Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Abafana Bengandithandi Nje?

Kutheni Abafana Bengandithandi Nje?

Isahluko 27

Kutheni Abafana Bengandithandi Nje?

Uyazi ukuba ndiyathandwa kuba ndimxelele ukuba nabanye abafana bayandithanda. Uhlekile xa bendimbalisela indlela abangekho krelekrele ngayo abanye abahlobo bam. Kodwa uyazi ukuba mna ndikrelekrele—zikho izinto ebekhe wazithetha ndaza ndamlungisa kuzo. Andazi ukuba uza kude athethe nini.

Yena mhle, kodwa ubonakala engekho krelekrele! Uthetha kakhulu kangangokuba mna andifumani nethuba lokuthetha. Kuloo nto ndiye ndakwazi ukuyithetha, uyandilungisa! Ingathi ndingambaleka xa ndimbona.

NGABA ukhathazwa kukuba abafana bengakuthandi? Kuyawakhathaza oko amantombazana amaninzi, nkqu nalawo ucinga ukuba akanangxaki! Ngokomzekelo, cinga nje ngoJoanne. Mhle, ukrelekrele ibe uliciko. Kodwa uthi: “Ndisoloko ndivakalelwa kukuba abafana abandithandi. Abambalwa endibathandayo baba nomdla kum okwethutyana kodwa ekugqibeleni baye bangafuni nokuthetha nam!”

Ziintoni ezithandwa ngabafana emantombazaneni? Ziintoni abangazithandiyo? Yintoni onokuyenza ukuze uthandwe ngumfana onesidima?

Oko Umele Ukwenze

Yazi indlela ocinga novakalelwa ngayo. Kusenokwenzeka ukuba uthe xa ufikisa waba nomdla kakhulu ebafaneni. Mhlawumbi uye wathanda abafana abaliqela. Iqhelekile loo nto. Kodwa ukuba uye wakhawuleza wazilahlela kumfana wokuqala onomdla kuye, usenokwenzakala ngaphakathi uze ungakhuli ngokomoya. Kaloku kuthath’ ixesha ukuba neempawu ezithandekayo, ‘ukutshintsha ingqondo yakho’ kwizinto ezibalulekileyo nokufikelela olunye usukelo onalo.Roma 12:2; 1 Korinte 7:36; Kolose 3:9, 10.

Liyinene elokuba, abafana abaninzi bathanda amantombazana angekayazi eyona nto ayifunayo okanye angekavuthwa kakuhle. Noko ke, ubukhulu becala abo bafana bathanda imizimba yaloo mantombazana, kungekhona ubuntu bawo. Enyanisweni, umfana ozinzileyo uya kukhangela intombazana eneempawu ezithandekayo neziya kuphelelisa ulwalamano lwabo.—Mateyu 19:6.

Oko kuthethwa ngabafana: “Nditsaleleka ngakumbi kwintombazana ezaziyo neqinisekileyo ngesiqu sayo.”—UJames.

“Ndingayithanda intombazana ekwaziyo ukuchaza iimvakalelo zayo ngokunyanisekileyo nangembeko nengazi kuba nguvumazonke. Enoba intle kangakanani na, andiyithandi intombazana eza kuthetha le nto ndifuna ukuyiva.”—UDarren.

Ucinga ntoni ngoku kuthethwa ngaba bafana?

․․․․․

Ziqhelise ukubahlonela abanye. Kanye njengokuba nawe ufuna ukuthandwa, abafana obaziyo bakufuna gqitha ukuhlonelwa. Ayiphazami iBhayibhile xa isithi indoda ifanele ithande umfazi wayo kodwa umfazi ufanele abe “nentlonelo enzulu” ngendoda yakhe. (Efese 5:33) Ngokuvisisana nala mazwi, kolunye uhlolisiso olwenziwa kumakhulukhulu abafana, abangama-60 ekhulwini kubo bathi bafuna ukuhlonelwa kunokuthandwa. Olu hlolisiso lwenziwa nakumadoda asele ekhulile ngeminyaka angaphezu kwama-70 ekhulwini, aza athetha into efanayo.

Ukuba nentlonelo akuthethi ukuyekelela—ukuthula xa ucinga into eyahlukileyo. (Genesis 21:10-12) Kodwa yindlela oyithetha ngayo loo nto uyicingayo enokwenza umfana akuthande okanye angakuthandi. Ukuba usoloko uphikisana naye okanye ulungisa izinto azithethayo, unokuvakalelwa kukuba akumhloneli. Kodwa ukuba uyayiphulaphula imbono yakhe uze umncome xa kuyimfuneko, uya kulwamkela aze aluxabise nolwakho uluvo. Kakade ke, umfana oqondayo uya kubona enoba uyawahlonela kusini na amalungu entsapho yakho nabanye abantu.

Oko kuthethwa ngabafana: “Ndicinga ukuba xa niqala ukwazana eyona nto ibalulekileyo yintlonelo. Uthando ke lusenokulandela.”—UAdrian.

“Xa intombazana indihlonela, ngokuqinisekileyo inako ukundithanda.”—UMark.

Ucinga ntoni ngoku kuthethwa ngaba bafana?

․․․․․

Nxiba ngendlela enesidima uze uzigcine ucocekile. Indlela onxiba nozilungisa ngayo ithetha lukhulu ngendlela ocinga ngayo nesimo sakho sengqondo. Ungekathethi, indlela onxibe ngayo ithetha into eninzi ngawe. Ukuba iimpahla zakho zindilisekile yaye zibonisa ukuba uthozamile, abantu baya kukuthanda. (1 Timoti 2:9) Ukuba zivuselela inkanuko okanye zixazalala, abantu baya kubhekela kuwe.

Oko kuthethwa ngabafana: “Indlela enxiba ngayo intombazana ithetha lukhulu ngendlela ebujonga ngayo ubomi. Ukuba inxiba iimpahla ezivez’ umzimba okanye ezixazalala, mna ndiye ndicinge ukuba ithand’ amehlo.”—UAdrian.

“Mna ndithanda intombazana ezilungisayo iinwele zayo, enuka kamnandi nenelizwi elimnandi. Ndakha ndathanda enye intombazana emanz’ andonga, kodwa umdla wapheliswa yindlela eyayiyixelegu ngayo.”—URyan.

“Ukuba intombazana inxiba impahla evuselela inkanuko, ngokuqinisekileyo ndiza kutsaleleka kuyo xa ndiqala ukuyibona. Kodwa olo asilohlobo lwentombazana endifuna ukuthandana nayo.”—UNicholas.

Ucinga ntoni ngoku kuthethwa ngaba bafana?

․․․․․

Izinto Ongamele Uzenze

Musa ukuba ngudlalani. Amabhinqa ayakwazi ukutsala amadoda. Oko anokukusebenzisela iinjongo ezintle okanye ezimbi. (Genesis 29:17, 18; IMizekeliso 7:6-23) Ukuba utsala nawuphi na umfana odibana naye, kuza kuthiwa ungudlalani.

Oko kuthethwa ngabafana: “Ukuhlala ecaleni kwentombazana ethandekayo nize niman’ ukugilana kunokuba yinto emnandi kumfana, ngoko mna ndicinga ukuba intombazana esoloko ikubamba xa ithetha nawe ingudlalani.”—UNicholas.

“Ndicinga ukuba intombazana esoloko ibambabamba iingalo zabafana edibana nabo okanye ikrwaqula nayiphi na indoda edlulayo ingudlalani yaye ndiyayicaphukela loo nto.”—UJosé.

Musa ukuba ngunonca. Xa isibini sitshata, iBhayibhile ithi ‘sinyama-nye.’ (Genesis 2:24) Ngoko, indoda nomfazi abasenayo inkululeko ababenayo ngoxa babengekatshati, bazinikele omnye komnye. (1 Korinte 7:32-34) Noko ke, into yokuba nisafundana ayithethi kuthi umfana umele azive enyanzelekile ukuba akuxelele yonke into, njengokuba kunjalo nakuwe. a Kodwa, ukuba umpha ithuba lokuba abe kunye nabanye abahlobo bakhe, uya kukuthanda ngakumbi. Xa umnika loo nkululeko, uya kuzibona ngokulula iimpawu zakhe.—IMizekeliso 20:11.

Oko kuthethwa ngabafana: “Ndicinga ukuba intombazana ingunonca xa isoloko ifun’ ukwazi yonk’ into endiyenzayo yaye ingasakwazi nokuba nabanye abahlobo okanye ukwenza ezinye izinto ngaphandle kwam.”—UDarren.

“Ndinokuthi intombazana ingunonca xa isithi singekabi nathuba lide singabahlobo ibe indibhalela ngefowuni indibuza ngabantu endihleli nabo, ngakumbi amantombazana.”—URyan.

“Intombazana engakuvumeliyo ukuba uchithe ixesha nabahlobo bakho abangabafana ize icaphuke xa ungasoloko uyimema ixhomekeke kakhulu kuwe yaye oko akuthandeki.”—UAdrian.

Ucinga ntoni ngoku kuthethwa ngaba bafana?

․․․․․

Zithande

Mhlawumbi wazi amantombazana athile anokwenza nantoni na ukuze ahoywe okanye athandwe ngumfana othile. Amanye anokude athobe imilinganiselo aphila ngayo ukuze athandane—okanye atshate. Noko ke, umgaqo othi “loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona” uyasebenza kule meko. (Galati 6:7-9) Ukuba akuzithandi yaye akuyixabisi nemilinganiselo ozama ukuphila ngayo uza kuba nomtsalane kubafana abangakuxabisanga wena nemilinganiselo yakho.

Eyona nyaniso yile, akunakuthandwa ngabo bonke abafana—yaye akunto imbi oko! Kodwa ukuba unyamekela ubuhle bakho bangaphandle nobangaphakathi, uya kuba ‘nexabiso elikhulu emehlweni kaThixo’—yaye uya kuthandwa ngumfana okufaneleyo.—1 Petros 3:4.

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Kuthekani ukuba ungumfana yaye uyazibuza, ‘Kutheni amantombazana engandithandi nje?’

[Umbhalo osemazantsi]

a Kakade ke, xa isibini sele siganene, asimele sifihlelane nto.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Umtsalane usenokuba yinkohliso, nobuhle busenokuba lilize; kodwa ngumfazi owoyika uYehova oya kudunyiswa.”—IMizekeliso 31:30.

ICEBISO

Musa ukutyabeka izithambiso ebusweni. Oko kunokubangela ukuba abantu bakucingele ngenye indlela—ukuba uyazidla okanye ufuna amehlo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukuba usoloko ufuna umfana ahoye wena wedwa, unokuluphelisa ulwalamano lwenu.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Uphawu endiza kuzama ukuluphucula ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Unokubonisa njani ukuba uyazihlonela iimbono neemvakalelo zomfana?

● Unokubonisa njani ukuba uyazithanda?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 190]

“Ndiyavuma kona ukuba ndiyawathanda amantombazana amahle xa ndiqala ukuwabona. Kodwa ikhawuleza iphele loo nto ukuba intombazana ayiyazi into eyifunayo ebomini. Kwelinye icala, ukuba iyayazi into ezimisele kuyo—ingakumbi ukuba sele izifikelele ezinye izinto ebifuna ukuziphumeza ebomini—iba nomtsalane.”—UDamien

[Umfanekiso okwiphepha 191]

Uthando nembeko zifana namavili ebhayisikile—zibaluleke zombini