Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iimpendulo Eziluncedo!

Iimpendulo Eziluncedo!

Intshayelelo

Iimpendulo Eziluncedo!

‘Ndinokuncokola njani nabazali bam?’ ‘Ndinokuba nabo njani abahlobo?’ ‘Yintoni ephosakeleyo ngokulala nomntu ongathandani naye?’ ‘Kutheni ndikhathazeka kangaka?’

Ukuba ukhe wanayo loo mibuzo, akuwedwa. Kusenokwenzeka ukuba uye wafumana iimpendulo ezingafaniyo, kuxhomekeka kumntu oye wambuza. Ukuze kuncedwe abantu abaselula bafumane amacebiso afanelekileyo nabanokuwathemba, iphephancwadi uVukani! laqalisa ukupapasha amanqaku asekelwe eBhayibhileni athi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . ” ngoJanuwari 1982. Nangona sele kudlule amashumi eminyaka ukususela ngelo xesha, la manqaku asathandwa ngabantu abaninzi. Nqaku ngalinye liye labhalwa emva kokuba kwenziwe uphando olucokisekileyo. Eneneni, ukuze ababhali bakaVukani! babe nolwazi ngendlela abantu abaselula abacinga nabavakalelwa ngayo, baye bathetha namakhulukhulu olutsha ehlabathini lonke! Noko ke, okubaluleke nangakumbi kukuba amacebiso afumaneka kumanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” asekelwe kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile.

Le ncwadi uyiphetheyo yaqala yapapashwa ngowe-1989. Noko ke, izahluko zayo ziye zahlaziywa ngokupheleleyo ukuze zifanele imibandela yale mihla. Izahluko ezingaphezu kwama-30 ziye zathatyathwa kumanqaku athi “Abantu Abaselula Bayabuza” awayepapashwe phakathi kowama-2004 nowama-2011.

Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 1, iza kukunceda ube ngumntu omdala oqolileyo. Sithemba ukuba xa usebenzisa icebiso layo, uza kuba phakathi kwezigidi zabantu, abaselula nabadala, abaye bathi “ngokuwasebenzisa amandla abo okuqonda bawaqeqeshela ukwahlula okulungileyo nokubi.”—Hebhere 5:14.

Abapapashi