omhle womanyano lobuzalwana. Iincwadi zakhe ziza kusinceda someleze amaqhina obuzalwana size sisebenzise isiluleko sompostile uPawulos esithi: “Bazalwana, qhubekani ninemihlali, nilungiswa, nithuthuzelwa, nicinga ngokuvumelanayo, nihlala ngoxolo; yaye uThixo wothando nowoxolo uya kuba kunye nani.” (2 Kor. 13:11) Iincwadi zikaYeremiya ziphinda zinxibelelane ngokungqalileyo nesigidimi esisishumayelayo. Ngoxa sixelela abantu ngemihla yokugqibela yaye sibalumkisa ngesiphelo sale nkqubo yezinto, isigidimi sethu siyakha yaye sibanika ithemba abantu. Ngapha koko, oko kwabhalwa nguYeremiya kuluncedo kubomi bethu. Zininzi izinto obufana ngayo ubomi bakhe nobethu, kuquka isigidimi sakhe. Ukuze sikuqonde oko, makhe siqwalasele imvelaphi nesabelo salo mprofeti ungumzekelo awathi uThixo kuye: “Ndibeke amazwi am emlonyeni wakho.”—Yer. 1:9.
6, 7. Kutheni sinokuqiniseka ukuba uThixo wayenomdla kuYeremiya, yaye wazalelwa phantsi kweemeko ezinjani?
6 Indoda nomfazi abalindele ukufumana umntwana basoloko becinga ngekamva lakhe. Uza kuba njani, uza kuba yintoni—izinto aza kuzithanda, umsebenzi aza kuwenza nezinto aza kuzifeza? Abazali bakho bamele ukuba bacinga ngezo zinto. Kumele ukuba kwakunjalo nakubazali bakaYeremiya. Kodwa ke, eyakhe imeko yayikhethekile. Ngoba? UMdali wendalo iphela wayenomdla ngokukhethekileyo kubomi nakwizenzo zikaYeremiya.—Funda uYeremiya 1:5.
7 Ngaphambi kokuba uYeremiya azalwe, uThixo wakhetha ukusebenzisa amandla akhe okwazi izinto kusengaphambili. Waba nomdla okhethekileyo kwinkwenkwe eyayiza kuzalwa kwintsapho yombingeleli owayehlala kumntla weYerusalem. Oko kwenzeka phakathi kwinkulungwane yesixhenxe ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, ixesha elalingelihle kwisizwe sakwaYuda ngenxa yolawulo olubi lukaKumkani uManase. (Funda kwiphepha 19.) Kwiminyaka engama-55 yolawulo lwakhe, wenza okubi emehlweni kaYehova. Nonyana wakhe owangena ezihlangwini zakhe, uAmon, wazeka mzekweni. (2 Kum. 21:1-9, 19-26) Kwenzeka iinguqulelo ezinkulu kukumkani owalandelayo. Kaloku yena uKumkani uYosiya wamfuna uYehova. Kunyaka we-18 wolawulo lwakhe, uYosiya wayesele elihlambulule ilizwe kunqulo-zithixo. Oko kumele ukuba kwehla kamnandi kubazali bakaYeremiya; kuba uThixo wamthuma ngexesha lolawulo lukaYosiya unyana wabo.—2 Kron. 34:3-8.
Yintoni ekwenza ube nomdla kwincwadi kaYeremiya neyeZililo?
UTHIXO UKHETHA ISITHETHI
8. UYeremiya wathunywa ukuba enze ntoni, yaye wasabela njani?
8 Asazi ukuba uYeremiya wayeneminyaka emingaphi ubudala xa uThixo wathi kuye: “Ndikwenze umprofeti ezintlangeni.” Umele ukuba wayesele eza kugqiba iminyaka engama-25 ubudala, iminyaka awayevunyelwa ngayo umbingeleli ukuba aqalise inkonzo yakhe. (Num. 8:24) Enoba yayimingaphi na iminyaka yakhe, uYeremiya waphendula wathi: “Awu, Nkosi enguMongami Yehova! Yabona, okunene andikwazi kuthetha, kuba ndiyinkwenkwe nje.” (Yer. 1:6) Wayethandabuza, mhlawumbi kuba ecinga ukuba wayemncinane gqitha okanye engakufanelekeli ukusingatha iimbopheleleko ezibalulekileyo nokuthetha nezihlwele, nto leyo ekwakufuneka ayenze umprofeti.
9, 10. Zazinjani iimeko xa uYeremiya wayeqalisa ukuprofeta, kodwa yintoni eyabangela ukuba eso sabelo sakhe sibe nzima ekuhambeni kwethuba?
9 UYeremiya wenziwa umprofeti xa uKumkani uYosiya wayephelisa unqulo lobuxoki olucekisekayo ngoxa evuselela olokwenyaniso. Enoba lwalunjani na ulwalamano lukaYeremiya noYosiya, ezo meko zazisenza umsebenzi womprofeti wokwenyaniso ube lula. UZefaniya noNahum nabo babengabaprofeti bakwaYuda ekuqaliseni kolawulo lukaYosiya. a Kwangelo xesha kwakukho uHulida umprofetikazi, owazixela kwangaphambili izinto ezibuhlungu ezaziza kwehlela elo. Yena ke uYeremiya waphila de zenzeka. (2 Kum. 22:14) Eneneni, kukho amaxesha ekwanyanzeleka ukuba abahlobo abafana noEbhedi-meleki noBharuki bahlangule uYeremiya ekufeni okanye bamkhusele kwiintshaba ezazimthiyile.
10 Ubuya kuvakalelwa njani ukuba uThixo ebenokuthi kuwe ukuthuma ngokukhethekileyo njengomprofeti ukuze udlulisele isigidimi esibalulekileyo? (Funda uYeremiya 1:10.) Khawucinge nje ngalo mzekelo wesigidimi esasifanele sivakaliswe nguYeremiya. Ngowama-609 B.C.E., imikhosi yaseBhabhiloni yayisondela eYerusalem. UKumkani uZedekiya wayefuna uYeremiya amxelele amazwi amnandi avela kuThixo. Kodwa yena uThixo wayengazi kumxelela nto iza kumvuyisa.—Funda uYeremiya 21:4-7, 10.
WAYENGUMNTU NJENGATHI
11. Yintoni esenokuba yenza kwanzima kuYeremiya ukuba aphumeze isabelo sakhe, kodwa womelezwa yintoni?
11 Khawucinge xa bekunokufuneka sivakalise izigwebo nxamnye nookumkani abangendawo, ababingeleli abonakeleyo nabaprofeti bobuxoki. Yiloo nto kanye ekwakufuneka yenziwe nguYeremiya. Kodwa sixhaswa nguThixo njengoYeremiya. (Yer. 1:7-9) UThixo wayelithembile eli tyendyana linguYeremiya, elomeleza ngala mazwi: “Namhlanje ndikwenze isixeko esinqatyisiweyo nentsika yentsimbi neendonga zobhedu nxamnye nelizwe lonke, kookumkani bakwaYuda, kwiinkosana zalo, kubabingeleli balo nasebantwini balo ilizwe. Yaye ngokuqinisekileyo baya kulwa nawe, kodwa abayi kukoyisa, kuba ‘ndinawe, ukuba ndikuhlangule,’ utsho uYehova.”—Yer. 1:18, 19.
12. Ziziphi ezinye zezinto esifana ngazo noYeremiya?
12 Asikho isizathu sokucinga ukuba uYeremiya wayekhethekile kunabanye. Wayengumntu ofana nathi. Ngapha koko, kuyabonakala ukuba nakuba uYeremiya wayephila mandulo, izinto awajamelana nazo ziyafana nezethu. Sidibana nabantu abahlukahlukeneyo kubomi bemihla ngemihla naxa sisenza imisebenzi yebandla, kanye njengokuba kwakunjalo kuYeremiya. Oku kusinceda sibone izinto esinokuzifunda kuYeremiya, ‘owayengumntu oneemvakalelo ezinjengezethu’ kanye njengomprofeti uEliya. (Yak. 5:17) Khawucinge ngeminye imizekelo yezinto esinokuzifunda kuYeremiya.
13, 14. Kutheni amanye amaKristu enokuyiqonda kakuhle into eyayisenziwa nguPashure kuYeremiya, njengokuba kuboniswe kwiphepha 10?
13 Kule minyaka idluleyo, ngaba akukhange ujamelane namahla-ndinyuka obu bomi? Kwakunjalo nangoYeremiya. Ngesinye isihlandlo uPashure, umbingeleli owaziwayo wamngcungcuthekisa waza wamfaka ezitokisini. Kwafuneka ahlale kabuhlungu kangangeeyure ezininzi ebotshelelwe iinyawo, izandla nentamo eplangeni. Phezu kwayo nje loo ntlungu, kwakufuneka anyamezele ukugculelwa ngabachasi. Ngaba wena ucinga ukuba wawuya kukwazi ukunyamezela ukugculelwa nokuphathwa kakubi ngolo hlobo?—Yer. 20:1-4.
14 Ekubeni siziqonda izinto awatyhubela kuzo uYeremiya, ayisimangalisi into yokuba wathi: “Mawuqalekiswe umhla endazalwa ngawo! . . . Kutheni na ukuze ndiphume esibelekweni ukuze ndibone umsebenzi onzima nentlungu nokuba imihla yam iphelele ekudaneni okupheleleyo?” (Yer. 20:14-18) Siyacaca isizathu sokuba aphelelwe lithemba. Ngaba wakha wadimazeka kangangokuba uzibone kungekho yakho, kungekho nto uyifezayo, okanye ungasiboni isizathu sokuqhubeka ukhonza uYehova? Wonke umntu owakhe waziva njalo unokuncedakala gqitha xa enokuqonda izinto ezehlela uYeremiya nemiphumo yazo.
Yintoni ekuchukumisayo ngokuba uYehova wathuma uYeremiya? Ziziphi izinto ocinga ukuba ufana ngazo noYeremiya?
15. Kutheni sinokuzuza xa siqwalasela indlela ezazitshintsha ngayo iimvakalelo zikaYeremiya?
15 KuYeremiya 20:14-18, lo mprofeti uthetha amazwi abonisa ukudimazeka emva kokuba ethethe ngokudumisa uYehova ngengoma. (Funda uYeremiya 20:12, 13.) Ngaba maxa wambi ukhe uphawule indlela ezitshintsha ngokukhawuleza ngayo iimvakalelo zakho? Mhlawumbi ubusoloko wonwabe kakhulu, kodwa emva kwexesha uyadimazeka. Kuyabonakala ukuba sonke sinokungenelwa kumava kaYeremiya. Licacile elokuba wayeneemvakalelo eziqhelekileyo njengathi. Mhlawumbi sinokungenelwa kakhulu ngokuhlolisisa izinto eyayizenza le ndoda yamiselwa nguMdali njengesithethi.—2 Kron. 36:12, 21, 22; Ezra 1:1.
16. Ngoobani abanokungenelwa kumbandela wokungatshati kukaYeremiya?
16 Esinye isizathu sokuba abanye bakwazi ukumqonda kakuhle uYeremiya siphathelele ukungatshati kwakhe. UThixo wamnika umyalelo ongaqhelekanga nonzima othi: Uze ungatshati. (Funda uYeremiya 16:2.) Kwakutheni ukuze uYehova ayalele uYeremiya ukuba angatshati, yaye oku kwamchaphazela njani? Yintoni abanokuyifunda kule ngxelo abazalwana noodade abangatshatanga, enoba bazikhethele okanye ngenxa yeemeko? Eneneni, ngaba ikho into enokufundwa ngamaNgqina atshatileyo kulo myalelo kaThixo? Kuthekani ngezibini ezitshatileyo ezengenabo ‘oonyana neentombi’? Inokukunceda njani le ngxelo kaYeremiya?
17. Amazwi omprofeti akuYeremiya 38:20 anokusibangela sicinge ntoni?
17 Okubangel’ umdla kukuba ngesinye isihlandlo uYeremiya wabongoza ukumkani wakwaYuda esithi: “Nceda, uthobele ilizwi likaYehova koko ndikuthethayo kuwe, yaye uya kulungelwa, nomphefumlo wakho uya kuqhubeka uphila.” (Yer. 38:20) Le ngxelo inikela ulwalathiso kwindlela esibaphatha ngayo abanye. Oku kuquka indlela esibaphatha ngayo abantu abangamkhonziyo uYehova kodwa esinokukwazi ukubanceda. Kwakhona, indlela uYeremiya awayebaphatha ngayo abo bangamthobeliyo uThixo inokusinceda nathi namhlanje. Kuyabonakala ukuba ininzi into esinokuyifunda kuYeremiya.
YIYIPHI ENYE INTO ESINOKUYILINDELA?
18, 19. Ziziphi iindlela esingayifunda ngazo incwadi kaYeremiya neyeZililo?
18 Le ncwadi iza kukunceda uhlolisise incwadi kaYeremiya neyeZililo uze ufunde okuthile kuzo. Njani? Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale oku: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto, ekuqeqesheleni ebulungiseni.” (2 Tim. 3:16) Oku kuquka ezi ncwadi zimbini ezisandul’ ukukhankanywa.
19 Kakade ke, ukuze sizuze, incwadi kaYeremiya neyeZililo sinokuzifunda ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, ubani usenokufunda iindinyana zezi ncwadi zimbini ngokulandelelana kwazo, efuna ukuqonda isizathu sokuba zibhalwe nentsingiselo yazo. Okanye usenokunikel’ ingqalelo kwizinto ezibalulekileyo ezifana ngazo—athelekise abantu neziganeko ekuthethwa ngazo kwezi ncwadi zimbini nezinto ezenzeka kwixesha lethu. (Thelekisa uYeremiya 24:6, 7; eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6.) Enye indlela kukufunda ngeziganeko zembali ekwezi ncwadi zimbini. (Yer. 39:1-9) Eneneni, kuya kuzuzisa ngokwenene ukwenza uhlolisiso olunjalo. Ngoko ke, iSahluko 2 esithi “Ukukhonza ‘Ekupheleni Kwemihla’” siya kusinceda silazi ngokubanzi ixesha awayephila ngalo uYeremiya nendlela uThixo awazalathisa ngayo izinto.
20. Yiyiphi indlela eza kusixubusha ngayo le ncwadi isiprofeto sikaYeremiya neZililo?
20 Kodwa indlela ebhalwe ngayo le ncwadi yahlukile. Iza kuxubusha ngendlela incwadi kaYeremiya neyeZililo ezisisipho esivela kuThixo ngayo ukuze zisincede siphile njengamaKristu namhlanje. (Tito 2:12) Siza kuqonda ukuba ezi ncwadi zimbini zinenkcazelo eninzi ‘eyingenelo ekufundiseni.’ Zinikela amacebiso asebenzayo nemizekelo eya kusinceda sizifanelekele size sizixhobele iingxaki zobomi esidibana nazo. Oku kunjalo enoba asitshatanga, sitshatile, singabadala, singoovulindlela, sinyamekela intsapho, singabafazi abangaphangeliyo okanye singabantwana besikolo. Ngamnye wethu uya kufumanisa ukuba ezi ncwadi zimbini ziphefumlelwe nguThixo ziyasinceda ‘siwuxhobele wonke umsebenzi olungileyo.’—2 Tim. 3:17.
21. Kutheni ukhangele phambili koko uza kukufunda?
21 Njengoko ufunda isahluko ngasinye sale ncwadi, khangela iingongoma onokuzisebenzisa. Alithandabuzeki elokuba incwadi kaYeremiya neyeZililo ziza kungqina oko kwabhalwa nguPawulos esithi: “Zonke izinto ezabhalwa kwixesha langaphambili zabhalelwa ukuyalela thina, ukuze ngonyamezelo lwethu nangentuthuzelo yeZibhalo sibe nethemba.”—Roma 15:4.
Ngokuphathelele ubomi bakho bemihla ngemihla, yintoni onokuyifunda xa uhlolisisa incwadi kaYeremiya neyeZililo?
a Kamva ngexesha lokuprofeta kukaYeremiya, kwakukho nabanye abaprofeti: UHabhakuki, uObhadiya, uDaniyeli noHezekile. UYeremiya wayesele egqibe iminyaka emalunga nama-40 engumprofeti xa iYerusalem yayitshatyalaliswa ngowama-607 B.C.E., waza waphila iminyaka engaphezu kwama-20 emva koko.