Ndingayichaza Njani Imbono YeBhayibhile Ngobufanasini?
Isahluko 23
Ndingayichaza Njani Imbono YeBhayibhile Ngobufanasini?
Abantu abeze kwitheko batsho ngentswahla njengoko amabhinqa amabini adlala kumabonwakude encamisana! Abantu ababukeleyo bayothuka baze kamva bakuqhwabel’ izandla oku. Amafanasini akujonga oku njengoloyiso. Abagxeki bona bathi la mabhinqa athanda amehlo. Eso senzo siza kuvezwa ngokuphindaphindiweyo kwiindaba zikamabonwakude size sibonwe nazizigidi ngezigidi zabantu abasebenzisa i-“Internet” kangangeentsuku ezininzi.
NJENGOKO kuboniswe ngasentla, zimbalwa izinto eziba ngundaba-mlonyeni kunaxa umntu odumileyo esitsho phandle ukuba ulifanasini okanye ulala namadoda aphinde alale namabhinqa. Abanye abantu bathi loo mntu ukhaliphile; abanye
bathi unamanyala. Kanti abaninzi bathi ubufanasini yindlela nje eyahlukileyo yokuphila. UDaniel oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Xa ndandisafunda, nkqu nabantwana ababengengawo amafanasini babevakalelwa kukuba umntu ongawathandiyo amafanasini unekhethe yaye uzenza bhetele.”Indlela abantu abawajonga ngayo amafanasini inokwahluka ngokwezizukulwana okanye ngokweendawo. Kodwa amaKristu ‘akaphetshethwa yiyo yonke imimoya yeemfundiso.’ (Efese 4:14) Kunoko athobela oko kuthethwa yiBhayibhile.
Ithini iBhayibhile ngobufanasini? Ukuba uphila ngemigaqo yeBhayibhile, unokubaphendula njani abantu abakutyhola ngokuba nekhethe, ngokuzenza bhetele okanye ngokuthiya amafanasini? Makhe sihlolisise le mibuzo okanye inkcazelo kwakunye nendlela onokuyiphendula ngayo.
“Ithini iBhayibhile ngobufanasini?”
“IBhayibhile iyenza icace into yokuba uThixo wadala ukuba ibe yindoda nomfazi abatshatileyo kuphela ababelana ngesini. (Genesis 1:27, 28; Levitikus 18:22; IMizekeliso 5:18, 19) Xa iBhayibhile ithetha nxamnye nohenyuzo ibhekisela kubufanasini nokuba neentlobano zesini ezingavumelekanga.” a—Galati 5:19-21.
“Ubujonga njani ubufanasini?”
“Andiwacaphukeli amafanasini kodwa andivumelani kwaphela nendlela aziphethe ngayo.”
Khumbula: Ukuba uthobela imigaqo yeBhayibhile, leyo yindlela okhethe ukuphila ngayo yaye unelungelo lokwenjenjalo. Yoshuwa 24:15) Ungabi neentloni ngeembono zakho.—INdumiso 119:46.
(“Ngaba amaKristu akafanele ahloniphe bonke abantu kuquka namafanasini?”
“Ewe kunjalo. IBhayibhile ithi: ‘Bekani abantu bazo zonke iintlobo’ okanye ngokutsho kweBhayibhile yesiXhosa yowe-1996, ‘Hloniphani wonke umntu.’ (1 Petros 2:17) Ngoko ke, amaKristu akawathiyanga amafanasini. Abaphatha ngobubele bonke abantu, kuquka abo bangamafanasini.”—Mateyu 7:12.
“Ngaba indlela obujonga ngayo ubufanasini ayikhuthazi abanye ukuba bawathiye amafanasini?”
“Akunjalo. Eyona nto ndiyicaphukelayo bubufanasini kungekhona amafanasini.”
Unokongezelela uthi: “Ngokomzekelo mna ndikhethe ukungatshayi. Enyanisweni ndiyalenyanya icuba. Kodwa masithi wena ngokwahlukileyo kum uyatshaya. Bendingenakukucaphukela ngenxa yoko yaye ndiqinisekile nawe akunakundicaphukela ngenxa yendlela endikujonga ngayo ukutshaya—akunjalo? Kunjalo nakwindlela mna nawe esibujonga ngayo ubufanasini.”
“Ngaba uYesu akazange afundise ukuba sinyamezelane? Ukuba kunjalo, ngaba amaKristu akafanele abamkele ubufanasini?”
“UYesu akazange athi abalandeli bakhe bafanele bamkele zonke iindlela zokuphila. Kunoko, wafundisa ukuba ‘wonk’ ubani obonisa ukholo kuye’ uya kusindiswa. (Yohane 3:16) Ukubonisa ukholo kuYesu kuquka ukuthobela imilinganiselo kaThixo yokuziphatha, ezigatyayo ezinye iindlela zokuziphatha eziquka ubufanasini.”—Roma 1:26, 27.
“Amafanasini akanakuzitshintsha; kuba azalwa enjalo.”
“IBhayibhile ayimchazi oyena nobangela wokuba umntu abe lifanasini nangona ivuma ukuba ezinye izinto zendele ebantwini. (2 Korinte 10:4, 5) Enoba umntu utsaleleka kubantu besini esifana nesakhe, iBhayibhile yona ixelela amaKristu ukuba aziphephe izenzo zobufanasini.”
Icebiso: Kunokuba nibe niphikisana ngoonobangela benkanuko yobufanasini, gxininisa ukuba iBhayibhile iyabugatya ubufanasini. Unokwenza lo mzekelo: “Abantu abaninzi bathi kwabanye abantu ubundlobongela bukwimizila yemfuza, ngenxa yoko abakwazi kubuphepha. (IMizekeliso 29:22) Masithi bekunjalo ngokwenene. Mhlawumbi uyazi ukuba iBhayibhile iyakwalela ukugqajukelwa ngumsindo. (INdumiso 37:8; Efese 4:31) Ngaba loo nto ayikho ngqiqweni ngenxa yokuba kukho abantu abatyekele kubundlobongela?”
“Kutheni uThixo exelela umntu otsaleleke kwabo besini esifana nesabo ukuba aphephe ubufanasini? Ingathi yinkohlakalo noko le.”
“Ukuqiqa ngolo hlobo kusekelwe kwingcamango ephosakeleyo yokuba abantu bamele banelise nayiphi na iminqweno yesini abanayo. IBhayibhile ithi abantu banako ukuzoyisa iimvakalelo zesini ezingafanelekanga xa befuna.”—Kolose 3:5.
“Enoba akulofanasini, ufanele uyitshintshe indlela owajonga ngayo amafanasini.”
“Makhe sithi mna bendingakuthandi ukungcakaza ngoxa wena ukuthanda. Ngaba bekuya kuba sengqiqweni ukundinyanzela ukuba nditshintshe indlela endikujonga ngayo kuba abantu abaninzi bekhetha ukungcakaza?”
Khumbula: Amafanasini kwakunye nenkoliso yabantu aphila ngemigaqo ethile eyenza ukuba azicaphukele izinto ezifana nokuqhatha, ukucinezela abantu okanye imfazwe. IBhayibhile iyazalela izinto ezinjalo; kwakhona iyazigatya ezinye izenzo zesini, kuquka ubufanasini.—1 Korinte 6:9, 10.
IBhayibhile ayithi masenze izinto esingenakukwazi ukuzenza kwaye ayilikhuthazi ikhethe. Ekutshoyo nje kukuba abo batyekele kubufanasini nabo batsaleleka kubantu besini esahlukileyo bafanele ‘basabe kuhenyuzo.’—1 Korinte 6:18.
Inyaniso kukuba izigidi zabantu abatsaleleka kubantu besini esahlukileyo nabafuna ukuphila ngemilinganiselo yeBhayibhile ziyazeyisa nangona zihendwa. Phakathi kwazo kukho nabanye abangenathemba lokuba baya kuze batshate kwakunye nabo batshate namaqabane aneziphene angakwaziyo ukuba neentlobano zesini. Bonwabile nangona bengakwazi ukwanelisa iminqweno yabo yesini. Abo banotyekelo lobufanasini banokwenza okufanayo ukuba bafuna ukukholisa uThixo.—Duteronomi 30:19.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 28
Amanye amantombazana acinga ukuba aya kuthandwa kakhulu ngamakhwenkwe awo xa elala nawo. Akwenzeki oko! Yiva isizathu soko.
[Umbhalo osemazantsi]
a EBhayibhileni igama elithi “uhenyuzo” alibhekiseli kuphela kwiintlobano zesini kodwa likwabhekisela nakwizenzo ezinjengokuphulula ilungu lesini lomnye umntu, kwisini esenziwa emlonyeni okanye ezimpundu.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba asemhlabeni, uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini, umnqweno owenzakalisayo, nokubawa, okulunqulo-zithixo.”—Kolose 3:5.
ICEBISO
Nangona inokukukhathaza indlela abaziphethe ngayo abanye, kulumkele ukubonakala ngathi uzenza bhetele. Eneneni, banenkululeko yokuzikhethela oko bafuna ukukukholelwa, njengokuba nawe unayo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Wambi amaKristu enkulungwane yokuqala awayekade engamafanasini akwazi ukutshintsha iindlela zawo ezingacocekanga aza ‘ahlanjwa ahlambuluka’ emehlweni kaThixo.—1 Korinte 6:9-11.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuba umntu uthi imbono yeBhayibhile ngobufanasini ishiywe lixesha ndiza kuthi ․․․․․
Xa ndicacisa ukuba ndithiye ubufanasini kungekhona amafanasini—ndiza kuthi ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni uThixo enelungelo lokubabekela imithetho yokuziphatha abantu?
● Uzuza ntoni ngokuthobela imithetho yeBhayibhile yokuziphatha?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 170]
“Enye inkwenkwe esikolweni yayicinga ukuba ndinolunya ngokugatya indlela ephila ngayo. Kodwa ndathi ndakutsho ukuba andicaphukeli yona—yaza yaqonda ukuba asibobufanasini kuphela endingabufuniyo kodwa zizo zonke iintlobo zokuziphatha okubi—yaqalisa ukundihlonela nokuba ngakwicala lam xa abanye bengavumelani nam.”—UAubrey
[Ibhokisi ekwiphepha 168]
Kuthekani Ngokutsaleleka Kumadoda Nakumabhinqa?
Nangona oku kusenziwa ngamadoda namabhinqa, kubonakala ngathi kuya kuxhaphaka kumantombazana. Amanye afuna nje ukwazi. ULisa oneminyaka engama-26 ubudala uthi: “Xa kuvela umfanekiso wentombazana encamisa enye kwii-movie, kumabonwakude yaye kuculwa ngaloo nto, abakwishumi elivisayo baye bafune ukuyenza—ingakumbi xa bengaboni nto iphosakeleyo kuyo.”
Abanye baba nawo ngokwenene lo mnqweno. UVicky oneminyaka eli-13 ubudala uthi: “Ndadibana namantombazana amabini analo mnqweno kwelinye itheko, yaye kamva omnye umhlobo wam wandixelela ukuba la mantombazana ayandithanda. Ekugqibeleni ndandibhalelana nenye yawo ngefowuni, ibe ndaya ndiyithanda.”
Ngaba wakha wavakalelwa njengoVicky? Abanye basenokukukhuthaza ukuba ungayifihli into yokuba utsaleleke kumadoda namabhinqa. Noko ke, ufanele uqonde ukuba ukutsaleleka kubantu besini esifana nesakho kudla ngokuba yinto nje edlulayo. Wafumanisa loo nto uVicky. Ngokunjalo noLisette oneminyaka eli-16 ubudala. Uthi: “Into eyandincedayo kukuthetha nabazali bam ngeemvakalelo zam. Kanti, kwibhayoloji ndafunda ukuba xa ufikisa umlinganiselo wencindi yamadlala uyatshintshatshintsha. Eneneni ndicinga ukuba, ukuba ulutsha beluyazi kakuhle imizimba yalo, beluya kuyiqonda into yokuba ukuthanda abantu besini esifana nesakho kunokuba yinto nje yokwexeshana, yaye bebengenakuxinezeleka kangangokude babe ngamafanasini.”
Kwanokuba indlela ovakalelwa ngayo ibonakala ingeyontlungu nje edlulayo, qonda ukuba iBhayibhile ikubekela usukelo onokulufikelela: Unokukhetha ukungayanelisi iminqweno ephosakeleyo, enoba yeyantoni na.
[Umfanekiso okwiphepha 169]
AmaKristu akoyiki ukwahluka kubantu abaninzi