Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuziyeka Njani Iziyobisi?

Ndinokuziyeka Njani Iziyobisi?

Isahluko 35

Ndinokuziyeka Njani Iziyobisi?

NGABA ulikhoboka leziyobisi? Mhlawumbi uyazi ukuba oko kuzikhobokisa konakalisa ingqondo nomzimba wakho. Kusenokwenzeka ukuba ukhe wazama ukuziyeka kodwa waphinda wabuyela kuzo. Ukuba kunjalo, ungaphelelwa lithemba. Abanye baye bakwazi ukuziyeka, nawe unako! Ngokomzekelo, phawula oko abantu abathathu abaneemvelaphi ezahlukahlukeneyo abakutshoyo ngendlela yokuziyeka.

IGAMA UMarta

IMVELAPHI YAM Umama wandizala engatshatanga, ngoko mna nodadewethu sakhula singamazi utata. Kamva watshata, ndaza ndaya kuhlala naye. Xa ndandineminyaka eli-12 ubudala, mna nomakazi owayethanda ukudanisa sahamba iidisco. Ndandibathanda abantu yaye kungekudala ndanxulumana nabantu ababi. Xa ndandineminyaka eli-13 ndaqalisa ukusebenzisa iziyobisi. Ndasebenzisa necocaine. Ekuqaleni ndandizithanda iziyobisi. Kodwa emva kwethuba, ndaba nezinto endizibona ndedwa ndaza ndoyika yonke into. Zazithi zakuphela iziyobisi entloko, ndifune ukuzibulala. Ndandifuna ukuziyeka iziyobisi, kodwa ndandingakwazi.

INDLELA ENDAZIYEKA NGAYO Ndaqalisa ukucinga ngoThixo ndaza ndaya ecaweni izihlandlo ezimbalwa. Sekunjalo ndandisiya ndidandatheka. Xa ndandineminyaka eli-18 ubudala ndaya kuhlala nomfana endandithandana naye, saza saba nosana. Ukuzalwa kwalo nyana wethu kwabangela ukuba nifune ukutshintsha indlela endandiphila ngayo. Omnye umhlobo wam wafudukela kwindlu ekufutshane nalapho ndandihlala khona. Wandityelela efuna ukuqonda ukuba ndiqhuba njani. Ndamkhuphela konke okusentliziyweni. Wandixelela ukuba waba liNgqina likaYehova waza wacela ukundiqhubela isifundo seBhayibhile. Ndavuma.

Ndafumanisa ukuba indlela endiphila ngayo ayimkholisi uThixo nokuba ndimele ndiziyeke iziyobisi nokutshaya. Kodwa kwakunzima ngokwenene ukuphuncuka. Ndandithandaza kuYehova uThixo izihlandlo ezininzi ngosuku ndimcela ukuba andincede ndahlukane nalo mkhwa. Ndandifuna ukumkholisa. (IMizekeliso 27:11) Emva kweenyanga ezintandathu ndifunda iBhayibhile yaye ndinxulumana namaNgqina kaYehova, ndakwazi ukwahlukana nazo. Ngoku ndiphila ubomi obunenjongo yaye andihlali ndidandathekile. Ndadibana nendoda engumKristu ethandekayo saza satshata. Ndiye ndakhulisa unyana wam ngemigaqo yeBhayibhile. Ndiyambulela uYehova kuba wayiva imithandazo yam waza wandinceda.

IGAMA UMarcio

IMVELAPHI YAM Ndakhulela emaphandleni aseSanto André, isixeko esinabantu abaninzi eSão Paulo, eBrazil. Ndafundiswa ukutshaya icuba, iziyobisi nokuphanga ndisemncinane. Abahlobo bam abaninzi babesiba iimoto yaye bethengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni. Omnye wabo wayephisa ngeziyobisi kulutsha olwaluhlala kummandla wethu, olwalusithi lwakuba ngamakhoboka azo, aluthengisele.

Indawo yethu yayisoloko igadwe ngamapolisa, yaye ndandisoloko ndibanjelwa izinto ezingenamsebenzi yaye ndakha ndarhanelwa nangokuthengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni. Izihlandlo ezininzi ndandigcina izinto ezibiwe yimigulukudu nemipu yayo endlwini yam.

Abantu babendoyika. Amehlo am ayebomvu krwe. Wawungasoze ulubone uncumo ebusweni bam. Ndandisoloko ndikhangeleka njengombulali. Ndaphiwa igama elithi “Tufão” (Typhoon [inkanyamba]) kuba naphi na apho ndihamba khona ndandiqhwaya uqhushululu. Ndandisela kakhulu yaye ndiziphethe kakubi. Abahlobo bam abaninzi bafa, abanye baphelela entolongweni. Ndadandatheka ngokwenene, kangangokuba ndabophelela intambo kwisebe lomthi ndaza ndazama ukuzixhoma.

INDLELA ENDAZIYEKA NGAYO Ndacela uncedo kuThixo. Ekugqibeleni ndadibana namaNgqina kaYehova ndaza ndaqalisa ukufunda iBhayibhile. Ndafunda ukuba uThixo unegama elinguYehova, yaye uyabakhathalela aze abancede abo bazabalazela ukuphila ngemilinganiselo yakhe. (INdumiso 83:18; 1 Petros 5:6, 7) Kwakufuneka ndenze iinguqulelo ezininzi. Eyona yayinzima ngokwenene kukufunda ukuncuma.

Ndandisoloko ndicela uncedo kuYehova, yaye ndisebenzisa icebiso leBhayibhile. Ngokomzekelo, ndayeka ukunxulumana “nabahlobo” bam ndaza ndayeka nokuya kwiindawo ezithengisa utywala. Kunoko, ndakhetha ukunxulumana nabantu abaphila ngemilinganiselo yeBhayibhile. Kwakungeyondlwan’ iyanetha, kodwa ndithetha nawe nje andiselosela yaye andisaqhwayi qhushululu. Ngoku sele kuphele iminyaka engaphezu kwelishumi ndingasebenzisi iziyobisi.

IGAMA UCraig

IMVELAPHI YAM Ndakhulela kwifama ekuMzantsi Ostreliya. Utata wayelinxila, yaye bahlukana nomama xa ndandineminyaka esibhozo ubudala. Umama watshata nomnye umntu, ndaza ndahlala naye de ndaneminyaka eli-17. Ngaloo nyaka ndafunda ukucheba iigusha ndaza ndahlala neqela elalicheba nelalisiya naphi na apho ufumaneka khona loo msebenzi. Ndaqalisa ukusebenzisa iziyobisi ezahlukahlukeneyo ndaza ndazintyintya ngotywala. Ndakhulisa iinwele zam. Ndazithambisa, ndaziphotha ndaza ndafakela amaso. Ndandinomona, ndibaphatha kakubi abantu yaye ndinomsindo ongalawulekiyo. Ndandiphuma ndingena entolongweni.

Ndafudukela kwidolophu encinane ekwiNtshona yeOstreliya ndaza ndahlala nentombi endithandana nayo, eyayithengisa utywala kwihotele yasekuhlaleni. Sobabini sasitshaya yaye sisela, yaye sasilime intsangu.

INDLELA ENDAZIYEKA NGAYO Sathi xa sisandul’ ukuvuna intsangu kwankqonkqoza amaNgqina kaYehova kwindlu yethu endala. Andizange ndikwamkele ngokukhawuleza oko ayekuthetha. Kodwa ekuhambeni kwexesha ndazibonela ngokwam ukuba oko kuthethwa yiBhayibhile kuyinyaniso. Ngoko ndalwisana nengxaki nganye endandinayo.

Ndakhawuleza ndaqonda ukuba kufuneka ndiyeke ukutshaya intsangu. Oko kwakuquka ntoni? Ekuqaleni ndaqonda ukuba andinakuyilahla nje intsangu yam endiyikhulise nzima, kuza kufuneka ndiphise ngayo. Kodwa ndabona ukuba loo nto ayifanelekanga, ndaza ndayitshabalalisa. Umthandazo wandinceda kakhulu ndakwazi ukuyeka iziyobisi notywala. Ndacela uThixo ukuba andincede ngomoya wakhe ukuze ndilwe ndize ndoyise amadabi endandijongene nawo. Kwakhona ndayeka ukunxulumana nabantu ababendiphembelela ukuba ndenze izinto ezimbi. Njengoko ndandifunda iBhayibhile yaye ndisenza oko ikutshoyo, ndakwazi ukuyeka imikhwa emibi. Nentombi endandithandana nayo yafunda iBhayibhile yaza yayeka imikhwa eyeyinayo yatshintsha nendlela eyayiphila ngayo. Satshata. Siye sanandipha ubomi obumnandi kangangeminyaka engama-21, yaye ngoku sikhulisa abantwana bethu ababini. Ndiba namanwele xa ndicinga ngento ebebuya kuba yiyo ubomi bam ukuba ndandingancedwanga nguYehova.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“UYehova ungamandla am nokomelela kwam.”—Isaya 12:2.

ICEBISO

Ukuba kunokwenzeka, zama ukuzinxwema kubantu, iindawo nezinto ezazibangela ukuba usebenzise iziyobisi. Uphando lubonisa ukuba ngokuzibona nje ezi zinto unokunqwenela iziyobisi kwakhona.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukusebenzisa kakubi iziyobisi kunokwenza ubuchopho bakho bungasebenzi kakuhle.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndiphinde ndazisebenzisa, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Ukuba umntu ufuna ukuyeka iziyobisi, kutheni emele ayitshintshe ngokupheleleyo indlela aphila ngayo?

● Ukufunda inyaniso ngoThixo kunokunceda njani?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 253]

“Ngoku ndonwabile yaye ndiphila ubomi obunenjongo ngenxa yokuba ndiphila ngemilinganiselo ephakamileyo yeBhayibhile.”—UMarta

[Umfanekiso okwiphepha 256]

Ukuyeka ukuba likhoboka leziyobisi kufana nokubaleka kwindlu etshayo—ushiya izinto ngasemva, kodwa usindise ubomi bakho