Kutheni Ndisoyika Ukuthetha Ngonqulo Lwam Esikolweni?
Isahluko 17
Kutheni Ndisoyika Ukuthetha Ngonqulo Lwam Esikolweni?
“Esikolweni ayavela amathuba okuba ndixelele abanye ngeenkolelo zam. Kodwa ndiwayeka adlule.”—UKaleb.
“Utitshalakazi wethu ukhe wasibuza eklasini ngoko sikucingayo ngendaleko. Ndaqonda ukuba nali ithuba lokuchazela abanye ngonqulo lwam. Kodwa ndema nematha ndingazi nokuba ndiqale ngaphi. Ndazisola ngeyona ndlela emva koko.”—UJasmine.
UKUBA ungumKristu oselula, mhlawumbi uyakwazi oko kuthethwa nguKaleb noJasmine. Njengabo, kusenokwenzeka ukuba nawe uyayithanda inyaniso oyifunde eBhayibhileni yaye uyakufuna ukuxelela abanye ngayo. Sekunjalo, usenokuba woyika kwaukucinga nje ngokuthetha ngayo. Kodwa unokuba nesibindi. Njani? Nazi iindlela onokuzizama:
1. Zazi izinto ozoyikayo. Xa ucinga ngokuchazela abanye ngonqulo lwakho, kulula ukucinga ukuba uza kuphoxwa! Maxa wambi usenokuzenzela lula xa uzichaza okanye uzibhale phantsi zonke izinto ozoyikayo.
Gqibezela esi sivakalisi silandelayo:
● Nazi izinto endoyika ukuba zisenokwenzeka xa ndinokushumayela esikolweni: ․․․․․
Kunokukuthuthuzela ukwazi ukuba nolunye ulutsha olungamaKristu loyika kanye njengawe. Ngokomzekelo, uChristopher oneminyaka eli-14 ubudala uthi, “Ndoyika ukuba abanye abantwana baza kundithela nqa baze bahlekise ngam.” Yena uKaleb ocatshulwe ekuqaleni uthi, “Ndandixhalele ukuba xa ndibuzwa imibuzo andizi kukwazi ukuyiphendula.”
2. Lwamkele ucelomngeni. Ngaba woyika nje ngaphandle kwesizathu? Mhlawumbi akunjalo, kuba uAshley oneminyaka engama-20 ubudala ukhumbula oku, “Abanye babesenza ngathi banomdla kunqulo lwam. Kodwa kamva babejika izinto endizithethileyo baze bandigezele ngazo phambi kwabanye.” UNicole oneminyaka eli-17 ubudala ubalisa la mava: “Enye inkwenkwe yathelekisa indinyana ekwiBhayibhile yayo kwakunye nendinyana ekweyam yaye amazwi ayengafani. a
Yathi iBhayibhile yam itshintshiwe. Ndandixakiwe! Ndandingazi ukuba ndiza kuqala ndithini.”Iimeko ezifana nale zinokoyikisa! Kunokuba ubaleke, lwamkele olo celomngeni njengenxalenye yobomi bakho njengomKristu. (2 Timoti 3:12) UMatthew oneminyaka eli-13 ubudala uthi: “UYesu wathi abalandeli bakhe baya kutshutshiswa, ngoko asinakulindela ukuba bonke abantu basithande ngenxa yeenkolelo zethu.”—Yohane 15:20.
3. Cinga ngeengenelo. Ngaba kukho nto intle esinokuyifumana kwimeko ebonakala imbi? UAmber, oneminyaka engama-21 ubudala ucinga njalo. Uthi: “Kunzima ukucacisa iinkolelo zakho kubantu abangayihloneliyo iBhayibhile, kodwa kukunceda ukuqonde kakuhle oko ukukholelwayo.”—Roma 12:2.
Phinda ujonge iNyathelo loku-1. Cinga ngezinto ezimbini ezinokwenzeka uze uzibhale apha ngezantsi.
1 ․․․․․
2 ․․․․․
Nali icebiso: Ukuchazela abantu ngeenkolelo zakho kunokuyinciphisa njani ingcinezelo yoontanga? Ukwenza loo nto kuya kukuchaphazela njani ukuzithemba kwakho, indlela IMizekeliso 23:15.
ovakalelwa ngayo ngoYehova uThixo, nendlela yena akujonga ngayo?—4. Zilungiselele. IMizekeliso 15:28 ithi: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.” Ngaphandle kokucinga ngoko uza kukuthetha, zama ukucinga nangemibuzo onokuyibuzwa ngabanye. Yenza uphando ngaloo mibuzo, uze ucebe indlela elula oza kuyiphendula ngayo.—Bona isicangca esinomxholo othi, “Ceba Indlela Oza Kuphendula Ngayo,” esikwiphepha 127.
5. Indlela yokuqalisa. Xa sele ukulungele ukuthetha ngonqulo lwakho, unokuqala njani? Unokuzikhethela. Ngandlel’ ithile ukuthetha ngonqulo kufana nokuqubha: Abanye abantu bangena bethe chu emanzini; abanye bayaziphosa kuwo. Ngokufanayo, unokuqalisa incoko ngombandela ongenanto yakwenza nonqulo ngokungathi kunjalo usiva amanzi ngokuthe ngcembe. Kodwa ukuba uzixhalabisa gqitha ngezinto ezisenokungahambi kakuhle kwincoko yenu, kunokuba bhetele Luka 12:11, 12) UAndrew oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Ukucinga ngokuthetha ngonqulo lwam kwakusoloko kunzima kunokukwenza. Kodwa xa sele ndiqalisile, kwakusiba lula kunokuba bendicinga!” b
ukusuka nje uthethe. (6. Yiba nengqiqo. USolomon wathi: “Abantu abanengqiqo basoloko becinga ngaphambi kokuba benze.” (IMizekeliso 13:16, ngokweToday’s English Version) Kanye njengoko ubungenakuziphosa kumanzi angekho nzulu, kulumkele ukuzifaka kwiimpikiswano ezingenamsebenzi. Khumbula ukuba kukho ixesha lokuthetha nelokuthi cwaka. (INtshumayeli 3:1, 7) Maxa wambi, noYesu wayekhe angavumi ukuyiphendula eminye imibuzo.—Mateyu 26:62, 63.
Ukuba ubona kufanelekile ukuphendula, phendula ngokufutshane nangobulumko. Ngokomzekelo, ukuba omnye umfundi ukugculela ngelithi, ‘Kutheni ungatshayi?’ unokumphendula ngokulula ngelithi, ‘Kaloku andifuni kungcolisa umzimba wam!’ Kuxhomekeka kwimpendulo yakhe, unokugqiba enoba ukuchaze ngakumbi oko ukukholelwayo kusini na.
La manyathelo mathandathu akhankanywe kwesi sahluko anokukunceda ukuba ‘ukulungele ukuthethelela’ iinkolelo zakho. (1 Petros 3:15) Kambe ke, ukukulungela ukuphendula akuthethi ukuba akusayi koyika. Kodwa uAlana oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Xa uchaza oko ukukholelwayo nakuba usoyika, loo nto ikwenza uzive wenze lukhulu—woyise uloyiko obunalo lokuba izinto zisenokungahambi kakuhle. Yaye xa izinto zihambe kakuhle, uya konwaba! Iya kukuvuyisa into yokuba uye wanesibindi sokuthetha.”
Ngaba uxinezelekile esikolweni? Nantsi indlela onokuhlangabezana ngayo nako.
[Imibhalo esemazantsi]
a Iinguqulelo zeBhayibhile zisebenzisa isigama esingafaniyo. Noko ke, ezinye zibambelela ngakumbi kwiilwimi zangaphambili eyabhalwa ngazo iBhayibhile.
b Funda ibhokisi ethi “Iindlela Zokuqalisa Incoko,” ekwiphepha elandulelayo.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“[Nimele] nisoloko nikulungele ukuzithethelela phambi kwakhe wonk’ ubani ofuna kuni isizathu sethemba elikuni, kodwa nisenjenjalo ngomoya wobulali nentlonelo enzulu.”—1 Petros 3:15.
ICEBISO
Kunokuxelela abantwana ofunda nabo ngento abamele bayikholelwe okanye bangayikholelwa, baxelele ngokucacileyo ngezinto ozikholelwayo nesizathu sokuba uqiniseke ukuba zisengqiqweni.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abanye abantwana ofunda nabo banokukuncoma ngokubambelela kwimilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni, kodwa basenokuba neentloni gqitha ukukubuza ngonqulo lwakho.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Umntu endifunda naye endinokuncokola naye ngonqulo lwam ngu [bhala igama lomntu nokuba mnye] ․․․․․
Umbandela endicinga ukuba unokuba nomdla ngakumbi kuwo ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ucinga ukuba yintoni enokubangela ukuba abo ufunda nabo bakugculele ngonqulo lwakho?
● Ukuba ugqiba kwelokuba uthethe ngonqulo lwakho, kutheni kubalulekile ukuthetha ngokucacileyo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 126]
“Xa ndandiselula, ndandingafuni kwahluka kwabanye abantu. Kodwa ndaqalisa ukuqonda indlela iinkolelo zam ezinegalelo ngayo ekuphileni ubomi obunenjongo. Ukuqonda loo nto kwandenza ndazithemba—kwaza kwandenza ndazidla ngoko ndikukholelwayo.”—UJason
[Ibhokisi ekwiphepha 124]
Iindlela Zokuqalisa Incoko
● “Uceba ukwenza ntoni ehlotyeni?” [Emva kokuba ephendule, chaza oko ukucebileyo ngokuphathelele unqulo lwakho, njengokuya endibanweni okanye ukwandisa inkonzo yakho.]
● Chaza okuthile okusezindabeni, uze umbuze: “Ukhe wayiva le nto? Ucinga ntoni ngayo?”
● “Ngaba ucinga ukuba imeko yehlabathi yezoqoqosho [okanye enye ingxaki] ibonakala iza kuphucula? [Mvumele aphendule.] Kutheni uvakalelwa ngolo hlobo nje?”
● “Ngaba unecawa yakho?”
● “Ucinga ukuba uya kuba usenzani kwiminyaka emihlanu ukususela ngoku?” [Emva kokuba ephendule, mchazele usukelo onalo ngokuphathelele unqulo.]
[Isicangca esikwiphepha 127]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Isalathiso Samaphepha
Ceba Indlela Oza Kuphendula Ngayo Khuphela oku!
Icebiso: Xubusha esi sicangca nabazali bakho kunye nolunye ulutsha olungamaKristu. Sizalise. Emva koko cinga ngeminye imibuzo enokubuzwa ngabo ufunda nabo, uze ucebe indlela oza kuyiphendula ngayo.
Umbuzo Impendulo Umbuzo Olandelayo Impendulo
Kutheni → Ndiyalihlonela → Ngaba loo nto → Kunjalo, yaye
ningayikhahleli ilizwe ithetha ukuba namaNgqina
Ukungathathi iflegi? endihlala akunakulilwela kaYehova
Cala Ngaba kulo kodwa ilizwe lakho? akwamanye amazwe
akulithandi andilinquli. akanakulwa neli
ilizwe lakho? lizwe.
Kutheni → Ndiyazamkela → Kodwa uza → ․․․․․
ungakufuni izinto kuthini xa uza
ukutofelwa ezisetyenziswa kufa ngenxa
igazi? endaweni yegazi yokungalitofeli
ezingenakundibek’ igazi?
esichengeni Ngaba uThixo
sikaGawulayo akanakukuxolela?
Igazi okanye
ihepatitis.
Kodwa iBhayibhile
ithi masikhwebuke
egazini, yiyo
loo nto
ndingalitofeli.
Uzibaningeshe → Siyazifundiswa → Ngaba loo nto → ․․․․․
ukule cawa izinto ezifunwa ayithethi ukuba
yenu, yaye nguThixo kodwa kule cawa yenu
Ukhetho wenza oku noku. asenzelwa niphila ngemigaqo
Kutheni wena zigqibo! eyahlukeneyo?
ungenakukwenza? Sonke simele
sizikhethele.
Kutheni → Kutheni → ․․․․․ → ․․․․․
Indalo ningakholelwa ndifanele
kwindaleko? ndikholelwe
kuyo?
Nezazinzulu
azivumelani
ngayo, yaye
zimele ukuba zazi
bhetele!
[Umfanekiso okwiphepha 125]
Ukuthetha ngonqulo kufana nokuqubha. Unokukhetha ukuqala kancinane—okanye uziphose emanzini!