Ndinokulisebenzisa Njani Ixesha Lam Ngobulumko?
Isahluko 21
Ndinokulisebenzisa Njani Ixesha Lam Ngobulumko?
Zingaphi iiyure ezongezelelekileyo onokuzisebenzisa ngosuku? ․․․․․
Unokulisebenzisa njani elo xesha?
□ Unokulichitha ukunye nabahlobo
□ Unokulala
□ Unokufunda
□ Nantoni na eyenye ․․․․․
IXESHA lifana nehashe elidlamkileyo—ukuze likusebenzele, ufanele ufunde ukulilawula. Xa ulilawula, unokunciphisa uxinezeleko, uphucule amanqaku akho esikolweni, uze uthenjwe ngakumbi nangabazali bakho. Usenokuthi, “Kuyinyaniso oko, kodwa kunzima ukukwenza!” Ngokwenene zikho iingxaki oza kujamelana nazo. Kodwa unokuzoyisa. Nantsi eminye imizekelo.
Ingxaki #1: Ukuzenzela Ucwangciso
Isizathu sokuba ungakuthandi. Kwaigama nje elithi ucwangciso likwenza uzive ubophelelekile! Uthanda ukuzenzela izinto ngokukhululekileyo, yaye akufuni ukuba ubomi bakho bulawulwe lucwangciso.
Isizathu sokuba ulwenze. UKumkani uSolomon wathi: IMizekeliso 21:5) Alithandabuzeki elokuba uSolomon wayeyindoda exakekileyo. Wayetshatile, enabantwana, yaye engukumkani. Njengoko wayesiya ekhula, waxakeka nangakumbi. Ngendlel’ efanayo, nawe umaxhaphetshu. Kodwa mhlawumbi usenokuxakeka nangakumbi njengoko usiya ukhula. Kulunge ngakumbi ukuqalisa ukulungelelana kwangoku, ungekashiywa lixesha!
“Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo.” (Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Kangangeenyanga ezintandathu ezidluleyo, ndiye ndaqalisa ukwenza ucwangciso rhoqo. Bendizama ukwenza izinto zibe lula, yaye oko kuye kwandinceda!”—UJoey.
“Ukuzenzela uludwe lwezinto kuye kwandinceda ndanamathela kucwangciso lwam. Xa ndinomsebenzi omninzi, sinomama siye sibhale phantsi yonke into size sizame ukuncedisana ukuze silufikelele usukelo lwethu.”—UMallory.
Izinto ezinokukunceda. Masithi mhlawumbi uza kuba nohambo. Lungu ngalinye lentsapho lifaka iibhegi zalo emotweni. Kubonakala ngathi azinakwanela zonke ezi zinto. Uza kwenza ntoni? Usenokukhupha yonke into uze uphinde upakishe, uqala ngeebhegi ezinkulu. Usenokude ufumane nendawo yeebhegi ezincinane.
Kunjalo nangobomi bakho. Ukuba uchitha ixesha lakho elininzi kwizinto ezingenamsebenzi, usenokungakwazi ukwenza izinto ezibalulekileyo. Ziphe ixesha lokuqala ngezinto ezibalulekileyo, yaye uya kumangaliswa kukufumana ixesha elingakumbi lokwenza ezinye izinto!—Filipi 1:10.
Zintoni ezibalulekileyo ekufuneka uzenze?
․․․․․
Buyel’ umva uze ubeke izinto ezibalulekileyo kwindawo yokuqala—zidwelise ngokokubaluleka kwazo. Ukuba uqala ngezinto ezibalulekileyo, uya kumangaliswa kukufumanisa ukuba lininzi ixesha eliseleyo lokwenza ezinye izinto ezingenamsebenzi.
Oko unokukwenza. Zifunele ipocket planner, uze ubhale kuyo izinto omele uzenze, uqale ngezibalulekileyo. Okanye, mhlawumbi usenokusebenzisa enye kwezi zilandelayo.
□ Ikhalenda yecellphone
□ Incwadi encinane
□ Ikhalenda yekhompyutha
□ Ikhalenda ebekwa edesikeni
Ingxaki #2: Ukunamathela Kucwangciso
Isizathu sokuba ungakuthandi. Ukuphuma kwesikolo ufuna ukuhlala phantsi uze ubukele umabonwakude nje kancinane. Okanye ubucebe ukufundela iimvuwo, kodwa ufumana umyalezo okumemela kwimovie. Akunakulitshintsha ixesha lemovie, kodwa usenokufunda ngokuhlwa. Uyazixelela ukuba uyaphumelela xa usebenza uxinezelekile.
Isizathu sokuba unamathele kulo. Usenokufumana amanqaku aphezulu ukuba ufunda xa ingqondo yakho ithe qwaa. Sele uxinezeleke ngokwaneleyo kakade. Kutheni ke ufuna ukuxinezeleka ngakumbi ngokunkqayela uvavanyo ngobusuku? Uya kube unjani ngentsasa elandelayo? Usenokuselwa, uxinezeleke nangakumbi, uphum’ endlini ubaleka, mhlawumbi ungafiki nangexesha esikolweni.—IMizekeliso 6:10, 11.
Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Ndiyakuthanda ukubukela umabonwakude, ukudlala isiginkci, nokuba kunye nabahlobo. Ezi zinto aziphosakalanga; kodwa ngamanye amaxesha ziye zithathe indawo yezona zinto zibalulekileyo ndize ekugqibeleni ndizenze ngokungxama.”—UJulian.
Oko kunokukunceda. Musa ukucwangcisa kuphela izinto omele uzenze—cwangcisa nezo uthanda ukuzenza. UJulian uthi: “Kulula ukwenza izinto omele uzenze, xa usazi ukuba kukho izinto
ozithandayo ocebe ukuzenza kamva.” Elinye icebo kukuyazi into ofuna ukuyenza uze uzibekele usukelo oluza kukunceda unamathele kucwangciso lwakho.Oko unokukwenza. Ziziphi izinto ozimisele ukuzenza kwezi nyanga zintandathu zilandelayo?
․․․․․
Luluphi usukelo onokulufikelela kule minyaka mibini ilandelayo, yaye ufanele wenze ntoni ngoku ukuze ulufikelele? a
․․․․․
Ingxaki #3: Ukucoceka Nokulungelelana
Isizathu sokuba ungakuthandi. Mhlawumbi akuqinisekanga ukuba ukucoceka nokulungelelana kudibana njani nokulisebenzisa kakuhle ixesha lakho. Ngapha koko, kulula ukuba lixelegu. Igumbi lakho linokucocwa nangelinye ixesha—okanye lingacocwa! Ayikukhathazi nganto into
yokuthi saa kwezinto kulo, ibe akuyongxaki. Kodwa kona kuyingxaki.Isizathu sokucoceka nokulungelelana. Ukugcina izinto zicocekile yaye zilungelelene kunokukunceda ungachithi ixesha ukhangelana nazo. Oku kuya kukunika uxolo lwengqondo.—1 Korinte 14:40.
Oko kuthethwa lolunye ulutsha. “Maxa wambi xa ndishiye iimpahla zam zithe saa, andikwazi ukufumana izinto endizifunayo!”—UMandy.
“Ndandineveki ndingasasiboni isipaji sam. Yayindikhathaza gqitha loo nto. Ndathi ndakucoca igumbi lam ndasifumana.”—UFrank.
Oko kunokukunceda. Zama ukuzibuyisela ngokukhawuleza izinto kwiindawo zazo. Kwenze rhoqo oku, ungalindi de zifumbe.
Oko unokukwenza. Zama ukukwenza umkhwa ukucoceka. Izinto mazihlale zicocekile, yaye oko kuya kuzenza lula izinto.
Ekuphela kwento wena, oontanga, nabazali bakho eniyifumana ngokulinganayo suku ngalunye lixesha. Ukuba nje ukhe wadlala ngalo, uya kungena enkathazweni. Lisebenzise kakuhle, uya kuyibona imiphumo. Yonke ke loo nto ixhomekeke kuwe.
Ngaba abazali bakho abayonzalelwane yelizwe okulo? Ngaba uziva ungade ungene ndawo esikolweni okanye ekhaya? Funda indlela yokonwaba kuloo ndawo ukuyo.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 39 sale ncwadi.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—Filipi 1:10.
ICEBISO
Ungazami ukuwasebenzisa ngexesha elinye onke la macebiso akwesi sahluko. Kunoko, sebenzisa libe linye ngenyanga. Emva kokuba ulisebenzise ngokuphumelelayo, khetha elinye.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukuceba ukwenza izinto ezininzi ngosuku olunye kunokukwenza uxinezeleke. Ukuba uyazazi ezona zinto zibalulekileyo, uya kuzazi ezo umele uzenze.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Into endingenakuchitha xesha lininzi kuyo ․․․․․
Kwixesha endinalo ndiya kwenza oku ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ukufunda ukucwangcisa ixesha lakho ngoku kuza kukunceda njani xa sele unomzi wakho?
● Yintoni onokuyifunda kwindlela abazali bakho abalisebenzisa ngayo ixesha?
● Ukuba sele unocwangciso olusebenzisayo, luluphi uhlengahlengiso onokulwenza ukuze luphumelele ngakumbi?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 154]
“Ndive omnye umntu eqhula ngelithi ukuba ufuna mna ndibe kwindawo ethile ngentsimbi yesine umele uthi mandifike ngentsimbi yesithathu. Ndabona apho ukuba ndimele ndilisebenzise kakuhle ixesha lam!”—URicky
[Ibhokisi ekwiphepha 155]
Ndilisebenzisa Njani Ixesha Endinalo?
Ngokomlinganiselo, veki nganye ulutsha oluphakathi kweminyaka esi-8 neli-18 ubudala luchitha ixesha lalo ngale ndlela:
17
lukunye nabazali
30
lusesikolweni
44
lubukele umabonwakude, ludlala imidlalo yevidiyo, lubhalelana ngefowuni nekhompyutha yaye luphulaphule umculo
Bhala ixesha olichitha veki nganye
ubukele umabonwakude ․․․․․
udlala imidlalo yevidiyo ․․․․․
usebenzisa i-Internet ․․․․․
uphulaphule umculo ․․․․․
Isimbuku ․․․․․
Iiyure endinokuzisebenzisa kwezona zinto zibalulekileyo ․․․․․
[Umfanekiso okwiphepha 153]
Ixesha lifana nehashe elidlamkileyo—ukuze likusebenzele, ufanele ufunde ukulilawula