Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Isahluko 28

Kutheni Amantombazana Engandithandi Nje?

Ndenza konke okusemandleni ukutsala ingqalelo yakhe. Ndimxelele yonk’ into ngam—izinto endinazo, iindawo endizihambileyo, nabantu endibaziyo. Umele ukuba ukufuna ngokwenene ukuthandana nam!

Ingathi umhlaba ungavuleka uze undiginye! Uthetha ukuba akaboni ukuba andinamdla kuye? Ndingayiphelisa njani le ncoko ngaphandle kokuba krwada?

UKHULE ngokwaneleyo ukuba uthandane. Ungathanda ukufumana umntu omthandayo noneenkolelo ezifanayo nezakho. (1 Korinte 7:39) Kodwa ke, ngaphambili, xa usiba nomdla kumntu othile, izinto bezingahambi kakuhle. Ibisiba yintoni ingxaki? Ngaba amantombazana anomdla kubafana abahle kuphela? Enye intombazana egama linguLisa ithi: “Mna ndithanda umfana onezoso.” Sekunjalo, inkoliso yamantombazana ifuna okungakumbi kunoko. UCarrie oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Maxa wambi abafana abahle abadli ngokuba neempawu ezintle.”

Ziziphi ezo mpawu? Ukuba unomdla kwintombazana ethile, ziintoni ofanele ucinge ngazo kuqala? Yaye yiyiphi imigaqo yeBhayibhile ofanele uyikhumbule?

Oko Ufanele Ukwenze Kuqala

Ngaphambi kokuba uthandane, kukho izinto ofanele uziqwalasele, yaye zona ziya kukunceda ukuba ube ngumhlobo wabantu bonke. Qwalasela oku kulandelayo.

Yiba nesimilo. IBhayibhile ithi uthando “aluziphathi ngokungandilisekanga.” (1 Korinte 13:5) Ukuba nesimilo kuthetha ukuba uyabahlonela abanye yaye uzabalazela ukuba nobuntu bukaKristu. Noko ke, ukuba nesimilo akufani nokunxiba isuti kuba ufuna ukutsala ingqalelo yabantu uze uyikhulule xa ufika ekhaya. Zibuze, ‘Ngaba ndiba nesimilo xa ndikunye namalungu entsapho yakowethu?’ Ukuba akunjalo, kuya kuba nzima ukuba nesimilo xa ukunye nabanye abantu. Khumbula ukuba, ukuze intombazana enengqiqo ifumanise uhlobo lomntu onguye, iza kubona indlela owaphatha ngayo amalungu entsapho yakowenu.—Efese 6:1, 2.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Ndiyamthanda umntu onesimilo, enoba usibonakalisa kwizinto ezincinane ezifana nokundivulela ucango, yaye ndiyamthanda nomntu onobubele kum nakwintsapho yasekhaya.”UTina.

“Andimthandi umntu othi ndiqala nje ukudibana naye abe endibuza imibuzo efana nothi ‘Uyathandana?’ nothi ‘Luyintoni usukelo lwakho?’ Kukuba krwada oko yaye kundenza ndingakhululeki!”—UKathy.

“Ndicinga ukuba abafana abasihloniphi xa bedlala ngathi kuba bengenaxesha lendlela esivakalelwa ngayo yaye becinga ukuba bayasisizela kuba sikufuna ngamandla ukutshata.”—UAlexis.

Zigcine ucocekile. Ukucoceka kuthetha ukuba akuhloneli kuphela abanye kodwa nawe uyazihlonela. (Mateyu 7:12) Ukuba uyazihlonela, kuya kuba lula ukuba nabanye bakuhlonele. Kwelinye icala, ukuba akuzikhathalelanga, amantombazana asenokungabi namdla kuwe.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Omnye umfana owayenomdla kum wayenuka umlomo. Ndandingakwazi ukumelana naloo nto.”—UKelly.

Hlakulela ubuchule bokuncokola. Kubalulekile ukuba nonxibelelwano oluhle ukuze ulwalamano lwenu luhlale luhleli. Oku akuthethi ukuncokola ngezinto onomdla kuzo nje kuphela, kodwa nezo anomdla kuzo umhlobo wakho. (Filipi 2:3, 4) Uyakuphulaphula oko akuthethayo uze uzixabise izimvo zakhe.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Ndiyamthanda umfana oncokola ngokukhululekileyo nongazilibaliyo izinto endimxelele zona aze andibuze nemibuzo eza kubangela ukuba incoko ingapheli.”—UChristine.

“Ndicinga ukuba abafana bathanda oko bakubonayo, kodwa amantombazana amaninzi athanda oko akuvayo.”—ULaura.

“Ndiyakuthanda ukufumana izipho. Kodwa eyona nto ndiyithanda ngokwenene emfaneni, kuxa ekwazi ukuncokola kakuhle, andithuthuzele aze andikhuthaze.”—UAmy.

“Omnye umfana endimaziyo unembeko yaye akabaqheli ngokugqithisileyo abantu besini esahlukileyo. Sinokuncokola nje kamnandi engakhange athi, ‘Unuka kamnandi’ okanye ‘Umhle namhlanje.’ Uyandiphulaphula xa ndithetha, yaye yiloo nto kanye ethandwa ngamantombazana.”—UBeth.

“Ndingakuvuyela ukuthandana nomntu othanda ukuqhula, kodwa ndikwazi nokuncokola izinto ezibhadlileyo naye, angazenzisi.”—UKelly.

Ungabi ngungantweni. IBhayibhile ithi: “Ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.” (Galati 6:5) Amantombazana akamthandi umfana ongahlaliyo emsebenzini kuba esonqena okanye ethanda ukudlala.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Akwaba abafana abaninzi bebezimisela xa besenza izinto. Abaniki mdla abafana abangoongantweni.”—UCarrie.

“Abanye abafana abanalo usukelo ebomini. Ukuba bathanda intombazana ethile, baye bayibuze ukuba ifuna ukwenza ntoni ebomini baze bathi yiloo nto kanye nabo abafuna ukuyenza. Kodwa izenzo zabo ziyakukhanyela oko.”—UBeth.

Ukusebenzisa la macebiso angasentla kuya kukunceda ukwazi ukuba nabahlobo. Noko ke, xa uziva ukuba ukulungele ukuthandana nentombazana ethile, yintoni ofanele uyenze?

Inyathelo Elilandelayo

Yixelele. Xa uvakalelwa kukuba umhlobo othile omthandayo unokuba liqabane elifanelekileyo lomtshato, mxelele. Mus’ ukuyifihla indlela ovakalelwa ngayo. Liyinyaniso elokuba oku kunokuba nzima kuba usoyika ukwaliwa. Kodwa ukumxelela indlela ovakalelwa ngayo kubonisa ukuba ukhulile. Nasi isilumkiso: Ekubeni oku kungathethi ukuba ufuna ukumtshata, yazi indlela omele uthethe ngayo. Kulumkele ukuthetha ngendlela eza kumoyikisa.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andikwazi ukukubona oko kusengqondweni yomntu. Ukuba umntu unomdla kum, ufanele angajikelezi, andixelele.”UNina.

“Kunokuba nzima oku, xa benisele ningabahlobo kangangexesha elithile. Kodwa ndingamhlonela umntu ondixelela ukuba unomdla wokuba singabi ngabahlobo nje.”—UHelen.

Sihlonele isigqibo sentombazana. Kuthekani ukuba umhlobo wakho akavumi? Uya kuba uyamhlonela xa umyeka, usazi ukuba uyayazi into ayifunayo yaye uhayi wakhe nguhayi. Uya kuba akukhulanga xa ungamyeki. Ngokwenene, ukuba akusihloneli isigqibo asenzileyo—mhlawumbi ude ube nomsindo kuba ekwalile—ngaba oko akubonisi ukuba ucinga ngesiqu sakho kuphela?—1 Korinte 13:11.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Iyandikruqula into yokuba umfana angafuni ukundiyeka nangona sele ndimalile.”—UColleen.

“Ndamchazela omnye umfana ukuba andinamdla kuye, kodwa waqhubeka efuna inombolo yam yefowuni. Ndandingafuni ukuba krwada. Ndiyaqonda ukuba kwakungelula ukuba achaze indlela avakalelwa ngayo. Kodwa ekugqibeleni kwafuneka ndibambelele kwisigqibo sam.”—USarah.

Oko Ungamele Ukwenze

Abanye abafana abaselula bavakalelwa kukuba abanangxaki yokufumana amantombazana. Banokude bakhuphisane noontanga babo befuna ukubona lowo uza kuvunywa ngamantombazana amaninzi. Kodwa ke, yinkohlakalo leyo yaye iya kukwenza udume kakubi. (IMizekeliso 20:11) Unokuyiphepha loo nto ukuba wenza oku kulandelayo.

Ungabi ngudlalani. Udlalani uyakhohlisa yaye unezimbo zomzimba ezivuselela inkanuko. Akanazinjongo zintle. Umntu onjalo akasithobeli isiluleko seBhayibhile sokuphatha ‘amabhinqa amancinane njengoodade wabo enobunyulu bonke.’ (1 Timoti 5:2) Kunzima ngodlalani ukuba nabahlobo nokuba abe liqabane elifanelekileyo lomtshato. Amantombazana aqolileyo ayakwazi oko.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andimthandi umntu obonisa umdla kuwe ube usazi ukuba wenze okufanayo nakumhlobo wakho kwinyanga nje ephelileyo.”—UHelen.

“Enye inzwana eyayindincwasile yayidla ngokuthetha ngesiqu sayo. Xa kwafika enye intombazana yathetha into efanayo. Kwandula ke kwafika nenye yesithathu, yaza yathetha okufanayo nakuyo. Ndandingayithandi loo nto!”—UTina.

Musa ukudlala ngeemvakalelo zayo. Ungacingi ukuba ulwalamano kunye nomntu wesini esahlukileyo luyafana nolomntu wesini esifanayo nesakho. Ngoba? Cinga ngoku: Xa uncoma omnye umfana kuba efanelwa yisuti yakhe entsha okanye usoloko uncokola naye uze uphalaze imbilini yakho, akanakucinga ukuba ufuna ukuthandana naye. Kodwa ukuba uncoma intombazana ethile okanye uhlala uncokola nayo uze uphalaze imbilini yakho, inokucinga ukuba unomdla kuyo.

Oko kuthethwa ngamantombazana: “Andiqondi ukuba abafana bayazi ukuba abanakuphatha amantombazana ngokufanayo nabanye abafana.”—USheryl.

“Maxa wambi kuyenzeka ukuba umfana othile afumane inombolo yam yefowuni, aze aqalise ukundibhalela. Yintoni kanye kanye ayifunayo? Ewe kona, sinokusondelelana, kodwa akukho nto ingako sinokuyincokola xa sibhalelana ngefowuni nje kuphela.”—UMallory.

“Andiqondi ukuba abafana bayazi ukuba kulula ngamantombazana ukuba abathande, ingakumbi xa benenkathalo yaye kulula ukuthetha nabo. Oku akuthethi kuthi kudala efuna ukutshata. Ntonje kungenxa yokuba amantombazana amaninzi ayakufuna ukutshata nomntu ofanelekileyo ngenye imini.”—UAlison.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 3

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Unokuwazi njani umahluko phakathi kothando nentabatheko?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Nambathe ubuntu obutsha obadalwa ngokokuthanda kukaThixo ngobulungisa bokwenyaniso nokunyaniseka.”—Efese 4:24.

ICEBISO

Khawubuze iqaqobana labantu abadala ngobuchule abacinga ukuba bubalulekile kumfana, uze ubone enoba ufanele usebenzele kubo kusini na.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Inkangeleko yangaphandle ayibalulekanga ngaphezu komntu onguye ngaphakathi.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Enye indlela endinokusiphucula ngayo isimilo sam ․․․․․

Ukuze ndiphucule indlela endincokola ngayo ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Unokubonisa njani ukuba uyazihlonela?

● Unokubonisa njani ukuba uyazihlonela iingcinga neemvakalelo zentombazana?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 198]

“Abafana bacinga ukuba ukuze bathandwe ngamantombazana bafanele banxibe okanye bakhangeleke ngendlela ethile. Nangona oku kunokuba yinyaniso ukusa kumkhamo othile, ndicinga ukuba amantombazana amaninzi atsaleleka kubafana ngenxa yobuntu babo.”—UKate

[Umfanekiso okwiphepha 197]

Ukuba nesimilo akufani nokunxiba isuti kuba ufuna ukutsala ingqalelo yabantu uze uyikhulule xa ufika ekhaya