Ngaba Kuphosakele Ukufuna Ukuba Nezinto Ozazi Wedwa?
Isahluko 15
Ngaba Kuphosakele Ukufuna Ukuba Nezinto Ozazi Wedwa?
Beka olu phawu ✔ ecaleni kwendlela onokusabela ngayo kwezi meko zilandelayo:
1. Uzivalele egumbini lakho, kuthi kusenjalo kumbonzeleke umntwana wakowenu.
□ ‘Andinangxaki. Maxa wambi nam ndiyayenza loo nto kubantwana basekhaya.’
□ ‘Bubukrwada obo! Ebeza kuthini ukuba bendinxiba?’
2. Uthi ufika nje ekhaya, bobabini abazali bakho baqalise ukukuhlaba imibuzo. “Ubuye phi? Ubusenzani? Ubuhamba nabani?”
□ ‘Andinangxaki. Ndidla ngokubaxelela yonke into kakade.’
□ ‘Iyandikhathaza le nto! Abazali bam abandithembi!’
MHLAWUMBI xa wawusemncinane wawungayikhathalelanga into yokuba nenkululeko yakho. Kwakusithi nokuba umntwana wakowenu omncinane kunawe uye wambonzeleka egumbini lakho ungakhathazeki. Naxa abazali bakho bekubuza ngento ethile, wawubaphendula ngoko nangoko. Ngelo xesha, kwakungekho nto wawuyifihla ebomini bakho. Kodwa ngoku ufuna ukuba nezinto ozazi wedwa ebomini bakho. UCorey oneminyaka eli-14 ubudala uthi: “Ndiyathanda nje ukuba nezinto ezaziwa ndim ndedwa.” Makhe sijonge iinkalo ezimbini ezinokubangel’ iingxaki.
Xa Ufuna Ukukhe Ube Wedwa
Zininzi izizathu ezivakalayo ezibangela ukuba ufune ukukhe ube wedwa. Mhlawumbi ufuna ukukhe ‘uphumle kancinane.’ (Marko 6:31) Okanye xa ufuna ukuthandaza usenokwenza oko uYesu wakucebisa abafundi bakhe esithi, “ngena egumbini lakho langasese uze, wakuba uluvalile ucango lwakho, uthandaze kuYihlo.” (Mateyu 6:6; Marko 1:35) Ingxaki yeyokuba xa uzivalele egumbini lakho (ukuba unalo), abazali bakho basenokungayicingi into yokuba uyathandaza! Mhlawumbi nabantwana bakowenu basenokungayiqondi into yokuba ufuna ukukhe ube wedwa.
Oko unokukwenza. Endaweni yokuxambulisana naye wonk’ umntu ongena egumbini lakho lokulala, yenza oku kulandelayo:
● Zama ukubekela abantwana bakowenu imigaqo embalwa esengqiqweni ukuze bakunike ixesha lokukhe ube wedwa. Ukuba kuyimfuneko ukwenjenjalo, cela abazali bakho ukuba bakuncede kule nkalo. a
● Zama ukuluqonda uluvo lwabazali bakho. URebekah oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Maxa wambi abazali bam bakhe baze kundikroba. Kodwa xa kuthethwa inyani, nam bendiya kumkroba umntwana wam okwishumi elivisayo ukuba bendingumzali—ingakumbi ngenxa yezilingo olutyhubela kuzo ulutsha lwale mihla!” NjengoRebekah, ngaba nawe uyaziqonda izizathu zokuba abazali bakho baxhalabe?—IMizekeliso 19:11.
● Khawukhe unyaniseke uze uzibuze oku: ‘Ngaba zikho izinto endizenzayo ezibangela abazali babe nesikrokro xa ndizivalele? Ngaba ndiye ndabafihlela izinto ezininzi ngam kangangokude ngoku bazive benyanzelekile ukuba bazame amanye amacebo okufuna ukwazi izinto endizenzayo?’ Ukuba uphendula ngokuthe hayi kule mibuzo yaye Yakobi 1:19.
abazali bakho abakuthembi nangoku, baxelele indlela ovakalelwa ngayo ngokuzolileyo nangentlonelo. Phulaphula izinto ezibaxhalabisayo, uze uqiniseke ukuba akwenzi zinto eziza kuba negalelo kule ngxaki.—Xa Uzenzela Abahlobo
Xa ukhula kuyinto eqhelekileyo ukuba ube nabahlobo abangengomalungu entsapho yakowenu. Ikwaqhelekile nento yokuba abazali bakho bafun’ ukwazi abahlobo bakho nezinto ozenza nabo. Kodwa kuwe, kunokubonakala ngathi abazali bakho bazixhalabise ngokugqith’ emgceni. UAmy oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ndifun’ ukukhe ndisebenzise iselfowuni ne-e-mail yam ngaphandle kokuba beman’ ukundikroba qho emva kwemizuzu elishumi bendibuza ukuba ngubani endincokola naye.”
Oko unokukwenza. Kunokuba ubuhlobo bakho nabanye abantu bube ngumqobo phakathi kwakho nabazali bakho, zama la macebiso alandelayo:
● Bachazele abazali ngabahlobo bakho uze uqiniseke ukuba baqhelene nabo. Ngapha koko, akufuni ukuba abazali bakho basoloko belandela emva kwakho, kodwa ayikho enye into abanokuyenza xa bengabazi abahlobo bakho. Khumbula ukuba xa abazali bakho bebazi abantu ochith’ ixesha nabo, baye bangabi nangxaki ngabahlobo obakhethileyo.
● Nyaniseka kwisiqu sakho: Ngaba eyona ngxaki kukufuna ukuba nezinto ozazi wedwa okanye kukho into oyifihlayo? UBrittany oneminyaka engama-22 ubudala uthi: “Ukuba uhlala nabazali bakho yaye zikho izinto ezibaxhalabisayo ngawe, umele
ucinge ngoku, ‘Ukuba akukho nto imbi kwizinto endizenzayo, ngoko kutheni ndimele ndizifihle?’ Kwelinye icala ukuba ufuna ukuzifihla, loo nto ithetha ukuba ukho undonakele.”Indlela Okukuchaphazela Ngayo Oku
Ngoku unethuba lokuba ukhe ucinge ngenkalo ethile ekwenza ufune ngamandla ukukhe ube wedwa. Bhala indlela obuza kuyiphendula ngayo le mibuzo:
Inyathelo 1: Yazi eyona nto iyingxaki. Ufuna ukuba wedwa xa kutheni?
․․․․․
Inyathelo 2: Cinga ngoluvo lwabazali bakho. Ucinga ukuba yintoni eyona nto ibaxhalabisayo?
․․․․․
Inyathelo 3: Cinga ngesicombululo. Yiyiphi indlela ocinga ukuba uye waba negalelo ngayo kule ngxaki? Ziziphi izinto onokuzitshintsha xa ucinga ngale mpendulo uyibhale ngasentla? Yiyiphi indlela ongathanda ukuba abazali bakho bazilungise ngayo izinto ezikukhathazayo?
․․․․․
Inyathelo 4: Thetha nabo. Chaza indlela oza kuthetha ngayo nabazali bakho ngalo mbandela.
․․․․․
Ngaba ufelwe ngomnye wabazali bakho? Ukuba kunjalo, yintoni enokukuthuthuzela?
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, funda iSahluko 6 sale ncwadi.
IZIBHALO EZIBALASELISA
“Yenza unako-nako ukuba uzinikele ukholekile kuThixo, ungumsebénzi ongenazintloni nganto.”—2 Timoti 2:15.
ICEBISO
Xa uthetha nabazali bakho ngezinto ongafuni ukubaxelela zona, musa ukukhalaza. Chaza izinto ezikuxhalabisayo. Yintoni umahluko? Xa ukhalaza uthetha ngezinto ocinga ukuba abazali bakho abafanele bazenze. Xa ubaxelela ngezinto ezikuxhalabisayo, nonke nitsho nifumane isicombululo.
NGABA UBUSAZI . . . ?
Xa uthetha ngokukhululekileyo nabazali bakho, akukho nto baya kukukrokrela kuyo.
OKO NDICEBA UKUKWENZA!
Ukuze abazali bam bandithembe (okanye baphinde bandithembe) ndiza ․․․․․
Oko ndifuna ukukubuza abazali bam ngalo mba ․․․․․
UCINGA NTONI?
● Kutheni abazali bakho benelungelo lokufun’ ukwazi ngezinto ezenzeka ebomini bakho?
● Amalinge akho okufunda indlela yokuthetha nabazali bakho anokukunceda njani xa uthetha nabanye abantu abadala kwixa elizayo?
[Amagama acatshulweyo akwiphepha 108]
“Abazali bakho abafuni ungene engxakini, yaye maxa wambi kusenokubonakala ngathi bangena izinto ezikude nabo. Kubonakala ngathi bakudlel’ indlala. Kodwa enyanisweni, nam bendiza kwenza kanye loo nto ukuba bendingumzali.”—UAlana
[Umfanekiso okwiphepha 109]
Ukuthenjwa kufana nokuhlawulwa umvuzo—kufuneka ukusebenzele