Ngaba Sikulungele Ngokwenene Ukutshata?
Isahluko 30
Ngaba Sikulungele Ngokwenene Ukutshata?
Sele umfumene umntu ofuna ukutshata naye, yaye sele kulithuba nithandana kangangokuba ngoku uqinisekile ukuba uyamthanda. Uyavuya kuba uza kutshata. Ngaba kunjalo? Njengoko uza kwenza esinye sezona zigqibo zibalulekileyo ebomini, uyazibuza enoba ukulungele ngokwenene na ukutshata.
Ngaba sikulungele ngokwenene ukutshata?
KUYINTO eqhelekileyo ukungaqiniseki ngomtshato—kwanaxa uthandana. Ekubeni abantu abaninzi bengonwabanga emtshatweni yaye kuxhaphake noqhawulo-mtshato,
siyaqondakala isizathu sokuba ufune ukuyihamba ngobulumko le ndlela isinge emtshatweni. Unokwazi njani ukuba ukulungele ukutshata? Ngoku kuza kufuneka uyeke amaphupha obunawo ngomtshato uze ucinge ngoko ukuko ngokwenene. Ngokomzekelo:IPHUPHA 1 “Singakwazi ukuphila kunye xa sithandana.”
Inyaniso: Uthando alunakuwahlawula amatyala okanye luphelise intlupheko. Abaphengululi baye bafumanisa ukuba eyona nto ibangela iingxaki zomtshato neziphelela kuqhawulo-mtshato yimali. Ukungabi nambono ilungeleleneyo ngomtshato kunokulonakalisa ulwalamano lwakho noYehova kuze kwenzakalise iimvakalelo zakho, kuchaphazele nolwalamano onalo neqabane lakho. (1 Timoti 6:9, 10) Yintoni onokuyifunda koku? Xubushani indlela eniza kuyisebenzisa ngayo imali ngaphambi kokuba nitshate!
IBhayibhile ithi: “Ngubani na kuni othi efuna ukwakha inqaba angahlali phantsi kuqala, abale indleko.”—Luka 14:28.
Icebiso: Thethani ngezinto eniza kuzenza ngemali ngaphambi kokuba nitshate. (IMizekeliso 13:10) Cingani ngemibuzo efana nale: Siza kuyiqingqa njani imali esiyamkelayo? Ngaba mntu ngamnye uza kuba neakhawunti yakhe yebhanki okanye siza kusebenzisa iakhawunti enye? Nguwuphi kuthi oza kugcina ingxelo yendlela esetyenziswa ngayo imali noza kuqiniseka ukuba amatyala ayahlawulwa? a Ngamnye kuthi unokusebenzisa imali engakanani engakhange amchazele omnye? Kufuneka niqalise kwangoku ukusebenzisana!—INtshumayeli 4:9, 10.
IPHUPHA 2 “Siza kuba sisibini esifanelanayo kuba sibona ngasonye—asikhe siphikisane!”
Inyaniso: Ukuba anikhe niphikisane, mhlawumbi Roma 3:23; Yakobi 3:2) Nimele ningacingi nje kuphela ngendlela enivumelana ngayo ngezinto kodwa noko niza kukwenza xa ningavumelani. Xa abantu ababini bemanyene ngokwenene bayakwazi ukubona izinto abangavisisani kuzo baze bazicombulule ngoxolo nangendlela ebonisa ukuba baqolile.
kungenxa yokuba niyakwazi ukuphepha izinto ezinokunixabanisa. Kodwa xa nitshatile kuza kunyanzeleka nixubushe ngezo zinto! Inyaniso kukuba, abantu ababini abangafezekanga abasoze bavumelane ngayo yonke into. (IBhayibhile ithi: “Musani ukude niye kulala niqumbelene.”—Efese 4:26, ngokweContemporary English Version.
Icebiso: Cingisisa ngendlela oye wazicombulula ngayo izinto ezinixabanisa nabazali kunye nabantwana bakowenu. Yenza isicangca esifana neso sikwiphepha 93 sale ncwadi okanye kwiphepha 221 kuMqulu 2. Bhala izinto eziye zanixabanisa, indlela osabele ngayo nendlela obumele ukuba usabele ngayo. Ngokomzekelo, ukuba uye waba nomsindo waza wambhakraza ucango lwegumbi lakho, bhala indlela efanelekileyo obumele ukuba usabele ngayo—leyo eya kubangela ukuba nicombulule ingxaki kunokuba ihambele phambili. Ukuba uyakwazi ukusabela ngendlela efanelekileyo kwingxabano, uya konwaba emtshatweni.
IPHUPHA 3 “Ndakutshata, iya kwaneliswa yonke iminqweno yam yesini.”
Inyaniso: Ukutshata akuthethi ukuba uya kufumana ‘isini 1 Korinte 10:24) Isibakala kukuba, kubalulekile ukuba ukwazi ukuzibamba enoba utshatile okanye akutshatanga.—Galati 5:22, 23.
nanini na ufuna.’ Khumbula ukuba, iqabane lakho nalo lingumntu oneemvakalelo, yaye kufuneka ulicingele. Ngeliphandle, kuya kubakho amaxesha axa lingenamdla kwisini. Umtshato akukuniki lungelo lokuba unyanzelise ukuba iminqweno yakho yaneliswe. (IBhayibhile ithi: “Ngamnye wenu akwazi ukusizuza esakhe isitya ngobungcwalisa nembeko, kungekhona ngenkanuko yesini.”—1 Tesalonika 4:4, 5.
Icebiso: Hlolisisa iminqweno oba nayo yesini nezinto ozenzayo xa nezo mvakalelo, uze ucinge ngendlela enokubuchaphazela ngayo umtshato wenu. Ngokomzekelo, ngaba ulikhoboka lokuziphulula amalungu esini? Ngaba unomkhwa wokubukela imifanekiso engamanyala? Ngaba uba neemvakalelo ezingafanelekanga xa ubona umntu wesini esahlukileyo? Zibuze, ‘Ukuba andikwazi ukuzibamba ngoku ndingekatshati, ndiza kwazi njani xa sele nditshatile?’ (Mateyu 5:27, 28) Nantsi eminye imibuzo ofanele uzibuze yona: Ngaba waziwa njengodlalani? Ukuba kunjalo, uya kumelana njani nalo mkhwa emva kokuba utshatile, xa kufuneka unyaniseke kwiqabane lakho?—IMizekeliso 5:15-17.
IPHUPHA 4 “Ndiza konwaba xa nditshatile.”
Inyaniso: Xa umntu engonwabanga engekatshati udla ngokungonwabi nasemtshatweni. Kutheni sisitsho nje? Ngenxa yokuba umntu akonwatyiswa ziimeko akuzo kodwa sisimo sengqondo anaso. (IMizekeliso 15:15) Abo badla ngokungazonwabeli izinto abazifumanayo ebomini bathanda ukunikela ingqalelo kwizinto abangazifumaniyo emtshatweni kunezo bazinandiphayo. Okona kubalulekileyo kukuba umntu abe nesimo sengqondo esifanelekileyo ngoxa engekatshati. Ngoko xa utshatile, uya kuba lulutho kuwe nakwiqabane lakho.
IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukwaneliseka yiloo nto unayo kunokuba usoloko ufuna into ongenayo.”—INtshumayeli 6:9, ngokweToday’s English Version.
Icebiso: Maxa wambi isimo sengqondo esingafanelekanga sibangelwa kukulindela izinto ezingekho ngqiqweni. Bhala ephepheni izinto ezimbini okanye ezintathu ozilindeleyo emtshatweni. Zifunde, uze uzibuze: ‘Ngaba izinto endizilindeleyo emtshatweni liphupha nje okanye zezokwenene? Ngaba ndiphenjelelwa ngamajelo eendaba, mhlawumbi ziimovie
okanye iincwadi zothando? Ngaba izinto endizilindeleyo zisekelwe kwizinto eziya kuba yingenelo kum—mhlawumbi ukuphelisa ubulolo endinabo, ukwanelisa iminqweno yam yesini, ukwenza abahlobo bam bandihlonele?’ Ukuba kunjalo, yeka ukucinga ngesiqu sakho kodwa cinga nangeqabane lakho. Ukuze ukwazi ukukwenza oku, bhala izinto ezimbini okanye ezintathu ozilindele kuwe nakumntu oza kutshata naye.La maphupha omtshato anokwenza ungonwabi emtshatweni. Ngoko zama ukulibala ngawo uze ucinge ngezinto eziyinene. Umbandela okwiphepha lama-216 nelama-217 unokukunceda wena nalowo uza kutshata naye njengoko nikhangele phambili kulonwabo lomtshato!—Duteronomi 24:5; IMizekeliso 5:18.
Ukwahlukana nomntu omthandayo kufana nokufelwa. Unokuhlangabezana njani nako?
[Umbhalo osemazantsi]
a IMizekeliso 31:10-28 ithetha ‘ngomfazi ofanelekileyo’ onyamekela iimbopheleleko ezinzima esetyenziswa kuzo imali yentsapho. Funda indinyana 13, 14, 16, 18 neyama-24.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.”—Genesis 2:24.
ICEBISO
Ncokola nesibini esisele sikhulile, ucele icebiso esinokulinika isibini esisandul’ ukutshata ngendlela esinokuphumelela ngayo emtshatweni.—IMizekeliso 27:17.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abantu abaphumelelayo emtshatweni bangabahlobo, bancokola ngendlela efanelekileyo, bayakwazi ukucombulula iingxabano, yaye bajonga ulwalamano lwabo njengoluya kuhlala luhleli.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Nalu uphawu endiza kusebenzela kulo ukuze sivane neqabane endiza kutshata nalo ․․․․․
Oko ndiceba ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kwamanye amazwe, imitshato emininzi iyaqhawuka. Ucinga ukuba siyintoni isizathu?
● Ziyintoni iingozi zokutshata nje kuba ungonwabanga ekhaya?
● Kutheni kubalulekile ukuthobela imigaqo yeBhayibhile xa utshatile?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 220]
“Umtshato lelona nyathelo libalulekileyo. Ngoko kubalulekile ukwazi kungekhona oko uzifaka kuko kodwa naloo mntu uza kutshata naye.”—UAudra.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 216, 217]
Isalathiso Samaphepha
Ngaba Ukulungele Ukutshata?
Khawuqwalasele le mibuzo ekumaphepha amabini alandelayo. La maphepha unokuwaxubusha nalowo uza kutshata naye. Qinisekani ukuba niyazifunda izibhalo ezicatshulweyo.
Imali
□ Uyijonga njani imali?—Hebhere 13:5, 6.
□ Ubonisa njani ukuba uyisebenzisa kakuhle imali?—Mateyu 6:19-21.
□ Ngaba unamatyala? Ukuba kunjalo, yintoni oyenzayo ukuze ukwazi ukuwahlawula?—IMizekeliso 22:7.
□ Uya kuxabisa malini umtshato wakho? Ukuba uza kuba namatyala, ucinga ukuba ngangakanani onokukwazi ukuwahlawula?—Luka 14:28.
□ Emva kokuba nitshatile, ngaba niza kusebenza nobabini? Ukuba kunjalo, niza kuzicwangcisa njani izinto enifuna ukuzenza nezibandakanya izithuthi eniza kuzisebenzisa?—IMizekeliso 15:22.
□ Niza kuhlala phi? Yimalini eniza kuyihlawulela irenti, ukutya, impahla nezinye iindleko, yaye niza kuzihlawula njani?—IMizekeliso 24:27.
Intsapho
□ Ngaba uyavana nabazali nabantwana bakowenu?—Eksodus 20:12; Roma 12:18.
□ Uzicombulula njani iingxaki ekhaya?—Kolose 3:13.
□ Ukuba uyintombazana, uwubonisa njani ‘umoya ozolileyo nowobulali’?—1 Petros 3:4.
□ Ngaba ufuna ukuba nabantwana? (INdumiso 127:3) Ukuba akunjalo, yintoni oza kuyisebenzisa eza kuthintela inzala?
□ Ukuba ungumfana, uza kuyikhokela njani intsapho yakho kwizinto zokomoya?—Mateyu 5:3.
Ubuntu Bakho
□ Ziziphi iindlela oye wabonisa ngazo ukuba ukhuthele?—IMizekeliso 6:9-11; 31:17, 19, 21, 22, 27.
□ Uwubonise njani umoya wokuzincama?—Filipi 2:4.
□ Ukuba ungumfana, ziziphi izinto ezibonisa ukuba unokusebenzisa igunya ngendlela yobuKristu?—Efese 5:25, 28, 29.
□ Ukuba uyintombazana, ziziphi izinto ezibonisa ukuba uyakwazi ukuzithoba kwigunya?—Efese 5:22-24.
[Umfanekiso okwiphepha 219]
Musa ukungena emtshatweni ungenalwazi luphangaleleyo ngawo