Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?

Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?

Isahluko 8

Ndinokubafumana Njani Abahlobo Abafanelekileyo?

“Xa ndinomsindo, ndifuna umntu endinokuthetha naye. Ukuba ndidandathekile, ndifuna umntu oza kundithuthuzela. Ukuba ndonwabile, ndifuna ukonwaba nomntu. Ndicinga ukuba kubalulekile ukuba nabahlobo.”—UBrittany.

BEKUSOLOKO kusithiwa abantwana abancinane bafuna oogxa babo, ngoxa abantu abadala befuna abahlobo. Yintoni umahluko?

Ugxa wakho ngumntu osoloko unaye.

Umhlobo ngumntu onemilinganiselo efana neyakho.

Ukongezelela, iBhayibhile ithi “iqabane lokwenyaniso lithanda ngamaxesha onke, yaye lingumzalwana ozalelwe ixesha lokubandezeleka.” (IMizekeliso 17:17) Kusenokwenzeka ukuba oku kubhekisela kumhlobo wokwenene kungekhona umntwana nje odlala naye!

Isibakala: Njengoko ukhula, ufuna abahlobo

1. Abaneempawu ezintle

2. Abaphila ngemilinganiselo ephakamileyo

3. Abanempembelelo entle kuwe

Umbuzo: Unokubafumana njani abahlobo abanezi mpawu? Makhe sihlalutye isibakala ngasinye kwezi zilandelayo.

Isibakala #1—Ukuba Neempawu Ezintle

Oko ufanele ukwazi. Asingabo bonke abahlobo bakho abanokuba ngabahlobo bokwenene. IBhayibhile ithi “wambi amaqabane ayonakalisana.” (IMizekeliso 18:24) Oko kusenokungaqondakali. Kodwa zibuze: Ngaba wakha waba nomhlobo odlala ngawe? Kuthekani ngalowo wayekudl’ izithende okanye esasaza ubuxoki ngawe? Usenokungaphindi umthembe. a Hlala ukhumbula ukuba, eyona nto ibalulekileyo kukuba nabahlobo bokwenene kungekhona abahlobo abaninzi!

Oko unokukwenza. Zikhethele abahlobo abaneempawu onokuzixelisa.

“Abantu basoloko bethetha kakuhle ngomhlobo wam uFiona. Nam ndifuna abantu bathethe kakuhle ngam. Ndifuna ukuba negama elihle njengaye. Ndiyakuthanda oko.”—UYvette, oneminyaka eli-17 ubudala.

Zama oku kulandelayo.

1. Funda amaGalati 5:22, 23.

2. Zibuze, ‘Ngaba abahlobo bam baneempawu “zesiqhamo somoya”?’

3. Bhala ngezantsi amagama abahlobo bakho abasenyongweni. Ecaleni kwegama ngalinye, bhala iimpawu aziwa ngazo loo mntu.

Igama Iimpawu

․․․․․ ․․․․․

Icebiso: Ukuba ucinga ngeempawu ezimbi kuphela, mhlawumbi kuza kufuneka uzifunele abanye abahlobo!

Isibakala #2—Imilinganiselo Ephakamileyo

Oko ufanele ukwazi. Okukhona utshutshumba ufuna abahlobo, kokukhona uya kuzikhethela abangalunganga. IBhayibhile ithi: “Osebenzisana neziyatha uya kuhlelwa bububi.” (IMizekeliso 13:20) Igama elithi ‘iziyatha’ alibhekiseli kubantu abangekho krelekrele. Kunoko, lithetha ngabo bangenangqiqo nabalandela ihambo engafanelekanga. Abo ngabahlobo onokuphila ngaphandle kwabo!

Oko ufanele ukwenze. Kunokuba ube ngumhlobo naye wonke umntu, ufanele ukhethe. (INdumiso 26:4) Oku, akuthethi kuthi ufanele ube nomkhethe. Kule meko, ukuzikhethela kuthetha ukuba ‘uyawubona umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi kwalowo ukhonza uThixo nalowo ungamkhonzanga.’—Malaki 3:18.

“Ndiyababulela abazali bam abandincedayo ndafumana abahlobo—abalingana nam ngeminyaka nabaqhuba kakuhle ngokomoya.”—UChristopher, oneminyaka eli-13 ubudala.

Phendula le mibuzo ilandelayo:

Xa ndikunye nabahlobo bam, ngaba ndisoloko ndixhalabele ukuba baza kundinyanzela ukuba ndenze into endaziyo ukuba iphosakele?

□ Ewe

□ Hayi

Ngaba ndiyoyika ukubonisa abazali bam abahlobo endinabo, ekubeni ndicinga ukuba abayi kubathanda?

□ Ewe

□ Hayi

Icebiso: Ukuba impendulo yakho nguewe kule mibuzo ingasentla, zikhethele abahlobo abanemilinganiselo ephakamileyo—abo bangamaKristu angumzekelo.

Isibakala #3—Abanempembelelo Entle

Oko ufanele ukwazi. IBhayibhile ithi: “Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” (1 Korinte 15:33) Intwazana egama linguLauren ithi: “Abantwana endandifunda nabo esikolweni babendithanda logama nje ndisenza loo nto bafuna ndiyenze. Ekubeni ndandililolo, ndagqiba ekubeni ndibaxelise ukuze ndamkeleke kubo.” ULauren wafumanisa ukuba xa unemilinganiselo etshintshatshintshayo kuba ufuna ukwamkeleka kwabanye, ufana neendolotyi kumdlalo wechess. Musa ukuzivumela uphathwe ngolo hlobo!

Oko ufanele ukwenze. Zinxweme kwabo bafuna uphile ngendlela yabo. Ukuba wenjenjalo, abayi kuba baninzi abahlobo onabo; kodwa uya kuzidla uze uzifumanele abahlobo ababhetele—abaya kuba nempembelelo entle kuwe.—Roma 12:2.

“Umhlobo wam osenyongweni uClint uthobekile yaye uyaziqonda iimvakalelo zabanye, ngenxa yoko uye waba lukhuthazo olukhulu kum.”—UJason, oneminyaka engama-21 ubudala.

Khawuzibuze le mibuzo ilandelayo:

Ngaba ndiyayiguqula indlela endinxiba, endithetha nendizenza ngayo izinto ukuze ndikholise abahlobo bam?

□ Ewe

□ Hayi

Ngaba ndiya kwiindawo ezithandabuzisayo ebendingenakuya kuzo ukuba bendingafuni ukwamkeleka kubahlobo?

□ Ewe

□ Hayi

Icebiso: Ukuba impendulo yakho nguewe kule mibuzo, yiya kubazali bakho okanye kumntu oqolileyo onokukucebisa. Ukuba ungomnye wamaNgqina kaYehova, unokuya kumdala ongumKristu uze umchazele ukuba ufuna uncedo ukuze ukhethe abahlobo abaya kuba nempembelelo entle kuwe.

FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHHLUKO 9

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Ngaba umntu ozenza umhlobo wakho—okanye mhlawumbi intliziyo yakho—ukuphembelela ukuba wenze izinto ezimbi? Funda ngendlela onokuxhathisa ngayo!

[Umbhalo osemazantsi]

a Kakade ke, wonk’ umntu uyazenza iimpazamo. (Roma 3:23) Ngoko ke, xa ukhathazwe ngumhlobo, aze acele uxolo, khumbula ukuba “uthando lugubungela inkitha yezono.”—1 Petros 4:8.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“Kukho umhlobo onamathela ngokusondele ngakumbi kunomntakwenu.”—IMizekeliso 18:24.

ICEBISO

Phila ngemilinganiselo ephakamileyo, yaye nabanye abazabalazela oko baya kufuna ukuba ngabahlobo bakho. Ekugqibeleni, baya kuba ngabahlobo abafanelekileyo!

NGABA UBUSAZI . . . ?

UThixo akanamkhethe, kodwa uyamkhetha umntu oza ‘kuba lundwendwe ententeni yakhe.’—INdumiso 15:1-5.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndifumane abahlobo abafanelekileyo ndiza ․․․․․

Abanye abantu abadala kunam endifuna babe ngabahlobo bam ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Ziziphi ezona mpawu uzixabisayo kumhlobo, yaye ngoba?

● Ziziphi iimpawu ofuna ukuzihlakulela ukuze ube ngumhlobo olungileyo?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 60]

“Xa abazali bam bandahlukanisa nelinye iqela labahlobo endandinabo, ndandizixelele ukuba yayingabo kuphela. Abazali bam babenyanisile, kuba ndaqonda ukuba ndandinokuzifumanela abanye abahlobo abaninzi.”—UCole.

[Ibhokisi ekwiphepha 61]

Zama La Macebiso Alandelayo

Thetha nabazali bakho ngokuphathelele abahlobo. Babuze ngabahlobo ababenabo xa babelingana nawe. Ngaba bayazisola ngabahlobo ababakhethayo? Ukuba kunjalo, kutheni? Babuze ngoko unokukwenza ukuze uphephe iingxaki abajamelana nazo.

Bonisa abazali bakho abahlobo onabo. Ukuba umadolw’ anzima, zibuze, ‘Kutheni kunjalo nje?’ Ngaba ucinga ukuba kukho into abangayi kuyithanda abazali bakho kubo? Ukuba kunjalo, kufuneka ubakhethe ngobuchule.

Phulaphula kakuhle. Yiba nomdla kwimpilo-ntle nakwizinto ezibaxhalabisayo abahlobo bakho.—Filipi 2:4.

Xolela. Ungalindeli imfezeko. “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.”—Yakobi 3:2.

Banik’ umtyhi. Akuyomfuneko ukusoloko uthe nca kubo. Abahlobo bokwenene baya kusoloko bekhona xa ubafuna.—INtshumayeli 4:9, 10.

[Umfanekiso okwiphepha 63]

Xa unemilinganiselo etshintshatshintshayo kuba ufuna ukwamkeleka kwabanye, uya kufana neendolotyi kumdlalo we-“chess”