Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko Lwasesikolweni?

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko Lwasesikolweni?

Isahluko 18

Ndinokuhlangabezana Njani Noxinezeleko Lwasesikolweni?

“Ndandixinezeleke gqitha esikolweni, kangangokuba ndandide ndifune nokukhala kakhulu.”—USharon.

“Umntu akayeki ukuxinezeleka esikolweni kuba nje ekhula—kutshintsha nje izinto ezibangela uxinezeleko.”—UJames.

NGABA uvakalelwa kukuba abazali bakho abayiqondi indlela oxinezeleke ngayo esikolweni? Basenokukuxelela ukuba wena akuhlawuli ndlu, akunantsapho uyondlayo, yaye akukho mqeshi ekufuneka uzame ukumkholisa. Kusenokwenzeka ukuba ucinga ukuba xa usesikolweni uxinezeleke ngokufanayo nabazali bakho—okanye nangaphezu kwabo.

Kunzima nje ukuya nokubuya esikolweni. UTara, ohlala eUnited States uthi: “Ebhasini kwakusoloko kusiliwa yaye umqhubi wayedla ngokumisa aze akhuphe wonke umntu osebhasini. Sonke sasibambezeleka kangangesiqingatha seyure nangaphezulu.”

Ngaba izinto ziba bhetele xa ufika esikolweni? Akunjalo! Mhlawumbi nawe ujamelana nezi zinto zilandelayo.

Uxinezeleko olubangelwa ngootitshala.

“Ootishala bam bafuna ndigqwese esikolweni, yaye ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndibakholise.”—USandra.

“Ootitshala banyanzela abafundi ukuba bagqwese kwizifundo zabo, ingakumbi xa loo mfundi enesiphiwo.”—UApril.

“Nokuba sele uzibekele olwakho usukelo ebomini, abanye ootitshala bakwenza uzive ngathi akukho yakho ukuba akusukeli imfundo abacinga ukuba umele uyisukele.” a—UNaomi.

Uvakalelwa njani xa uxinezeleko lubangelwa ngootitshala?

․․․․․

Uxinezeleko olubangelwa ngoontanga.

“Kwisikolo samabanga aphakamileyo, abantwana banenkululeko engakumbi yaye bayavukela. Ukuba akuzenzi izinto abazenzayo, bahambela kude kuwe.”—UKevin.

“Mihla le, ndilingelwa ukuba ndisele utywala ndize ndibe neentlobano zesini. Ngamanye amaxesha kuba nzima ukulwa neso silingo.”—UAaron.

“Ekubeni ndineminyaka eli-12 ubudala, eyona nto kufunwa ndiyenze kukuthandana. Wonke umntu esikolweni uthi, ‘Uza kuhlala ungenamntu de kube nini?’”—UAlexandria.

“Kwakusithiwa mandithandane nomnye umfana. Ndathi ndakungavumi kwathiwa ndilifanasini. Ngelo xesha ndandineminyaka elishumi kuphela ubudala!”—UChrista.

Uvakalelwa njani luxinezeleko olubangelwa ngoontanga?

․․․․․

Ezinye izinto ezibangela uxinezeleko. Faka olu phawu ✔ ecaleni kwaleyo iyingxaki kuwe—okanye ukuba ayikho kwezi, yibhale.

□ Xa uza kubhala iimviwo

□ Umsebenzi wesikolo owenza ekhaya

□ Xa abazali belindele lukhulu kuwe

□ Ukuphila ngendlela ephakamileyo ozibekele yona

□ Abantu abavuyelelayo nabaxhaphazayo ngokwesini

□ Ezinye ․․․․․

Amanyathelo Amane Okunciphisa Uxinezeleko

Liyinyaniso lona elokuba akunakulindela ukuba uza kude ugqibe esikolweni ungakhange uxinezeleke. Ewe, uxinezeleko oluninzi lwaphula intliziyo. UKumkani uSolomon osisilumko wathi: “Kuba ingcinezelo nje isengasiphambanisa isilumko.” (INtshumayeli 7:7) Kodwa wena akufuneki uvumele ingcinezelo ikuphambanise. Eyona nto ibalulekileyo kukufuna indlela onokuyilawula ngayo.

Ukulawula uxinezeleko singakufanisa nokuphakamisa iintsimbi. Ukuze aphumelele umntu ophakamisa iintsimbi, umele aziqeqeshe kusengaphambili. Uyakulumkela ukuphakamisa iintsimbi ezinzima kakhulu yaye uyaqiniseka ukuba uziphakamisa ngendlela efanelekileyo. Ukuba uyazenza ezi zinto, izihlunu zakhe ziyakheka ngaphandle kokuzenzakalisa. Kwelinye icala, ukuba akakhange azenze ezi zinto, izihlunu zakhe zinokukrazuka okanye aphuke ithambo.

Ngokufanayo ke, unako ukumelana noxinezeleko uze uwugqibe umsebenzi ekufuneka uwenzile ngaphandle kokukhathazeka. Njani? Ngokwenza ezi zinto zilandelayo:

1. Zazi izinto ezibangela uxinezeleko. Umzekeliso wobulumko uthi: “Xa ubona kusiza inkathazo, musa ukuba sisiyatha uze uye kuyo—yiba krelekrele uze uzifihle.” (IMizekeliso 22:3, ngokweContemporary English Version) Kodwa ke akunakukwazi ukuluphepha uxinezeleko ungazi ukuba lubangelwa yintoni. Ngoko ke, khawuphind’ ukhangele izinto obufake olu phawu ✔ kuzo. Yiyiphi eyona nto ikubangela uxinezeleke?

2. Yenza uphando. Ngokomzekelo, ukuba unengxaki yokwenza umsebenzi wesikolo omninzi ekhaya, khangela amacebiso akwiSahluko 13 somqulu 2.Ukuba usesilingweni sokuba neentlobano zesini nomntwana ofunda naye, uya kuncedwa ngamacebiso  .Ukuba usesilingweni sokuba neentlobano zesini nomntwana ofunda naye, uya kuncedwa ngamacebiso  .Ukuba usesilingweni sokuba neentlobano zesini nomntwana ofunda naye, uya kuncedwa ngamacebiso akwiSahluko 2, 5, nese-15 saloo mqulu.

3. Musa ukubek’ amangomso. Zimbalwa kakhulu iingxaki eziya kusuka ziziphelele xa ungazihoyanga. Kunoko zidla ngokuba nzima ngakumbi, nto leyo ebangela uxinezeleko. Xa sele ugqibile ngendlela oza kuhlangabezana ngayo nento ekuxinezelayo, musa ukulibazisa. Ngokomzekelo, ukuba uliNgqina likaYehova yaye uzama ukuphila ngemilinganiselo yokuziphatha eseBhayibhileni, zichaze ngoko nangoko. Ukwenjenjalo kunokunciphisa uxinezeleko. UMarchet, oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Esikolweni wawusithi usaqala nje unyaka, ndincokole ngento endaziyo ukuba iza kundinik’ ithuba lokuchaza imilinganiselo yeBhayibhile endiphila ngayo. Ndafumanisa ukuba xa ndihlala ixesha elide ndingazichazi njengeNgqina, kwakusiba nzima ukuzichaza. Kwakundinceda ukuxelela abanye ngokholo lwam ndize ndiphile ngokuvisisana nalo unyaka wonke.”

4. Cela Uncedo. Kwanomntu ophakamisa ezona ntsimbi zinzima, akanakuziphakamisa zonke. Kunjalo nangawe. Kodwa akuyomfuneko ukuba uwuthwale wedwa lo mthwalo. (Galati 6:2) Kutheni ungathethi nabazali bakho okanye nomnye umKristu oqolileyo? Babonise indlela oyiphendule ngayo imibuzo ekwesi sahluko. Cela amacebiso kubo.

Ngaba Uxinezeleko Lufanelekile?

Kusenokuba nzima ukukukholelwa oku, kodwa kufanelekile ukuxinezeleka ngamanye amaxesha. Kutheni sisitsho nje? Kuba oko kusenokubonisa ukuba ukhuthele yaye isazela sakho sisasebenza. Yiva oko kuthethwa yiBhayibhile ngomntu ongenanto emenza axinezeleke: “Kuya kude kube nini na ulele, vilandini? Uya kuvuka nini na ebuthongweni bakho? Ngenxa yentwana engakumbi yobuthongo, intwana engakumbi yokozela, intwana engakumbi yokusonga izandla uze ulale, buya kukufikela ubuhlwempu bakho ngokuqinisekileyo kanye njengesibhadubhadu, nokuswela kwakho njengendoda exhobileyo.”—IMizekeliso 6:9-11.

UHeidi, oneminyaka eli-16 ubudala uyishwankathela kakuhle le nto. Uthi: “Isikolo sisenokubonakala siyindawo embi ngokwenene, kodwa ukuxinezeleka kwasesikolweni kuyafana noza kukufumana emsebenzini.” Liyinyaniso elokuba, akuyondlwan’ iyanetha ukujamelana nokuxinezeleka kodwa ukuba uyakwazi ukujamelana nako, akuyi kukwenzakalisa. Enyanisweni, kunokukomeleza.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba ukushiya isikolo kunokuzicombulula iingxaki onazo?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 20 sale ncwadi.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Liphoseni [kuThixo], lonke ixhala lenu kuba unikhathalele.”—1 Petros 5:7.

ICEBISO

Khawahlule izinto ezikubangela uxinezeleke zibe ngamacandelo amabini—ezo unokukwazi ukuhlangabezana nazo nezo zingaphezu kwamandla akho. Zama ukucombulula ezo unamandla azo kunokuchitha ixesha namandla akho uzamana neengxaki ongenakwenza nto ngazo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukulala ngokwaneleyo suku ngalunye—ubuncinane iiyure ezisibhozo—akwaneli nje ukukunceda kuxinezeleko kodwa kwenza ukwazi ukukhumbula izinto.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndikwazi ukuhlangabezana noxinezeleko, ukuba kunokwenzeka, ndizimisele ukulala ngentsimbi ye-․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni ukufuna ukwenza izinto ngokugqibeleleyo kunokukwenza uxinezeleke ngakumbi?

● Ngubani onokuthetha naye xa uxinezelekile?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 132]

“Yonke imihla utata wayethandaza nam ngaphambi kokuba andishiye esikolweni. Loo nto yayindenza ndizive ndikhuselekile.”—ULiz

[Umfanekiso okwiphepha 131]

Kanye njengoko ukuphakamisa iintsimbi ngendlela eyiyo kunokukwenza ube nomzimba owakhekileyo, ukumelana noxinezeleko ngendlela efanelekileyo kunokukomeleza