Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ndinokuyeka Njani Ukukhathazeka Kangaka?

Ndinokuyeka Njani Ukukhathazeka Kangaka?

Isahluko 13

Ndinokuyeka Njani Ukukhathazeka Kangaka?

“Xa abahlobo bam beneengxaki, ndisoloko ndikulungele ukubathwalela zona. Kodwa ndithi ndakufika ekhaya—xa ndingekho phakathi kwabantu—ndingene egumbini lam zize zehle iinyembezi.”—UKellie.

“Xa ndikhathazekile, ndiye ndikhethe ukuhlala ndedwa. Naxa ndimenywa ndiba nesizathu sokungayi. Andifuni bayazi indlela endivakalelwa ngayo ekhaya. Bacinga ukuba ndonwabile.”—URick.

NGABA indlela ovakalelwa ngayo iyafana nekaKellie okanye uRick? Ukuba kunjalo, musa ukukhawuleza ugqibe kwelokuba kukho into ephosakeleyo ngawe. Eneneni, sonke sikhe sikhathazeke ngamanye amaxesha. Nkqu namadoda namabhinqa aseBhayibhileni ayekhe akhathazeke.—1 Samuweli 1:6-8; INdumiso 35:14.

Ngamanye amaxesha uyasazi isizathu sokuba ukhathazeke kodwa maxa wambi uye ungasazi. UAnna oneminyaka eli-19 ubudala uthi: “Usenokukhathazeka kungekho nto ibuhlungu ikwehleleyo. Enoba ubomi bakho abunazingxaki kubakho amaxesha okukhathazeka ngokwenene. Nangona oku kungavakali kusengqiqweni kodwa kuyenzeka!”

Enoba siyintoni isizathu—enoba sibonakala singekho—yintoni onokuyenza xa ukhathazeke ngokugqithiseleyo? Zama ukwenza oku kulandelayo:

1. Thetha ngentlungu yakho. Xa wayesentlungwini, uYobhi wathi: “Ndiza kuthetha ngobukrakra bomphefumlo wam!”—Yobhi 10:1.

UKellie: “Xa ndithethe nomnye umntu ndifumana isiqabu kuba utsho ayazi intlungu endikuyo. Unokundinceda ndiyoyise kutsho kuthi qabu!”

Nali icebiso: Bhala apha ngezantsi igama lomhlobo onokuzityand’ igila kuye xa ukhathazeke kakhulu.

․․․․․

2. Yibhale phantsi intlungu okuyo. Ukuba indlela okhathazeke ngayo ichaphazela indlela obujonga ngayo ubomi, zibhale phantsi iingcinga zakho. Ngamanye amaxesha uDavide wayekhe achaze indlela awayeba buhlungu ngayo kwiindumiso zakhe eziphefumlelweyo. (INdumiso 6:6) Ukubhala ngeemvakalelo ezinjalo kunokukunceda ‘ulondoloze ubulumko bobuqili namandla okucinga.’—IMizekeliso 3:21.

UHeather: “Ukubhala phantsi kundinceda ndikwazi ukucingisisa ngezinto ezindikhathazayo. Xa ukwazi ukuchaza iimvakalelo zakho uze uzame ukuqonda oyena nobangela wendlela ovakalelwa ngayo, unokuziva ubhetele.”

Nali icebiso: Sebenzisa isicangca esikwiphepha 93 ukuze ukwazi oko umele ukwenze. Oko kuya kukunceda ukuba uyeke ukukhathazeka.

3. Yithandazele. IBhayibhile ithi ukuba uyazithandazela izinto ezikuxhalabisayo, ‘uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuyilinda intliziyo yakho namandla akho engqondo.’—Filipi 4:7.

UEsther: “Ndandisicinga ndisincame isizathu sokuba ndikhathazeke. Ndabongoza uYehova ukuba andincede ndiphinde ndonwabe. Yayindikruqula into yokusuka nje ndikhathazeke. Kodwa ekugqibeleni ndahlukana nokuhlala ndidakumbile. Ungaze uwajongele phantsi amandla omthandazo!”

Nali icebiso: Sebenzisa iNdumiso 139:23, 24 njengomzekelo wendlela onokuthandaza ngayo kuYehova. Phalaza imbilini yakho uze umcele akuncede uyazi eyona nto ikukhathazayo.

Ukongezelela kula macebiso angasentla, unomthombo oluncedo, iLizwi likaThixo iBhayibhile. Ukuzalisa ingqondo yakho ngezinto ezakhayo ozifunde eBhayibhileni kunokukunceda uphucule indlela ocinga ngayo nendlela ozenza ngayo izinto. (INdumiso 1:1-3) Amacebiso angakumbi okufunda iindinyana zeBhayibhile eziluncedo unokuwafumana ngokufunda umxholo othi “Umzekelo Wokuxeliswa” okwimiqulu yezi ncwadi. Kwiphepha 227 kuMqulu 2, uza kubona nendlela umpostile uPawulos awalwisana ngayo neemvakalelo eziphosakeleyo ezazibangelwa kukungafezeki.

Xa Usoloko Ukhathazekile

URyan uthi: “Ngezinye iintsasa ndiye ndivakalelwe ngathi kubhetele ndingavuki kunokuba ndivukele ilize.” URyan udandathekile yaye asinguye yedwa onale ngxaki. Uphando lubonisa ukuba om-1 kwaba-4 kubantu abaselula uyadandatheka ngaphambi kokuba abe mdala.

Unokuzazi njani xa udandathekile? Ezinye iimpawu iba kukutshintsha ngokukhawuleza kwendlela ovakalelwa ngayo nozenza ngayo izinto, ukuzenza ikheswa, ukungabi namdla wokwenza nantoni na, ukutshintsha ngokuphawulekayo kwendlela otya ngayo, ukungalali kakuhle nokuziva ungaxabisekanga okanye ukuzibek’ ityala ngokungeyomfuneko.

Enyanisweni, sonke siba nazo ezi mpawu ngamanye amaxesha. Kodwa ukuba kuqengqeleka iiveki unazo, thetha nabazali bakho niye kubona ugqirha. Ugqirha unokukunceda ubone enoba uyagula kusini na. a

Ukuba udandathekile, ungabi nazintloni. Ngokufumana unyango, uninzi luye lwachacha—mhlawumbi lwada lwafumana isiqabu olungazange lwasifumana. Enoba ukukhathazeka kwakho kubangelwa kukudandatheka okanye akunjalo, khumbula amazwi athuthuzelayo eNdumiso 34:18 athi: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”

KWISAHLUKO ESILANDELAYO

Kuthekani ukuba ukhathazeke kangangokuba ufuna ukuzibulala?

[Umbhalo osemazantsi]

a Olunye ulutsha luye lucinge ngokuzibulala xa intlungu yalo ingapheli. Ukuba ukhe wayicinga nawe loo nto, ungaphozisanga maseko thetha nomntu omdala omthembayo.—Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 14 sale ncwadi.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo; yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”—INdumiso 34:18.

ICEBISO

Bhala indlela ovakalelwa ngayo xa ukhathazekile nento ocinga ukuba ngunobangela. Emva kwenyanga, funda oko ukubhalileyo. Ngaba itshintshile indlela obuvakalelwa ngayo? Ukuba kunjalo, bhala oko kukuncedileyo.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Akukho nto iphosakeleyo ngokulila nokuba uyinkwenkwe. Ngesinye isihlandlo uKumkani uDavide wathi: “Ubusuku bonke ndiyasidadisa isingqengqelo sam.”—INdumiso 6:6.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Ukuze ndibe bhetele, ndinokwenza ezi zinto: ․․․․․

Ukuba kunye naba bahlobo kuza kundinceda xa ndikhathazekile: ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Ngaba kuyanceda ukulila?

● Ukuba phakathi kwabanye abantu kunokukunceda njani xa ukhathazekile?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 96]

“Xa ndikhathazekile ndiyakuphepha ukuzenza ikheswa. Ewe kona, ndiye ndifune ukuba ndedwa ukuze ndicingisise ngeemvakalelo zam mhlawumbi ndide ndilile nokulila. Kodwa emva koko, ndiyayazi ukuba ndimele ndibe phakathi kwabantu ukuze ndiyeke ukucinga ngayo nantoni na endikhathazayo.”—UChristine.

[Isicangca/Imifanekiso ekwiphepha 93]

Isalathiso Samaphepha

Oko Unokukwenza Ukuze Ungakhathazeki Bhala kwesi sicangca

Okwenzekayo Oko ndimele Oko ndimele

ndingakwenzi ndikwenze

Utitshala undenza ndizibone Ngoko andiqondi ukuba Inkcazelo enokukunceda: Funda

ndingungantweni ndakuze ndiphumelele iSahluko 20 sale ncwadi

eklasini

Umhlobo wam akandihoyi Ndiza kuthetha kakubi Inkcazelo enokukunceda: Funda

ngaye iSahluko 10 kuMqulu 2

Abazali bam baqhawula Ngoko ndiyabazonda Inkcazelo enokukunceda: Funda

umtshato iSahluko 4 sale ncwadi

․․․․․ ․․․․․ ․․․․․

․․․․․ ․․․․․ ․․․․․

[Umfanekiso okwiphepha 95]

Xa ucela uncedo uze uzimisele, inokuphela intlungu okuyo