Ndinokusebenzisana Njani Notitshala Wam?
Isahluko 20
Ndinokusebenzisana Njani Notitshala Wam?
Bhala igama lotitshala omthandayo. ․․․․․
Kutheni umthanda nje? ․․․․․
Bhala igama lotitshala ongamthandiyo. ․․․․․
UNGAKWAZI ukukhetha abahlobo bakho, kodwa ngoxa usakhula akunakuzikhethela ootitshala. Mhlawumbi ubathanda bonke ootishala bakho. UDavid oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Eneneni andizange ndibe nangxaki nabo bonke ootishala bam. Ndandibahlonipha, bona bendithanda.”
Kwelinye icala, kungenzeka ukuba utitshala wakho ufana nokaSarah oneminyaka eli-11 ubudala. “Akanabubele. Andimva xa efundisa. Ngelinye ixesha akayicacisi kakuhle into ayifundisayo kanti ukhe acacise ngokungeyomfuneko.” Ukuze
ukwazi ukusebenzisana notitshala wakho, kufuneka uqale uyazi eyona ngxaki ucinga ukuba unayo. Wakuba uyazile, kuya kuba lula ukuyicombulula. Faka olu phawu ✔ ecaleni kwebhokisi echaza ingxaki yakho, okanye ubhale esakho isizathu.□ Kunzima ukumazi utitshala wam
□ Ndicinga ukuba ndifanele ndifumane amanqaku aphezulu
□ Ndicinga ukuba abanye bayathandwa
□ Ndohlwaywa ngokungeyomfuneko
□ Ndicinga ukuba ndiyacalulwa
□ Esinye isizathu ․․․․․
Yintoni enokukunceda? Okokuqala sebenzisa isiluleko sikampostile uPetros. Wathi: “Cingani nto-nye nonke, nivelane.” (1 Petros 3:8) Yintoni enokukubangela uvelane notitshala “ongenabubele”? Cinga nje ngezinye izinto eziphathelele ootitshala ezinokukunceda.
Ootitshala bayazenza iimpazamo. Nabo banazo iimpawu ezingathandekiyo neengxaki yaye baba nekhethe maxa wambi. Umfundi uYakobi wathi: “Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” (Yakobi 3:2) UBrianna oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Utitshala owayesifundisa izibalo wayengenamonde yaye ethanda ukukhwaza xa ethetha nathi. Loo nto yenza kwaba nzima ukuba simhlonele.” Yintoni eyayibangela ukuba enjenjalo? UBrianna uthi: “Iklasi yethu yayisoloko ingalawuleki yaye abantwana babegeza kakhulu ukuze bamcaphukise ngabom.”
Ngokuqinisekileyo ubuya kuthanda ukuba utitshala angazihoyi iimpazamo ozenzayo, ingakumbi ukuba ubukhe waxinezeleka. Ngaba nawe akunakwenza okufanayo kuye? Bhala
ngesiganeko esisandul’ ukwenzeka esikolweni nento ocinga ukuba iye yacaphukisa utitshala wakho.․․․․․
Ootitshala bayakhetha. Khawucinge nje ngocelomngeni abajamelene nalo ootitshala bakho: Bangaphi abantwana ofunda nabo abafunayo ukuba kwiklasi yenu? Bangaphi kwabo bafunayo abakulungeleyo nabakwaziyo ukuphulaphula into enye kangangesiqingatha seyure nangaphezulu? Bangaphi abafundi abafuna ukukhuphela umsindo kootitshala babo? Ngoku khawuzibone ufundisa oontanga bakho abangama-20, abangama-30 nangaphezulu ngento abangayithandi bonke. Ngaba ubungayi kuhoya kakhulu abo banomdla?
Kona inokukucaphukisa into yokubona ikhethe lisenziwa phandle. UNatasha uthi xa ethetha ngenye yeetitshala zakhe: “Wayedla ngokubeka ixesha awufuna ngalo umsebenzi wakhe kodwa wayesoloko enyenyisa izinto kubadlali bebhola kuphela. Phofu ke, ubunokulindela ntoni kumntu okwalisekela lomqeqeshi weqela lebhola.” Ukuba ukhe wehlelwa yinto efanayo, zibuze, ‘Ngaba uyandigxotha aze afundise abathandayo kuphela?’ Ukuba akunjalo, kutheni usiba nomsindo okanye ube nomona?
Bhala phantsi izinto onokuzenza ukubonisa utitshala wakho ukuba unomdla kwizifundo zakhe.
․․․․․
Ootitshala ababaqondi abafundi. Maxa wambi, nisenokungqubana notitshala wakho kuba nje engabuqondi kakuhle ubuntu bakho. Xa ubuza usenokucinga ukuba uyavukela, okanye
xa uthanda ukuqhula acinge ukuba akunambeko okanye usisidenge.Yintoni onokuyenza xa utitshala engakuqondi kakuhle? IBhayibhile ithi: “Musani ukubuyisela ububi ngobubi nakubani na. . . . Ukuba kunokwenzeka, zamani ngokusemandleni enu, ukuba noxolo nabantu bonke.” (Roma 12:17, 18) Ngoko musa ukumcaphukisa utitshala wakho. Ziphephe iingxabano ezingeyomfuneko. Musa ukunika utitshala wakho izizathu ezivakalayo zokukhalaza. Mhlonele. Usenokuzibuza, ‘Ndimhlonele?’ Kunjalo kanye, mbulise ngembeko xa ufika eklasini. Ukuqhubeka unembeko—ude uncume maxa wambi—kunokuyitshintsha indlela akujonga ngayo.—Roma 12:20, 21.
Ngokomzekelo, ootitshala bakaKen babengamqondi kakuhle. Uthi: “Ndingumntu oneentloni, yaye andifane ndithethe nootitshala bam.” Wayicombulula njani le ngxaki? “Ekugqibeleni ndaqonda ukuba ootitshala bafuna ukundinceda kwizinto ezininzi. Ngoko ndazenzela usukelo lokubazi bonke ootitshala bam. Emva koko, amanqaku am aphucuka kakhulu.”
Liyinene elokuba, ukuba nobuhlobo akunakusoloko kumtshintsha utitshala. Kodwa yiba nomonde. UKumkani uSolomon wathi: “Ukuba nomonde nokuthetha ngembeko IMizekeliso 25:15, ngokweContemporary English Version) Zola uze uthethe ngembeko xa utitshala wakho ekudlel’ indlala. Unokuyitshintsha indlela akujonga ngayo.—IMizekeliso 15:1.
kunokumtshintsha umphathi [okanye utitshala] yaye kunokoyisa nayiphi na ingxaki.” (Ukuba utitshala akakuqondi okanye ukudlel’ indlala, uza kuqala wenzeni?
․․․․․
Yintoni ebhetele onokuyenza?
․․․․․
Ukucombulula Imiba Ethile
Ukuqonda izinto asilela kuzo utitshala wakho ngamaqalela nje. Yintoni onokuyenza ukuze ucombulule umba othile? Ngokomzekelo, unokuhlangabezana njani nezi zikhalazo zilandelayo?
Bendimele ndifumane amanqaku abhetele. UKatrina uthi: “Bendisoloko ndifumana amanqaku aphezulu kakhulu. Kodwa ngomnye unyaka utitshala wam wanditshonisa. Ndandimele ndifumane aphezulu. Abazali bam bayithetha nenqununu le nto. Kodwa wawanyusa nje kancinane oku kokuba ndiphumelele, kodwa oku akuzange kuwuphelise umsindo endandinawo.” Nawe xa ukwimeko efanayo, musa ukuphosa imvula yezityholo kutitshala wakho. Kunoko, funda kuNathan ekuthethwe ngaye eBhayibhileni. Wayenomsebenzi onzima wokubhenca ukusilela ngokunzulu kukaKumkani uDavide. UNathan akazange agaleleke kwibhotwe sele etyabeka uDavide ngezityholo, kodwa wathetha naye ngobuchule.—2 Samuweli 12:1-7.
IMizekeliso 18:13) Emva kokuba umphulaphule, uya kukwazi ukuchaza apho impazamo yenzeke khona. Enoba akawatshintshi loo manqaku, utitshala wakho usenokuyithanda indlela okhule ngayo.
Nawe unokuzithoba uze uzole xa uthetha notitshala wakho. Ukuba uyacaphuka okanye utyhole utitshala wakho ngokungawazi umsebenzi wakhe okanye ngenye into, akunakuze ukwazi ukusebenzisana naye. Zama ukuthetha njengomntu omdala. Qala ngokumcela ukuba akuchazele ngendlela awabala ngayo amanqaku. USolomon wathi: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.” (Ndicinga ukuba utitshala wam unekhethe. Khawucinge ngomzekelo kaRachel. Ebesoloko enkqenkqeza phambili kumanqaku akhe. Zatshintsha izinto xa efika kwiBanga lesi-5. URachel uthi: “Utitshala wazama ngamandla akhe onke ukuqinisekisa ukuba ndiyatshona kwiklasi yakhe.” Yayiyintoni ingxaki? Wayenza yacaca kuRachel nonina ukuba akaluthandi unqulo lwabo.
Yintoni eyenzekayo? URachel uthi: “Sihlandlo ngasinye kwakuye kucace ukuba usebenzisa ikhethe lakhe xa ebala amanqaku am, yaye sasidla ngokuya kuthetha naye noMama. Wada wayeka ukundisokolisa.” Ukuba nawe ukwimeko efanayo, yiba nesibindi sokuthetha ngayo nabazali bakho. Ngokuqinisekileyo, baya kukuvuyela ukuya kuthetha notitshala wakho yaye mhlawumbi nabaphathi besikolo ukuze ilungiswe loo nto.
Zijonge Ngeliso Elibanzi Izinto
Liyinyaniso elokuba, aziyi kucombululeka ngokulula zonke iingxaki zakho. Maxa wambi kuya kufuneka unyamezele. UTanya uthi: “Enye ititshala yam yayingabathandi abafundi. Yayisoloko isithuka ngokuba zizidenge. Ekuqaleni ndandikhala kodwa ndafunda ukungazihoyi izithuko zayo. Ndandinikela ingqalelo kwizifundo zam yaye ndandizigcina ndixakekile xa ndikwiklasi yayo. Ngenxa yoko, yayingasandikhathazi kangako yaye ndandiphakathi kwabambalwa ababefumana amanqaku aphezulu. Le titshala yagxothwa emva kweminyaka emibini.”
Funda indlela yokusebenzisana netitshala esokolisayo, yaye loo nto iya kukunika ubuchule oya kubuxabisa ebomini—obo buya kukunceda mhla waba nomqeshi osokolisayo. Kanti loo nto iya kukunceda ube noxabiso xa uneetitshala ezilungileyo.
Ngaba ubona ngathi akufumani xesha laneleyo lokwenza zonke izinto ngosuku? Funda ukulenza umhlobo wakho ixesha.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Zonke izinto, ngoko, enifuna abantu bazenze kuni, yenzani ngokunjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.
ICEBISO
Ukuba ucinga ukuba utitshala wakho uyadika, nikela ingqalelo kwinto ayifundisayo kungekhona kuye. Bhala amanqaku, cela inkcazelo engakumbi ngembeko, uze ube nomdla kuloo nto afundisa ngayo. Nabanye banokuba naloo moya.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Kusenokwenzeka ukuba utitshala wakho ebesoloko efundisa into enye kaninzi kwezinye iiklasi. Ngoko kusenokuba nzima ukuba ahlale efundisa ngomdla awayenawo xa wayeqala ukuthetha ngayo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndibe nomdla kwiklasi edikayo, ndiza ․․․․․
Ukuba ndicinga ukuba utitshala wam undidlel’ indlala, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni kubalulekile ukunikel’ ingqalelo kwinto efundiswayo kunakutitshala?
● Isimo sakho sengqondo kwinto efundiswayo sinokuyichaphazela njani indlela utitshala akujonga ngayo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 146]
“Ndenza konke okusemandleni am ukuze ndibe ngumhlobo wabo bonke ootitshala bam. Ndiyawazi amagama abo, yaye xa ndidibana nabo endleleni, ndizipha ixeshana lokuncokola nabo.”—UCarmen
[Umfanekiso okwiphepha 145]
Ootitshala bangumchankcatho onokukunceda ufumane ulwazi, kodwa nawe kufuneka udlale eyakho indima