Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya?

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya?

Isahluko 33

Yintoni Endifanele Ndiyazi Ngokutshaya?

Khawujonge ezi zinto zilandelayo uze ubeke olu phawu ✔ kwibhokisi esecaleni kwendlela ocinga ngayo.

□ Ndifuna ukwazi

□ Ndifuna ukuphelisa uxinezeleko

□ Ndifuna ukwamkeleka

□ Ndixhalabele umzimba wam

UKUBA kukho nayiphi na ibhokisi obeke kuyo uphawu kwiphepha 237, unento ofana ngayo noontanga bakho abatshayayo okanye abafuna ukutshaya. a Ngokomzekelo:

Ukufuna ukwazi. “Ndandifuna ukwazi ukuba kunjani ukutshaya, ngoko ndathatha icuba kwenye intombazana esikolweni, ndaya kuzimela, ndaza ndatshaya.”—UTracy.

Ukufuna ukuphelisa uxinezeleko nokwamkeleka. “Esikolweni abantwana baqhele ukuthi ‘ukuba nje ndingatshaya,’ emva kokuba betshayile bathi, ‘Heke, ndatsho ndangumntu!’ Nam xa ndixinezeleke kakhulu ndandiye ndifune ukutshaya.”—UNikki.

Ukufuna ukuncipha. “Amanye amantombazana atshaya kuba efuna ukuhlala enemizimba emincinane—kulula ngakumbi kunokunciphisa ukutya!”—USamantha.

Kodwa ngaphambi kokuba utshaye, khawukhe ume ucinge. Ungafani nentlanzi ethiyelweyo. Liyinyaniso lona elokuba iyakunandipha oko ithiyelwe ngako, kodwa emva koko iyafa. Kunoko landela icebiso leBhayibhile, uze usebenzise ‘amandla akho okucinga angcwengekileyo.’ (2 Petros 3:1) Phendula le mibuzo ilandelayo.

Ngokwenene Wazi Ntoni Ngokutshaya?

Faka uphawu kwenye yezi bhokisi zilandelayo.

a. Ukutshaya kuza kunciphisa uxinezeleko.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

b. Ndinokungawuginyi wonke umsi wecuba.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

c. Ukutshaya akunakundigulisa de ndibe mdala.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

d. Ukutshaya kuza kundenza ndithandwe ngakumbi ngabantu besini esahlukileyo.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

e. Ukutshaya kwam akwenzakalisi mntu kodwa kwenzakalisa mna.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

f. Akubalulekanga kuThixo ukuba ndiyatshaya okanye anditshayi.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

Iimpendulo

a. Bubuxoki. Nangona ukutshaya kunokubonakala kulunciphisa uxinezeleko okwethutyana, izazinzulu zithi intshongo ilwenza lube ngakumbi.

b. Bubuxoki. Olunye uhlolisiso lubonisa ukuba ngaphezu kwama-80 ekhulwini omsi wecuba owuphefumlayo uhlala ngaphakathi.

c. Bubuxoki. Ngoxa icuba ngalinye olitshayayo lisonakalisa impilo yakho, eminye imiphumo iyakhawuleza ukubonakala. Ngecuba nje elinye, abanye abantu baba ngamakhoboka. Imiphunga yakho iba buthathaka, mhlawumbi ude ukhohlele into engapheliyo. Waluphala usemncinane. Amalungu akho esini asenokungasebenzi kakuhle, ube novalo (panic attacks) uze udandatheke.

d. Bubuxoki. Umphengululi uLloyd Johnston uye wafumanisa ukuba abantu abatshaya bekwishumi elivisayo “abathandwa kangako ngabantu besini esahlukileyo.”

e. Bubuxoki. Nyaka ngamnye abona bantu babulawa licuba ngabo bangatshayiyo kodwa abasezela umsi walo, mhlawumbi isenokuba yintsapho yakho, abahlobo nezilwanyana zasekhaya.

f. Bubuxoki. Abo bafuna ukukholisa uThixo bafanele bazihlambulule “kuko konke ukudyobheka kwenyama.” (2 Korinte 7:1) Alithandabuzeki elokuba ukutshaya kuyawungcolisa umzimba. Ukuba ukhetha ukungcola, usenzakalisa wena nabanye ngokutshaya, akunakuba ngumhlobo kaThixo.—Mateyu 22:39; Galati 5:19-21.

Indlela Onokuxhathisa Ngayo

Ngoko uza kwenza ntoni xa unikwa icuba? Impendulo elula kodwa engagungqiyo, efana nethi “Enkosi, anditshayi,” iya kukunceda. Ukuba loo mntu akayeki okanye uyakugculela, khumbula ukuba le yindlela ozikhethele yona. Usenokuthi:

● “Ndiye ndafumanisa ukuba ukutshaya kunokundigulisa, ngoko ndigqibe ekubeni ndingatshayi.”

● “Ndisafuna ukuphila.”

● “Ufuna ukundixelela ukuba andinalungelo lokuzikhethela?”

Njengolunye ulutsha olukhankanywe ngaphambilana kwesi sahluko, usenokufumanisa ukuba nguwe onqwenela ukutshaya. Ukuba kunjalo, usenokuzibuza le mibuzo:

● ‘Yintoni endiza kuyizuza ngokutshaya? Ngokomzekelo, ukuba ndigqiba kwelokuba nditshaye kuba ndifuna ukwamkeleka kwabanye, ngaba baza kundamkela ngoxa zininzi izinto esingadibani ngazo? Ngaba ndifuna ukwamkeleka kubantu abanokukuvuyela ukundibona ndigula?’

● ‘Ukutshaya kuya kundichithela imali engakanani, kuyonakalise kangakanani impilo yam yaye ngaba abantu baya kundihlonipha?’

● ‘Ngaba ndixolele ukuphulukana nolwalamano lwam noThixo ngenxa yecuba?’

Kodwa ke kuthekani ukuba sele ulikhoboka lalo? Unokwenza ntoni ukuze wahlukane nalo?

Indlela Yokuyeka

1. Zixelele. Bhala izizathu zokuyeka uze uhlale uzifunda. Kunokukunceda ukunqwenela ukucoceka phambi koThixo.—Roma 12:1; Efese 4:17-19.

2. Cela uncedo. Ukuba ubuzifihla ukuba uyatshaya, ngoku lithuba lokuba ucele uncedo kwabanye. Baxelele ukuba ngoku ufuna ukuyeka, ukuze bakwazi ukukuxhasa. Ukuba ufuna ukukhonza uThixo, mcele akuncede.—1 Yohane 5:14.

3. Zibekele usuku oza kuyeka ngalo. Ziphe iiveki ezimbini okanye ngaphantsi, uze ubhale usuku ofuna ukuyeka ngalo kwikhalenda. Xelela intsapho nabahlobo bakho ukuba ufuna ukuyeka ngolo suku.

4. Likhangele uze ulilahle. Ngaphambi kolo suku uza kuyeka ngalo, gqogqa icuba elinokuba segumbini lakho, emotweni nasempahleni. Lilahle. Lahla zonke izinto zokuqhwitha, imicinga nezitya zothuthu.

5. Zama iindlela zokuphelisa ukunqanqatheka. Sela ijuice namanzi amaninzi, uze ulale ngokwaneleyo. Hlala ukhumbula ukuba le nto iza kudlula, kodwa wena uya kuhlala usempilweni!

6. Ziphephe izilingo. Ziphephe iimeko okanye iindawo eziza kubangela ukuba ufune ukutshaya. Kusenokufuneka ukuba wahlukane nabantu abatshayayo.—IMizekeliso 13:20.

Ungaqhatheki

Nyaka ngamnye iinkampani zecuba zichitha izigidi zeedola kwintengiso yecuba. Ngoobani abona bantu zibathengiselayo? Ingxelo yenye inkampani yecuba ithi: “Abona bantu sifuna ukubathengisela ngabakwishumi elivisayo.”

Mus’ ukuphisa ngemali yakho kubathengisi becuba. Kutheni uzifaka kumgibe wabo? Abo bantu okanye oontanga bakho abatshayayo abanaxesha lakho. Musa ukubaphulaphula, kunoko landela icebiso leBhayibhile uze ufunde oko ‘kuyingenelo kuwe.’—Isaya 48:17.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba abahlobo bakho bakuphembelela ukuba usele? Funda isizathu sokuba kufuneka uyazi imida onayo.

[Umbhalo osemazantsi]

a Nangona esi sahluko sithetha ngabo batshaya icuba, iingxaki neengozi ekuthethwa ngazo ziyasebenza nakwabo balihlafunayo.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama.”—2 Korinte 7:1.

ICEBISO

Kuphephe ukuzithethelela ngelithi, ‘Ndiza kutsala nje kube kanye.’ Abo bazithethelela ngolo hlobo abayeki ukutshaya.—Yeremiya 17:9.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Icuba elingatshaywayo—njengelo lihlafunwayo—linokubangela intshongo eninzi kunelo litshaywayo, yaye linetyhefu enokubangela umhlaza womqala nowomlomo.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba umntwana endifunda naye uthi manditshaye, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Nangona uzazi iingozi ezibangelwa licuba, kutheni usenokufuna ukutshaya?

● Yintoni ekubangela uqiniseke ukuba ukutshaya kuyingozi?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 240]

“Xa ndinikwa icuba, ndiye ndincume ndize ndithi, ‘Ungakhathazeki, andifuni ukuba nomhlaza.’”—UAlana

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 241]

Ngaba Intsangu Iyingozi Ngolo Hlobo?

UEllen ohlala eIreland uthi: “Abanye bathi batshaya intsangu kuba bebaleka iingxaki yaye ayinamiphumo mibi kwaphela.” Ngaba wakha wayiva into enjalo ngentsangu? Khawuthelekise ubuxoki obudla ngokuthethwa nenyaniso.

Ubuxoki. Intsangu ayenzakalisi.

Inyaniso. Nantsi imiphumo eyaziwayo nekuthiwa ihlala ihleli yentsangu: ikwenza ulibale, ungakwazi ukufunda, ihlasela inkqubo yomzimba yokuzikhusela, yaye yonakalisa amalungu esini kumadoda namabhinqa. Inokubangela ukuba umntu anxunguphale yaye amkelwe ziingqondo. Abantwana babantu abatshaya intsangu basenokungabi nasimilo, bangakwazi ukunikel’ ingqalelo baze bangakwazi ukwenza izigqibo.

Ubuxoki. Ukutshaya intsangu akuyongozi njengecuba.

Inyaniso. Intshongo (tar) yentsangu ingena ngokuphindwe kane kwimibhobho yomoya yaye ingenisa icarbon monoxide ngokuphindwe kahlanu egazini xa kuthelekiswa necuba. Ukutshaya iizoli ezintlanu zentsangu kunokukufakela ityhefu ebangela umhlaza elingana neyepakethe yecuba.

Ubuxoki. Intsangu ayikhobokisi.

Inyaniso. Abakwishumi elivisayo abanengxaki engqondweni nakwiimvakalelo banokukhawuleza babe ngamakhoboka entsangu. Abanye isenokubakhobokisa emva kwethuba elide beyitshaya. Ukongezelela, uhlolisiso lubonisa kuba abakwishumi elivisayo abatshaya intsangu basenokuchanabeka ekubeni ngamakhoboka eziyobisi ezifana necocaine.

[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 244, 245]

Oko Likwenzayo Icuba Emzimbeni Wakho

Khawujonge indlela abaphile ngayo abantu abakwizibhengezo zentengiso yecuba; bathelekise noko icuba likwenzayo ngokwenene emzimbeni wakho

Emlonyeni nasemqaleni Linokubangela umhlaza

[Umfanekiso]

Ulwimi olunomhlaza

Entliziyweni Liqinisa lize linciphise imithambo, libangela ukuba intliziyo ingafumani ioksijini eyaneleyo, likubeka engozini yokuba nesifo sentliziyo ngokuphindwe kane

[Umfanekiso]

Umthambo ovalekileyo

Emiphungeni Liphelisa isingxobo somoya, lidumbise imibhobho yomoya, lize likubeke esichengeni sokuba nomhlaza wemiphunga ngokuphindwe izihlando ezingama-23

[Umfanekiso]

Umphunga womntu otshayayo

Ebuchotsheni Landisa amathuba okuba nestroke kangangezihlando ezine

Kulusu Linokubangela ukuba waluphale usemncinane

Emazinyweni Liwenza abe gqwanci

Esiswini Libangela umhlaza

Kudakada Libangela umhlaza

Kwisinyi Libangela umhlaza

Kwizintso Libangela umhlaza

[Umfanekiso okwiphepha 239]

Njengentlanzi ekunandipha okomzuzwana oko ithiyelwe ngako, umntu otshayayo uyalinandipha icuba kodwa ekugqibeleni imiphumo iba mibi