Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndikulungele Ukumka Ekhaya?

Ngaba Ndikulungele Ukumka Ekhaya?

Isahluko 7

Ngaba Ndikulungele Ukumka Ekhaya?

“Maxa wambi ndivakalelwa kukuba abantu bandijonga kakubi kuba ndineminyaka eli-19 ubudala ndibe ndisahlala ekhaya, ngokungathi andisokuze ndikhule de ndibe ndiyazihlalela.”—UKatie.

“Ndineminyaka ephantse ibe ngama-20 ubudala kwaye andiyithandi into yokuba ndingenakwenza nantoni na endiyifunayo ngobomi bam. Ndikhe ndacinga ngokumka ekhaya.”—UFiona.

USENOKUQALA ukufun’ ukuzimela ungekakulungeli ukumka ekhaya. Yinto eqhelekileyo leyo. Kakade ke, njengoko kuxutyushwe kwiSahluko 3, uThixo wayefuna ukuba ulutsha lukhule luze ekugqibeleni lushiye abazali lube neentsapho zalo. (Genesis 2:23, 24; Marko 10:7, 8) Kodwa ke unokwazi njani ukuba nyhani ukulungele ukumka ekhaya? Khawucinge ngale mibuzo mithathu ekufuneka uyiphendule. Owokuqala ngulo . . .

Yintoni Ebangela Ukuba Ndimke Ekhaya?

Hlola ezi zizathu zilandelayo. Zilandelelanise ngokokubaluleka kwazo izizathu zokuba ufune ukuhamba.

․․․․․ Ukubaleka iingxaki zasekhaya

․․․․․ Ukufuna inkululeko engakumbi

․․․․․ Ukufuna ukuhlonelwa ngabahlobo

․․․․․ Ukunceda umhlobo ofuna umntu aza kuhlala naye

․․․․․ Ukuya kusebenza njengetsha-ntliziyo kwenye indawo

․․․․․ Ukufuna ukuziphilela

․․․․․ Ukungafuni ukuhlawulelwa yonke into ngabazali

․․․․․ Nezinye izizathu ․․․․․

Akukho nto imbi ngezi zizathu zichazwe ngasentla. Kodwa yintoni intsusa yoko? Ngokomzekelo, xa uhamba ekhaya kuba ufuna inkululeko, uya kufumana into obungayilindelanga!

UDanielle owakha wemka kowabo eneminyaka engama-20 ubudala, wafunda lukhulu kuloo nto. Uthi: “Sonke sifanele sinqandwe kwizinto ezithile. Xa uzihlalela, izinto onokuzenza zilawulwa ngamaxesha akho omsebenzi nokungabi namali.” UCarmen, owafudukela phesheya kangangeenyanga ezintandathu uthi: “Kwakumnandi gqitha ukuhlala apho kodwa lalingekho ixesha lokuba ndikhe ndingenzi nto! Kwakufuneka ndenze imisebenzi yasendlwini—ukucoca indlu, ukulungisa izinto, ukususa ukhula, ukuhlamba impahla, ukucoca umgangatho nezinye izinto.”

Musa ukubavumela abanye abantu ukuba bakuphembelele ukuba wenze isigqibo ngokungxama. (IMizekeliso 29:20) Naxa unezizathu ezivakalayo zokumka ekhaya, kufuneka okungakumbi kunokuba neentshukumisa ezintle. Kufuneka ukwazi ukuzinyamekela—nto leyo esikhokelela kumbuzo wesibini . . .

Ngaba Ndikulungele?

Ukuya kuzihlalela kufana nokuhamba entlango. Ngaba ubuya kuya kuloo ntlango ungakwazi ukumisa intente, ukubas’ umlilo, ukupheka okanye ukufunda imaphu? Akunjalo! Sekunjalo, luninzi ulutsha olumka ekhaya lungakwazi kakuhle ukunyamekela ikhaya.

UKumkani uSolomon osisilumko wathi, “onobuqili uyawaqwalasela amanyathelo akhe.” (IMizekeliso 14:15) Ukuze ubone ukuba ukulungele kusini na ukuzihlalela khawuhlole le mixholo ilandelayo. Beka olu phawu ecaleni kwezinto okwaziyo ukuzenza uze ubeke olu X ecaleni kwezo usafanele uzifunde.

Ukuyisebenzisa kakuhle imali: USerena, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Akuzange kukhe kufuneke ukuba ndizihlawulele nantoni na. Ndiyoyika ukumka ekhaya ndize ndinyanzeleke ukuba ndiqingqe imali endiza kuyisebenzisa.” Unokukufunda njani ukuyisebenzisa kakuhle imali?

Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umntu osisilumko uya kuphulaphula aze angenise uyalelo olungakumbi.” (IMizekeliso 1:5) Ngoko ke, unokubuza abazali bakho ngeendleko umntu amele azihlawule kwirente, indlu, ukutya, imoto nesithuthi sikawonke-wonke. Emva koko, bacele ukuba bakufundise indlela yokuqingq’ imali nendlela yokuhlawula amatyala. a

Imisebenzi yasekhaya: UBrian, oneminyaka eli-17 ubudala uthi eyona nto ayoyikayo ngokumka ekhaya kukuba kuza kufuneka azihlambele iimpahla. Unokwazi njani xa sele ukulungele ukuzinyamekela? UAron, oneminyaka engama-20 ubudala ucebisa athi: “Khawukhe uzame ukuphila ngathi uyazihlalela kangangeveki. Yitya kuphela ukutya oziphekele kona, nokuthenge ngemali oyisebenzeleyo. Nxiba iimpahla ezihlanjwe nezolulwe nguwe. Yicoce ngokwakho indlu. Zama ukuziyela kwiindawo ofuna ukuya kuzo kungekho mntu uza kukusa okanye akulande.” Ukulisebenzisa eli cebiso kuya kukunceda kwizinto ezimbini: (1) Uya kuba nobuchule bokwenza izinto ezithile, uze (2) uzixabise ngakumbi izinto abakwenzela zona abazali bakho.

Ukusebenzisana nabanye abantu: Ngaba uyavana nabazali bakho nabantwana bakowenu? Ukuba anivani, usenokucinga ukuba uza konwaba xa uhlala nomhlobo wakho. Kodwa cinga ngoko kuthethwa nguEve, oneminyaka eli-18 ubudala: “Abahlobo bam ababini bemka emakhayeni abo baza bahlala kunye. Babengabahlobo abasenyongweni ngaphambi kokuba bahlale kunye, kodwa kwakunzima gqitha ukuba bahlale bobabini. Omnye wayelihomba, omnye elixelegu. Omnye wayezithanda kakhulu izinto zokomoya, ukanti omnye wayengazithandi kangako. Babengavisisani kwaphela!”

Ngoko siyintoni isicombululo kwimeko enjalo? UErin, oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Uyakwazi ukufunda ukuhlala nabantu ngoxa usahlala kowenu. Ufunda indlela yokucombulula iingxaki nokuncamela abanye abantu izinto. Eyona nto ndiyiphawuleyo kukuba abo bashiya amakhaya abo kuba bengavani nabazali babo bayazibaleka iingxaki kunokuba bafunde ukuzicombulula.”

Ukuzibekela ixesha lezinto zokomoya: Abanye bayemka ekhaya kuba nje bebaleka izinto zonqulo ezenziwa ekhaya. Abanye bayazimisela ukufunda iBhayibhile baze banqule kodwa ekuhambeni kwexesha baqalisa imikhwa emibi. Unokukuphepha njani ‘ukophukelwa yinqanawa elukholo lwakho’? b1 Timoti 1:19.

UYehova uThixo ufuna ukuba sibe nobungqina bezinto esizikholelwayo. (Roma 12:1, 2) Zenzele ucwangciso lokufunda iBhayibhile nokunqula uze unamathele kulo. Unokuzibhalela olwakho ucwangciso kwikhalenda uze ubone enoba unokukwazi kusini na ukululandela kwisithuba senyanga ungakhange ukhunjuzwe ngabazali bakho.

Umbuzo wesithathu nowokugqibela omele ucinge ngawo ngulo . . .

Yintoni Eyona Nto Ndifuna Ukuyenza?

Ngaba ufuna ukumka ekhaya kuba ubaleka iingxaki? Okanye ngaba akusafuni ukuba phantsi kwegunya labazali? Ukuba kunjalo, eyona nto ucinga ngayo zezo ngxaki uzishiya ngasemva negunya labazali kunalapho uya khona. Loo ndlela yokucinga ifana nqwa nokuzama ukuqhuba ujonge isipili esikubonisa ngasemva—ingqondo yakho ikoko ukushiya ngasemva nto leyo ebangela ukuba ungaboni apho uya khona. Yintoni esiyifundayo koku? Ukuze uphumelele, musa ukucinga nje ngokumka ekhaya—cingisisa ngezinto ezibalulekileyo ofuna ukuzenza.

Olunye ulutsha oluqolileyo olungamaNgqina kaYehova luye lwafudukela kwezinye iindawo kumazwe alo okanye kumazwe aphesheya ngenjongo yokushumayela. Olunye luye lwaya kuncedisa ekwakheni iindawo zonqulo okanye lwaya kusebenza kwiofisi yesebe yamaNgqina kaYehova. Kanti olunye lufuna ukuzihlalela okwethutyana ngaphambi kokuba lutshate. c

Enoba luyintoni na usukelo lwakho, cingisisa ngaphambi kokuba wenze isigqibo. Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Amacebo okhutheleyo ngokuqinisekileyo ayingenelo, kodwa wonk’ ubani ongxamayo ngokuqinisekileyo usingisa ekusweleni.” (IMizekeliso 21:5) Liphulaphule icebiso labazali bakho. (IMizekeliso 23:22) Wuthandazele lo mbandela. Njengoko usenza isigqibo, cinga ngemigaqo yeBhayibhile ekuthethwe ngayo kweli nqaku.

Ngoko ke nanku umbuzo obalulekileyo omele uzibuze wona, Ngaba ndingakwazi ukuzinyamekela? kunokuba uzibuze oku, Ngaba ndikulungele ukumka ekhaya? Ukuba uyakwazi ukuzinyamekela, mhlawumbi sele ukulungele ukuba uye kuzimela.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 19.

b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 34 nesama-35.

c Kwezinye iindawo kuyinto eqhelekileyo ukuba umntwana angahambi ekhaya de atshate, ingakumbi xa eyintombazana. IBhayibhile ayinikeli myalelo ucacileyo ngalo mbandela.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Indoda iya kumshiya uyise nonina.”—Mateyu 19:5.

ICEBISO

Kangangexesha elithile, khawukhe unike abazali bakho imali eyanele ukutya, indawo yokuhlala nezinye iindleko. Ukuba akukwazi okanye akuzimiselanga ukuhlawula iindleko zokuhlala kwakho kowenu, awukakulungeli ukumka ekhaya.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Into ebangela ukuba umke ekhaya inokuluchaphazela ulonwabo lwakho xa sele ungasahlali nabazali bakho.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Injongo endifuna ukuyifeza ngokumka ekhaya ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Enoba kunzima ekhaya, kunokukunceda njani ukuqhubeka uhlala kowenu?

● Ngoxa usahlala kowenu, yintoni onokuyenza eza kunceda intsapho yakowenu ize ikwenze ulungele ukunyamekela owakho umzi?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 52]

“Iqhelekile into yokuba umntu afune ukuzimela. Kodwa ukuba eyona nto ikubangela ukuba ufune ukumka ekhaya kukubaleka imithetho, loo nto ithetha ukuba akukakulungeli ukumka ekhaya.”—UAron

[Umfanekiso okwiphepha 50, 51]

Ukuya kuzihlalela kufana nokuhamba entlango—kufuneka ufunde iindlela zokuzinyamekela ngaphambi kokuqalisa olo hambo