Ndinokuwoyisa Njani Umkhwa Wokuphulula Amalungu Esini?
Isahluko 25
Ndinokuwoyisa Njani Umkhwa Wokuphulula Amalungu Esini?
“Ndaqala ukuphulula amalungu esini xa ndandineminyaka esibhozo ubudala. Kamva ndafunda indlela akujonga ngayo uThixo oku. Ndandiba nesazela rhoqo xa ndisenza oku. Ndandidla ngokuzibuza, ‘UThixo unokumthanda njani umntu ofana nam?’”—ULuiz.
XA UFIKISA, iminqweno yokuba neentlobano zesini isenokukongamela. Ngenxa yoko, usenokuba nomkhwa wokuziphulula amalungu esini. a Abaninzi basenokuthi akukho nto imbi ngaloo nto. “Akukho mntu wenzakalayo.” Sekunjalo, kukho izizathu ezibalulekileyo ezibangela ukuba ungakwenzi oku. Umpostile uPawulos wathi: “Bhubhisani, ke ngoko, amalungu enu omzimba . . . inkanuko yesini.” (Kolose 3:5) Ukuziphulula amalungu esini akuyiphelisi inkanuko yesini kodwa kuyivuselela ngakumbi. Ukongezelela, khawuhlolisise oku:
● Ukuphulula amalungu esini kubangela ukuba umntu acinge ngesiqu sakhe kuphela. Ngokomzekelo, xa umntu ekwenza oku unikela ingqalelo ekwaneliseni iminqweno anayo.
● Ukuphulula amalungu esini kubangela ukuba umntu ajonge abesini esahlukileyo njengezixhobo nje ezingabalulekanga anokuzisebenzisela ukwanelisa iminqweno yakhe.
● Ukuzicingela okubangelwa kukuphulula amalungu esini
kunokwenza ukuba ubani anganeliseki xa esiba neentlobano zesini nomntu atshate naye.Kunokuba unikezele ekuphululeni amalungu esini ukuze uphelise umnqweno onawo, zama ukuzibamba. (1 Tesalonika 4:4, 5) Ukuze ukwazi ukuzibamba, iBhayibhile ithi ziphephe iimeko ezinokukuvuselela inkanuko. (IMizekeliso 5:8, 9) Kuthekani ukuba sele ulikhoboka lokuziphulula? Mhlawumbi uzamile ukwahlukana nako, kodwa watsho phantsi. Unokugqiba ngelithi uncamile akukwazi ukuphila ngemilinganiselo kaThixo. Leyo yindlela uPedro oselula awayevakalelwa ngayo. Uthi: “Xa ndandinikezela ndandiziva ndingungantweni. Ndandicinga ukuba andinakuze ndixolelwe ngoko ndikwenzileyo. Kwakunzima ukuthandaza.”
Ukuba leyo yindlela ovakalelwa ngayo, unganikezeli. Akungoncanyelweni. Abantu abaninzi abaselula—nabakhulileyo—baye bawoyisa lo mkhwa. Nawe unako!
Ukuphelisa Ukutyiwa Sisazela
Njengokuba sele sibonile, abo baphulula amalungu esini basoloko betyiwa sisazela. Ngokuqinisekileyo, ukuba ‘buhlungu ngendlela yobuthixo’ kuya kukukhuthaza ukuba uwoyise lo mkhwa. (2 Korinte 7:11) Kodwa xa isazela sikutya ngokugqithiseleyo unokuba sengozini. Unokudimazeka uze ufune ukunikezela ngokupheleleyo.—IMizekeliso 24:10.
Khawube nembono ephangaleleyo ngalo mbandela. Ukuphulula amalungu esini lolunye uhlobo lokungcola. Usenokuba ‘likhoboka leminqweno neziyolo ezahlukahlukeneyo,’ yaye oku kunempembelelo eyonakalisa ingqondo. (Tito 3:3) Kwangaxeshanye, ukuziphulula amalungu esini akusiso isono esinzulu sokuziphatha kakubi ngokwesini, njengokuba neentlobano zesini. (Yude 7) Ngaloo ndlela, ukuba unengxaki yokuphulula amalungu esini musa ukucinga ukuba wenze isono esingaxolelekiyo. Ukuze ukwazi ukuphumelela ufanele uwoyise lo mnqweno, unganikezeli!
Ngamanye amaxesha emva kokuba uye wanikezela, usenokudimazeka. Xa oko kusenzeka, khumbula amazwi akwiMizekeliso 24:16 athi: “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka; kodwa abangendawo baya kwenziwa bakhubeke ngentlekele.” Ukuwela esonweni akuthethi ukuba ungumntu ongendawo. Ngoko musa ukunikezela. Kunoko, zama ukufumanisa oko kubangele ukuba uwele esonweni kwakhona, uze ukuphephe.
Khawuziph’ ixesha uze ucamngce ngothando nenceba kaThixo. Umdumisi uDavide, naye owayenamaxesha okuba buthathaka, wathi: “Njengoyise obenzela inceba oonyana bakhe, uYehova ubenzele inceba abo bamoyikayo. Kuba yena uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” (INdumiso 103:13, 14) Kaloku, uYehova uyakwazi ukungafezeki kwethu kwaye usoloko ‘ekulungele ukusixolela’ xa sisona. (INdumiso 86:5) Kwelinye icala, ufuna senze umgudu wokuphucula. Ngoko unokwenza ntoni ukuze uwoyise lo mkhwa?
Khawuhlolisise indlela ozonwabisa ngayo. Ngaba ubukela iimovie okanye iinkqubo zikamabonwakude okanye uvula iiWeb sites ezivuselela inkanuko? Umdumisi wathandaza kuThixo esithi: “Dlulisa amehlo am angaboni oko kungento yanto.”Zama ukucinga ngezinye izinto. Omnye umKristu ogama linguWilliam uthi: “Ngaphambi kokuba ulale, funda izinto zokomoya. Kubaluleke ngokwenene ukuba ulale ucinga ngezinto zokomoya.”—Filipi 4:8.
Yiba nomntu othetha naye ngale ngxaki. Iintloni zinokukubangela ukuba ungakwazi ukuyithetha mntwini le
ngxaki. Sekunjalo, ukuyithetha kunokukunceda uyoyise. Wafumanisa oko omnye umKristu ogama linguDavid. Uthi: “Ndaya kuthetha notata ngasese. Andisokuze ndiyilibale into awayithethayo. Encumile wathi: ‘Ndiziva ndinelunda ngawe.’ Wayesazi ukuba kwakunzima kangakanani ukumchazela ngalo mba. Loo mazwi andomeleza.“Emva koko utata wandityhilela izibhalo ezimbalwa ezandinceda ndabona ukuba andikho ‘mbi kangako,’ nezandibonisa indlela ophosakele ngayo lo mkhwa. Wathi ndimele ndikhe ndiyeke ukwenza oko kangangexesha elithile, de siphinde siwuxubushe lo mbandela. Wathi ukuba iphinde yabuya loo nkanuko, mandingalahli ithemba, kodwa mandizame ngakumbi ukuzibamba.” UDavid ugqiba ngelithini? Uthi: “Kwandinceda ngokwenene ukuba nomntu oyaziyo ingxaki endikuyo nondincedayo.” c
Ukulala kunye kwabantu abangathandaniyo ngumbandela onzulu. Kutheni sisitsho nje?
[Imibhalo esemazantsi]
a Ukuphulula amalungu esini akumele kubhidaniswe naxa iimvakalelo zesini zisenza unothanda. Ngokomzekelo, inkwenkwe isenokuvuka ineemvakalelo zesini okanye ityekeze amadlozi ngoxa ibilele. Ngokufanayo, amanye amantombazana asenokuziva enezo mvakalelo ingakumbi ngaphambi okanye emva kokuba sexesheni. Ngokwahlukileyo koko, ukuphulula amalungu esini kukuvuselela inkanuko yesini ngabom.
b Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, iSahluko 33.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda uMqulu 2, kwiphepha 239-241.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Zisabe iinkanuko zobutsha, uphuthume ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo, kunye nabo babiza eNkosini ngentliziyo ehlambulukileyo.”—2 Timoti 2:22.
ICEBISO
Thandaza ngaphambi kokuba iminqweno ikongamele. Cela uYehova uThixo akuphe “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ukuze woyise eso silingo.—2 Korinte 4:7.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Nawuphi na umntu obuthathaka unokunikezela kwiminqweno yesini. Kodwa indoda okanye ibhinqa elinyanisekileyo liyazibamba naxa likwindawo engenabantu.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ndinokuhlala ndicinga ngezinto ezinyulu ukuba ․․․․․
Endaweni yokuba ndiyekele kumnqweno endinawo, ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni kubalulekile ukwazi ukuba uYehova “ukulungele ukuxolela”?—INdumiso 86:5.
● Ekubeni uThixo, owadala iminqweno yesini esithi ufanele uzeyise, ngaba oku akubonisi ukuba uyazi ukuba ungakwazi?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 182]
“Emva kokuba ndiyoyisile le ngxaki, ndiye ndanesazela esicocekileyo phambi koYehova, yaye ayikho into ebaluleke ukodlula leyo kum!”—USarah
[Umfanekiso okwiphepha 180]
Ukuba uthe ubaleka wawa, oko akuthethi kuthi umele uye kuqala ekuqaleni—nokubuyela kumkhwa wokuphulula amalungu esini, akuthethi kuthi unguncanyelweni