Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?

Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?

Isahluko 19

Ngaba Ndimele Ndisiyeke Isikolo?

Ucinga ukuba ufanele usiyeke xa ukweliphi ibanga isikolo? ․․․․․

Abazali bakho bafuna ukuba uyeke nini? ․․․․․

NGABA ziyafana ezi mpendulo zingasentla? Enoba ziyafana yaye usesesikolweni, kubakho iintsuku onqwenela ukuyeka isikolo ngazo. Ngaba ukhe ucinge ngale ndlela?

“Ngamanye amaxesha ndandixinezeleka de ndingafuni nokuvuka. Ndandizibuza, ‘Kutheni ndimele ndiye esikolweni ndiza kufunda izinto endingazi kuzisebenzisa nje?’”—URachel.

“Ndandidla ngokudikwa sisikolo de ndifune ukusiyeka ndizifunele umsebenzi. Ndandivakalelwa kukuba isikolo asindincedi nganto yaye ndifuna ukuchitha ixesha lam ndisenza umsebenzi oza kundihlawula.”—UJohn.

“Ndandifunda kwisikolo esisedolophini yaye kwakunzima ukufumana abahlobo. Ndandingenangxaki nomsebenzi wesikolo kodwa ndandililolo. Nabanye abantwana abangamalolo babengathethi nam! Ndandifuna ukuyeka kweso sikolo.”—URyan.

“Suku ngalunye ndandigoduka nomsebenzi wesikolo oza kuthatha iiyure ezine ukuze ndiwugqibe! Kwakufuneka ndenze umsebenzi wesikolo omninzi yaye kwangaxeshanye ndilungiselele iimviwo. Ndandivakalelwa kukuba konke oku kungaphezu kwamandla am ngoko ndandifuna ukuyeka.”—UCindy.

“Sakha sagrogriswa ngesiqhushumbisi, kwabakho abafundi abathathu abazama ukuzibulala, omnye wazibulala, kwabakho namaqela emigulukudu anogonyamelo. Maxa wambi kwakuba nzima yaye ndandifuna ukusiyeka isikolo!”—URose.

Ngaba ukhe waba neengxaki ezifanayo? Ukuba kunjalo, yintoni ekwenze wafuna ukuyeka isikolo?

․․․․․

Mhlawumbi uzimisele ukuyeka. Unokuwubona njani umahluko phakathi kokuyeka isikolo kuba kufike ixesha nokusiyeka kuba udikiwe? Ukuze siphendule lo mbuzo kuya kusinceda ukubona ukuba kuthetha ukuthini ukuyeka isikolo.

Ngaba Usigqibile Okanye Uyasiyeka?

Unokuwuchaza njani umahluko phakathi kokugqiba isikolo nokusiyeka?

․․․․․

Ngaba ubusazi ukuba kwamanye amazwe kuqhelekile ukuba umntwana afunde iminyaka emihlanu okanye esibhozo? Kwamanye, kufuneka abantwana bafunde iminyaka elishumi. Ngoko, amazwe awamiseli iminyaka efanayo efanele ichithwe ngabantwana esikolweni.

Ukongezelela, kwamanye amazwe abantwana bavumelekile ukufundela ekhaya. Abantwana abafundela ekhaya ngemvume yabazali abasiyekanga isikolo.

Noko ke, ukuba ucinga ngokuyeka isikolo ngaphambi kokuba ugqibe—enoba sisikolo esiqhelekileyo okanye ufundela ekhaya—ufanele ucinge ngale mibuzo ilandelayo:

Uthini umthetho? Njengokuba sele kubonisiwe, imithetho ephathelele ixesha umntwana afanele alichithe esikolweni ayifani. Kwindawo okuyo, ngokomthetho ufanele ufunde iminyaka emingaphi? Ngaba sele uyigqibile loo minyaka? Ukuba usibetha ngoyaba isiluleko seBhayibhile esithi, ‘masiwathobele amagunya awongamileyo’ ushiye isikolo ngaphambi kwelo xesha, usiyekile.—Roma 13:1.

Ngaba ndilufikelele usukelo lwemfundo ebendiyifuna? Luluphi usukelo ofuna imfundo ikuncede ulufikelele? Akuqinisekanga? Umele wazi! Kungenjalo ufana nomntu okhwele uloliwe kodwa engazi ukuba ufuna ukwehla phi. Ngoko, hlala phantsi nabazali bakho uze uphendule imibuzo ekwiphepha 139 phantsi komxholo othi,  “Oko Ndikufundelayo.” Oko kuza kukunceda uzimisele esikolweni uze wena nabazali bakho nibone ixesha ofanele ulichithe esikolweni.—IMizekeliso 21:5.

Ootitshala bakho nabanye abantu basenokukucebisa ngexesha ofanele ulichithe esikolweni. Kodwa ke, ngabazali bakho abanelungelo lokukwenzela eso sigqibo. (IMizekeliso 1:8; Kolose 3:20) Uyayeka esikolweni ukuba usishiya ngaphambi kwexesha enithethe ngalo nabazali bakho.

Yintoni ebangela ukuba ndiyeke? Kulumkele ukuzikhohlisa. (Yeremiya 17:9) Abantu bayakwazi ukuzithethelela ngezinto abazenza kuba becingela iziqu zabo.—Yakobi 1:22.

Bhala apha ngezantsi izizathu ezivakalayo zokuyeka isikolo ungekagqibi.

․․․․․

Bhala apha ngezantsi izizathu zokuyeka isikolo ezibonisa ukuba ucingela isiqu sakho.

․․․․․

Ziziphi izizathu ezivakalayo ozibhalileyo? Ezinye izizathu isenokuba kukuxhasa intsapho yakowenu ngokwezimali okanye ukunceda abantu bafunde ngoThixo. Xa ucingela isiqu sakho izizathu osenokuba uzibhalile kukubaleka iimviwo okanye umsebenzi wesikolo. Kubalulekile ukuqonda esona sizathu—ngaba siyavakala okanye sibonisa ukuba ucingela isiqu sakho?

Khawuphinde ujonge uludwe olubhalile ngasentla lwezizathu zokuyeka kwakho isikolo uze uludwelise ngokokubaluleka kwalo, ususela kwisi-1 ukuya kwisi-5 (isi-1 sibonisa isizathu esingabalulekanga, isi-5 sibonisa esona sizathu sibalulekileyo). Ukuba uyeka isikolo ngenxa yokuba ubaleka iingxaki, usengxakini.

Yintoni Ephosakeleyo Ngokuyeka Isikolo?

Ukuyeka isikolo kufana nokutsiba kuloliwe ehamba, ungekafiki apho uya khona. Kusenokwenzeka ukuba uloliwe akahambi kamnandi nabantu okhwele nabo abanabubele. Kodwa ukuba ukhawuleza utsibe kuloliwe akuzi kufika apho uya khona yaye unokwenzakala. Ngokufanayo, ukuba uyeka isikolo usenokungalufikeleli usukelo lwakho yaye uya kuba neengxaki ngoku nakwixesha elizayo, ezinjengezi zilandelayo:

Ingxaki zangoku: Kunokuba nzima ukufumana umsebenzi. Ukuba uwufumene uya kuba ngumsebenzi ohlawula imali encinane kunalowo ubuza kuwufumana xa ubugqibile esikolweni. Ukuze uzixhase, kusenokufuneka usebenze iiyure ezininzi kwindawo ekunzima ngakumbi kuyo kunasesikolweni.

Iingxaki eziza kuhlala zihleli: Uphando lubonisa ukuba abo bayeke isikolo basengozini yokuba nempilo enkenenkene, yokuba nabantwana besebancinane, baphelele entolongweni kuze kufuneke baxhomekeke ekuxhasweni ngurhulumente.

Kakade ke, ukugqiba esikolweni akusosiqinisekiso sokuba soze ube nezo ngxaki. Kodwa kutheni ufanele uzitsalise nzima ngokungeyomfuneko ngokuyeka esikolweni?

Iingenelo Zokungayeki

Liyinyaniso elokuba ukuba akuziphumelelanga iimviwo okanye usuku lwakho aluhambanga kakuhle esikolweni usenokufuna ukunikezela—usenokungacingi nokucinga ngeengxaki oza kujamelana nazo. Kodwa ngaphambi kokuba uthathe iindlela “ezilula” cinga ngendlela abafundi ebekuthethwe ngabo ekuqaleni kwesi sahluko abangenelwa ngayo ngenxa yokuba bengakhange bayeke esikolweni.

“Ndifunde ukunyamezela. Ndifunde nokuba ukuze uyithande into oyenzayo, umele utshintshe indlela ozijonga ngayo izinto. Ndiye ndaphucula ubuchule bam bokuzoba, nto leyo endiza kuyenza xa ndigqibile esikolweni.”—URachel.

“Ngoku ndiyazi ukuba, xa ndizimisele koko ndikwenzayo ndinokulufikelela usukelo lwam. Ndikhethe izifundo eziza kundinceda ndifanelekele umsebenzi endiwuthandayo wokulungisa oomatshini bokushicilela.”—UJohn.

“Ngenxa yokuba ndiye ndanyamezela, ndiye ndakwazi ukufunda nokubhala kakuhle. Isikolo siye sandinceda ndazuza kwizinto ezininzi ndaza ndafunda nendlela yokuchaza izinto ngokucacileyo—nto leyo eluncedo gqitha kwinkonzo yasentsimini.”—URyan.

“Isikolo siye sandinceda ndakwazi ukucombulula iingxaki, esikolweni nakwezinye iindawo. Ukufunda indlela yokujamelana neengxaki zesikolo, iingxaki endinazo nabanye abantu neengxaki zokukhula kuye kwandinceda ndaqola.”—UCindy.

“Isikolo siye sandinceda ndakulungela ukujamelana neengxaki zasemsebenzini. Kwakhona ndiye ndajamelana neengxaki ezininzi ezindenze ndahlolisisa izizathu zokuba ndibe kolu nqulo ndikulo, ngoko ukuba sesikolweni kuye komeleza ukholo lwam.”—URose.

UKumkani osisilumko uSolomon wabhala wathi: “Kulunge ngakumbi ukuphela kombandela kunokuqalwa kwawo. Ulunge ngakumbi onomonde kunalowo unomoya onekratshi.” (INtshumayeli 7:8) Ngoko kunokuba uyeke esikolweni, zicombulule iingxaki ojamelana nazo. Ukuba wenjenjalo, uya kufumanisa ukuba kulunge ngakumbi ukuphela kombandela.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Kuthekani ukuba akusithandi isikolo kuba nje ungavisisani notitshala wakho?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.”—IMizekeliso 21:5.

ICEBISO

Ukuba unobunzima esikolweni, unokubhalisela izifundo ezithatha ixesha elifutshane ukuze ugqibe msinya.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ulutsha olubaleka izifundo ezithile lunokuphela sele lusiyeka isikolo.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndisokoliswa sisifundo esithile, kunokuba ndiyeke isikolo ndiza ․․․․․

Ukuba ukudinwa ngokugqithiseleyo kundenza ndifune ukuyeka isikolo ndinokuhlangabezana nako ukuba ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni kubalulekile ukufunda ukulesa, ukubhala nokubala kakuhle?

● Ukuzibekela usukelo kunokukunceda njani ukuba ulisebenzise kakuhle ixesha olichitha esikolweni?

● Kutheni kubalulekile ukwazi uhlobo lomsebenzi ofuna ukuwenza emva kokuba ugqibe isikolo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 140]

“Akunakuziphepha zonke iingxaki ojamelana nazo. Isikolo sikunceda ufunde indlela yokuzimela, nto leyo eya kukunceda xa sele usebenza nakwezinye iindawo.”—URamona

[Ibhokisi ekwiphepha 139]

 Isalathiso Samaphepha

Oko Ndikufundelayo

Injongo ephambili yemfundo kukukunceda ufumane umsebenzi oza kukwenza ukwazi ukuzixhasa uze uxhase nentsapho yakho. (2 Tesalonika 3:10, 12) Ngaba sele uwukhethile umsebenzi ofuna ukuwenza nendlela isikolo esinokukunceda ngayo uwulungele? Phendula le mibuzo ilandelayo ukuze ubone enoba izifundo ozikhethileyo ziza kukunceda ulufikelele usukelo lwakho kusini na:

Ziziphi izinto endikwazi ukuzenza kakuhle? (Ngokomzekelo, ngaba usebenzisana kakuhle nabantu? Ngaba uyakuthanda ukwenza umsebenzi wezandla, njengokulungisa izinto? Ngaba uyakwazi ukucombulula iingxaki?) ․․․․․

Yiyiphi imisebenzi efuna ubuchule endinabo? ․․․․․

Yiyiphi imisebenzi efumanekayo apho ndihlala khona? ․․․․․

Ziziphi izifundo endizenzayo eziza kundenza ndifumane umsebenzi? ․․․․․

Ziziphi izifundo endisele ndiziphumelele neziza kundinceda ndifikelele usukelo lwam? ․․․․․

Khumbula ukuba usukelo lwakho kukwenza izifundo eziza kukunceda. Musa ukuzibaxa izinto uze ufunde ixesha elide kuba nje ubaleka iimbopheleleko zokuba ngumntu omdala. a

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 38.

[Umfanekiso okwiphepha 138, 139]

Ukuyeka isikolo kufana nokutsiba kuloliwe ehamba, ungekafiki apho uya khona