Kutheni Ndingazibulali Nje?
Isahluko 14
Kutheni Ndingazibulali Nje?
“KULUNGE ngakumbi ukufa kum kunokuphila.” Ngubani owathetha la mazwi? Ngaba ngumntu owayengakholelwa kuThixo? Ngaba ngumntu owayeshiye uThixo? Ngaba ngumntu owayeshiywe nguThixo? Akunjalo. Le yayiyindoda eyayizinikele kuThixo kodwa eyayinentliziyo elihlwili, uYona.—IBhayibhile ayithi uYona wayeza kuzibulala. Kunoko, isicelo sakhe sibonisa ukuba maxa wambi kwanomkhonzi kaThixo usenokuba neengxaki ezingaphezu kwamandla akhe.—INdumiso 34:19.
Xa lusonganyelwa ziingxaki olunye ulutsha luye lungazi ukuba lusaphilela ntoni. Lusenokuvakalelwa ngendlela efanayo nekaLaura oneminyaka eli-16 ubudala, owathi: “Kangangeminyaka, bendisoloko ndidandatheka. Ndandisoloko ndicinga ukuzibulala.” Ukuba kukho umntu omaziyo owakhe wathi kuwe ufuna ukuzibulala—okanye nawe unengxaki efanayo—yintoni onokuyenza? Makhe sihlolisise into enokubangela ukuba ucinge ngolo hlobo.
Unobangela Wokuphelelwa Lithemba
Yintoni enokwenza ukuba umntu acinge ngokuzibulala? Zisenokuba zininzi izizathu. Kaloku, siphila ‘kwixesha lamanqam ekunzima ukujamelana nalo’ yaye ulutsha oluninzi olukwishumi elivisayo luxinezelekile. (2 Timoti 3:1) Kwakhona, ukungafezeki kwabantu kusenokubabangela ukuba bahlale becinga ngezinto ezibuhlungu ezibehlelayo neziqhubeka emhlabeni. (Roma 7:22-24) Maxa wambi oku kubangelwa kukuphathwa kakubi. Kwezinye iimeko oku kungenxa yempilo. Kwelinye ilizwe kuqikelelwa ukuba abantu abangaphezu kwama-90 ekhulwini bazibulala ngenxa yokuba begula ngengqondo. a
Kakade ke, sonke sinazo iingxaki. IBhayibhile ithi, “yonke indalo iyagcuma kwaye isentlungwini.” (Roma 8:22) Loo ndalo iquka ulutsha. Ulutsha lusenokuxinezeleka ngenxa yezi zinto zilandelayo:
● Ukufa kwesalamane okanye umhlobo
● Iingxwabangxwaba zentsapho
● Ukungaphumeleli esikolweni
● Ukwaliwa ngumntu omthandayo
● Ukuphathwa kakubi (njengokubethwa okanye ukuxhatshazwa ngokwesini)
Yinyaniso into yokuba kungekudala lonke ulutsha luza kujamelana nenye yezi meko zidweliswe ngasentla. Kutheni abanye bekwazi ukumelana nezi ngxaki? Iingcali zithi ulutsha oluninzi luxhom’ izandla lusithi alunakuze luncedakale. Ngamanye
amazwi, luphelelwa lithemba. Alufuni kufa; kunoko lufuna ukuphelisa intlungu.Ngaba Akukho Ndlela Yimbi?
Kusenokwenzeka ukuba kukho othile omaziyo ofuna ukuphelisa intlungu kangangokuba ude walitsolisa elokuba ufuna ukuzibulala. Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza?
Ukuba umhlobo wakho uxinezelekile ukusa kwinqanaba lokuba afune ukuzibulala, mkhuthaze ukuba afune uncedo. Emva koko, kungakhathaliseki ukuba yena uvakalelwa njani, thetha nomntu oqolileyo. Ungakhathazeki ngokuba oko kusenokubuphelisa ubuhlobo benu. Ngokuchazela omnye umntu ngengxaki yakhe, usenokumsindisa umhlobo wakho!
Kodwa kuthekani ukuba nguwe ocinga ngokuzibulala? Chazela omnye umntu ngendlela ovakalelwa ngayo—umzali, umhlobo, okanye nabani na omnye okhathalayo oza kukuphulaphula. Akukho nto uza kuphulukana nayo kodwa kuza kukunceda ukuthetha ngeengxaki zakho. b
Kakade ke, iingxaki zakho aziyi kupheliswa kukuba uthetha ngazo. Kodwa kusenokwenzeka ukuba ufuna umntu oza kukuxhasa ukuze ukwazi ukujamelana nazo. Oko kusenokukunceda ufumane isicombululo.
Iimeko Ziyatshintsha
Xa uxinezelekile, khumbula oku: Nakuba kusenokubonakala kungekho themba, ekuhambeni kwexesha izinto ziza kutshintsha. Umdumisi uDavide, owajamelana neengxaki ezininzi ebomini, ethandaza wathi: “Ukuzila kwam ukutshintshe kwaba kukungqungqa.”—INdumiso 30:11.
UDavide wayesazi ukuba iingxaki zifika zidlule. Ngaba kunjalo nakuwe? Ezinye iingxaki zisenokubonakala zingaphezu kwamandla akho. Kodwa yiba nomonde. Izinto ziyatshintsha, amaxesha amaninzi ziba bhetele kunokuba bekunjalo. Kwezinye iimeko, iingxaki ziba bhetele ngendlela ongakhange uyicinge. Kwezinye, usenokumelana nengxaki ngendlela engakhange ithi qatha kwaukuthi qatha engqondweni. Ingongoma isekubeni, iingxaki ezixinezelayo azinakuhlala ngonaphakade.—Ukubaluleka Komthandazo
Eyona ndlela ibalulekileyo yokuphalaza imbilini yakho kukuthandaza. Unokuthandaza ngendlela uDavide awathandaza ngayo: “Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam. Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo, ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum, undikhokelele endleleni yexesha elingenammiselo.”—INdumiso 139:23, 24.
Ukuthandaza asiyonto nje INdumiso 62:8) Hlolisisa ezi nyaniso ngoThixo:
yokucombulula iingxaki. Kukuthetha noBawo wethu osemazulwini ofuna ukuba ‘uphalaze intliziyo yakho’ kuye. (● Uyazazi izinto ezingunobangela wokuba uxinezeleke.—INdumiso 103:14.
● Ukwazi ngaphezu kokuba uzazi.—1 Yohane 3:20.
● “Ukukhathalele.”—1 Petros 5:7.
● Kwihlabathi lakhe elitsha, uThixo uya “kuzisula zonke iinyembezi” emehlweni akho.—ISityhilelo 21:4.
Ukuba Uyagula
Njengokuba kukhankanyiwe ngaphambilana, ngokufuthi ukufuna ukuzibulala kubangelwa luhlobo oluthile lokugula. Ukuba kunjalo nakuwe, musa ukuba neentloni, cela uncedo. Mateyu 9:12) Iindaba ezimnandi zezokuba izigulo ezininzi zinokunyangwa. Unyango lusenokukunceda uzive ubhetele! c
UYesu wavuma ukuba abantu abagulayo kufuneka baye kwagqirha. (IBhayibhile ithembisa ukuba kwihlabathi elitsha likaThixo, “akakho ummi wakhona oya kuthi: ‘Ndiyagula.’” (Isaya 33:24) UThixo uthi ngelo xesha “izinto zangaphambili aziyi kukhunjulwa, zinganyuki zithi qatha entliziyweni.” (Isaya 65:17) Okwangoku, yenza konke okusemandleni akho ukuze umelane neengxaki zobomi, uqinisekile ukuba ngexesha elimiselwe nguThixo, ukudandatheka kuya kuba yinto yexesha elidluleyo.—ISityhilelo 21:1-4.
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 9
Abazali bakho bafuna ukwazi yonke into eqhubekayo ebomini bakho—kwanezinto obungafuni ukubaxelela zona. Ngaba uya kuze ukwazi ukuba nezinto ezaziwa nguwe wedwa?
[Imibhalo esemazantsi]
a Kubalulekile ukwazi ukuba ulutsha oluninzi olugula ngengqondo aluzibulali.
b AmaKristu adandathekileyo anokuncedwa nangabadala bebandla.—Yakobi 5:14, 15.
c Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 13 sale ncwadi.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Zaziseni izibongozo zenu kuThixo . . . ; yaye uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo zenu namandla enu engqondo.”—Filipi 4:6, 7.
ICEBISO
Xa udakumbile, hamba uye kubethwa ngumoya. Ukuphuma phandle uze wenze umthambo kunokukwenza uzive bhetele.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Abanye abantu abachaphazelekayo xa umntu ezibulala zizalamane nabahlobo bakhe.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa ndiziva ndingento yanto yaye ndingathandwa, ndiza kuthetha (bhala igama lomntu ofuna ukuzityand’ igila kuye) ․․․․․
Into endinokuba nombulelo ngayo ebomini ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kwanezona ngxaki zinkulu ziyaphela. Ukucinga ngaloo ndlela kunokukunceda njani?
● Umntu ozibulalayo ubafaka njani engxakini abanye abantu?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 104]
“Maxa wambi ndandidandatheka kakhulu kangangokuba ndide ndifune ukuzibulala, kodwa ngoku izinto zinjengasekuqaleni, ndiye ndancedwa kukuzingisa emthandazweni nasekufumaneni unyango.”—UHeidi
[Ibhokisi ekwiphepha 100]
Xa Uziva Udandathekile
Kwanamadoda namabhinqa okholo amaxesha okubhalwa kweBhayibhile ayekhe onganyelwe ngamaxhala obomi. Nantsi eminye imizekelo.
URebheka: “Ukuba kuza kuqhubeka ngale ndlela, ndingaba ndisaphilela ntoni ke?”—Genesis 25:22.
UMoses: “Nceda usele undibulala ndife fi, . . . ndingayiboni intlekele yam.”—Numeri 11:15.
UEliya: “Owu Yehova, wuthabathe umphefumlo wam, kuba andilunganga ngaphezu kookhokho bam.”—1 Kumkani 19:4.
UYobhi: “Owu akwaba ubungandifihla eShiyol, . . . undibekele umda wexesha uze undikhumbule!”—Yobhi 14:13.
Kwimeko nganye kwezi zingasentla, ekugqibeleni izinto zaba bhetele—ngendlela abangazange bacinge ngayo aba bantu. Qiniseka ukuba nakuwe kusenokuba njalo!
[Umfanekiso okwiphepha 102]
Ukudandatheka kufana namafu abonisa ukuba kuza kubakho isiphango—ekuhambeni kwexesha ayadlula