Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuyifumana Njani Inkululeko Engakumbi?

Ndinokuyifumana Njani Inkululeko Engakumbi?

Isahluko 3

Ndinokuyifumana Njani Inkululeko Engakumbi?

“Ingathi abazali bam bangakhe bandiyeke ndizikhuphe ngaphandle kwabo.”—USarah, oneminyaka eli-18 ubudala.

“Ndisoloko ndibabuza abazali bam ukuba kutheni bengandithembi xa ndifuna ukuzikhupha nabahlobo. Basoloko besithi: ‘Sikuthembile. Nto nje asibathembanga abahlobo bakho.’”—UChristine, oneminyaka eli-18 ubudala.

NGABA nawe ufana noSarah noChristine, ufuna inkululeko engakumbi? Ukuze uyifumane, kufuneka abazali bakho bakuthembe. Ukuthenjwa kufana nje nemali. Usebenza nzima ukuze ube nayo kodwa kulula ukuphulukana nayo yaye nokuba ungaba nesityhwentywe sayo soze uthi yanele. UIliana oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Xa ndicela ukuya kubethwa ngumoya abazali bam bandihlaba imibuzo enjengethi, uyaphi, uza kuhamba nabani, uza kwenza ntoni aph’ uya khona yaye uza kubuya nini. Ndiyazi ukuba ngabazali bam, kodwa ndiyacaphuka xa bendibuza ngolu hlobo!”

Yintoni omele uyenze ukuze abazali bakho bakuthembe baze bakunike inkululeko engakumbi? Ngaphambi kokuba uphendule lo mbuzo, makhe sihlolisise isizathu sokuba ukuthembana phakathi kwabazali nabantwana abaninzi ingumbandela onobuzaza.

Amanzithinzithi Okukhula

IBhayibhile iyavuma ukuba “indoda iya kumshiya uyise nonina.” (Genesis 2:24) Phofu ke, kusenokuthethwa okufanayo nangebhinqa. Enoba uyinkwenkwe okanye intombazana, xa usekwishumi elivisayo uqeqeshelwa ukuba ngumntu omdala ofanelekileyo oya kukwazi ukuzimela, mhlawumbi nokukhulisa abantwana. a

Noko ke, akulula xa uqeqeshelwa ukuba ngumntu omdala ofanelekileyo. Sinokukufanisa nezinyuko ofanele unyathele inqwanqwa ngalinye de udlule kwishumi elivisayo. Mhlawumbi wena nabazali bakho benisoloko nixambulisana njengokuba ukhula. UMaria ovakalelwa kukuba abazali bakhe abamthembi ukuba angakhetha abahlobo abafanelekileyo uthi: “Ndineminyaka engama-20 ubudala, yaye ukungathenjwa kuseyingxaki. Abazali bam bacinga ukuba andinakukwazi ukuyiphepha ingcinezelo yoontanga. Ndizamile ukubaxelela ukuba ndiye ndaphumelela ekulweni nayo, kodwa khange incede loo nto!”

Njengokuba uMaria esitsho, ukuthenjwa kwabantwana ngabazali ngumbandela onzima. Ngaba kunjalo nakowenu? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza ukuze abazali bakho bakuthembe? Ukuba abakuthembi ngenxa yobuyatha obuthile owabenzayo, yintoni onokuyenza ukuze baphinde bakuthembe?

Benze Bakuthembe

Xa wayebhalela amaKristu enkulungwane yokuqala, umpostile uPawulos wathi: “Hlalani nizicikida oko nikuko nina ngokwenu.” (2 Korinte 13:5) Eneneni, uPawulos wayengathethi ngolutsha olukwishumi elivisayo kulo mbhalo. Sekunjalo, lo mgaqo uyasebenza nakulo. Ukuze bakuthembe nawe ufanele ubenze bakuthembe. Oko akuthethi kuthi ufanele ufezeke. Ngapha koko, nabani na unokuyenza impazamo. (INtshumayeli 7:20) Phofu ke, ngaba indlela ozenza ngayo izinto yenza abazali bakho bangakuthembi?

Ngokomzekelo uPawulos wabhala: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Zibuze, ‘Ngaba abazali bam ndibaxelel’ inyaniso ngokuba ndiyaphi nokuba ndiza kube ndisenza ntoni kuloo ndawo?’ Makhe sihlolisise amagqabaza olutsha olumbalwa sikhe sive ukuba lona luqhuba njani kule nkalo. Emva kokuba ufunde oko lukutshoyo, phendula le mibuzo ingezantsi.

ULori: “Ndandibhalelana nomnye umfana endandimthanda nge-email abazali bam bengazi. Bandibhaqa baza bathi mandiyiyeke le nto ndiyenzayo. Ndabathembisa ukuba ndiza kuyeka, kodwa andizange. Le nto ndayenza kangangonyaka. Ndandidla ngokubhalelana nalo mfana, abazali bam bandibhaqe, ndicele uxolo, ndithembise ukuba andizi kuphinda ndimbhalele kodwa ndandingayeki. Abazali bam abazange baphinde bandithembe!”

Ucinga ukuba kutheni abazali bakaLori bengazange baphinde bamthembe? ․․․․․

Ukuba ubungumzali kaLori, ubuza kwenza ntoni, yaye ngoba? ․․․․․

Kwakumele ukuba uLori enze ntoni emva kokuba abazali bakhe bethethe naye ngale ngxaki okwesihlandlo sokuqala? ․․․․․

UBeverly: “Abazali bam babengandithembi ukuba ndingakwazi ukuziphatha kakuhle xa ndiphakathi kwamakhwenkwe kodwa ngoku ndiyasiqonda isizathu sokuba bavakalelwe ngaloo ndlela. Ndandinomdla kubafana abaliqela ababebadala kum ngeminyaka emibini. Kwakhona ndandichitha ixesha elininzi ndincokola nabo efowunini yaye xa sisezimbuthweni ndandincokola nabo kuphela. Abazali bam bayithatha ifowuni yam kangangenyanga yaye babengandivumeli ukuba ndiye kwiindawo ababeza kuba kuzo abo bafana.”

Ukuba ubungumzali kaBeverly, ubuza kwenza ntoni yaye ngoba? ․․․․․

Ngaba ucinga ukuba abazali bakaBeverly babembekela imiqathango engekho ngqiqweni? Ukuba kunjalo, bakwenzela ntoni oko? ․․․․․

UBeverly wayefanele enze ntoni ukuze abazali bakhe baphinde bamthembe? ․․․․․

Ukuphinda Uthenjwe

Kuthekani ukuba indlela ozenza ngayo izinto ibangele ukuba abazali bakho bangakuthembi njengokuba kunjalo ngolu lutsha lukhankanywe ngasentla? Nakuba kusenokuba kunjalo, qiniseka ukuba ungabenza abazali bakho baphinde bakuthembe. Ungakwenza njani oko?

Abazali bakho bangakuthemba ukuba izinto uzenza ngendlela efanelekileyo. Ekugqibeleni uAnnette wayifumana ingongoma. Uthi: “Xa usemncinane, awuyiqondi indlela ekubaluleke ngayo ukuthenjwa ngabazali. Ngoku ndivakalelwa kukuba ndinembopheleleko yokwenjenjalo yaye ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndenze izinto ngendlela eza kubenza bandithembe kwakhona.” Yintoni ofanele uyifunde koku? Kunokuba ukhalazele ukuba abazali bakho abakuthembanga, yenza izinto ngendlela efanelekileyo. Basenokukuthemba.

Ngokomzekelo, ngaba unokuthenjwa kwezi zinto zidweliswe ngezantsi? Faka olu phawu ✔ kwibhokisi esecaleni kwezinto ekufuneka uphucule kuzo.

□ Ndibuya ngexesha abazali abafuna ndibuye ngalo ekhaya

□ Ndiyazizalisekisa izithembiso

□ Ndiyalibamba ixesha

□ Ndiyisebenzisa kakuhle imali

□ Ndiyayenza imisebenzi endiyabelweyo

□ Akufuneki ndide ndikhutshwe ebhedini ukuze ndivuke

□ Igumbi lam ndiligcina licocekile

□ Ndithetha inyaniso

□ Ndiyisebenzisa kakuhle ifowuni nekhompyutha

□ Ndiyazivuma iimpazamo ndize ndicele uxolo

□ Nezinye izinto ․․․․․

Kutheni ungazimiseli ukuphucula kwezi nkalo ukuze abazali bakho bakuthembe? Landela isibongozo esiseBhayibhileni esithi: “Nibulahle ubuntu obudala obuvisisana nehambo yenu yangaphambili.” (Efese 4:22) “UEwe wenu makabe nguEwe.” (Yakobi 5:12) “Ngamnye kuni makathethe inyaniso nommelwane wakhe.” (Efese 4:25) “Bathobeleni abazali benu ezintweni zonke.” (Kolose 3:20) Ekuhambeni kwexesha, ukuhambela kwakho phambili kuya kubonakala ebantwini bonke, kuquka nakubazali bakho.—1 Timoti 4:15.

Kodwa kuthekani ukuba phezu kwayo yonke loo migudu uyenzayo ukuze abazali bakho bakuthembe, ubuya nemband’ esikhova? Kutheni ungathethi nabo ngalo mba? Kunokuba ube ukhalazela ukuba bafanele bakuthembe, ngentlonelo yiya kubo uze ubabuze ukuba yintoni ofanele uyenze ukuze bakuthembe. Bachazele ngosukelo ozibekele lona kule nkalo.

Musa ukucinga ukuba abazali bakho baza kusuka bakuthembe ngokukhawuleza. Ngokungathandabuzekiyo baya kufuna ukuqiniseka ukuba uza kuzizalisekisa izithembiso zakho. Zingqine unokuthenjwa. Njengokuba ixesha lihamba, abazali bakho baza kukuthemba. Kwenzeka loo nto kuBeverly okhankanywe ngasentla. Uthi: “Usebenza nzima ukuze uthenjwe ngabazali bakho kodwa kulula ukuphulukana noko kuthenjwa. Ngoku abazali bam bandithembile yaye iyandonwabisa loo nto!”

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 22

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba abazali bakho baqhawule umtshato? Unokwenza njani xa kubonakala ngathi izinto azikuhambeli kakuhle ngenxa yoko?

[Umbhalo osemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 7 sale ncwadi.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Ningayithabathi inkululeko yenu, njengesigqubuthelo sobubi.”—1 Petros 2:16.

ICEBISO

Kunokuba uzithelekise nomntakwenu omdala, cinga ngenkululeko onayo ngoku, owawungenayo ngoxa wawusemncinane.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukunikwa inkululeko egqithiseleyo akuthethi kuthi abazali bakho bayakuthanda kodwa kubonisa ukuba abakukhathalelanga.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Nazi izinto endiza kuthembeka ngakumbi kuzo: ․․․․․

Ukuba abazali bam abasandithembi, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Siyintoni isizathu esinokubangela ukuba abazali bakho babe madolw’ anzima ukukunika inkululeko engakumbi nangona usenza konke okusemandleni ukuze bakuthembe?

● Kutheni indlela othetha ngayo nabazali bakho inokubangela ukuba bafune ukukunika inkululeko engakumbi?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 24]

“Ndithetha nabazali bam ngokukhululekileyo ngeengxaki zam nezinto ezindixhalabisayo. Ndicinga ukuba oku kubangela kube lula ukuba bandithembe.”—UDianna

[Umzobo/Umfanekiso okwiphepha 23]

Xa uqeqeshelwa ukuba ngumntu omdala ofanelekileyo kufana nezinyuko ofanele unyathele inqwanqwa ngalinye de udlule kwishumi elivisayo

[Umzobo]

(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)

XA UNGUMNTU OMDALA

XA UKWISHUMI ELIVISAYO

XA USENGUMNTWANA