Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO SESHUMI ELINESITHATHU

“UYehova Ukwenzile Oko Wayenako Engqondweni”

“UYehova Ukwenzile Oko Wayenako Engqondweni”

 1. Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem, uYeremiya wathini ngeziprofeto zikaYehova?

 IYERUSALEM isele ingamabhodlo. Isaqhuma ngenxa yomlilo ontunyekwe yiBhabhiloni. UYeremiya usasikhumbula kakuhle isijwili sabo bebebulawa. Weyexelelwe ngoko kwakuza kwenzeka, yaye kwenzeka kanye ngendlela uThixo awayekuchaze ngayo. Enesingqala, lo mprofeti uthi: “UYehova ukwenzile oko wayenako engqondweni.” Ukuwa kweYerusalem kwaba yintlekele ngokwenene.—Funda IZililo 2:17.

 2. UYeremiya wabona inzaliseko yasiphi isiprofeto esasichazwe kwiinkulungwane ngaphambili?

2 UYeremiya wakubona ukuzaliseka kweziprofeto ezininzi ezaziphathelele abantu bakaThixo, kuquka nezo zamandulo. Kwiinkulungwane ngaphambili, uMoses waxelela amaSirayeli ngemiphumo yokumthobela nokungamthobeli uThixo—ukufumana “iintsikelelo” okanye “isiqalekiso.” UYehova wayefuna ukubasikelela abantu bakhe. Kwelinye icala, ukungathobeli kwabo kwakuza kubazisela iziqalekiso, izinto ezihlasimlis’ umzimba. UMoses walumkisa—yaye kamva noYeremiya wasiphinda eso silumkiso—esithi abo babengamnanze nganto uYehova nababengamthobeli, babeza ‘kudla inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo.’ (Dut. 30:19, 20; Yer. 19:9; Lev. 26:29) Kusenokwenzeka ukuba abanye bazibuza oku, ‘Ngaba loo nto imanyumnyezi ngolo hlobo yayiza kwenzeka ngokwenene?’ Oko bakubona kakuhle xa kwakunqongophele ukutya ngenxa yokungqingwa kweYerusalem yiBhabhiloni. UYeremiya uthi: “Zona kanye izandla zabafazi abanemfesane zibilise abantwana babo. Banjengesonka sentuthuzelo kubani ebudeni bokuwa kwentombi yabantu bakowethu.” (IZili. 4:10) Enjani yona intlekele!

 3. Yayiyintoni injongo yokuthumela kukaThixo abaprofeti kubantu bakhe?

3 Kakade ke, injongo kaYehova yokuthumela abaprofeti abafana noYeremiya yayingekokuvakalisa intlekele nje kuphela. Eyona nto wayeyifuna kukuba abantu bakhe babuyele kuye baze bathembeke. Wayefuna aboni baguquke. UEzra wakucacisa kakuhle oku esithi: “UYehova uThixo wookhokho babo waqhubeka ethumela nxamnye nabo abathunywa bakhe, ebathumela kaninzi-ninzi, ngenxa yokuba waba nemfesane ngabantu bakhe nangendawo yakhe yokuhlala.”—2 Kron. 36:15; Funda uYeremiya 26:3, 12, 13.

 4. UYeremiya wayevakalelwa njani ngesigidimi awayesivakalisa?

4 Ngokufanayo noYehova, uYeremiya waba nemfesane ngabantu bakowabo. Oko unokukubona kakuhle kumazwi awawathetha ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem. Wayenxunguphele kakhulu ngenxa yentlekele eyayiza kufikela iYerusalem. Le ntlekele yayingayi kubehlela abantu ukuba babesiphulaphule baza basithobela isigidimi ababesixelelwa nguYeremiya. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wendlela awayevakalelwa ngayo uYeremiya xa wayevakalisa isigidimi sikaThixo. Wakhala wathi: “Owu mathumbu am, mathumbu am! Ndineentlungu eziqatha ezingontsini zentliziyo yam. Intliziyo yam iyaxokozela ngaphakathi. Andinako ukuthi cwaka, kuba umphefumlo wam usivile isandi sesigodlo, ukuhlatywa komkhosi wemfazwe.” (Yer. 4:19) Waziva engakwazi ukuthula ngentlekele eyayisemnyango.

YINTONI EYAYIMENZA AQINISEKE KANGAKA?

 5. Sasiyintoni isizathu sokuba uYeremiya aqiniseke ngesigidimi awayesishumayela?

5 Yintoni eyayisenza uYeremiya aqiniseke ukuba isiprofeto sakhe sasiza kuzaliseka? (Yer. 1:17; 7:30; 9:22) Wayenokholo, ezifunda iZibhalo yaye esazi ukuba uYehova nguThixo weziprofeto zokwenyaniso. Imbali iye yangqina ukuba uYehova unawo amandla okuxela kusengaphambili iziganeko ezibonakala zingenakwenzeka ebantwini, njengokukhululwa kwamaSirayeli awayethinjwe eYiputa. UYeremiya wayeyazi ingxelo yeMfuduko yamaSirayeli namazwi engqina elazibonelayo. UYoshuwa wakhumbuza amanye amaSirayeli esithi: “Niyazi kakuhle ngeentliziyo zenu zonke nangemiphefumlo yenu yonke ukuba akusilelanga nalinye ilizwi kuwo onke amazwi alungileyo uYehova uThixo wenu awathethileyo kuni. Onke abe yinyaniso kuni. Akusilelanga nalinye ilizwi kuwo.”—Yosh. 23:14.

6, 7. (a) Kutheni umele ube nomdla kwiziprofeto zikaYeremiya? (b) Yintoni eza kukunceda ukuba usithembe isigidimi oshumayela ngaso?

6 Kutheni ufanele uqhubeke unikel’ ingqalelo kwiziprofeto ezazidluliselwa nguYeremiya? Okokuqala, wayezithemba izinto ezazithethwa nguYehova. Okwesibini, ezinye iziprofeto zikaThixo awazidluliselayo ziyazaliseka namhlanje, yaye useza kubona inzaliseko yezinye zazo. Okwesithathu, zizonke izibhengezo ezavakaliswa nguYeremiya egameni likaThixo, nenzondelelo awayenayo, zabonisa ukuba wayengumkhonzi kaThixo obalaseleyo. Omnye umphengululi wathi: “UYeremiya ngoyena ubalaseleyo kubaprofeti ababekho.” UYeremiya wayengoyena mprofeti ubalaseleyo kwimbali ephathelele indlela uThixo awayebaphatha ngayo abantu, kangangokuba xa uYesu wayethetha, abantu ababemphulaphule babecinga ukuba unguYeremiya.—Mat. 16:13, 14.

7 NjengoYeremiya, uphila kwixesha lokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile ezibalulekileyo. Ngokufanayo naye, umele uhlale unentembelo yokuba izithembiso zikaThixo ziya kuzaliseka. (2 Pet. 3:9-14) Unokuyenza njani loo nto? Ngokuqhubeka unentembelo kwiLizwi likaThixo lesiprofeto. Ngoko, kwesi sahluko siza kuxubusha ngeziprofeto ezininzi zikaYeremiya awazibona zizaliseka. Ezinye esiza kuxubusha ngazo zazaliseka kamva. Ezinye zikuchaphazela kanye ngoku, ukanti ezinye kwixa elizayo. Le ngxubusho imele ikwenze ube nentembelo ngakumbi kwiLizwi likaYehova lesiprofeto ukuze uqiniseke ngakumbi ukuba ‘uya kukwenza oko anako engqondweni.’—IZili. 2:17.

Kwakutheni ukuze uThixo athumele abaprofeti? Kutheni uzithemba iziprofeto zentsabalalo ezayo?

IZIPROFETO ZIKAYEREMIYA AWAZIBONA ZIZALISEKA

8, 9. Yiyiphi enye indlela ebalasele ngayo iBhayibhile?

8 Baninzi abantu abazama ukuqashisela ikamva. Abanye babo idla ngokuba ziingcali zezoqoqosho, abezopolitiko, abasebenzisana nemimoya nabakhi-mkhanya bemozulu. Umele ukuba uye wayibona indlela abasokola ngayo ukuchaza nezona zinto zilula, baxakwa zizinto eziza kwenzeka kwiintsuku nje ezimbalwa okanye iiveki. Enye yezinto ebalasele ngazo iBhayibhile kukuchana kweziprofeto zayo. (Isa. 41:26; 42:9) Zonke iziprofeto zikaYeremiya zazichanile, enoba zaziza kuzaliseka kwangoko okanye kwixa elizayo. Ezininzi kuzo zaziphathelele abantu abathile nezizwe. Okokuqala makhe siqwalasele ezimbalwa ezazaliseka kwixesha likaYeremiya.

9 Ngubani owaziyo ukuba ihlabathi liza kube linjani kwisithuba sonyaka okanye emibini ezayo? Ngokomzekelo, nguwuphi umhlalutyi onokuchaza ngokuchanileyo enoba kuya kubakho iinguqu kurhulumente kwixa elizayo? Kodwa ephefumlelwa nguThixo uYeremiya wachaza kwangaphambili ngempembelelo engakumbi eyayiza kuba nayo iBhabhiloni. Wathi iBhabhiloni ‘yayiyindebe yegolide’ eyayiza kusetyenziswa nguYehova xa ephalazela umsindo wakhe kuYuda nakwizixeko ezininzi ezikufuphi nakwiintlanga, ukuze azinyanzele ziyikhonze. (Yer. 51:7) Yiloo nto kanye eyenzekayo nawayibonayo uYeremiya nabantu bomhla wakhe.—Thelekisa uYeremiya 25:15-29; 27:3-6; 46:13.

10. Yintoni eyaxelwa kwangaphambili nguYehova ngokuphathelele ookumkani bakwaYuda?

10 UYehova waphinda wasebenzisa uYeremiya ukuchaza isiphelo sookumkani abane bakwaYuda. UThixo waxela kwangaphambili ukuba uYehowahazi, okanye uShalum, unyana kaKumkani uYosiya wayeza kuthinjwa aze angaphindi abuyele kwelakwaYuda. (Yer. 22:11, 12) Oko kwenzeka. (2 Kum. 23:31-34) UThixo waprofeta esithi uYehoyakim, owangena ezihlangwini zikaYehowahazi wayeza kungcwatywa “ngokungcwatywa kwenkunzi ye-esile.” (Yer. 22:18, 19; 36:30) IBhayibhile ayisichazeli indlela awafa ngayo okanye into eyenziwayo ngesidumbu sakhe, kodwa ibonisa ukuba unyana wakhe uYehoyakin wangena ezihlangwini zakhe ngexesha lokungqingwa. UYeremiya wachaza kusengaphambili ukuba uYehoyakin (okwabizwa ngokuba nguKoniya noYekoniya) wayeza kuthinjelwa eBhabhiloni aze afele apho. (Yer. 22:24-27; 24:1) Nako oko kwenzeka kwadlula. Kuthekani ngokumkani wokugqibela uZedekiya? UYeremiya waxela kwangaphambili ukuba uZedekiya wayeza kunikelwa kwiintshaba zakhe ezazingayi kuba nalusini kuye. (Yer. 21:1-10) Yintoni eyenzekayo kuye? Iintshaba zakhe zambamba. Zabulala oonyana bakhe ethe nta amehlo, emva koko zamtyhaphaza, zaza zamsa eBhabhiloni apho wafela khona. (Yer. 52:8-11) Zonke ezi ziprofeto zazaliseka.

11. Wayengubani uHananiya, yaye yintoni uYehova awayiprofetayo ngaye?

11 KuYeremiya isahluko 28 sifunda ukuba ebudeni bolawulo lukaZedekiya, umprofeti wobuxoki uHananiya waphikisana noko kwathethwa nguYehova kuYeremiya ngokuphathelele ukongama kweBhabhiloni eYerusalem. Egatya ilizwi likaThixo, uHananiya wathi idyokhwe yobukhoboka eyayibekwe nguNebhukadenetsare kuYuda nezinye izizwe yayiza kwaphuka. Kodwa ke esalathiswa nguYehova, uYeremiya wabhenca ubuxoki bukaHananiya, esithi iintlanga ezininzi zaziya kuba ngaphantsi kweBhabhiloni, waza waxelela loo mprofeti wobuxoki ukuba wayeza kufa ungekapheli loo nyaka. Yiloo nto kanye eyenzekayo.—Funda uYeremiya 28:10-17.

12. Abantu abaninzi bexesha likaYeremiya bathini bakuva isigidimi sakhe?

12 Kakade ke, esona siprofeto siyintloko uThixo awasidlulisela ngoYeremiya seso sokuwa kweYerusalem. Ngokuphindaphindiweyo uYeremiya walumkisa ukuba eso sixeko sasiza kubhukuqwa ngaphandle kokuba amaYuda ayeshiya unqulo-zithixo, okungekho sikweni nogonyamelo. (Yer. 4:1; 16:18; 19:3-5, 15) Ngomhla kaYeremiya abaninzi babecinga ukuba uYehova wayengenakuze ayivumele loo nto. Kaloku itempile kaThixo yayilapho eYerusalem. Wayenokuyivumela njani ke into yokuba eso sixeko singcwele sitshatyalaliswe? Babevakalelwa kukuba ayinakwenzeka loo nto. Noko ke wena uyazi ukuba uYehova akaxoki. Wakwenza oko wayenako engqondweni.—Yer. 52:12-14.

Bazali: Sebenzisani umzekelo wamaRekabhi, kaEbhedi-meleki nokaBharuki ukuze nakhe ukholo lwabantwana benu

13. (a) Umhla wethu ufana njani nalowo kaYeremiya? (b) Kutheni ufanele ube nomdla kwizithembiso ezenziwa nguThixo kubantu abathile ngexesha likaYeremiya?

13 Namhlanje abantu bakaThixo bakwimeko efanayo naleyo yabo babethembekile kuYehova ngomhla kaYeremiya. Siyazi ukuba sele kumbovu ukuba uYehova abatshabalalise bonke abo bangafuniyo ukuthobela izilumkiso zakhe. Sekunjalo, sinokukhuthazwa zizithembiso ezikwiziprofeto zakhe, kanye njengamaYuda awayebambelele kunqulo olunyulu ngexesha likaYeremiya. Ngenxa yokuthembeka kwamaRekabhi kuYehova nakwimiyalelo kakhokho wawo, uThixo wathi ayeya kusinda ekutshatyalalisweni kweYerusalem. Ngokwenene asinda. Ubungqina boku sibubona ekukhankanyweni kamva ‘kukaMalekiya unyana kaRekabhi’ njengowayencedisa ekwakhiweni ngokutsha kweYerusalem ngemihla yolawulo lwerhuluneli uNehemiya. (Neh. 3:14; Yer. 35:18, 19) UYehova waqinisekisa uEbhedi-meleki ukuba naye wayeya kusinda ngenxa yokuthembela kuThixo nokuxhasa uYeremiya. (Yer. 38:11-13; 39:15-18) UThixo wathembisa nomhlobo kaYeremiya uBharuki ukuba wayeya kuwufumana ‘njengexhoba umphefumlo’ wakhe. (Yer. 45:1, 5) Sisiphi isigqibo ofikelela kuso ngokuzaliseka kwezi ziprofeto? Ucinga ukuba uYehova uza kukwenzela ntoni xa uye wathembeka?—Funda eyesi-2 kaPetros 2:9.

Ukuthembeka kweziprofeto zikaThixo kwaba naliphi ifuthe kuEbhedi-meleki, uBharuki namaRekabhi? Wena uvakalelwa njani ngezo ziprofeto?

IZIPROFETO EZAZALISEKA KAMVA

14. Yintoni eyayibangela ukuba isiprofeto sikaThixo ngeBhabhiloni sibalasele?

14 UThixo wachaza ukuba uNebhukadenetsare wayengayi koyisa uYuda nje kuphela, kodwa kwaneYiputa. (Yer. 25:17-19) Kumele ukuba oko kwakubonakala kungenakwenzeka kuba iYiputa yayinamandla gqitha, kangangokuba yayilawula uYuda. (2 Kum. 23:29-35) Emva kokuwa kweYerusalem, intsalela yamaYuda yaceba ukulishiya elo iye kuzifihla eYiputa. Yayifuna ukuya apho nakubeni uYehova wayeyilumkisile ukuba ingayi, esithi wayeza kuyisikelela xa inokuqhubeka ihleli kwaYuda. Kwelinye icala, xa ibalekele eYiputa, yayiya kufunyanwa kwalelo krele yayilibaleka. (Yer. 42:10-16; 44:30) Kwiincwadi zikaYeremiya akukho nto ithethwayo ngokuhlaselwa kweYiputa yiBhabhiloni. Ekuphela kwento esiqiniseke ngayo kukuba iziprofeto zikaYehova zazaliseka kwezo mbacu zamaSirayeli xa iBhabhiloni yoyisa iYiputa ekuqaleni kwenkulungwane yesithandathu ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo.—Yer. 43:8-13.

15, 16. Lazaliseka njani ilizwi likaThixo ngokuphathelele ukukhululwa kwabantu bakhe?

15 UYeremiya waphinda waprofeta ngesiphelo saboyisi beYiputa, iBhabhiloni uqobo. Kwinkulungwane ngaphambi kokuba kwenzeke oko, uYeremiya waprofeta ngokuchanileyo ukuba iBhabhiloni yayiza kuwa ngesiquphe. Kwakuza kwenzeka njani oko? Lo mprofeti kaThixo wathi amanzi awayeyikhusela ayeza ‘koma,’ zize nezigantsontso zayo zamadoda zingalwi. (Yer. 50:38; 51:30) Ezi ziprofeto zazaliseka ngokweenkcukacha xa amaMedi namaPersi ajika uMlambo umEfrate, awela kuwo, aza angena kweso sixeko, afika amaBhabhiloni engawalindelanga. Umele ube nomdla ofanayo kwisiprofeto sokuba eso sixeko sasiya kuba yinkangala, singaze sibe nabemi. (Yer. 50:39; 51:26) Ukuza kuthi ga kumhla wethu, ukuba senkangala kweBhabhiloni eyayinamandla kunikela ubungqina bokuchana kwesiprofeto sikaThixo.

16 Esebenzisa uYeremiya, uYehova waprofeta esithi amaYuda ayeza kukhonza amaBhabhiloni kangangeminyaka engama-70. Emva koko uThixo wayeza kubabuyisela kwilizwe labo abantu bakhe. (Funda uYeremiya 25:8-11; 29:10.) UDaniyeli wayesithembe ngokwenene esi siprofeto kangangokuba siso esamnceda wazi ixesha ekwakuya kuphela ngalo ‘ukuphanziswa kweYerusalem.’ (Dan. 9:2) UEzra wathi: “Ukuze ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya liphunyezwe, uYehova wavusa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi,” owoyisa iBhabhiloni, ukuze abuyisele amaYuda kwilizwe lawo. (Ezra 1:1-4) Ngenxa yoko amaYuda abuyileyo ayeya kuchwayita ngenxa yokugquba koxolo kwilizwe lawo nokubuyiselwa konqulo olunyulu, kanye njengokuba uYeremiya watshoyo.—Yer. 30:8-10; 31:3, 11, 12; 32:37.

17. Cacisa indlela amazwi kaYeremiya aphathelele ‘ukulila’ eRama asenokubhekisela ngayo kwizihlandlo ezimbini ezahlukeneyo.

17 Zikho nezinye iziprofeto zikaYeremiya ezaziseza kuzaliseka. Lo mprofeti kaThixo wathi: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Kuvakala ilizwi eRama, isijwili nokulila okukrakra; uRakeli elilela oonyana bakhe. Walile ukuthuthuzeleka ngenxa yoonyana bakhe, ngenxa yokuba bengasekho.’” (Yer. 31:15) Kuyabonakala ukuba emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E, amaYuda awayethinjiwe ahlanganiselwa kwisixeko saseRama, esikumgama weekhilomitha ezisibhozo ukusuka kumntla weYerusalem. Amanye amabanjwa amele ukuba abulawa eRama. Kungenzeka ukuba leyo yaba yinzaliseko yokuqala yesi siprofeto. Ngaphezu kweenkulungwane ezintandathu kamva, uKumkani uHerode wayalela ukubulawa kweentsana zaseBhetelehem. Umbhali wencwadi yevangeli uMateyu wachaza ukuba uYeremiya wayeprofetile ngentlungu yokubulawa kwezo ntsana kabuhlungu.—Mat. 2:16-18.

Aphi amaEdom namhlanje?

18. Sazaliseka njani isiprofeto sikaThixo esiphathelele uEdom?

18 Esinye isiprofeto sazaliseka kwinkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo. Esebenzisa uYeremiya uThixo waprofeta ukuba uEdom wayeza kuba phakathi kweentlanga ezaziza kuhlaselwa yiBhabhiloni. (Yer. 25:15-17, 21; 27:1-7) Kodwa ilizwi likaThixo lachaza okungakumbi. UEdom wayeza kufana neSodom neGomora. Uyazi kakuhle into eyayithethwa koko—ukuba senkangala, kungaphindi kuhlale bantu. (Yer. 49:7-10, 17, 18) Kwenzeka kanye oko. Ucinga ukuba igama elithi Edom nelithi amaEdom anokufunyanwa phi namhlanje kwimaphu? Akafumaneki ndawo. Ubukhulu becala afumaneka kwiincwadi zembali yamandulo naseBhayibhileni okanye kwiimaphu ezibonisa amazwe elo xesha. UFlavius Josephus uthi amaEdom anyanzelwa ukuba amkele ubuYuda ngenkulungwane yesibini ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo. Emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E., kwaphela tu ngawo.

19. Yintoni eboniswa yincwadi kaYeremiya ngokukwazi kukaThixo ukuzalisekisa iziprofeto zakhe?

19 Njengokuba nawe ubona, isahluko ngasinye sencwadi kaYeremiya sizaliswe ziziprofeto eziphathelele abantu nezizwe. Ezininzi kwezi ziprofeto sele zizalisekile. Kukodwa nje oku kumele kukwenze unikel’ ingqalelo kule ncwadi uze uyifunde, kuba ikuqinisekisa ngokuthile ngoThixo wakho omkhulu. UYehova uye wakwenza oko ebenako engqondweni, ibe useza kwenza. (Funda uIsaya 46:9-11.) Oku kunokukwenza uzithembe ngakumbi iziprofeto zeBhayibhile. Enyanisweni, enye inzaliseko yeziprofeto zikaYeremiya ilichaphazela ngokungqalileyo ikamva lakho. Makhe siqwalasele ezinye zazo kwicandelo eliseleyo lesi sahluko.

Ziziphi ezinye zeziprofeto ezazaliseka emva kokufa kukaYeremiya, ibe zibaluleke ngantoni kuwe?

IZIPROFETO EZINOKUTHANANI NAWE

20-22. Kutheni sinokuthi iziprofeto zeBhayibhile kuquka nezinye ezikwincwadi kaYeremiya zinokuzaliseka ngeendlela ezininzi? Zekelisa.

20 Isiprofeto seBhayibhile sinokuzaliseka ngeendlela ezininzi. Oku kunjalo ngokwenene xa sicinga ngempendulo kaYesu kumbuzo wabafundi bakhe ngomqondiso ‘wobukho bakhe nowokupheliswa kwenkqubo yezinto.’ (Mat. 24:3) Esi siprofeto sazaliseka ngowama-66 ukusa kowama-70 C.E. Kodwa kuyabonakala ukuba iinkalo ezithile zaso ziseza kuzaliseka ebudeni ‘bembandezelo enkulu’ eza kufikela yonke le nkqubo ingendawo yezinto. Leyo iya kuba yimbandezelo “ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwehlabathi de kube ngoku, nekungasayi kubakho injengayo kwakhona.” (Mat. 24:21) Nazo ke ezinye zeziprofeto zikaYeremiya zizaliseka ngendlela efanayo. Inzaliseko yokuqala yezinye zazo yenzeka ngowama-607 B.C.E., kodwa inzaliseko yesibini yayiza kwenzeka kamva, njengokuba siye sabona ‘kuRakeli owayelilela oonyana bakhe.’ (Yer. 31:15) Ezinye zezinto awaprofeta ngazo uYeremiya zizaliseka kweli xesha uphila kulo, yaye ziyakuchaphazela.

21 Oku unokukubona kwincwadi yeSityhilelo. Ephefumlelwe, umpostile uYohane wabhekisela kwiziprofeto zikaYeremiya eziphathelele ukuphela kweBhabhiloni ngowama-539 B.C.E. KwiSityhilelo sifumana indlela efana ngayo intshabalalo yayo yangaphambili nomkhamo omkhulu eza kutshatyalaliswa ngawo. Esinye seziprofeto zikaYeremiya esizaliseka kule mihla kukuwa kobukhosi obukhulu—ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, “iBhabhiloni Enkulu.” (ISityhi. 14:8; 17:1, 2, 5; Yer. 50:2; 51:8) Kuya kufuneka abantu bakaThixo ‘baphume kuyo’ ukuze bangabelani nayo kwizibetho zayo. (ISityhi. 18:2, 4; Yer. 51:6) Amanzi eso sixeko afuzisela abantu baso, okanye abo bayixhasayo, aya ‘koma.’—Yer. 51:36; ISityhi. 16:12.

22 Esinye isiprofeto esiza kuzaliseka kwixa elizayo seso sithetha ngesithembiso sokuba uThixo uya kuluphelisa unqulo lobuxoki ngenxa yokuphatha kwalo kakubi abantu bakhe. UYehova uya ‘kuyibuyisela ngokomsebenzi wayo, ngako konke ekwenzileyo.’ (Yer. 50:29; 51:9; ISityhi. 18:6) Amazwe okomfuziselo onqulo lobuxoki aya kuba yinkangala.—Yer. 50:39, 40.

23. Kukuphi ukubuyiselwa kokomoya okwenzeka ngenkulungwane yama-20 awaprofeta ngako uYeremiya?

23 Kanye njengokuba sele ubonile, iziprofeto zikaYeremiya zikwanika ithemba ngekamva. Waprofeta ngokubuyiselwa konqulo lokwenyaniso emhlabeni. Ukukhululwa kwabathinjwa abangamaYuda kwisixeko samandulo saseBhabhiloni kuyafana nokukhululwa kwabantu bakaThixo bale mihla kwiBhabhiloni Enkulu emva kokusekwa koBukumkani bukaThixo ezulwini. Ngokomoya, uYehova uye wabuyisela abantu bakhe kunqulo olunyulu, yaye ngenxa yoko baye bambulela baza banemincili. Uye wayisikelela imigudu yabo yokunceda abanye ukuba bamnqule nokuze bondliwe ngokomoya. (Funda uYeremiya 30:18, 19.) Nawe uye wazibonela ukuba uYehova uye wasizalisekisa isithembiso sakhe sokunyamekela abantu bakhe esebenzisa abalusi—amadoda aqolileyo ngokomoya anyamekela aze akhusele umhlambi.—Yer. 3:15; 23:3, 4.

24. Ngawaphi amazwi kaYeremiya abalulekileyo aseza kuzaliseka?

24 Amazwi awathethwa nguYeremiya kubantu bakaThixo bamandulo ayevisisanisa isithembiso sezinto ezilungileyo ezaziza kwenzeka kwabo bathembekileyo kunye nesilumkiso sentshabalalo kwabo bangamthandiyo uYehova. Kuyafana nanamhlanje. Sikubona ngokucacileyo ukungxamiseka kwesilumkiso esikula mazwi: “Abo babuleweyo nguYehova ngaloo mini ngokuqinisekileyo baya kususela kwesinye isiphelo somhlaba base kwesinye isiphelo somhlaba. Abayi kwenzelwa sijwili, bengayi kuhlanganiswa okanye bangcwatywe. Baya kuba njengomgquba phezu komhlaba.”—Yer. 25:33.

25. Namhlanje abantu bakaThixo baphathiswe yiphi imbopheleleko?

25 Nathi njengoYeremiya siphila kumaxesha anomngcipheko. Ngokufanayo nexesha lakhe, indlela abantu abasabela ngayo kwisigidimi sikaYehova inokuthetha ubomi okanye ukufa. Namhlanje abantu bakaThixo abaprofeti. Asiphefumlelwanga ukuba songeze kumazwi kaYehova ayinyaniso afumaneka eBhayibhileni. Sekunjalo, sithunywe ukuba sivakalise iindaba ezilungileyo zoBukumkani yonke imihla de kuphele le nkqubo yezinto. (Mat. 28:19, 20) Ngokuqinisekileyo asifuni ‘kuba amazwi’ kaYehova ngokungabaxeleli abantu ngezinto eziza kwenzeka. (Funda uYeremiya 23:30.) Sizimisele ukuba amazwi akhe siwadlulisele njengoko enjalo. Iziprofeto ezininzi awayalela uYeremiya ukuba azivakalise sele zizalisekile. Oku kwenza siqiniseke ukuba nezo zingekazaliseki ziza kuzaliseka. Simele sixelele abantu ukuba uThixo uza kukwenza nakanjani ‘oko anako engqondweni nawayekuyalele kwakwimihla yakudala.’—IZili. 2:17.

Musa ‘ukuba amazwi’ kaYehova ngokungabaxeleli abantu ngezinto eziza kwenzeka

26. Sisiphi esinye isiprofeto esiza kusiqwalasela?

26 Akakho umntu onokuthi usiqonda ngokupheleleyo isiprofeto sikaYeremiya engakhange anikele ingqalelo kwizithembiso zikaYehova ‘zomnqophiso omtsha’ kubantu bakhe, omithetho yawo wayeza kuyibhala ezintliziyweni zabo. (Yer. 31:31-33) Kwisahluko esilandelayo siza kuthetha ngesi siprofeto nenzaliseko yaso enokuthanani nawe.

Ziziphi iziprofeto ezikwincwadi kaYeremiya ezizaliseka kweli xesha lethu? Uvakalelwa njani ngezo ziseza kuzaliseka?