Ndiza Kunxiba Ntoni?
Isahluko 11
Ndiza Kunxiba Ntoni?
UHeather sele eza kuhamba, kodwa abazali bakhe babamb’ ongezantsi bakumjonga.
Engakwazi ukuzibamba uyise uyabuza: “Uza kunxiba loo nto?”
Othukile uHeather uphendula athi: “Ikho into embi ngayo? Ndisaya ezivenkileni nabahlobo bam.”
Unina uthi: “Unxibe loo nto?”
UHeather umbombozela athi: “Kodwa Mama, bonke abanye abantwana banxiba ngolu hlobo. Luchaza indlela endiyiyo!”
Uyise uthi: “Asifuni kanye loo nto luyichazayo! Hamba ke, mntanam, uyokutshintsha ezo nto, okanye akuyi ndawo!”
ASINTO intsha le yokuxabana kwabazali nabantwana ngesinxibo. Kusenokwenzeka ukuba nabazali bakho babexabana nababo abazali xa babelingana nawe. Yaye kusenokwenzeka ukuba ngelo xesha babevakalelwa ngale ndlela uvakalelwa ngayo! Kodwa ngoku izinto zitshintshile, yaye umbandela wesinxibo ubangela ingxabano emva kwenye.
Uthi: Indihlala kakuhle le nto.
Bathi: Loo nto ixazalala.
Uthi: Inomtsalane gqitha!
Bathi: Ivuselela inkanuko yesini.
Uthi: Ibiza imali encinci.
Bathi: Ifanele kaloku . . . incinci kwayona!
Ngaba ikho indlela enokuphela ngayo le ngxabano? Ewe ikho! UMegan, oneminyaka engama-23 ubudala uyazi ukuba inokuphela njani. Uthi: “Akuyomfuneko ukuba kude kuxatyanwe. Kunokuthethwa kude kuvunyelwane.” Kuvunyelwane njani? Ngaba loo nto ithetha ukuba umele unxibe ngathi uneminyaka engama-40 ubudala? Akuyomfuneko ukuba kube njalo! Ukuvumelana kuthetha ukuba ninokuthetha nabazali bakho ngezinto eningaboni ngasonye ngazo nize nifikelele kwisigqibo esinye. Inokukunceda ngantoni loo nto?
1. Uya kubukeka nakubahlobo bakho.
2. Abazali bakho abasayi kuzigxeka izinto ozinxibileyo.
3. Bakubona indlela oqhuba ngayo kulo mba, banokukunika inkululeko engakumbi.
Masiqale apha. Cinga ngesinxibo osibone kwi-Internet okanye evenkileni obungathanda ukusithenga. Nantsi into yokuqala onokuyenza . . .
Cinga Ngemigaqo YeBhayibhile
IBhayibhile ayithethi kangako ngesinxibo. Eneneni, ungafunda
iZibhalo ezithetha ngokuthe ngqo ngalo mbandela ngemizuzu nje embalwa! Noko ke, ngelo xesha uya kufumana ulwalathiso oluxabisekileyo. Ngokomzekelo:● IBhayibhile icebisa amabhinqa ukuba azihombise “ngokuthozama nangengqondo ephilileyo.” a—1 Timoti 2:9, 10.
Usenokukhathazwa ligama elithi ‘ukuthozama.’ Usenokuzibuza, ‘Ngaba kunyanzelekile ukuba ndinxibele nje ukugquma umzimba?’ Akunjalo konke konke! Kule meko, ukuthozama kuthetha ukuba isinxibo sakho sibonisa ukuba uyazihlonela yaye unolwazelelelo ngeemvakalelo zabanye. (2 Korinte 6:3) Zininzi iimpahla ezifanelekayo. UDanielle oneminyaka engama-23 ubudala uthi: “Kunokuba nzima kona, kodwa unokunxiba kakuhle ngaphandle kokuba uzibaxe izinto.”
● Xa ithetha ngenkangeleko, iBhayibhile ithi ufanele unikele ingqalelo ‘kumntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:4.
Isinxibo esingabonisi ukuthozama sinokuba nomtsalane okomzuzwana, kodwa bubuhle bakho bangaphakathi obuya kukwenza uhlale uhlonelwa ngabantu abadala nalolunye ulutsha. Ngaba olunye ulutsha luya kukuhlonela? Ewe luya kukuhlonela—lude lubone nobuyatha
bokukhetha iimpahla ezibaxekileyo. UBrittany oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Kuyothusa ukubona indlela amabhinqa azama ngayo ukuhenda amadoda ngezinto azinxibayo!” NoKay uyavumelana noko. Uthi xa ethetha ngalowo wayesakuba ngumhlobo wakhe: “Yonke into awayeyinxiba yayitsala amehlo. Wayekuthanda ukujongwa ngamadoda, yaye ukuze ayifumane loo nto, wayenxiba ezona zinto zitsala amehlo awayenokuzifumana.”Cela Uluvo Lwabazali Bakho
Akunakuba yinto efanelekileyo ukufaka impahla engandilisekanga ebhegini uze uyinxibe xa ufika esikolweni. Baya kukuthemba ngakumbi abazali bakho ukuba uyanyaniseka uze uthethe nabo ngokukhululekileyo, kwanangezinto ocinga ukuba umele ubafihlele zona. Mhlawumbi kuya kuba kuhle ukuba ufune uluvo lwabo xa ucinga ngokuthenga impahla. (IMizekeliso ) Khawuhlole umxholo othi “Ukuhlola Impahla” kwiphepha 82 nelama-83. 15:22
Kodwa siyintoni isizathu sokuba ufune uluvo lwabo? Abazali bakho abanazinjongo zakutshintsha uhlobo lwempahla oluthandayo. Liyinyaniso elokuba, banokubona izinto ngokwahlukileyo. Kodwa maxa wambi yiloo nto kanye efunekayo. UNataleine oneminyaka eli-17 ubudala uthi: “Ndiyalixabisa icebiso labazali bam ngenxa yokuba andifuni kuphuma endlwini ndizenze intlekisa okanye wonke umntu athethe kakubi ngendlela endikhangeleka ngayo.”
Kolose 3:20) Sekunjalo, xa uziqonda kakuhle iimbono zabo kulo mba—nabo beziqonda ezakho—ixesha elininzi niya kuvumelana. Ngenxa yoko, nisenokuyeka ukuxabana ngendlela yokunxiba!
Kodwa nantsi eyona nyaniso: Logama nje usahlala nabazali bakho, uphantsi kwegunya labo. (Icebiso Ngesinxibo: Xa ulinganisa impahla, musa ukucinga nje ngoko ukubona esipilini. Impahla ebonakala indilisekile, isenokungabi njalo xa uhlala phantsi okanye ugoba ukuze uchole okuthile. Ukuba kunokwenzeka, buza umzali okanye umhlobo oqolileyo.
Ngaba akuzithandi? Yintoni omele uyenze ukuba kunjalo
[Umbhalo osemazantsi]
a Nangona eso siluleko seBhayibhile sibhekisela kumabhinqa, le migaqo isebenza nakumadoda.
IZIBHALO EZIBALASELISA
‘Ukuhomba kwenu makungabi kokunxitywa kwezambatho zangaphezulu, kodwa makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo.’—1 Petros 3:3, 4.
ICEBISO
Kuphephe ukunxiba impahla evuselela inkanuko. Ikwenza ubonakale ngathi ulangazelela abesini esahlukileyo yaye ucinga ngesiqu sakho kuphela.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Indlela abantu abagqiba ngayo ngawe xa beqala ukukubona ixhomekeka kwindlela onxibe ngayo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ilungu lentsapho okanye umhlobo oqolileyo endinokufuna icebiso lakhe ngempahla endifuna ukuyithenga ․․․․․
Xa ndiphinda ndithenga impahla, nazi izinto endiza kucinga ngazo: ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni abazali nabantwana abakwishumi elivisayo besoloko bexatyaniswa yimpahla?
● Kunokukunceda njani ukuxubusha nabazali bakho ngempahla?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 81]
“Xa ndibona amantombazana enxibe impahla engandilisekanga, andikwazi ukuwahlonela. Kwelinye icala, xa ndibona abantu benxibe iimpahla ezindilisekileyo kodwa ezintle, ndiye ndizixelele ukuba, ‘Nam ndingathanda ukukhangeleka ngolwa hlobo.’”—UNataleine
[Ibhokisi/Imifanekiso ekwiphepha 82, 83]
Isalathiso Samaphepha
Ukuhlola Iimpahla
Imiyalelo: Yenza ikopi yala maphepha. Cela abazali bakho bazalise icala elingasekunene uze wena uzalise elingasekhohlo. Emva koko, tshintshana nabazali bakho ngoko nikubhalileyo nize nithethe ngako. Ngaba kukho naziphi na izinto ezothusayo? Ngamnye wenu ufunde ntoni kwindlela enizibona ngayo izinto abengayazi ngaphambili?
Icandelo Lakho Cinga ngempahla ofuna ukuyinxiba okanye ukuyithenga.
Yintoni eyona nto uyithandayo ngale mpahla? Dwelisa izinto ozithandayo ngayo ngokokulandelelana kwazo.
․․․․․ Ndithanda igama layo
․․․․․ Inomtsalane kubantu besini esahlukileyo
․․․․․ Iyathandwa lolunye ulutsha
․․․․․ Indihlala kakuhle
․․․․․ Ndithanda ixabiso layo
․․․․․ Ezinye izizathu ․․․․․
Xa beqala ukuyibona abazali bam baza kuthi
□ “Soze uthenge loo nto!”
□ “Mhlawumbi ungayithenga.”
□ “Unokuyithenga le.”
Eyona nto inokubangela ukuba bangayifuni kukuba
□ “Ivuselela inkanuko yesini.”
□ “Ixazalala.”
□ “Isefashonini kakhulu.”
□ “Iyasihlazisa thina njengabazali bakho.”
□ “Ibiza imali eninzi.”
□ Ezinye izizathu ․․․․․
Ngaba Singasebenzisana
Kulo Mba?Zinokundinceda njani iimbono zabazali bam?
․․․․․
Ngaba ikho into enokwenziwa ukuze le mpahla yamkeleke?
․․․․․
Icandelo Labazali Bakho Cinga ngempahla ethile umntwana wakho okwishumi elivisayo afuna ukuyinxiba okanye ukuyithenga.
Ucinga ukuba kutheni umntwana wakho eyithanda nje le mpahla? Dwelisa ezona zinto ocinga ukuba zibangela ukuba ayithande.
․․․․․ Uthanda igama layo
․․․․․ Inomtsalane kubantu besini esahlukileyo
․․․․․ Iyathandwa lolunye ulutsha
․․․․․ Imhlala kakuhle
․․․․․ Uthanda ixabiso layo
․․․․․ Ezinye izizathu ․․․․․
Indlela endiya kuqala ndisabele ngayo
□ “Andifuni nokuyibona!”
□ “Mhlawumbi angayithenga.”
□ “Angayithenga.”
Isizathu sokuba ndingayifuni
□ “Ivuselela inkanuko yesini.”
□ “Ixazalala.”
□ “Isefashonini kakhulu.”
□ “Iyasihlazisa thina njengabazali bakho.”
□ “Ibiza imali eninzi.”
□ Ezinye izizathu ․․․․․
Ngaba Singasebenzisana Kulo Mba?
Ngaba ukungayifuni kwethu le mpahla kubangelwa kukuba thina sinohlobo oluthile lwempahla esiluthandayo?
□ Ewe □ Kusenokwenzeka □ Hayi
Ngaba ikho into enokwenziwa ukuze le mpahla yamkeleke?
․․․․․
Isigqibo ․․․․․
[Ibhokisi ekwiphepha 84]
Kuthekani Ngabafana?
Imigaqo yeBhayibhile ekweli nqaku iyasebenza nakubafana. Kufuneka uthozame. Abantu bafanele babone umntu ofihlakeleyo wentliziyo, oko ukuko ngaphakathi. Xa ucinga ngokuthenga impahla, zibuze: ‘Iza kuchaza ntoni ngam? Ngaba oko “ikuthethayo” kubonisa oyena mntu ndinguye?’ Khumbula ukuba, isinxibo siyathetha ngawe. Qiniseka ukuba impahla oyinxibayo ibonisa oko ukukholelwayo ngokwenene!
[Umfanekiso okwiphepha 80]
Indlela onxibe ngayo ifana nomqondiso oxelela abantu ukuba uluhlobo olunjani lomntu. Isinxibo sakho sibaxelela ntoni abanye ngawe?