Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Le Yintlungu Eqhelekileyo?

Ngaba Le Yintlungu Eqhelekileyo?

Isahluko 16

Ngaba Le Yintlungu Eqhelekileyo?

Nakuba esi sahluko sithetha ngokukhethekileyo ngokufelwa ngumzali, imigaqo esithetha ngayo inokusebenza naxa ufelwe lelinye ilungu lentsapho okanye umhlobo osenyongweni.

“Emva kokufa kukaMama, ndaziva ndingeyonto. Esaphila wayesigcina simanyene njengentsapho.”—UKaryn.

UKUFELWA ngumzali yenye yezona zinto zibuhlungu ezinokwehlela ebomini. Kusenokufuneka ulwe neemvakalelo ezahlukahlukeneyo ongazange waba nazo ngaphambili. UBrian, owayeneminyaka eli-13 kuphela ubudala xa uyise wabulawa yintliziyo, uthi, “Ngobusuku esaziva ngabo ezi ndaba, ayikho enye into esasiyenza ngaphandle kokulila nokwangana.” UNatalie, owayeneminyaka elishumi xa uyise wabulawa ngumhlaza, ukhumbula oku: “Ndandingazi ukuba ndivakalelwe njani. Ndasuka nje ndaba ndindisholo.”

Ukufa kusichaphazela ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Ngokwenene, iBhayibhile ithi ‘ngamnye unesibetho sakhe nentlungu yakhe.’ (2 Kronike 6:29) Unaloo nto engqondweni, khawucinge ngendlela okuye kwakuchaphazela ngayo ukufa komzali wakho. Apha ngezantsi, khawuchaze (1) indlela owavakalelwa ngayo wakuva ngokufa komzali wakho (2) nendlela ovakalelwa ngayo ngoku. a

 1 ․․․․․

 2 ․․․․․

Mhlawumbi iimpendulo zakho zibonisa ukuba, ukusa kumkhamo othile, intlungu okuyo iya ithomalala. Yinto eqhelekileyo leyo. Ayithethi kuthi umlibele umzali wakho. Kwelinye icala usenokufumanisa ukuba usavakalelwa ngendlela efanayo okanye ngakumbi. Mhlawumbi iintlungu ziyafika ziphinde zihambe, suke ngequbuliso zize ngamandla. Nako oku kuqhelekile—enoba kwenzeka sekudlule iminyaka umzali wakho efile. Umbuzo ke ngulo, Unokuhlangabezana njani nentlungu okuyo—kungakhathaliseki ukuba iza ngaluphi uhlobo?

Lila xa kuyimfuneko! Ukulila kuyayidambisa intlungu. Noko ke, usenokuvakalelwa njengoAlicia, owafelwa ngunina eneminyaka eli-19 ubudala. Uthi, “Ndandicinga ukuba xa ndikhathazeka kakhulu, abanye baya kuthi andinalukholo.” Kodwa khawucinge ngoku: UYesu Kristu wayeyindoda efezekileyo enokholo olomeleleyo kuThixo. Sekunjalo, “zasuka zathi waxa iinyembezi” emva kokufelwa ngumhlobo wakhe osenyongweni uLazaro. (Yohane 11:35) Ngoko ungoyiki ukulila. Loo nto ayithethi kuthi akunalukholo! UAlicia uthi: “Ekugqibeleni ndandilila kakhulu, yonke imihla.” b

Musa ukuziva unetyala. UKaryn, owafelwa ngunina eneminyaka eli-13 ubudala uthi: “Rhoqo ngaphambi kokuba ndilale ndandisiya kwigumbi likamama ndize ndimphuze. Ngobunye ubusuku andizange ndiyenze loo nto. Ngentsasa elandelayo uMama wafa. Nakuba kusenokubonakala kungekho ngqiqweni ukucinga ngolu hlobo, ndiziva ndinetyala kuba ndingazange ndimbone ngobusuku obungaphambili—nangenxa yezinto ezenzeka ngentsasa elandelayo. Utata wayehambe ngezoshishino yaye wacela mna nodadewethu ukuba sijonge uMama. Kodwa salala ebusuku. Ukungena kwam kwigumbi likaMama, wayengasaphefumli. Ndaba buhlungu gqitha kuba uTata wamshiya ephilile!”

NjengoKaryn, mhlawumbi nawe uziva unetyala ngenxa yezinto owasilelayo ukuzenza. Usenokude uzithuthumbise ngokumana usithi “akwaba.” ‘Akwaba bendikhuthaze uTata ukuba aye kwagqirha.’ ‘Akwaba bendiye kumjonga kuselithuba uMama.’ Ukuba ezi ngcinga ziyaqhubeka zikukhathaza, khumbula oku: Kuqhelekile ukuzisola ngezinto ocinga ukuba ngowuzenze ngeny’ indlela. Liyinyaniso elokuba, ubuza kuzenza ngokwahlukileyo ezi zinto ukuba ubuyazi into eza kwenzeka. Kodwa ubungazi. Ngoko akumele uzive unetyala. Akabulawanga nguwe umzali wakho! c

Thetha ngeemvakalelo zakho. IMizekeliso 12:25 ithi: ‘Ilizwi elilungileyo liyenza ibe nemihlali intliziyo.’ Ukuziqinisa kusenokuyenza ingapheli msinya intlungu okuyo. Kwelinye icala, xa uphalaza imbilini yakho kumntu omthembayo, uya kukukhuthaza ‘ngamazwi alungileyo.’

Thetha noThixo. Mhlawumbi uya kuziva bhetele emva kokuba ‘uphalaze intliziyo yakho’ kuYehova uThixo ngomthandazo. (INdumiso 62:8) Le asiyondlela nje yokukwenza uzive bhetele. Xa uthandaza, ubongoza “uThixo wentuthuzelo yonke, osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu.” (2 Korinte 1:3, 4) Enye indlela uThixo asithuthuzela ngayo, liLizwi lakhe, iBhayibhile. (Roma 15:4) Hlala ugcine uludwe lwezibhalo ezikuthuthuzelayo. d

Intlungu ayipheli ngobusuku nje obunye. Kodwa iBhayibhile iyasithuthuzela kuba isiqinisekisa ukuba kwihlabathi elitsha uThixo uthembisa ukuba, ‘ukufa akusayi kubakho, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.’ (ISityhilelo 21:3, 4) Nawe usenokufumanisa ukuba ukucamngca ngezi zithembiso kuya kukunceda uhlangabezane nentlungu yokufelwa ngumzali.

[Imibhalo esemazantsi]

a Ukuba kusenzima ukuphendula loo mibuzo okwangoku, usenokuyiphendula ngelinye ixesha.

b Musa ukucinga ukuba umele ulile ukuze ubonakale ukuba ubuhlungu. Abantu babonisa ngeendlela ezahlukahlukeneyo ukuba basentlungwini. Eyona nto ibalulekileyo yile: Ukuba uva iinyembezi zizehlela, kufuneka uqonde ukuba ‘lixesha lokuba ulile.’—INtshumayeli 3:4.

c Ukuba ezo ngcinga zihleli engqondweni yakho, thetha nomzali wakho osaphilayo okanye omnye umntu omdala. Ekuhambeni kwexesha, uza kucinga ngendlela efanelekileyo ngokufa komzali wakho.

d Abanye baye bathuthuzelwa zezi zibhalo zilandelayo: INdumiso 34:18; 102:17; 147:3; Isaya 25:8; Yohane 5:28, 29.

IZIBHALO EZIBALASELISA

“[UThixo] uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona. Izinto zangaphambili zidlule.”—ISityhilelo 21:4.

ICEBISO

Ukubhala phantsi zonke izinto ozicingayo ngomzali wakho ofileyo kunokukunceda kakhulu ukuze ukwazi ukuhlangabezana nentlungu.

NGABA UBUSAZI . . . ?

Ukulila akubonisi ukuba ubuthathaka. Kwanamadoda omeleleyo anjengoAbraham, uYosefu, uDavide noYesu alila xa ayesentlungwini.—Genesis 23:2; 50:1; 2 Samuweli 1:11, 12; 18:33; Yohane 11:35.

OKO NDICEBA UKUKWENZA!

Xa ndisentlungwini egqithiseleyo, ndiza ․․․․․

Oko ndifuna ukukubuza umzali wam osaphilayo ngalo mba ․․․․․

UCINGA NTONI?

● Kutheni kuluncedo ukucinga ngezihlandlo ezimnandi oye wazinandipha nomzali wakho ofileyo?

● Ukuzibhala phantsi ezo ngcinga kunokukunceda njani ukwazi ukuhlangabezana nentlungu?

[Amagama acatshulweyo akwiphepha 112]

“Ndaziqinisa. Ngendandincedakele ukuba ndandiyiphalazile imbilini yam. Ndandingayi kuba buhlungu ngendlela endaba buhlungu ngayo.”—UDavid

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 113]

UCHANTELLE

‘‘Utata ebegula kangangeminyaka emihlanu, yaye impilo yakhe yayisiba nkenenkene. Xa ndandineminyaka eli-16 ubudala wazibulala. Emva koko, umama wayesoloko exelela mna nomnakwethu ngayo yonke into eqhubekayo. Wasifaka nakumalungiselelo omngcwabo. Oko kwenza izinto zaba lula kuthi. Ndicinga ukuba abantwana abathandi ukufihlelwa izinto—ingakumbi izinto ezibaluleke ngolu hlobo. Ekuhambeni kwexesha, ndakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ngokufa kukatata. Nanini na xa ndifuna ukukhala, ndandisiya kwindawo ethile okanye kumhlobo ndize ndikhale. Nali icebiso endinokukunika lona: Ukuba ufuna ukuthetha ngako, thetha nentsapho okanye abahlobo bakho. Nantoni na ofuna ukuyenza xa usentlungwini, yenze.’’

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 113, 114]

ULEAH

‘‘UMama waba ne-“stroke” xa ndandineminyaka eli-19 ubudala waza wafa kwiminyaka emithathu kamva. Emva kokufa kwakhe ndaqonda ukuba ndifanele ndomelele, ukuze ndinganiki uTata ubunzima obungakumbi. Ekukhuleni kwam, uMama wayesoloko endinyamekela xa ndigula okanye ndingaziva kakuhle. Ndikhumbula indlela awayendiphatha ngayo xa efuna ukuqonda ukuba ndinefiva na. Ndidla ngokuba buhlungu gqitha xa ndicinga ngaye. Ndiye ndiziqinise, yaye oko kuyayonakalisa impilo yam. Ngoko maxa wambi ndiye ndijonge imifanekiso yakhe ukuze ndikhale. Kuyandinceda nokuthetha nabahlobo. IBhayibhile ithembisa ukuba abafileyo baya kuvuselwa kwiparadesi esemhlabeni. (Yohane 5:28, 29) Intlungu iyehla xa ndicinga ngokuba ndiseza kuphinda ndimbone umama, noko ndimele ndikwenze ukuze ndimbone.’’

[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 114]

UBETHANY

“Akwaba bendisikhumbula isihlandlo saxa ndandixelela utata ukuba ndiyamthanda. Ndiqinisekile ukuba ndakha ndamxelela oko, ngoxa ndingasakhumbuli yaye bendingathanda ukusikhumbula eso sihlandlo. Ndandineminyaka emihlanu kuphela ukufa kwakhe. Utata wahlaselwa si-‘stroke’ ngoxa wayelele waza wabalekiselwa esibhedlele. Ngentsasa elandelayo, ndaxelelwa ukuba ufile. Emva koko ndandikhathazeka xa kuthethwa ngotata kodwa kamva ndandikunandipha ukuva izinto ezithethwa ngaye kuba oko kwakundinceda ndimazi bhetele. Into endinokumcebisa yona umntu ofelwe ngumzali kukucinga ngezihlandlo ezimnandi azichithe nomzali wakhe aze azibhale phantsi ukuze angazilibali. Yenza konke okusemandleni akho ukuze ube nokholo olomeleleyo oluya kukubangela ukuba ubekho xa umzali wakho evuselwa kwihlabathi elitsha likaThixo.”

[Ibhokisi ekwiphepha 116]

Isalathiso Samaphepha

Zibhale Phantsi Iingcinga Zakho

Bhala izihlandlo ezimnandi owazinandipha nomzali wakho. ․․․․․

Bhala into onqwenela ukuba wawumxelele yona umzali wakho ngoxa wayesaphila. ․․․․․

Masithi umntwana wakowenu omncinane uvakalelwa kukuba unetyala ngokufa komzali wakho. Bhala phantsi indlela obuza kumthuthuzela ngayo. (Oku kunokukunceda nawe ungazibek’ ityala elingeyomfuneko.) ․․․․․

Bhala izinto ezimbini okanye ezintathu obungathanda ukuzazi ngomzali wakho ofileyo, uze ucele ukuncokola ngazo nalowo usaphilayo. ․․․․․

Funda IZenzo 24:15. Ithemba ekuthethwa ngalo kule ndinyana likunceda njani ukwazi ukuhlangabezana nokufelwa ngumzali? ․․․․․

[Umfanekiso okwiphepha 115]

Intlungu inokuza njengamaza olwandle afika engalindelwanga