Ndinokusixhathisa Njani Isilingo?
Isahluko 9
Ndinokusixhathisa Njani Isilingo?
Kungaphelanga nemizuzu elishumi uKaren efikile ethekweni, kufika amakhwenkwe amabini ephethe iibhegi ezinkulu ezininzi. Uyayazi into ekwezo bhegi. Ukhe waweva la makhwenkwe esithi kwelo theko ziza kube “zikroboka.”
Kusenjalo, uKaren uva ilizwi lomntu amaziyo. “Kutheni na wena wasuka wazikhetha, ungakh’ ulinge uzokusidika apha!” Xa eguquka, ubona uJessica ethe qhiwu iibhotile ezimbini zebhiya ezivuliweyo. Ununusa uKaren ngenye, atsho esithi, “Ungandixeleli ukuba akufiki kwezibandayo!”
UKaren uyabawela ukungabuthathi obu tywala. Kwangaxeshanye kunzima ukwala. Ntonje uJessica ngumhlobo wakhe yaye akafuni kubonakala ngathi uyadika, njengoko uJessica eye watsho. Ngapha koko, uJessica ngumntu ozilungeleyo. Ngoko ukuba uyasela, loo nto ithetha ukuba akukho nto ibitheni ngotywala. UKaren uzixelela oku, ‘Yibhiya nje wethu, ayifani neziyobisi okanye ukuba neentlobano zesini.’
XA USEMTSHA ujamelana nezilingo ezininzi. Amaxesh’ amaninzi zidla ngokuvela kubantu besini esahlukileyo. URamon oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Amantombazana asesikolweni akalawuleki. Ayathanda ukuphathaphatha aze abone ukuba uza kuthini. Noba sele uwanqanda, akakuyeki!” UDeanna, naye oneminyaka eli-17 ubudala, waba nengxaki efanayo. Uthi: “Enye inkwenkwe yandigona. Ndayibetha kakhulu ngenqindi engalweni ndathi, ‘Undibambela ntoni? Andikwazi nokukwazi!’”
Nawe usenokujamelana nezilingo ezingapheliyo. Uthotho lwezilingo lufana nje nomntu oqhubeka enkqonkqoza emnyangweni wakho nokuba akumhoyi. Ngaba nawe usoloko ujamelene nezilingo? Ngokomzekelo, ngaba wakha walingwa ngezi zinto zilandelayo?
□ Ukutshaya
□ Ukubukela imifanekiso engamanyala
□ Ukusela utywala
□ Ukuziphatha kakubi ngokwesini
□ Ukusebenzisa iziyobisi
□ Nezinye izilingo ․․․․․
Ukuba ikho ofake olu phawu ✔ kuyo kwezi zingasentla, musa ukucinga ukuba akufaneleki ukuba ngumKristu. Unako ukuyilawula iminqweno ephosakeleyo uze uxhathise izilingo. Njani? Kuyanceda ukwazi ukuba yintoni ebangela isilingo. Cinga ngezi zinto zintathu.
1. Ukungafezeki. Abantu abangafezekanga banotyekelo lokwenza okuphosakeleyo. Kwanompostile uPawulos owayengumKristu oqolileyo wathi: “Xa ndinqwenela ukwenza okulungileyo, kusuke kubekho okubi kum.” (Roma 7:21) Nomntu onyanisekileyo maxa wambi uyaphazamiseka ngenxa ‘yenkanuko yenyama nenkanuko yamehlo.’ (1 Yohane 2:16) Kodwa ukusoloko ucinga ngento engafanelekanga kunokuba yingozi, kuba iBhayibhile ithi: ‘Xa umnqweno, uthe wakhawula, uzala isono.’—Yakobi 1:15.
2. Impembelelo yabanye. Sisoloko sijamelene nezilingo ngalo lonke ixesha. UTrudy uthi: “Esikolweni
nasemsebenzini abantu basoloko bethetha ngesini. Kumabonwakude nakwiimovie, isini senziwa sibonakale njengento ebangela umdla. Kodwa akufane kuthethwe ngemiphumo emibi yokuziphatha okubi!” UTrudy uyayazi indlela ezinempembelelo ngayo ezo zinto. Uthi: “Ndathandana ndineminyaka eli-16 ubudala. Umama wathi, ukuba ndiqhubeka ndithandana ngolu hlobo, ndiza kumitha. Yandothusa indlela umama awayecinga ngayo! Kwiinyanga ezimbini emva koko, ndamitha.”3. “Iinkanuko zobutsha.” (2 Timoti 2:22) Eli binzana linokuthetha nawuphi na umnqweno ababa nawo abasebatsha, njengokufuna ukwamkeleka okanye ukugqalwa njengabantu abadala. Nangona kungekho nto iphosakeleyo ngokuba neminqweno enjalo, ukuba akukwazi ukuyilawula, kunokuba nzima ukuxhathisa isilingo. Ngokomzekelo, xa ufuna ukujongwa njengomntu omdala unokungayikhathaleli indlela okhuliswe ngayo kowenu. Kwenzeka kanye oko kuSteve xa wayeneminyaka eli-17 ubudala. Uthi, “Kungekudala emva kokuba ndibhaptiziwe, ndaqalisa ukwenza zonke izinto endandingazifundiswanga ekhaya.”
Indlela Yokuxhathisa
Liyinyaniso elokuba, ezi nkanuko zobutsha zichazwe ngasentla zinamandla. Sekunjalo, unako ukuxhathisa isilingo. Njani?
● Okokuqala, zazi izilingo ekunzima ukuzixhathisa. (Kusenokwenzeka ukuba sele uziphawulile kwiphepha 65.)
● Emva koko, zibuze oku, ‘Ndilingeka xa kutheni?’ Beka olu phawu ✔ kwenye yezi ndawo zilandelayo:
□ Xa ndisesikolweni
□ Xa ndihleli ndedwa
□ Xa ndisemsebenzini
□ Xa ndikwezinye iindawo ․․․․․
Xa usazi ukuba ulingeka xa kutheni, unokukwazi ukusiphepha isilingo. Ngokomzekelo, cinga ngoko kuthethwe ngako ekuqaleni kweli nqaku. Yintoni eyenza uKaren waqonda ukuba kuza kubakho ingxaki kwitheko awayekulo?
․․․․․
Wayenokusiphepha njani esi silingo kwasekuqaleni?
․․․․․
● Ekubeni ngoku usazi isilingo yaye usazi ukuba siza kwenzeka xa kutheni, ufanele wenze okuthile. Okokuqala, khangela indlela oza kusiphepha ngayo. Bhala ngezantsi into oza kuyenza.
․․․․․
(Ngokomzekelo: Ukuba xa uphuma esikolweni usoloko udibana nabantwana ofunda nabo abakucengela ukuba utshaye, mhlawumbi usenokubaphepha ngokutshintsha indlela ogoduka ngayo. Ukuba usoloko ufumana imifanekiso engamanyala kwi-Internet, usenokufaka iinkqubo zekhompyutha eziza kukuthintela kwezo “websites.” Kwakhona, bhala igama elingqalileyo laloo nto uyifunayo.)
Kakade ke, akunakukwazi ukuziphepha zonke izilingo. Kungekudala, ungalindelanga usenokujamelana nesilingo ekunzima ukusixhathisa. Yintoni onokuyenza?
Hlala Uzilungiselele
Xa uYesu ‘wayehendwa nguSathana,’ zange alibazise ukusiphepha eso sihendo. (Marko 1:13) Kwakutheni? Kuba wayelazi icala ami kulo. UYesu wayesele ezimisele ukuthobela uYise ngalo lonke ixesha. (Yohane 8:28, 29) Wayeqinisekile xa wayethetha oku: “Ndihlele ukuza kwenza, kungekhona ukuthanda kwam, kodwa ukuthanda kwalowo wandithumayo.”—Yohane 6:38.
Kwiphepha elilandelayo bhala izizathu ezibini zokuba ufanele uxhathise isilingo ojamelana naso ngokufuthi, uchaze neendlela ezimbini ozimisele ukusiphepha ngazo.
Isizathu sokuba ufanele usixhathise:
1 ․․․․․
2 ․․․․․
Oko unokukwenza ukuze usixhathise:
1 ․․․․․
2 ․․․․․
Khumbula ukuba, xa uyekelela esilingweni, uba likhoboka leminqweno yakho. (Tito 3:3) Kutheni uzivumela ulawulwe yiminqweno onayo? Kunokuvumela iminqweno ikulawule, yilawule. (Kolose 3:5) Yaye kuthandazele oko.—Mateyu 6:13. a
FUNDA OKUNGAKUMBI NGALO MBANDELA KUMQULU 2, ISAHLUKO 15
Ngaba uziva utyhafile? Fumanisa indlela yokuphucula impilo yakho uze ubuyele emandleni!
[Umbhalo osemazantsi]
a Kwakhona funda iSahluko 33 nesama-34 sale ncwadi.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“UThixo uthembekile, yaye akayi kuniyekela nihendwe ngaphaya koko ninokukuthwala, kodwa kunye nesihendo eso uya kwenza nendlela yokuphuma ukuze nikwazi ukusinyamezela.”—1 Korinte 10:13.
ICEBISO
Funda umxholo othi “Ukuxhobela Ingcinezelo Yoontanga,” okwiphepha 132 nele-133 kwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, uMqulu 2, ukuze ukwazi ukuxhobela umntu okulingela ukuba wenze okuphosakeleyo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
UThixo waxela kwangaphambili ukuba uYesu wayeza kuthembeka, kodwa oko akuthethi ukuba wayefana nerobhothi. Kunoko wayenenkululeko yokuzikhethela. Wazikhethela ukuba athembeke—akazange adalwe enjalo. Ngenxa yoko xa wayelingwa kwafuneka athandaze ngokuzingisileyo.—Hebhere 5:7.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze ndikulungele ukuxhathisa isilingo, ndiza ․․․․․
Abantu, iindawo neemeko endifanele ndiziphephe ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Ngaba abantu abafezekileyo banokulingwa?—Genesis 6:1-3; Yohane 8:44.
● Ukuba uyasixhathisa isilingo, ukuthembeka kwakho kubachaphazela njani abanye?—IMizekeliso 27:11; 1 Timoti 4:12.
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 68]
“Ndincedwa kukwazi ukuba ndisoloko ndinoYena mntu unamandla kwindalo iphela nokuba ndinokumcela ukuba andincede nangaliphi na ixesha!”—UChristopher
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 67]
Zama Oku!
Khawuthathe ikhampasi, uze ujongise usiba lwayo emntla. Beka imagnethi ecaleni kwayo. Kwenzeka ntoni? Olu siba luyajika lujonge kwimagnethi.
Isazela sakho sifana naloo khampasi. Ukuba siqeqeshwe kakuhle, siya kukwalathisa kwindlela efanelekileyo, size sikuncede wenze izigqibo ngobulumko. Kodwa unxulumano olubi, olufana nemagnethi lunamandla, yaye lunokuyitshintsha imilinganiselo yakho emihle yokuziphatha. Sifunda ntoni koku? Baphephe abantu okanye iindawo eziya kukuphambukisa kwindlela efanelekileyo yokuziphatha!—IMizekeliso 13:20.
[Umfanekiso okwiphepha 69]
Xa uyekelela esilingweni, uba likhoboka leminqweno yakho