Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzinkcinkca Ngotywala?

Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzinkcinkca Ngotywala?

Isahluko 34

Yintoni Ephosakeleyo Ngokuzinkcinkca Ngotywala?

Unokuyiphendula njani le mibuzo ilandelayo? Faka olu phawu ✔ kwibhokisi enendlela ophendula ngayo.

Ngaba omnye woontanga bakho uyasela nangona eneminyaka engavumelekanga ngokwasemthethweni okanye uzinkcinkca ngotywala?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba oontanga bakho bakha bakunyanzela ukuba usele utywala?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba wakha wazinkcinkca ngotywala?

□ Ewe □ Hayi

KUTHETHA ukuthini ukuzinkcinkca ngotywala? Abanye bathi kukusela ude unxile. Ingxelo yeU.S. National Institute on Alcohol Abuse and Alcoholism yazama ukuwucacisa ngokubanzi lo mkhwa. Yathi ukuzinkcinkca “kunokuthiwa kuxa indoda isela iiglasi ezintlanu nangaphezulu ngexesha elinye, naxa ibhinqa lisela iiglasi ezine nangaphezulu ngexesha elinye.”

Ukuba ukhe walingelwa ekubeni usele kakhulu okanye usele ungekafiki kwiminyaka emiselwe ngumthetho, akuwedwa. Ulutsha oluninzi luyanxila. a Kodwa khawuzibuze, ‘Siyintoni isizathu sokuba ndisele yaye iza kuba yintoni imiphumo?’ Ngokomzekelo, unokuyiphendula njani le mibuzo? Faka olu phawu ✔ kwibhokisi yendlela ophendula ngayo, uze uhlolisise ezi zibakala.

a. Abakwishumi elivisayo basela nje kuba befuna ukuva incasa yotywala.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

b. Ngenxa yokuba abakwishumi elivisayo besebancinane, yaye besempilweni, utywala abubagulisi njengabantu abadala.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

c. Akunakubulawa kukuzinkcinkca ngotywala.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

d. IBhayibhile iyakugatya ukusela.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

e. Ekuphela kwento ebangelwa kukuzinkcinkca ngotywala kukugula.

□ Yinyaniso □ Bubuxoki

a. Abakwishumi elivisayo basela nje kuba befuna ukuva incasa yotywala. Impendulo—Bubuxoki. Kuhlolisiso olwenziwe eOstreliya ngotywala, abangama-36 ekhulwini kubantu abaselula ekwathethwa nabo bathi basela nje kuba befuna ukwamkeleka koontanga. Kanti kolunye olwenziwa eUnited States, abangama-66 ekhulwini bathi basela ngenxa yengcinezelo yoontanga. Noko ke, abangaphezu kwesiqingatha bona bathi basela kuba befuna ukulibala iingxaki abanazo.

b. Ngenxa yokuba abakwishumi elivisayo besebancinane, yaye besempilweni, utywala abubagulisi njengabantu abadala. Impendulo—Bubuxoki. Elinye inqaku lephephancwadi iDiscover lithi: “Uphando olusandul’ ukwenziwa luthi abantu abasela beselula babeka impilo yabo engozini.” Ngoba? “Abantu abakwishumi elivisayo abazinkcinkcayo basenokudodobalisa iingqondo zabo.”

Kudla ngokuthiwa ukuzinkcinkca ngotywala kubangela amaqhakuva, imibimbi, ukutyeba ngokugqithiseleyo nokuba likhoboka lotywala neziyobisi. Kusenokonakalisa imithambo-luvo, isibindi nentliziyo.

c. Akunakubulawa kukuzinkcinkca ngotywala. Impendulo—Bubuxoki. Ukusela utywala ngokugqithisileyo kwenza ingqondo ingafumani oksijini yaneleyo; oku kunokwenza amalungu athile omzimba angasebenzi. Iimpawu zoku zisenokuquka ukuhlanza, ukungabikho zingqondweni nokuphefumla nzima. Kwezinye iimeko umntu unokude afe.

d. IBhayibhile iyakugatya ukusela. Impendulo—Bubuxoki. IBhayibhile ayikugatyi ukusela, okanye ayithi abantu abaselula mabangonwabi. (INdumiso 104:15; INtshumayeli 10:19) Kakade ke, kufuneka ube kwiminyaka evunyelwa ngumthetho welizwe lakho ukuze usele.—Roma 13:1.

Noko ke, iBhayibhile iyasilumkisa ngokusela kakhulu. IMizekeliso 20:1 ithi: “Ingumgculeli iwayini, singumxokozelisi isiselo esinxilisayo, yaye wonk’ ubani ohamba ebhaduliswa yiyo akalumkanga.” Utywala bunokumenza ubani enze izinto zobudenge! Liyinyaniso elokuba, busenokukonwabisa okomzuzwana, kodwa ukuba ubusela ngokugqithiseleyo, ‘buluma njengenyoka,’ bukushiye uneengxaki ezininzi.—IMizekeliso 23:32.

e. Ekuphela kwento ebangelwa kukuzinkcinkca ngotywala kukugula. Impendulo—Bubuxoki. Xa unxilile, uzenza isisulu sokuxhatshazwa—usenokude udlwengulwe. Kwangaxeshanye, usenokuba yingozi kwabanye abantu, wenze izinto obungayi kuzicinga nokuzicinga xa ubungaselanga. IBhayibhile ilumkisa ngelithi ukuba usele ngokugqithiseleyo “amehlo akho aya kubona izinto ezingaqhelekanga, yaye intliziyo yakho iya kuthetha izinto ezigwenxa.” (IMizekeliso 23:33) Ngamafutshane, uya kuzenza isidenge. Usenokulahlekelwa ngabahlobo, ungaqhubi kakuhle esikolweni nasemsebenzini, waphule umthetho uze uhlwempuzeke.—IMizekeliso 23:21.

Okona kubalulekileyo, cinga ngendlela ukusela ngokugqithiseleyo okunokulonakalisa ngayo ulwalamano lwakho noYehova. UYehova uThixo ufuna umkhonze “ngengqondo yakho iphela”—kungekhona ngengqondo eyonakaliswe kukusela ngokugqithiseleyo! (Mateyu 22:37) ILizwi likaThixo alichasanga nje kuphela “ukuzinkcinkca ngewayini” kodwa likwachase nokuba ‘sezindywaleni.’ (1 Petros 4:3) Ngoko ke ukuzinkcinkca ngotywala kuchasene nokuthanda koMdali wethu, yaye kusenokubangela ukuba ungabi nolwalamano olusenyongweni noThixo.

Uza Kukhetha Ukwenza Ntoni?

Ngaba uza kuxelisa oontanga bakho abazinkcinkca ngotywala? IBhayibhile ithi: “Anazi na ukuba lowo nizinikela kuye njengamakhoboka ukuze nimthobele, ningamakhoboka akhe ngenxa yokuba nimthobela?” (Roma 6:16) Ngaba ufuna ukuba likhoboka loontanga bakho okanye lotywala?

Yintoni ofanele uyenze ukuba sele uzinkcinkca ngotywala? Musa ukulibazisa, cela uncedo kubazali okanye kumhlobo oqolileyo. Thandaza kuYehova uThixo umcele akuncede. Kakade ke, ‘uluncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni.’ (INdumiso 46:1) Ekubeni ukuzinkcinkca ngotywala nokusela kwabantu abaselula kudla ngokubangelwa yingcinezelo yoontanga, kusenokufuneka wenze iinguqulelo ezinkulu kwindlela okhetha ngayo abahlobo. b Ukwenza iinguqulelo ezinjalo akuyondlwan’ iyanetha, kodwa ngoncedo lukaYehova usenokuphumelela.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Unokukoyisa ukukhotyokiswa ziziyobisi. Njani?

[Imibhalo esemazantsi]

a Funda ibhokisi ethi  “Ngoobani Abakwenzayo Oku?” kwiphepha 249.

b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 8 nesesi-9 sale ncwadi neSahluko 15 soMqulu 2.

IZIBHALO EZIBALASELISA

‘Inxila liya kuhlwempuzeka.’—IMizekeliso 23:21.

ICEBISO

Zazi izizathu zokuba ufune ukusela. Emva koko cinga ngezinye izinto ezisempilweni onokuzinandipha okanye ezinokukuhlaziya.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ngokutsho kolunye uphando lwaseUnited States, “abantu ababedla ngokuzintyintya ngotywala babengayi esikolweni, bengawenzi umsebenzi wesikolo, besenzakala baze bonakalise izinto ngokuphindwe kasibhozo kunabantu abangaseliyo.”

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba oontanga bam bafuna ndizintyintye ngotywala, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni oontanga bakho befuna ukuzintyintya ngotywala kunye nabanye abantu?

● Ngaba oko kuzintyintya kuya kukwenza ube nomtsalane kwabesini esahlukileyo, yaye kutheni uphendula ngaloo ndlela?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 250]

“Xa abantwana endifunda nabo bendipha utywala, ndiyabaxelela ukuba akufuneki ndide ndisele ukuze ndonwabe.”—UMark

[Ibhokisi ekwiphepha 249]

 Ngoobani Abakwenzayo Oku?

Uphando olwenziwa kubafundi bamabanga aphakathi eNgilani, eSkotlani naseWales lwadiza ukuba “ikota yabantwana abaneminyaka eli-13 nabaneli-14 ubudala yakha ‘yasela’ ubuncinane iiglasi zotywala ezintlanu ngexesha elinye.” Malunga nesiqingatha sabaneminyaka eli-15 neli-16 ubudala kwabo kwenziwa kubo uphando, bakha bakwenza oku. Ngokutsho kweSebe Lezempilo eUnited States, “ulutsha oluneminyaka eli-12 ukusa kwengama-20 ubudala olumalunga nezigidi ezili-10,4 kuthiwa luyasela. Kolo lutsha, oluzizigidi ezisisi-5,1 luzintyintya ngotywala yaye oluzizigidi ezisisi-2,3 lukwenza oko ubuncinane izihlandlo ezihlanu ngenyanga.” Uphando olwenziwa eOstreliya lwadiza ukuba amantombazana azintyintya ngotywala ngaphezu kwamakhwenkwe—esela iiglasi ezili-13 ukusa kwezingama-30 ngexesha elinye!

[Umfanekiso okwiphepha 251]

Utywala bunokukuluma njengenyoka