Ndingenza Njani Ukuze Ndizihlonele?
Isahluko 12
Ndingenza Njani Ukuze Ndizihlonele?
Ewe Hayi
Ngaba uyazithanda xa □ □
uzijonge esipilini?
Ngaba ucinga ukuba □ □
uneempawu ezintle?
Ngaba uyakwazi ukumelana □ □
nengcinezelo yoontanga?
Ngaba uyakwazi ukumelana □ □
nokugxijwa?
Ngaba uyakwazi ukumelana □ □
nokugculelwa?
Ngaba uziva uthandwa? □ □
Ngaba uyayinyamekela □ □
impilo yakho?
Ngaba uyavuyisana nabanye □ □
abantu xa bephumelela?
Ngaba xa uzijongile ubona □ □
umntu ophumeleleyo?
Ukuba uphendula ngokuthi hayi kwimibuzo emininzi kule ingasentla, kusenokwenzeka ukuba ukungazihloneli kwakho kukwenza ungaziboni iimpawu zakho ezintle. Eli nqaku lilungiselelwe ukukunceda uzibone ezi mpawu!
ULUTSHA oluninzi lunengxaki yokungaqiniseki ngenkangeleko yalo, izinto olunokuzenza yaye luzithelekisa nolunye ulutsha. Ngaba nawe unaloo ngxaki? Ukuba kunjalo, akuwedwa!
“Ziyandikhathaza iziphako endinazo. Ndiyathanda ukuzihlab’ amadlala”—ULeticia.
“Enoba umhle okanye uyinzwana kangakanani na, basoloko bekho abantu abahle ngaphezu kwakho.”—UHaley.
“Ndizoyikisela kakhulu xa ndikunye nabanye abantu. Ndoyika ukuba abanye bacinga ukuba ndingungantweni.”—URachel.
Ukuba uvakalelwa ngendlela efanayo neyolu lutsha lucatshulwe ngasentla, ungalahl’ ithemba. Unokulufumana uncedo. Makhe sihlole izinto ezintathu ezinokukunceda uzihlonele ngakumbi.
Yenzela Abanye Abantu Izinto
Isibhalo onokusisebenzisa. “Kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”—IZenzo 20:35.
Intsingiselo yaso. Xa unceda abanye abantu, unceda kwawena. Yenzeka njani loo nto? Umzekeliso weBhayibhile uthi: “Umphefumlo onesisa uya kutyetyiswa, yaye oseza abanye ngesisa naye uya kusezwa ngesisa.” (IMizekeliso 11:25) Liyinyaniso elokuba uyonwaba xa unceda abanye abantu! a
“Ndiye ndicinge ngeendlela endinokubanceda ngazo abanye ebandleni ndize ndenjenjalo. Ukuthanda abantu nokuchitha ixesha nabo kundenza ndonwabe.”—UBreanna.
“Umsebenzi wamaKristu wokushumayela uyanceda kuba ukwenza uyeke ukusoloko ucinga ngesiqu sakho kodwa ucinge nangabanye abantu.”—UJavon.
Mateyu 6:2-4) Akunakukunceda nganto ukupha abantu izinto kuba nawe ufuna bakuphe. Abantu badla ngokumbona umntu opha ngeenjongo ezimbi!—1 Tesalonika 2:5, 6.
Isilumkiso: Musa ukunceda abantu unyeke ukuba nabo bakuncede. (Lithuba lakho lokuba ubhale izinto ezinokukunceda. Cinga ngomntu okhe wamnceda. Yayingubani lowo yaye wawumenzele ntoni?
․․․․․
Wavakalelwa njani emva koko?
․․․․․
Cinga ngomnye umntu onokumnceda uze uyibhale phantsi indlela onokukwenza ngayo oko.
․․․․․
Yiba Nabahlobo
Isibhalo onokusisebenzisa. “Iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.”—IMizekeliso 17:17.
Intsingiselo yaso. Umhlobo wokwenene unokukuxhasa ngokukodwa ngamaxesha anzima. (1 Samuweli 18:1; 19:2) Ukucinga nje ukuba kukho umntu okukhathaleleyo kunokukuhlaziya. (1 Korinte 16:17, 18) Ngoko ke, yiba nabahlobo abanempembelelo entle kuwe.
“Abahlobo bokwenene baya kukukhuthaza.”—UDonnell.
“Maxa wambi eyona nto ibalulekileyo kukwazi ukuba ukho umntu okukhathaleleyo. Ukwazi oko kunokukwenza uzive uxatyiswa.”—UHeather.
Isilumkiso: Qiniseka ukuba abahlobo bakho baphucula obona buntu bakho—kungafuneki uzenze omnye umntu ukuze wamkeleke kubo. (IMizekeliso 13:20; 18:24; 1 Korinte 15:33) Ukwenza izinto zobudenge kuba nje ufuna ukwamkelwa ngabahlobo bakho kuya kukwenza uzive uthotyiwe yaye kudlalwe ngawe.—Roma 6:21.
Lithuba lakho lokuba ubhale izinto ezinokukunceda. Bhala apha ngezantsi igama lomhlobo wakho onokukwenza uzihlonele.
․․․․․
Unokwenza amalungiselelo okuchitha ixesha elingakumbi nalo mhlobo umbhale ngasentla.—Phawula: Akunyanzelekanga ukuba abe yintanga yakho.
Musa Ukulahl’ Ithemba Xa Wenze Impazamo
Isibhalo onokusisebenzisa. “Bonke bonile baza basilela kuzuko lukaThixo.”—Roma 3:23.
Intsingiselo yaso. Inyaniso ongenakuyiphika yile yokuba akufezekanga. Loo nto ithetha ukuba ngamany’ amaxesha uya kuthetha okanye wenze into ephosakeleyo. (Roma 7:21-23; Yakobi 3:2) Nangona ungenakukuphepha ukwenza iimpazamo, unako ukuyilawula indlela ozijonga ngayo. IBhayibhile ithi: “Ilungisa lisenokuwa kasixhenxe, yaye ngokuqinisekileyo liya kuvuka.”—IMizekeliso 24:16.
“Maxa wambi ukungazithembi kubangelwa kukuthelekisa ubuthathaka bethu nezinto ezintle ezenziwa ngabanye abantu.”—UKevin.
“Bonke abantu baneempawu ezintle nezimbi. Sifanele sivuyiswe ziimpawu ezintle esinazo size siphucule apho sisilela khona.”—ULauren.
Isilumkiso: Ukungafezeki kwakho makungabi sisingxengxezo sokwenza isono. (Galati 5:13) Xa uqhubeka usenza izinto eziphosakeleyo ngabom, uYehova uThixo akayi kukholiswa nguwe!—Hebhere 10:26, 27.
Lithuba lakho lokuba ubhale izinto ezinokukunceda. Bhala apha ngezantsi uphawu ofuna ukusebenzela kulo.
․․․․․
Bhala usuku lwanamhlanje ecaleni kolo phawu. Phanda ngendlela onokusebenzela ngayo kulo uze ujonge inkqubela oyenzileyo kuloo nyanga.
Indlela Oxabiseke Ngayo
IBhayibhile ithi, “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu.” (1 Yohane 3:20) Loo nto ithetha ukuba uyakuxabisa nto leyo osenokungayiboni wena. Kodwa ngaba isiphako esithile onaso siyayitshintsha loo nto? Masithi unemali engangama-R200 ekrazuke kancinane. Ngaba uza kuyilahla okanye uyijonge njengengenaxabiso kuba nje ikrazukile? Akunjalo kwaphela! Isengama-R200—enoba ikrazukile okanye ayikrazukanga.
Oku kufana twatse nendlela uThixo akuxabisa ngayo. Uyayibona kwaye uyayixabisa imigudu oyenzayo yokufuna ukumkholisa enoba ibonakala imincinane kangakanani na kuwe! Eneneni, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba, “uThixo akanantswela-bulungisa ukuba angawulibala umsebenzi wenu nothando enalubonisayo ngegama lakhe.”—Hebhere 6:10.
Ngaba ngamany’ amaxesha uziva udandatheke kakhulu? Ukuba kunjalo, yintoni onokuyenza?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuba uliNgqina likaYehova, uvuya gqitha emva kokuba ushumayele isigidimi soBukumkani kwabanye abantu.—Isaya 52:7.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe, uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa nomnye umntu.”—Galati 6:4.
ICEBISO
Musa ukuthi ‘ndisoloko ndisilela’ nokuthi ‘ayikho into endiyenzayo ekhe iphumelele.’ Ukuthetha ngolo hlobo kuyadimaza. Kunoko, zazi izinto obuthathaka kuzo nezo ukwaziyo ukuzenza.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Indlela ozijonga ngayo inokuyichaphazela indlela abanye abakujonga . . . nabakuphatha ngayo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Xa oontanga bendigxeka ndiza ․․․․․
Xa ndibona kuphela izinto endisilela kuzo ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Yintoni enokubangela ukungazithembi, ngokukodwa kubantu abaselula?
● Kutheni kubalulekile ukuba sizihlonele ngendlela efanelekileyo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 88]
“Umntu usenokuba yinzwana okanye inzwakazi kodwa abe yena ezibona ububi. Okanye umntu usenokungabi mhle kangako abe phofu yena ecinga ukuba akakho umntu onokufika kuye ngobuhle. Into nje ixhomekeke kwindlela esicinga ngayo.”—UAlyssa
[Umfanekiso okwiphepha 90]
Ixabiso lemali alihli kuba nje ikrazukile. Ngokufanayo, uxabisekile emehlweni kaThixo nangona ungafezekanga