Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Umzekelo Wokuxeliswa—UMoses

Umzekelo Wokuxeliswa—UMoses

Umzekelo Wokuxeliswa—UMoses

UMoses unamalungelo amaninzi ebomini. Wayekhuliswe kwibhotwe likaFaro waza wafundiswa ubulumko baseYiputa. (IZenzo 7:22) Uza kwenza ntoni ngale mfundiso? Usenokuduma, abe nentywenka yemali aze abe negunya. Sekunjalo, akaphenjelelwa yingcinezelo yoontanga okanye ngamabhongo okuzingca. Kunoko, ukhetho alwenzayo lothusa abaninzi. Ukhetha “ukuphathwa kabuhlungu kunye nabantu bakaThixo.” (Hebhere 11:25) Ngaba ikho into alahlekelwa yiyo? Akunjalo. Kuba ekhetha ukukhonza uThixo nokunceda abantu, uyonwaba yaye ubomi bakhe buba nomvuzo.

Ukuba uye wafumana imfundo esisiseko nesemgangathweni, uza kwenza ntoni ngayo? Usenokusukelana nemali negunya. Okanye njengoMoses, usenokwenza into exabiseke ngokwenene ebomini bakho. Unokusebenzisa ingqondo namandla akho ekukhonzeni uThixo nasekuncedeni abamelwane bakho. (Mateyu 22:35-40) Ayikho enye indlela yobomi enomvuzo njengaleyo!