Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ndilikhoboka Lezinto Ze-Elektroniki?

Ngaba Ndilikhoboka Lezinto Ze-Elektroniki?

Isahluko 36

Ngaba Ndilikhoboka Lezinto Ze-Elektroniki?

“Ndikuthanda gqitha ukubhalela abanye ngefowuni. Ndicinga ukuba yeyona nto ibhetele kwezakha zakho. Andikwazi ukuphila ngaphandle kwako.”—UAlan.

XA ABAZALI bakho babeselula, umabonwakude nonomathotholo yayizezona zinto ze-elektroniki zazisetyenziswa. Ngaloo maxesha, ifowuni yayiyinto nje yokuthetha nabanye abantu ekwakufuneka iplagi yayo ibe seludongeni. Ngaba oko kuvakala ikukudla ngendeb’ endala? Koko kanye kutshiwo yintombazana ekuthiwa nguAnna. Uthi: “Xa babesakhula, abazali bam babengaphuphi nokuphupha ngezinto ezifana neeselfowuni. Ngoku kungona befunda indlela yokuzisebenzisa.”

Namhlanje, uyakwazi ukufowuna, udlale umculo, ubukele inkqubo ethile, udlale imidlalo yekhompyutha, uthumele abahlobo bakho iemail, ufote, usebenzise i-Internet, ngesixhobo nje esinye okwaziyo ukusifaka epokothweni. Ngenxa yokuba ukhule kukho iikhompyutha, iiselfowuni, oomabonwakude ne-Internet, usenokungaboni ngxaki ngokuchitha ixesha elininzi kuzo. Kodwa bona abazali bakho basenokuvakalelwa kukuba ulikhoboka lazo. Ukuba bathetha nawe ngale nto, musa ukukhawuleza uthi badla ngendeb’ endala. UKumkani uSolomon owayesisilumko wathi: “Ukuba nabani na uphendula umbandela ngaphambi kokuwuva, bubudenge obo kuye nokuthotywa.”—IMizekeliso 18:13.

Ngaba ukhe uzibuze isizathu sokuba abazali bakho baxhalabe? Khawukhe uzihlole ngoku kubhalwe ngezantsi uze ubone enoba akulilo kusini na ikhoboka lezinto ze-elektroniki.

Zihlole—‘Ngaba Ndilikhoboka?’

Enye intyilalwazi ithi ukuba likhoboka lento ethile kuthetha “ukusoloko uyenza uze ungafuni okanye ungakwazi ukwahlukana nayo enoba iyingozi kangakanani na kuwe.” Khawuqwalasele apha ngezantsi indlela okuchazwe ngayo ukuba likhoboka. Funda izinto ezithethwe ngabantu abacatshulweyo uze ubone enoba akukhange uthethe okanye wenze okufanayo kusini na. Emva koko zibhale phantsi iimpendulo zakho.

Ukungakwazi ukwahlukana nazo. “Ndandidla ngokuchitha iiyure ndidlala imidlalo ye-elektroniki. Ndandingalali yaye kwakukuphela kwento endandithetha ngayo. Ndandiyinkom’ edla yodwa ibe ndandisoloko ndicinga ngale midlalo.”—UAndrew.

Ucinga ukuba lingakanani ixesha umntu afanele alichithe esebenzisa izinto ze-elektroniki? ․․․․․

Abazali bakho bona bacinga ukuba ufanele uchithe ixesha elingakanani? ․․․․․

Uchitha ixesha elingakanani ngosuku ubhalela abantu ngefowuni, ubukele umabonwakude, ufaka iifoto, uthetha nabantu kwi-Internet okanye udlala imidlalo yekhompyutha nezinye izinto? ․․․․․

Ngaba iimpendulo zakho ezingasentla azibonisi ukuba uzisebenzisa ngendlela egqith’ emgceni izinto ze-elektroniki?

□ Ewe □ Hayi

Akukwazi okanye akufuni ukwahlukana nazo. “Xa abazali bam bendibona ndisoloko ndibhalela abantu ngefowuni baye bathi ndichitha ixesha elininzi kuyo. Kodwa xa ndizithelekisa nabanye oontanga bam, kuba ngathi andiyisebenzisi konke konke ifowuni. Ewe kona ndisebenzisa ifowuni ngaphezu kwabazali bam. Kodwa oku kufana nokuthelekisa ama-apile neeorenji—kaloku bona bakwiminyaka engama-40 ngoxa mna ndineminyaka eli-15 ubudala.”—UAlan.

Ngaba abazali okanye abahlobo bakho bathi uchitha ixesha elininzi usebenzisa izinto ze-elektroniki?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba akukwazi okanye akufuni ukulawula indlela ozisebenzisa ngayo izinto ze-elektroniki?

□ Ewe □ Hayi

Imiphumo eyingozi. “Abahlobo bam basoloko besebenzisa iselfowuni, naxa beqhuba. Iyingozi kakhulu loo nto!”—UJulie.

“Ukuqala kwam ukuba neselfowuni ndandisoloko ndifowuna okanye ndibhalela abantu ngayo. Yayingekho enye into endandiyenza. Loo nto yandixabanisa nentsapho kunye nabanye abahlobo bam. Ngoku ndiphawula ukuba xa ndikunye nabahlobo bam basoloko bephazamisa incoko ngokuthi: ‘Khawume kancinci khe ndiphendule lo mntu.’ Yiloo nto ebangela ukuba singavani.”—UShirley.

Ngaba ukhe ufunde okanye uthumele imiyalezo ngefowuni ngoxa uqhuba, useklasini okanye usezintlanganisweni?

□ Ewe □ Hayi

Xa uncokola nentsapho okanye abahlobo bakho, ngaba usoloko uphazamis’ incoko ngokuphendula i-email, ifowuni okanye ngokubhalela abantu ngefowuni?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba izinto ze-elektroniki zikwenza ungalali okanye ungakwazi nokufunda?

□ Ewe □ Hayi

Ngaba ubona kuyimfuneko ukwenza utshintsho? Ukuba kunjalo, khawuhlolisise la macebiso alandelayo.

Indlela Efanelekileyo Yokuzisebenzisa

Ukuba usebenzisa enye yezinto ze-elektroniki—enoba yikhompyutha, iselfowuni, okanye ezinye—khawuzibuze le mibuzo mine ingezantsi. Ukusebenzisa icebiso leBhayibhile nokulandela imigaqo ethile kuya kukunceda ukwazi ukuzisebenzisa kakuhle.

Yintoni oncokola ngayo? “Hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso, nezizezenkxalabo enzulu, nezibubulungisa, nezinyulu, nezithandekayo, nekuthethwa kakuhle ngazo, nezinesidima, nezincomekayo.”—Filipi 4:8.

✔ Nxibelelana nabahlobo nentsapho uze uncokole ngezinto ezakhayo.—IMizekeliso 25:25; Efese 4:29.

X Musa ukusasaza intlebendwane, ukubhala nokuthumela iifoto ezingcolileyo okanye ukubukela iividiyo neenkqubo ezingamanyala.—Kolose 3:5; 1 Petros 4:15.

Ndizisebenzisa nini? “Yonke into inexesha layo elimisiweyo.”—INtshumayeli 3:1.

✔ Zibekele ixesha oza kulichitha ubhalela abanye ngefowuni, ubukele iinkqubo ezithile okanye udlala imidlalo yekhompyutha.

X Musa ukuvumela izinto ze-elektroniki ukuba ziphazamise ixesha obuza kulichitha nabahlobo kunye nentsapho, elokufunda okanye elokwenza izinto zokomoya.—Efese 5:15-17; Filipi 2:4.

Ngoobani endincokola nabo? “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.”—1 Korinte 15:33.

✔ Sebenzisa izinto ze-elektroniki ukuze uqinise ubuhlobo kunye nabantu abakukhuthaza ukuba wenze izinto ezintle.—IMizekeliso 22:17.

X Musa ukuziqhatha. Nawe uya kuphila, uthethe okanye ucinge njengabantu oncokola nabo nge-e-mail, ngefowuni, kumabonwakude, kwiividiyo okanye kwi-Internet.—IMizekeliso 13:20.

Ndichitha ixesha elingakanani kuzo? “Niqiniseke ngezinto ezibaluleke ngakumbi.”—Filipi 1:10.

✔ Libhale ixesha olichitha kwizinto ze-elektroniki.

X Musa ukungabahoyi abahlobo okanye abazali bakho xa besithi uchitha ixesha elininzi usebenzisa izinto ze-elektroniki.—IMizekeliso 26:12.

Ethetha ngokuzisebenzisa kakuhle izinto ze-elektroniki, uAndrew ocatshulwe ngaphambili uthi: “Kumnandi ukusebenzisa izinto ze-elektroniki, kodwa obo bumnandi buyaphela. Ndiye ndafunda ukungazivumeli izinto zale mihla ukuba zindahlukanise nentsapho nabahlobo bam.”

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 30

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Yintoni onokuyenza ukuze abazali bakho bakuvumele wonwabe?

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Musa ukuba sisilumko kwawakho amehlo. Yoyika uYehova, usuke ebubini.”—IMizekeliso 3:7.

ICEBISO

Ukuze uyilawule indlela oyisebenzisa ngayo ifowuni, xelela abahlobo bakho ukuba kukho amathuba apho ungazukuziphendula ngoko nangoko izinto abakubhalela zona, iie-mail zabo naxa bekufowunela.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Nayiphi na imifanekiso okanye izinto ozibhalayo ngawe kwiWeb site namhlanje zisenokubonwa ngabantu abasenokukuqesha zize zibonwe nangabanye abantu kwiminyaka emininzi ezayo.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuba ndinengxaki yokusebenzisa ․․․․․, ndiza kuzimisela ukuchitha ․․․․․ kuphela ngeveki kuyo.

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni usenokungaziboni ukuba ulikhoboka lezinto ze-elektroniki?

● Yintoni enokwenzeka ukuba akukwazi ukuyilawula indlela ozisebenzisa ngayo izinto ze-elektroniki?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 262]

“Zininzi izinto ezandinceda ndayeka ukuba likhoboka likamabonwakude. Ndazama ngamandla ukunciphisa ixesha endimbukela ngalo. Ndandisoloko ndixelela umama ngengxaki endinayo yaye ndithandaza kakhulu.”—UKathleen

[Umfanekiso okwiphepha 263]

Ngaba izinto ze-elektroniki ziyakulawula?