Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kuthekani Ngokulala Nomntu Ongathandani Naye?

Kuthekani Ngokulala Nomntu Ongathandani Naye?

Isahluko 26

Kuthekani Ngokulala Nomntu Ongathandani Naye?

“Abantwana balala kunye kuba nje befuna ukubona enoba banokukwazi kusini na ukuba neentlobano zesini bengathandani nokuba bangaphi abantu abanokulala nabo.”—UPenny.

“Abafana bancokola ngokukhululekileyo ngale nto. Bazingomb’ isifuba ngokuba namantombazana abathandana nawo kodwa kwangaxeshanye belala namanye.”—UEdward.

ULUTSHA oluninzi namhlanje luzingomb’ isifuba ngokuba lona luyakwazi ukulala nomntu olungathandani naye. Olunye lunabantu nje oluya kubo xa lukhanuka isini ngoxa lungathandani nabo.

Musa ukumangaliswa xa nawe uvakalelwa ngolo hlobo. (Yeremiya 17:9) UEdward okhankanywe ngasentla uthi: “Amantombazana amaninzi afuna ndilale nawo, yaye ukwala yenye yezona zinto zinzima endimele ndizenze njengomKristu.” Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile omele ucinge ngayo xa ucelwa ukuba ulale nomntu ongathandani naye?

Sazi Isizathu Sokuba Kuphosakele

Ukuhenyuza sisono esinzulu, kangangokuba abo bakwenzayo “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Oko kunjalo, enoba aba bantu babini bayathandana okanye akunjalo. Ukuze ukwazi ukumelana nesi sihendo, umele ujonge uhenyuzo ngendlela uYehova alujonga ngayo.

“Ndiqinisekile ukuba ukuphila ngendlela kaYehova yeyona nto ifanelekileyo.”—UKaren waseKhanada.

“Ungaze uyilibale into yokuba nawe ungunyana okanye intombi yomntu, unabahlobo abaninzi yaye uyinxalenye yebandla. Bonke aba bantu baya kudana ukuba ukhe wanikezela!”—UPeter waseBritani.

Ngokuba nembono kaYehova ngohenyuzo, uya ‘kukuthiya okubi,’ nokuba sele kunomtsalane kwinyama engafezekanga.—INdumiso 97:10.

Isibhalo ekucetyiswa ukuba usifunde: IGenesis 39:7-9. Phawula indlela uYosefu awalumela ngokuqinileyo ngayo uvavanyo lokuziphatha kakubi ngokwesini.

Yiba Nelunda Ngeenkolelo Zakho

Ulutsha luqhele ukuyimela luze luyikhusele nantoni na oluyikholelwayo. NjengomKristu unelungelo elikhethekileyo lokubambelela kwimigaqo kaThixo ngehambo yakho. Ungaze ube neentloni ngembono onayo ngokuba neentlobano zesini ngaphambi komtshato.

“Abanye mabayazi zisuka nje ukuba unemilinganiselo yokuziphatha.”—UAllen waseJamani.

“Abafana endandifunda nabo kwisikolo samabanga aphakamileyo babesazi ukuba ndiziphethe njani nokuba ukundilingela kwezo zinto kuyinkcitha xesha.”—UVicky, waseUnited States.

Ukumela iinkolelo zakho kubonisa ukuba uba ngumKristu oqolileyo.—1 Korinte 14:20.

Isibhalo ekucetyiswa ukuba usifunde: IMizekeliso 27:11. Khawubone indlela onokuyivuyisa ngayo intliziyo kaYehova xa usenza okulungileyo!

Musa Ukugungqa!

Ukwala kubalulekile. Kodwa abanye basenokucinga ukuba ufuna nje ukucengwa.

“Yonk’ into—isinxibo, indlela othetha ngayo, abantu othetha nabo nendlela nje oziphatha ngayo phambi kwabantu—ifanele ibonise ukuba akufuni ukuziphatha kakubi ngokwesini.”—UJoy waseNigeria.

“Kufuneka icace into yokuba akusoze ulale nabo. Ungaze uzithathe izipho ozinikwa ngabafana kuba nje befuna ukulala nawe. Ngezo zipho basenokukwenza uzive unyanzelekile ukuba ulale nabo.”—ULara waseBritani.

UYehova uya kukunceda ukuba akugungqi. Ethetha ngoko kwakha kwenzeka kuye, umdumisi uDavide wayenokuthi ngoYehova: “Kulowo unyanisekileyo uya kwenza ngokunyaniseka.”—INdumiso 18:25.

Isibhalo ekucetyiswa ukuba usifunde: Eyesi-2 yeziKronike 16:9. Phawula ukuba uYehova ukulungele ukunceda abo bafuna ukwenza okulungileyo.

Hlab’ Ukhangele

IBhayibhile ithi: “Onobuqili ubona intlekele azifihle.” (IMizekeliso 22:3) Unokulisebenzisa njani elo cebiso? Ngokuhlab’ ukhangele!

“Zama kangangoko kunokwenzeka ukuzahlula kubantu abathetha izinto ezinjalo.”—UNaomi waseJapan.

“Ungaze uxelele nabani na apho uhlala khona okanye umnike iinombolo zakho zefowuni.”—UDiana waseBritani.

Hlolisisa indlela othetha ngayo, ihambo yakho, abahlobo bakho neendawo othanda ukuya kuzo. Emva koko zibuze, ‘Ngaba ndingaqondanga izinto endizenzayo zibonisa ukuba ndifuna ukuba neentlobano zesini?’

Isibhalo ekucetyiswa ukuba usifunde: IGenesis 34:1, 2. Khawubone indlela okwaba yintlekele ngayo kuDina ukuba kwindawo engalunganga.

Khumbula ukuba, ukuba neentlobano zesini nomntu ongathandani naye kungumbandela onzulu kuYehova uThixo; kumele kube njalo nakuwe. Ngokumela oko kulungileyo, unokulondoloza isazela esicocekileyo phambi koThixo uze ugcine isidima sakho. Njengokuba intombazana egama linguCarly isitsho, “kutheni ufuna ukuxhatshazwa ngumntu nje ofuna ukwanelisa isini okomzuzwana? Gcina oko uye wakusebenzela nzima!”

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Abafana bathi bathanda amantombazana anjani? Unokumangaliswa!

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Yenzani unako-nako ukuze ekugqibeleni anifumane ningenabala, ningenasiphako yaye niseluxolweni.”—2 Petros 3:14.

ICEBISO

Phucula iimpawu onazo. (1 Petros 3:3, 4) Iimpawu zakho ziya kukubangela ukuba uthandwe ngabantu.

NGABA UBUSAZI . . . ?

UYehova ufuna unandiphe isini ngendlela awasidala ngayo—ukuba sibangele ulonwabo emtshatweni—ungenaxhala lemiphumo yohenyuzo.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ndinokuxelisa isigqibo sikaYosefu sokuhlala ecocekile ngokuziphatha xa ․․․․․

Ndiya kuyiphepha impazamo eyenziwa nguDina ukuba ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Nakuba ukuziphatha okubi ngokwesini kunokuba nomtsalane kwinyama engafezekanga, kutheni kuphosakele?

● Uya kuthini ukuba umntu ucela ukuba ulale naye?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 185]

“Yomelela! Xa omnye umfana wayezama ukundiphathaphatha, ndathi, ‘Susa ezo zandlana zakho emagxeni am!’ ndaza ndemka yaye wabona kwalaph’ ebusweni ukuba andidlali.”—UEllen

[Umfanekiso okwiphepha 187]

Ukuba ulala nomntu ongathandani naye uzenza lula