Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?
Isahluko 2
Kutheni Sisoloko Sixambulisana Nje?
Ekuqaleni kwesi sahluko, uRachel ubangela ingxabano ngeendlela ezintathu. Ngaba uyazibona ezi ndlela? Bhala iimpendulo zakho apha ngezantsi, uze ukhangele ezo zikwibhokisi ethi “Iimpendulo” ekwiphepha 20.
․․․․․
Kusebusuku ngoLwesithathu. URachel oneminyaka eli-17 ubudala sele egqibile ukwenza imisetyenzana yasekhaya yaye ufuna ukuphumla! Uvula umabonwakude, aze aziphose kwesona situlo asithandayo.
Kusenjalo, kungena unina engatyhilekanga kwaphela. “Rachel! Kutheni uchitha ixesha ubukele umabonwakude kodwa ubumele ukuba uncedisa udadewenu ngomsebenzi wesikolo? Soze ukhe wenze le nto uyixelelwayo wena!”
“Uyawathetha kwakhona,” uRachel umbombozela ekhwaza.
Unina uyasondela. “Uthi kutheni?”
Ekruqukile uRachel uthi: “Khange ndithethe nto mna.”
Ngoku sele evutha ngumsindo unina uthi: “Ungakh’ ulinge uthethe nam ngolo hlobo!”
“Wena, uthetha njani nam?” uRachel uphendula ngelitshoyo.
Ixesha lokuphumla liphelile . . . kuqala enye impikiswano.
NGABA uqhelene noko kwenzeka apha ngasentla? Ngaba usoloko uphikisana nabazali bakho? Ukuba kunjalo, khawuziphe ithuba lokuyihlolisisa le meko. Ziintoni ezona zinto zidla ngokunixabanisa? Faka olu phawu ✔ kwibhokisi ethetha ngemeko yakho okanye uzibhalele enye into engachazwanga apha kwibhokisi ethi “Enye into.”
□ Isimilo
□ Imisebenzi yasekhaya
□ Isinxibo
□ Ixesha lokubuya
□ Ukuzonwabisa
□ Abahlobo
□ Abantu besini esahlukileyo
□ Enye into ․․․․․
Enoba nixambulisana ngantoni na, wena nabazali bakho nisala nikhathazekile. Kambe ke, usenokuzithulela uze wenze ngathi uyavumelana nayo yonke into abayithethayo. Kodwa ngaba uThixo ufuna ukuba wenjenjalo? Akunjalo. Eneneni iBhayibhile ithi umele ‘ubeke uyihlo nonyoko.’ (Efese 6:2, 3) Kodwa ikwakhuthaza ukuba uhlakulele ‘amandla okucinga’ uze usebenzise ‘amandla akho engqiqo.’ (IMizekeliso 1:1-4; Roma 12:1) Xa usenjenjalo, uya kucinga ngendlela engafaniyo kwaphela neyabazali bakho. Kodwa ke, kwiintsapho ezisebenzisa imigaqo yeBhayibhile, abazali banokuncokola kakuhle nabantwana babo—enoba abavumelani ngezinto ezithile.—Kolose 3:13.
Unokuyichaza njani indlela ovakalelwa ngayo ningakhange nixambulisane? Kulula ukuthi: “Loo nto ke ixhomekeke kubazali bam. Ngapha koko ngabo abasoloko besemva kwam!” Kodwa khawukhe ucinge: Ngaba unokukwazi ukubatshintsha abanye abantu, kuquka abazali bakho? Eneneni oyena mntu unokumtshintsha nguwe. Yaye iindaba ezimnandi zezi, ukuba wenza unako-nako wokugcina umoya omhle phakathi kwakho nabazali bakho, bona basenokuhlala bezolile baze bakuphulaphule xa unento ofuna ukuyithetha.
Ngoko ke, makhe sibone oko wena unokukwenza ukuze uphelise ukuxambulisana. Sebenzisa la macebiso alandelayo yaye unokubothusa abazali bakho—nawe—ngendlela othetha ngayo.
● Cinga phambi kokuba uphendule. Musa ukuthetha nantoni na efike kuqala xa ucinga ukuba uyangxoliswa. Ngokomzekelo, mhlawumbi umama wakho uthi: “Kutheni ungazihlambanga izitya? Soz’ ukhe wenze le nto uyixelelwayo wena!” Impendulo engacingisiswanga inokuba yile, “Kutheni usoloko undichukela?” Kodwa sebenzisa amandla akho okucinga. Zama ukusicingela isizathu sokuba umama wakho athethe la mazwi. Ngokuqhelekileyo amabinzana afana nathi “usoloko”
nelithi “soze” akamele athatyathwe ngokoqobo. Kunoko, abonisa indlela avakalelwa ngayo umntu. Inokuba yiyiphi loo ndlela?Mhlawumbi umama wakho ukhathazekile yaye uvakalelwa kukuba umsebenzi awenzayo ekhaya ungaphezu kwamandla akhe. Kusenokwenzeka ukuba eyona nto ayifunayo yinkxaso. Ukuba kunjalo, ukuthi, “Kutheni usoloko undichukela?” akuyi kukunceda nganto—kunoko kunokuvusa ingxabano! Kunoko thetha ngembeko nomama wakho. Ngokomzekelo, unokuthi: “Ndicel’ uxolo Mama ngokukukhathaza. Ndiza kuzihlamba ngoku izitya.” Sekunjalo, lumkela ukuwathetha ngempoxo la mazwi. Xa ubonisa ukuba uyavelana naye, uya kwehla aze akuxelele eyona nto imkhathazayo. a
Ngezantsi, bhala into enokuthethwa ngutata okanye ngumama wakho enokukucaphukisa, ukuba uyayivumela.
․․․․․
Ngoku cinga ngempendulo ebonisa ukuba uyavelana naye nokuba uyasiqonda isizathu sokuba athethe ngolo hlobo.
․․․․․
● Thetha ngentlonelo. UMichelle uye wafunda ukubaluleka kwendlela athetha ngayo nonina. Uthi: “Enoba yintoni ingxaki, eyona nto angayithandiyo uMama yindlela endithetha ngayo.” Ukuba nawe udla ngokwenza loo IMizekeliso 30:17) Ukuba uyeva ukuba uchwechwelwa ngumsindo yenza umthandazo omfutshane ngaphakathi. (Nehemiya 2:4) Eneneni, eyona njongo asikokucela kuThixo ukuba abazali bakho ‘bayeke ukukukruqula’ kodwa ufuna ukuba ukwazi ukuzibamba ukuze ungaphemb’ umlilo.—Yakobi 1:26.
nto, funda ukuthetha kakuhle, uze ungenzi nantoni na ebonisa ukuba ukruqukile. (Kwisikhewu esingezantsi bhala amazwi okanye izimbo zomzimba ofanele uziphephe.
Izinto ozithethayo:
․․․․․
Izimbo zomzimba nembonakalo yobuso:
․․․․․
● Phulaphula. IBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.” (IMizekeliso 10:19) Ngoko qiniseka ukuba abazali bakho ubanika ithuba elaneleyo lokuthetha uze ubaphulaphule kakuhle xa bethetha. Musa ukubaphazamisa kuba ufuna ukuzithethelela. Phulaphula nje wena. Kuya kuthi ke emva kokuba begqibile ukuthetha, ufumane ithuba elaneleyo lokubuza okanye uchaze eyakho imbono. Kwelinye icala, ukuba unenkani uze unyanzelise eyakho imbono, unokuzenza mbi izinto. Enoba unezinto ezininzi kangakanani na onokuzithetha, mhlawumbi ngoku ‘lixesha lokuthi cwaka.’—INtshumayeli 3:7.
● Kulungele ukucela uxolo. Kusoloko kukuhle ukuthi “Ndicela uxolo” ngayo nantoni na oyenzileyo ebangele ukuba ningavisisani. (Roma 14:19) Usenokucela uxolo nangenxa yokuba kukho ukungavisisani. Ukuba kunzima ukwenza oku nijongene, zama ukubhala ileta. Emva koko ‘hamba enye imayile’ ngokutshintsha nantoni na obuyenzile ebangele ukuba ningavisisani. (Mateyu 5:41) Ngokomzekelo, ukuba niye naxambulisana ngenxa yokuba ungayenzanga imisetyenzana yasekhaya, kutheni ungasuke uyenze? Nokuba akuthandi ukuwenza loo msebenzi, ngaba bekungayi kuba bhetele ukuwenza kunokuba ubone oko kuza kwenzeka xa ungawenzanga? (Mateyu 21:28-31) Cinga ngoko uya kukuzuza ngendima oyenzileyo yokuphelisa ukungavisisani kwakho nabazali bakho.
Iintsapho eziphumelelayo zikhe zixabane kodwa ziyayazi indlela yokucombulula oko ngomoya ozolileyo. Qhelisela amacebiso aboniswe kweli nqaku yaye uya kufumanisa ukuba unokuncokola ngayo nantoni na nabazali bakho—ngaphandle kokuxambulisana!
Ngaba uvakalelwa kukuba abazali bakho bamele bakunike inkululeko engakumbi? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 21.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Abantu abalungileyo bayacinga ngaphambi kokuba baphendule.”—IMizekeliso 15:28, Today’s English Version.
ICEBISO
Xa abazali bethetha nawe, wucime umculo, uyibeke ecaleni incwadi okanye iphephancwadi oliphetheyo uze ubajonge.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukusebenzela ukucombulula okanye ukuyiphepha ingxabano kubangela ukuba izinto zibe lula. Eneneni, iBhayibhile ithi umntu “onobubele bothando uqhubana ngokunomvuzo nomphefumlo wakhe.”—IMizekeliso 11:17.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Elona cebiso kufuneka ndisebenzele kulo kwesi sahluko leli ․․․․․
Ndizimisele ukuqala ukulisebenzisa (bhala umhla) ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni iintanga zakho ziqhayisa ngokwazi ukubaphikisa abanye abantu?
● Kutheni uYehova uThixo esithi umntu osoloko ephikisa abanye sisidenge?—IMizekeliso 20:3.
● Uya kuzuza ntoni xa uzinciphisa izinto enixabana ngazo nabazali bakho?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 18]
“Maxa wambi umama uyandanga aze acele uxolo, yaye ndiyakuthanda oko. Emva koko siyayilibala yonke loo nto ibiyenzekile. Nam ndizama ukwenza okufanayo. Kuyanceda ukuzilibala ukuba ndingubani ndize ndicele uxolo ngokunyanisekileyo, nangona oko kungelula.”—ULauren
[Ibhokisi ekwiphepha 20]
Iimpendulo
1. Ukuphoxisa (“Uyawathetha kwakhona”) kumcaphukise nangakumbi uMama.
2. Imbonakalo yobuso bukaRachel ebonisa ukukruquka iyayiphembelela ingxabano.
3. Ukuphendula kakubi (“Wena, uthetha njani nam?”) kwenza izinto zibe mbi ngakumbi.
[Umfanekiso okwiphepha 19]
Ukuxambulisana nomzali kufana nokuxhentsa ndaweni nye—uphelelwa ngamandla ube ungayi ndawo