Kutheni Ndifanele Ndinyamekele Impilo Yam?
Isahluko 10
Kutheni Ndifanele Ndinyamekele Impilo Yam?
Faka olu phawu ✔ ecaleni kwezinto ofuna ukuzenza.
□ Ukunciphisa uxinezeleko
□ Ukungabi nomsindo okhawulezayo
□ Ukuzithemba
□ Ukuba ngumntu ophaphileyo
□ Ukudlamka
□ Ukuphucula indlela olukhangeleka ngayo ulusu lwakho
□ Ukunciphisa umzimba
KUKHO izinto ezithile ebomini ongazikhetheliyo—abazali bakho, abantwana bakowenu, indawo ohlala kuyo, nezinye izinto. Kodwa izinto ziyahluka xa kufikwa empilweni. Nakuba imfuza isenokuba negalelo, a
ukuba sempilweni kuxhomekeka kwindlela okhetha ukuphila ngayo.Usenokuthi: ‘Ndimncinane kakhulu ukuba ndingabe ndizikhathaza ngempilo!’ Ngaba nyhani kunjalo? Khawujonge izinto onokuzenza kwiphepha 71. Zingaphi osele ukhethe ukuzenza? Uthanda ungathandi, ukuba sempilweni kubalulekile ukuze ukwazi ukwenza ezi zinto.
Kusenokwenzeka ukuba uvakalelwa njengoAmber oneminyaka eli-17 ubudala othi: “Mna andisoze ndihlalel’ ukutyana nengqolowa nokutya okungenamafutha nokungenaswekile!” Ukuba leyo yindlela ovakalelwa ngayo, ungakhathazeki—akuthethwa ukuba yeka ukutya iilekese okanye baleka imigama emide veki nganye ukuze ube sempilweni. Kona zikho izinto onokuzenza ukuze uphucule indlela okhangeleka ngayo, ovakalelwa ngayo uze udlamke. Makhe sibone ukuba abanye abantu abaselula bakwenze njani oku.
Yitya Kakuhle Ukuze Uphucule Inkangeleko Yakho!
IBhayibhile ikhuthaza ukuba sibe ngcathu kwindlela esizenza ngayo izinto. IMizekeliso 23:20 ithi: ‘Musa ukuba lidla-kudla.’ Akusoloko kulula ukuthobela eli cebiso.
“Njengabanye abantwana abafikisayo ndisoloko ndilambile. Abazali bam badla ngokuthi xa ndisitya ndigalela engxoweni evuzayo!”—UAndrew, oneminyaka eli-15 ubudala.
“Kuba ndingekawuboni umonakalo obangelwa kukutya endikutyayo andiboni nto imbi ngako.”—UDanielle, oneminyaka eli-19 ubudala.
Ngaba kufuneka uyilawule indlela otya ngayo? Nazi ezinye izinto abathi abanye abantu abaselula ziyabanceda.
Musa ukutya xa uhluthi.
UJulia oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndandixhomekeka kwiikilojoules ukuze ndibone ubungakanani bokutya endikutyayo kodwa ngoku ndithi ndakuhlutha ndiyeke.”Kuphephe ukutya okungenasondlo. UPeter, oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Xa ndayeka ukusela iziselo ezihlwahlwazayo, ndehla ngeekhilogram ezintlanu kwinyanga nje enye!”
Yitshintshe indlela otya ngayo. UErin, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ndiye ndizame ukungakuphindi ukutya xa sele ndityile.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Musa ukuqakatha izidlo! Ukuba wenza loo nto uza kulamba uze utye kakhulu.
Yenza Umthambo Uze Uzive Uhlaziyekile!
IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo.” (1 Timoti 4:8) Sekunjalo, bambalwa kakhulu abantu abaselula abafuna ukwenza umthambo.
“Akunakukholwa xa ndikuxelela ukuba bangaphi abantwana abangazange baphumelele kwiklasi yokwenza umthambo. Yayiyeyona klasi ilula, ifana nje nokutya isidlo sasemini!”—URichard, oneminyaka engama-21 ubudala.
“Abanye bacinga ngale ndlela, ‘Andinasizathu sokuba ndibe ndibaleka nditshiswa lilanga, ndibile ndize ndidinwe ekubeni ndinako ukudlala nje umdlalo wevidiyo ndize ndizenze omnye umntu obalekayo.’”—URuth, oneminyaka engama-22 ubudala.
Ngaba udinwa kwaligama nje elithi “umthambo”? Ukuba kunjalo, nazi iingenelo ezintathu zokwenza umthambo rhoqo.
Ingenelo #1. Ukwenza umthambo kuyenza isebenze kakuhle inkqubo yomzimba yokuzikhusela. URachel oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Utata wayedla ngokuthi, ‘Ukuba akunalo ixesha lokwenza umthambo, uza kugula.’”
Ingenelo #2. Ukwenza umthambo kuvelisa imichiza yobuchopho ekwenza uzole. UEmily oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ukubaleka kundiphumza ingqondo. Ndiyahlaziyeka emzimbeni nangokweemvakalelo.”
Ingenelo #3. Ukwenza umthambo kunokukwenza wonwabe. URuth oneminyaka engama-22 ubudala uthi: “Ndiyakuthanda ukubethwa ngumoya, ngenxa yoko, xa ndisenza umthambo ndihamba imigama emide, ndiqubhe, ndityibilike ekhephini, ndikhwele nebhayisekile.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Yenza uhlobo oluthile lomthambo oluthandayo kangangemizuzu nje engama-20 kathathu ngeveki.
Lala Ngokwaneleyo Ukuze Ukwazi Ukusebenza Kakuhle!
IBhayibhile ithi: “Kulunge ngakumbi ukuzalisa isandla ngokuphumla kunokuzalisa izandla zozibini ngomsebenzi onzima ngokusukelana nomoya.” (INtshumayeli 4:6) Akunakukwazi ukusebenza kakuhle ungakhange ulale ngokwaneleyo!
“Ukuba andikhange ndilale ngokwaneleyo ingqondo yam ayisebenzi kakuhle. Ndiba nengxaki yokungakwazi ukunikela ingqalelo nakwintoni na endiyenzayo!”—URachel, oneminyaka eli-19 ubudala.
“Kuthi kusiba malunga neye-2 emva kwemini, ndibe ndidinwe kangangokuba ndingade ndilale umntu encokola!”—UKristine, oneminyaka eli-19 ubudala.
Ngaba kufuneka ufumane ixesha elingakumbi lokulala? Nazi izinto eziye zenziwa lolunye ulutsha.
Kuphephe ukulala ebusuku kakhulu. UCatherine oneminyaka eli-18 ubudala uthi: “Ndiye ndizame ukulala kwangethuba.”
Musa ukuncokola kude kube sebusuku. URichard, oneminyaka engama-21 ubudala uthi: “Ngamanye amaxesha abahlobo bam baye bandifowunele okanye bandibhalele efowunini ebusuku kakhulu, kodwa kutshanje ndiye ndafunda ukuyivala loo ncoko ukuze ndilale.”
Zama ukuzibekela ixesha lokulala nelokuvuka. UJennifer oneminyaka engama-20 ubudala uthi: “Ndizama ukuzibekela ixesha lokulala nelokuvuka suku ngalunye.”
Imfihlelo Yokuphumelela: Zama ukulala iiyure ezisibhozo busuku ngabunye.
Ukunyamekela impilo yakho ngokwenza izinto nje ezimbalwa kunceda kwawena. Khumbula ukuba, ukuba sempilweni kuya kukwenza ukhangeleke kakuhle, uhlaziyeke uze usebenze kakuhle. Ngokungafaniyo nezinye izinto, ngokomkhamo othile unako ukuyilawula impilo yakho. UErin, oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Ekugqibeleni impilo yakho ixhomekeke kumntu omnye—kuwe.”
Ngaba aniboni ngasonye nabazali bakho ngokuphathelele uhlobo lwempahla oyinxibayo? Funda ngendlela eninokuvumelana ngayo!
[Umbhalo osemazantsi]
a Siyaqonda ukuba abantu abaninzi baneengxaki zempilo okanye banesiphene, yaye abanakuzitshintsha ezo zinto. Eli nqaku linokubanceda abantu abanjalo ukuba babe sempilweni nakuba bekuloo meko.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Ingqeqesho yomzimba iyingenelo kancinane.”—1 Timoti 4:8.
ICEBISO
Zifumanele umntu oza kwenza umthambo naye. Oko kuza kukukhuthaza kuba akuzi kufuna ukumphoxa.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Ukwenza umthambo kwenza umzimba wakho ukhuphe iiendorphin—imichiza esengqondweni ephelisa intlungu nekwenza udlamke.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Nantsi indlela efanelekileyo endifuna ukutya ngayo ․․․․․
Nantsi indlela efanelekileyo endifuna ukwenza ngayo umthambo ․․․․․
Kwinyanga ezayo ndiza kuzama ukulala iiyure ezili ․․․․․ suku ngalunye.
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ukunyamekela impilo yakho kukuchaphazela njani ukuzithemba kwakho?
● Yintoni eyona ibalulekileyo kunokunyamekela impilo yakho?—1 Timoti 4:8.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 74]
“Ndiyayithanda indlela endivakalelwa ngayo xa ndisenza umthambo. Yaye ndizithemba ngakumbi xa ndibona ukuba iyaphucuka indlela endikhangeleka ngayo ngenxa yokwenza umthambo.”—UEmily
[Ibhokisi ekwiphepha 73]
“Ndayitshintsha Indlela Endandiphila Ngayo”
“Xa ndandikwishumi elivisayo ndandityebe ngokugqithiseleyo yaye ndandingayithandi loo nto. Ndandisithi ndakuzijonga ndizicaphukele! Ndandikhe ndizame ukunciphisa umzimba ngokutya izinto ezikhethekileyo, kodwa ndandisuka ndibe ngathi ndithi chatha ukutyeba. Ndithe xa ndineminyaka eli-15 ubudala ndazixelela ukuba kuza kufuneka nditshintshe. Ndandifuna ukunciphisa umzimba ngendlela efanelekileyo—indlela endandiza kuqhubeka nayo ubomi bam bonke. Ndathenga incwadi eyayixubusha ngokutya okusempilweni, nangendlela yokwenza umthambo, yaye ndazisebenzisa izinto endandizifunde kuyo. Ndandizimisele ukuba naxa kunokwenzeka ngenye imini ndingayilandeli ngokupheleleyo loo ndlela yokutya neyokwenza umthambo, okanye ndisuke nje ndityhafe, ndandingasayi kunikezela. Uyazi kwenzeka ntoni? Kwandinceda ukunganikezeli! Kunyaka nje omnye ndehla ngeekhilogram ezingama-25. Ndiye ndawugcina umncinane umzimba wam kangangeminyaka emibini. Ndandingayicingi into yokuba ingenzeka loo nto! Ndicinga ukuba esona sizathu sandibangela ukuba ndiphumelele kukuba andizange ndiphelele nje ekutshintsheni indlela enditya ngayo, kodwa ndatshintsha nendlela endiphila ngayo.”—UCatherine, oneminyaka eli-18 ubudala.
[Umfanekiso okwiphepha 74]
Impilo yakho ifana nemoto—ukuba akuyinyamekeli kakuhle uza kugula